Ngaba Ukungathabathi Cala Kwezobupolitika Kuthintela Ukubonisa Uthando LobuKristu?
UKUBA ngumKristu kuquka okungakumbi kunokufunda iBhayibhile, ukuthandaza, nokucula iingoma zecawa ngeeCawa. Kuquka ukwenzela uThixo nabantu izinto. IBhayibhile ithi: “Masingathandi ngazwi nangamlomo, kodwa ngezenzo nangenyaniso.” (1 Yohane 3:18) UYesu wayebaxhalabele ngokunyanisekileyo abanye, yaye amaKristu afuna ukumxelisa. Umpostile uPawulos wabongoza amanye amakholwa ukuba abe “nokuninzi kokwenza emsebenzini weNkosi.” (1 Korinte 15:58) Kodwa yintoni umsebenzi weNkosi? Ngaba uquka ukuzama ukuguqula imithetho karhulumente ukuze kulungelwe amahlwempu nabo bacinezelekileyo? Ngaba uYesu wenza oko?
Nangona uYesu wabongozwa ukuba abe nenxaxheba kwimicimbi yezobupolitika okanye athabathi cala, akazange avume. Akazange alamkele igunya awayelinikwa nguSathana kwizikumkani zomhlaba, akazange angenelele kwingxoxo yokuhlawula iirhafu yaye wemka xa iqela elithile lalifuna ukumenza ukumkani. (Mateyu 4:8-10; 22:17-21; Yohane 6:15) Kodwa ukungathabathi kwakhe icala kwezobupolitika akuzange kumthintele ekwenzeleni abanye izinto.
UYesu wanikela ingqalelo koko kwakuza kuzisela abanye okulungileyo ngonaphakade. Nangona ukondla kwakhe abantu abangamawaka amahlanu nokuphilisa abagulayo kwakuzisela abathile isiqabu okwexeshana, imfundiso yakhe yenza bonke abantu bafumane iintsikelelo ezingunaphakade. UYesu wayesaziwa, kungekhona ngokuba ngumququzeleli wamaphulo okunikela uncedo, kodwa kuphela ‘njengoMfundisi.’ (Mateyu 26:18; Marko 5:35; Yohane 11:28) Wathi: “Ndizalelwe oku, yaye ndizele oku ehlabathini, ukuze ndiyingqinele inyaniso.”—Yohane 18:37.
Ukushumayela Into Ebhetele Kunezobupolitika
Inyaniso uYesu awayeyifundisa yayingeyiyo ingcamango yezobupolitika. Kunoko, yayigxininisa kuBukumkani aya kuba nguKumkani wabo. (Luka 4:43) Obu Bukumkani ngurhulumente wasezulwini, yaye buya kuthabathel’ indawo lonke ulawulo lwabantu buze buzisele abantu uxolo olungunaphakade. (Isaya 9:6, 7; 11:9; Daniyeli 2:44) Ngoko ke, bukuphela kwethemba lokwenene labantu. Ngaba asikokubonakalisa uthando olungakumbi ukuvakalisa ithemba lekamva eliqiniseke ngolo hlobo kunokukhuthaza abantu ukuba bathembele ebantwini ukuze bafumane ikamva elinqabisekileyo? IBhayibhile ithi: “Musani ukukholosa ngezidwangube, nangonyana womntu wasemhlabeni, lowo ungenalo usindiso. Uyaphuma umoya wakhe, abuyele yena emhlabeni wakhe; ngaloo mini ziyatshabalala iingcamango zakhe. Unoyolo lowo unoncedo olunguThixo kaYakobi, othemba lakhe likuYehova uThixo wakhe.” (INdumiso 146:3-5) Ngoko ke kunokuba athumele abafundi bakhe ukuba baye kushumayela indlela ebhetele yokumisa oorhulumente, uYesu wabafundisa ukuba bashumayele ‘ngeendaba zilungileyo zobukumkani.’—Mateyu 10:6, 7; 24:14.
Ngoko ke, lo ‘ngumsebenzi weNkosi’ abashumayeli abangamaKristu abathunywe ukuba bawenze. Ngenxa yokuba abalawulwa boBukumkani bukaThixo kufuneka bathandane, obu Bukumkani buya kuphumelela ekupheliseni ubuhlwempu nokwabela abantu ubutyebi ngendlela elinganayo. (INdumiso 72:8, 12, 13) Ezi ziindaba ezilungileyo yaye ngokuqinisekileyo zifanele zishunyayelwe.
Namhlanje, amaNgqina kaYehova alungelelaniswe ukwenza lo “msebenzi weNkosi” kumazwe angama-235. Ngokuvisisana nomyalelo kaYesu, ayabahlonela bonke oorhulumente. (Mateyu 22:21) Kodwa kwakhona athobela la mazwi aya kubalandeli bakhe athi: ‘Aniyonxalenye yehlabathi, kodwa ndininyulile mna naphuma kulo ihlabathi.’—Yohane 15:19.
