Unokumvuyisa UThixo
NGABA sinokuba negalelo kwindlela uThixo avakalelwa ngayo? Ngaba uThixo uyakwazi ukuvuya? Abanye bavakalelwa kukuba uThixo ungamandla nje. Ngaba besinokulindela ukuba amandla angengomntu avuye? Ngokuqinisekileyo akunjalo. Noko ke, makhe sihlolisise oko iBhayibhile ikutshoyo ngoThixo.
UYesu Kristu wathi: “UThixo unguMoya.” (Yohane 4:24) Umoya luhlobo lobomi olwahlukileyo kobabantu. Nakuba engabonakali emehlweni abantu, unomzimba—‘wokomoya.’ (1 Korinte 15:44; Yohane 1:18) Isebenzisa izigaba zentetho, iBhayibhile ide ithethe ngoThixo njengonamehlo, iindlebe izandla njalo njalo.a UThixo ukwanalo negama—linguYehova. (INdumiso 83:18) Ngoko uThixo ongumbhali weBhayibhile, ungumoya. (Hebhere 9:24) “UnguThixo ophilayo noKumkani ukusa kwixesha elingenammiselo.”—Yeremiya 10:10.
Njengomntu wokwenene, uYehova uyakwazi ukucinga aze enze. Unazo iimpawu neemvakalelo, kwanezinto azithandayo nangazithandiyo. Enyanisweni, iBhayibhile inamabinzana amaninzi achaza izinto ezimkholisayo nezingamkholisiyo. Nakuba izithixo ezenziwe ngabantu zibonisa iimpawu zabenzi bazo, uThixo ongusomandla, uYehova, unguMenzi weemvakalelo ezisebantwini.—Genesis 1:27; Isaya 44:7-11.
Ngokungathandabuzekiyo uYehova ‘nguThixo onoyolo.’ (1 Timoti 1:11) Akonwatyiswa nje yindalo yakhe kuphela, kodwa uyakuvuyela ukuphumeza injongo yakhe. Esebenzisa umprofeti wakhe uIsaya, uYehova uthi: “Yonk’ into endiyoliswa yiyo ndiya kuyenza . . . Ndikuthethile oko; yaye ndiya kukuzisa. Ndikuyilile, yaye ndiya kukwenza.” (Isaya 46:9-11) Umdumisi wathi: “UYehova uya kuba nemihlali ngemisebenzi yakhe.” (INdumiso 104:31) Kodwa ikho nenye into emvuyisayo uThixo. Uthi: “Yiba nobulumko, nyana wam, uze uyenze ibe nemihlali intliziyo yam.” (IMizekeliso 27:11) Khawufan’ ucinge—thina sivuyise intliziyo kaThixo!
Indlela Esinokuyivuyisa Ngayo Intliziyo KaThixo
Cinga nje ngendlela intloko-ntsapho enguNowa eyayivuyisa ngayo intliziyo kaYehova. UNowa “wakholeka emehlweni kaYehova” ngenxa yokuba “wangqineka engenasiphoso phakathi kwabantu bexesha lakhe.” Ngokwahluke ngokupheleleyo kubantu abangendawo belo xesha, uThixo wakholiswa lukholo nentobelo kaNowa kangangokuba kwathiwa “uNowa wahamba noThixo oyinyaniso.” (Genesis 6:6, 8, 9, 22) “Ngokholo uNowa . . . wabonisa uloyiko lobuthixo waza wakha umkhombe wokusindisa indlu yakhe.” (Hebhere 11:7) UYehova wakholiswa nguNowa waza wayisikelela intsapho yakhe ngokuyisindisa ebudeni belona xesha lalinzima kwimbali yabantu.
Nosolusapho uAbraham wayeyazi kakuhle indlela avakalelwa ngayo uYehova. Ulwazi lwakhe ngendlela uThixo acinga ngayo lwabonakala xa uYehova wamxelela ukuba iSodom neGomora ziza kutshatyalaliswa ngenxa yokonakala kwazo. UAbraham wayemazi kakuhle uYehova kangangokude athi akunakwenzeka ukuba uThixo abulale indoda elilungisa kunye nengendawo. (Genesis 18:17-33) Kwiminyaka ethile kamva, ethobela ulwalathiso lukaThixo, ‘kwafana nokuba uAbraham wayemnikele uIsake,’ kuba “wakubalela ekuthini uThixo wayekwazi ukumvusa kwanakwabafileyo.” (Hebhere 11:17-19; Genesis 22:1-18) UAbraham wayeyixhalabele gqitha indlela awayevakalelwa ngayo uThixo waza wabonisa ukholo olomeleleyo nentobelo kangangokude kuthiwe ‘ngumhlobo kaYehova.’—Yakobi 2:23.
