Ubuqaqawuli Bendalo KaYehova
“Imithi KaYehova Iyanela”
NGABA wakha wabu bona ubuhle bemitha yelanga phakathi kwemithi emide yehlathi? Ngaba wakha wakuva ukurhashaza kwamagqabi xa kukho impepho?—Isaya 7:2.
Kwezinye iindawo emhlabeni, kubakho amaxesha onyaka apho amagqabi emithi eyahlukahlukeneyo aba nemibala ebomvu, eorenji, emthubi neminye eyahlukahlukeneyo. Iba ngathi loo mithi iyatsha! La mazwi alandelayo ayichaza kakuhle le meko: “Chwayitani, nina zintaba nimemelela ngovuyo, wena hlathi nani nonke nina mithi ekulo!”—Isaya 44:23.a
Phantse isinye esithathwini soMhlaba ngamahlathi. Amahlathi nezinto ezininzi eziphila kuwo zizukisa uMyili noMdali uYehova uThixo. Ephefumlelwe, umdumisi wathi: “Dumisani uYehova nina mithi yeziqhamo nani nonke misedare.”—INdumiso 148:7-9.
Incwadi ethi The Trees Around Us ithi: “Imithi ibalulekile ebantwini, yanelisa iimfuno zabo ezisisiseko nomnqweno wabo wokufuna izinto ezintle.” Amahlathi alondoloza imithombo yamanzi baze abantu bafumane amanzi acocekileyo. Kwakhona, imithi icoca umoya. Inkqubo emangalisayo yephotosynthesis ibangela ukuba amasebe aguqule icarbon dioxide, amanzi, iiminerals namandla elanga abe zizondlo neoksijini.
Amahlathi enziwe ngendlela entle emangalisayo. Eyona mithi ithandekayo yimithi emikhulu. Phakathi kwayo kukhula iifeni, ubulembu, imidiliya, imithi emincinane namayeza esintu. Ezi zityalo zikhula kwindawo efumileyo esithwe yile mithi mikhulu.
Kwamanye amahlathi wofika ngasekupheleni konyaka kukho imfumba yamagqabi emithi amalunga nezigidi ezilishumi kummandla omalunga neehektare ezingama-25. Kwenzeka ntoni kula magqabi? Izinambuzane, ukungunda, imisundululu nezinye izinto ziwenza abole aze achumise umhlaba. Konke oku kubangela ukuba umhlaba ukwazi ukuvelisa izityalo ezitsha.
Kukho izinto ezininzi eziphila ngaphantsi kwala magqabi awileyo. Ngokutsho kwencwadi ethi The Forest, “kummandla oziziskwesentimitha ezingama-30 ububanzi, oziisentimitha ezisisi-2,5 ubunzulu, kunokufumaneka izinto eziphilayo ezimalunga ne-1 350 yaye eli nani aliquki amawaka ezigidi ezinto eziphila emhlabeni ezingenakubonwa ngaphandle kwemikroskopu.” Kwakhona, kula mahlathi kukho izirhubuluzi, iintaka, izinambuzane nezilwanyana ezanyisayo. Ngubani ofanele azukiswe ngobu buhle bezi zinto ziphilayo zahlukahlukeneyo? Ngokufanelekileyo, uMdali wazo uthi: “Zezam zonke izilwanyana zasendle ezisehlathini, amarhamncwa asezintabeni eziliwaka.”—INdumiso 50:10.
Ezinye izilwanyana zidalwe zakwazi ukuhlala kwindawo enye zinokutya nje okuncinane de kudlule iingqele zobusika. Noko ke, asizizo zonke izilwanyana ezikwazi ukwenjenjalo. Nditsho nasebusika, unokubona amaxhama etsibatsiba emathafeni. Amaxhama akahlali ndawonye ebusika yaye akazibekeli kutya, kunoko wofika ezulazula esitya amagqabi emithi athambileyo njengoko ubona kulo mfanekiso waseJamani.
IZibhalo ziyathetha kakhulu ngezityalo. Ngokutsho kwenye ingxelo, iBhayibhile ikhankanya iintlobo ngeentlobo zezityalo ezimalunga ne-130 kunye neentlobo zemithi ezimalunga nama-30. Ithetha ngokubaluleka kwale ngxelo, enye ingcali ngezityalo uMichael Zohary ithi: “Iincwadi eziqhelekileyo azithethi nto ingako ngezityalo nezinto eziphilayo njengeBhayibhile.”
Imithi namahlathi sisipho esibalaseleyo esivela kuMdali onothando. Ukuba ukhe wachitha ixesha uphakathi kwemithi, ngokuqinisekileyo uya kuvumelana namazwi omdumisi athi: “Imithi kaYehova iyanela, imisedare yaseLebhanon ayityalileyo, apho iintaka zizenzela khona iindlwane.”—INdumiso 104:16, 17.
[Umbhalo osemazantsi]
a Bona IKhalenda YamaNgqina KaYehova yowama-2004, uJanuwari noFebruwari.
[Ibhokisi/Imifanekiso ekwiphepha 9]
Omnye umthi weziqhamo onomtsalane kuMbindi Mpuma ngumthi wom-amangile. Udubula kwasekuqaleni konyaka—ngaphambi kokuba idubule imithi emininzi. AmaHebhere amandulo ayesazi ukuba lo mthi ukhawuleza udubule. Xa udubula uvelisa intyatyambo entle epinki okanye emhlophe.—INtshumayeli 12:5.
Kuthiwa phakathi kweentlobo zeentaka ezaziwayo ezingama-9 000, ezimalunga nama-5 000 yimilonji. Wofika zintyiloza kamnandi kwiintsunguzi zamahlathi. (INdumiso 104:12) Ngokomzekelo, ungqabe yenye yeentaka ezintyiloza kamnandi. Ujiza, njengalo ukulo mfanekiso, yenye yeentaka ezintyiloza kamnandi ezinombala omhle ongwevu, omthubi nophantse ube luhlaza.—INdumiso148:1, 10.
[Umfanekiso okwiphepha 9]
Ihlathi eNormandy, eFransi