Bambi ababekade beshumayela ngezobupolitika baye batshintsha emva kokuba befundisise iBhayibhile ngenyameko. Umququzeleli wezobupolitika waseItali owayelilungu lombutho weCatholic Action, umbutho olawulwa yicawa, wathi: “Ndabandakanyeka kwezobupolitika, ndivakalelwa kukuba ubani ufanele abe nendima kwinkqubela yezobupolitika neyasekuhlaleni.” Emva kokurhoxa ekubeni ngusodolophu wesixeko ukuze ashumayele ngoBukumkani bukaThixo njengomnye wamaNgqina kaYehova, uchaza isizathu sokuba imigudu yabantu abanyanisekileyo kwezobupolitika ililize. “Isizathu sokuba ihlabathi libe nje, akubangelwa kukuba abantu abalungileyo abakhange bazame ukuphucula iimeko zasekuhlaleni, kodwa, kunoko kungenxa yokuba imigudu enyanisekileyo yabambalwa iye yonganyelwa bubungendawo babaninzi.”
Ukungabi nanxaxheba kwezobupolitika ukuze ubani ashumayele kuphela elona themba liyinyaniso ebantwini akuthinteli amaKristu okwenyaniso ekuncedeni abanye ngezinye iindlela. Abo babancedayo ukuba babe ngabalawulwa boBukumkani bukaThixo batshintsha izimo zabo zengqondo ezonakeleyo, baze bathobele igunya, baphucule ubomi babo bentsapho baze babe nembono elungeleleneyo ngezinto eziphathekayo. Okubaluleke nangakumbi kukuba, amaNgqina kaYehova anceda abantu babe nolwalamano olusondeleyo noThixo.
Abashumayeli boBukumkani bukaThixo banceda abantu abakwiindawo abahlala kuzo. Kodwa ukongezelela koko, bakhuthaza abantu ukuba bathembele kurhulumente wokwenene noza kuzisa uxolo oluhlala luhleli kubo bonke abathanda uThixo. Ngenxa yokuba engathabathi cala kwezobupolitika, la maKristu anikela olona ncedo luhlala luhleli nolusebenzisekayo olufumanekayo namhlanje.
[Ibhokisi/Umfanekiso okwiphepha 7]
Ndashiya Ezobupolitika Ndaza Ndashumayela NgoBukumkani BukaThixo
Xa wayeyinkwenkwe, uÁtila wafunda ngomzabalazo kubefundisi becawa yakhe eBelém, eBrazil. Wayekuvuyela ukuva ukuba ekugqibeleni abantu baza kukhululeka kwingcinezelo yaye waba lilungu lombutho wezobupolitika wasekuhlaleni, apho wafunda ukugaya abantu ukuze bagwayimbe nokuyila amaphulo okuvukela urhulumente.
Kodwa kwakhona uÁtila wayekuthanda ukufundisa abantwana beli qela, esebenzisa incwadi awayinikwayo, ethi Ukuphulaphula KuMfundisi Omkhulu.a Le ncwadi yayifundisa ukuziphatha ngendlela efanelekileyo nokuthobela amagunya. Oku kwenza uÁtila wazibuza isizathu sokuba abo baxhasa izifundo ngomzabalazo bengayilandeli imilinganiselo kaYesu ephakamileyo yokuziphatha nesizathu sokuba bambi bebalibala abantu abacinezelekileyo xa besegunyeni. Wawushiya lo mbutho. Kamva, amaNgqina kaYehova ankqonkqoza ekhayeni lakhe aza athetha naye ngoBukumkani bukaThixo. Kungekudala wafundisisa iBhayibhile waza wafumana isicombululo sokwenene kwingcinezelo yoluntu.
Ngelo xesha, uÁtila waya kwingqungquthela yamaKatolika engonqulo nezobupolitika. Abefundisi bathi: “Unqulo nezobupolitika ziindlela ezimbini ezahlukahlukeneyo zokucombulula ingxaki efanayo.” Kwakhona waya kwintlanganiso kwiHolo yoBukumkani. Wabona umahluko omkhulu! Okokuqala, kwakungekho mntu utshayayo, oselayo okanye owenza iziqhulo ezingamanyala. Wagqiba kwelokuba ashumayele namaNgqina kaYehova, yaye kungekudala wabhaptizwa. Ngoku uyasibona isizathu sokuba ukufunda ngomzabalazo kungesiso isicombululo kwiingxaki zamahlwempu.
[Umbhalo osemazantsi]
a Ipapashwe ngamaNgqina kaYehova.
[Imifanekiso ekwiphepha 6]
Ukungathabathi cala kwezobupolitika kwabalungiseleli abangamaKristu akubathinteli ekuncedeni abanye