Enye indoda eyayizimisele ukuvuyisa intliziyo kaThixo nguKumkani uDavide wakwaSirayeli wamandulo. UYehova wathi ngaye: “Ndifumene uDavide unyana kaYese, indoda evunyiweyo yintliziyo yam, oya kwenza zonke izinto endizinqwenelayo.” (IZenzo 13:22) Ngaphambi kokulwa nengxilimbela enguGoliyati, uDavide wathembela ngokupheleleyo kuThixo ibe wathi kuKumkani wakwaSirayeli, uSawule: “UYehova, owandihlangulayo ethupheni lengonyama nasethupheni lebhere, nguye oya kundihlangula esandleni salo mFilisti.” UYehova wamsikelela uDavide ngenxa yokuthembela kwakhe kuye emnika amandla okubulala uGoliyati. (1 Samuweli 17:37, 45-54) UDavide wayengafuni ukuba ibe zizenzo zakhe kuphela ‘ezikholisa uYehova, kodwa wayefuna nokumkholisa ngamazwi omlomo wakhe nokucamngca kwentliziyo yakhe.’—INdumiso 19:14.
Kuthekani ke ngathi? Sinokumkholisa njani uYehova? Okukhona siyixhalabele indlela avakalelwa ngayo uThixo, kokukhona siya kukwazi oko sinokukwenza ukuze sivuyise intliziyo kaThixo. Njengoko sifunda iBhayibhile, kubalulekile ukwenza umgudu wokwazi indlela avakalelwa ngayo uThixo ukuze ‘sizaliswe ngolwazi oluchanileyo lokuthanda kwakhe kubulumko bonke nokuqiqa kokomoya, ukuze sihambe ngokumfaneleyo uYehova size simkholise ngokupheleleyo.’ (Kolose 1:9, 10) Olo lwazi, luya kusinceda ekwakheni ukholo. Oku kubalulekile ngenxa yokuba “ngaphandle kokholo akunakwenzeka ukumkholisa kakuhle [uThixo].” (Hebhere 11:6) Ewe, ngokuzimisela ukwakha ukholo olomeleleyo nangokuphila ngokuvisisana nokuthanda kukaYehova, sinokuyivuyisa intliziyo yakhe. Kwangaxeshanye, sifanele sikulumkele ukumenza buhlungu uYehova.
Musa Ukumenza Buhlungu UThixo
Indlela anokwenziwa buhlungu ngayo uYehova ibonakala kwingxelo ephathelele imihla kaNowa. Ngelo xesha, “umhlaba wawuzaliswe lugonyamelo. Ngoko uThixo wawubona umhlaba yaye, khangela! wonakele, kuba yonke inyama yayiyonakalisile indlela yayo emhlabeni.” UThixo wavakalelwa njani xa wayebona oko konakala nogonyamelo? IBhayibhile ithi: “UYehova wazisola ngokuba ebenzile abantu emhlabeni, kwaye yaba buhlungu intliziyo yakhe.” (Genesis 6:5, 6, 11, 12) UThixo wazisola ngenxa yokuba ukuziphatha kwabantu kwaba kubi kangangokude kufuneke atshintshe indlela awayesijonga ngayo isizukulwana esingendawo sangaphambi koMkhukula. Ngenxa yokungakholiswa kwakhe bobo bungendawo, uThixo watshintsha indima yokuba nguMdali wabantu waza waba ngumtshabalalisi wabo.
UYehova wakhathazeka naxa abantu bakhe, bohlanga lwakwaSirayeli lwamandulo baqhubeka beyityeshela indlela avakalelwa ngayo nolwalathiso lwakhe lothando. Umdumisi wathi: “Babemvukela ngokufuthi kangakanani entlango, babemenza azive ebuhlungu entlango! Izihlandlo ngezihlandlo babemvavanya uThixo, bemenza buhlungu Lowo uyiNgcwele kaSirayeli.” Kodwa “wayenenceba; wayezigubungela iziphoso aze angonakalisi. Izihlandlo ezininzi wayewubuyisa umsindo wakhe, yaye wayengawuvuseleli umsindo wakhe.” (INdumiso 78:38-41) Kwanaxa amaSirayeli anemvukelo ayefumana imiphumo yezono zawo, iBhayibhile isixelela ukuba ‘ebudeni bokubandezeleka kwawo konke [uThixo] wabandezeleka.’—Isaya 63:9.
Nakuba uThixo wayebabonise ngokucacileyo ukuba uyabathanda, abantu bakwaSirayeli “baqhubeka bebagculela abathunywa bakaThixo oyinyaniso bewadelela amazwi akhe bebenza intlekisa abaprofeti bakhe, de wafika umsindo kaYehova nxamnye nabantu bakhe, kwada akwabakho kuphiliswa.” (2 Kronike 36:16) Ekugqibeleni, ukuba ngabavukeli abangoontamo-lukhuni kwabo ‘kwawenza buhlungu umoya wakhe oyingcwele’ kangangokude baphulukane nenkoliseko kaYehova. (Isaya 63:10) Waba yintoni umphumo? Efanele, uThixo wayeka ukubakhusela, yaye behlelwa yintlekele xa amaBhabhiloni oyisa uYuda aza atshabalalisa iYerusalem. (2 Kronike 36:17-21) Hayi indlela ekuba buhlungu ngayo xa abantu bekhetha ukulandela ikhondo lobomi eliphosakeleyo nelimenza buhlungu uMdali wabo!
IBhayibhile isinika ubungqina obaneleyo bokuba uThixo uba buhlungu gqitha xa abantu bethabatha ikhondo eliphosakeleyo. (INdumiso 78:41) Izinto eziphosakeleyo—ezenyanyekayo—kuThixo ziquka ikratshi, ukuxoka, ukubulala, ukuqhelisela umlingo, ukuvumisa, ukunqula izinyanya, ukuziphatha okubi, ubufanasini, ukunganyaniseki emtshatweni, umbulo, nokucinezela abantu abangamahlwempu.—Levitikus 18:9-29; 19:29; Duteronomi 18:9-12; IMizekeliso 6:16-19; Yeremiya 7:5-7; Malaki 2:14-16.
Uvakalelwa njani uYehova ngonqulo-zithixo? IEksodus 20:4, 5 ithi: “Uze ungazenzeli umfanekiso oqingqiweyo okanye imbonakalo yayo nantoni na esemazulwini phezulu okanye esemhlabeni phantsi okanye esemanzini phantsi komhlaba. Uze ungaqubudi kuzo okanye uqhutyelwe ekuzikhonzeni.” Ngoba? Ngenxa yokuba ‘ziyinto ecekisekayo kuYehova.’ (Duteronomi 7:25, 26) Umpostile uYohane walumkisa: “Bantwana abancinane, zilindeni kuzo izithixo.” (1 Yohane 5:21) Yaye umpostile uPawulos wabhala: “Zintanda zam, sabani kulo unqulo-zithixo.”—1 Korinte 10:14.
Funa Inkoliseko KaThixo
‘Ukusondelelana noThixo kokwabo bathe tye.’ “Abo bangenakusoleka endleleni yabo uyakholiswa ngabo.” (IMizekeliso 3:32; 11:20) Ngokwahlukileyo, abo baqhubeka beyivukela ngabom imilinganiselo kaThixo yobulungisa baya kuyifumana kungekudala imiphumo yokungamkholisi. (2 Tesalonika 1:6-10) Enyanisweni, uza kukhawuleza abuphelise bonke ubungendawo obugqubayo namhlanje.—INdumiso 37:9-11; Zefaniya 2:2, 3.
Noko ke, iBhayibhile iyenza icace into yokuba, uYehova “akanqweneli ukuba kutshabalale nabani na kodwa unqwenela ukuba bonke bafikelele enguqukweni.” (2 Petros 3:9) Nakuba ecatshukiswe ngabantu abangaguqukiyo, uyakuvuyela ukubonisa uthando kubantu abangamalungisa nabamthandayo. UYehova ‘akayoliswa kukufa kongendawo, kodwa kukuba ongendawo abuye endleleni yakhe aze okunene ahlale ephila.’—Hezekile 33:11.
Ngoko akuyomfuneko ukuba simcaphukise uYehova. “UYehova unomsa omkhulu nenceba.” (Yakobi 5:11) Uthembele ngokupheleleyo kuThixo, ‘unokuliphosa kuye lonke ixhala lakho, kuba ekukhathalele.’ (1 Petros 5:7) Qiniseka ukuba abo bavuyisa intliziyo kaThixo banelungelo elimangalisayo lokuthandwa nguye nokuba ngabahlobo bakhe. Ngenxa yoko, ngoku kungxamiseke ngakumbi kunakuqala ukuba ‘siqhubeke siqiniseka ngoko kwamkelekileyo eNkosini.’—Efese 5:10.
Hayi indlela ekumangalisa ngayo ukuba uThixo ngobubele bakhe obungasifanelanga eye watyhila iimpawu zakhe ezibalaseleyo nendlela avakalelwa ngayo! Yaye unako ukuyivuyisa intliziyo yakhe. Ukuba unomnqweno wokwenjenjalo, siyakucela ukuba uqhagamshelane namaNgqina kaYehova akummandla ohlala kuwo. Aya kukuvuyela ukukubonisa oko kuye kwawanceda njengoko ezabalazela ukukholisa uThixo.
[Umbhalo osemazantsi]
a Bona Ibhokisi ethi “Kutheni IBhayibhile Isebenzisa Iimpawu Ezisebantwini Xa Ichaza UThixo?”
[Ibhokisi ekwiphepha 7]
Kutheni IBhayibhile Isebenzisa Iimpawu Ezisebantwini Xa Ichaza UThixo?
Ekubeni ‘uThixo enguMoya,’ asinakumbona ngamehlo. (Yohane 4:24) Ngoko ke, iBhayibhile isebenzisa izigaba zentetho, njengezifaniso, izikweko, nesimntwiso ukuze isincede siqonde ukongama kukaThixo nemisebenzi yakhe. Ngoko nangona singazi ukuba umzimba kaThixo womoya unjani, iBhayibhile ichaza uThixo njengonamehlo, iindlebe, izandla, iingalo, iminwe, iinyawo nentliziyo.—Genesis 8:21; Eksodus 3:20; 31:18; Yobhi 40:9; INdumiso 18:9; 34:15.
Loo nkcazelo ayithethi ukuba umzimba kaThixo womoya unamalungu afana nalawo akwimizimba yabantu. Isimntwiso asimele sisijonge ngokoqobo. Yindlela nje yokunceda abantu ukuba bamqonde ngakumbi uThixo. Ngaphandle kwezo zigaba zentetho, bekungenakufane kwenzeke ukuba abantu abaqhelekileyo baqonde nayiphi na ingcaciso engoThixo. Noko ke, oku akuthethi ukuba ubuntu bukaYehova uThixo benziwe ngabantu. IBhayibhile ikuchaza kakuhle ukuba umntu wenziwa ngokomfanekiso kaThixo—ingengoThixo owenziwa ngokomfanekiso womntu. (Genesis 1:27) Ngenxa yokuba ‘babephefumlelwe nguThixo,’ ababhali beBhayibhile babuchaza ubuntu bukaThixo ngendlela kanye azichaza ngayo iimpawu zakhe—mpawu ezo awazityala ngeendlela ezahlukeneyo kwindalo yakhe engabantu. (2 Timoti 3:16, 17) Kunokuba ibe nguThixo oneempawu zabantu, ngabo abaneempawu zakhe.
[Umfanekiso okwiphepha 4]
UThixo wakholiswa nguNowa
[Umfanekiso okwiphepha 5]
UAbraham wayeyazi kakuhle indlela avakalelwa ngayo uThixo
[Umfanekiso okwiphepha 6]
UDavide wathembela kuYehova ngokupheleleyo
[Umfanekiso okwiphepha 7]
Njengoko ufunda iBhayibhile, unokufunda indlela yokuvuyisa uThixo
[Inkcazelo Ngomfanekiso okwiphepha 4]
Courtesy of Anglo-Australian Observatory, photograph by David Malin