ILizwi LikaYehova Liphilile
Iimbalasane Zencwadi YeLevitikus
AKUKAPHELI nonyaka ekhululwe amaSirayeli kubukhoboka baseYiputa. Njengoko sele eluhlanga olutsha, asendleleni eya kwilizwe laseKanan. UYehova unenjongo yokuba olu hlanga lungcwele luhlale apho. Noko ke, indlela aphila ngayo amaKanan kwakunye nonqulo lwawo yonakele gqitha. Ngoko uThixo oyinyaniso unika ibandla lakwaSirayeli imimiselo eza kuwahlula ukuze enze inkonzo yakhe. Le mimiselo ibhalwe kwincwadi yeBhayibhile yeLevitikus. Njengoko ibhalwe ngumprofeti uMoses kwintlango yaseSinayi, ngowe-1512 B.C.E., le ncwadi igubungela inyanga nje enye yembali yolu hlanga. (Eksodus 40:17; Numeri 1:1-3) UYehova ubabongoza ngokuphindaphindiweyo aba banquli bakhe ukuba babe ngcwele.—Levitikus 11:44; 19:2; 20:7, 26.
Namhlanje amaNgqina kaYehova akakho ngaphantsi koMthetho uThixo awawunika uMoses. Ukufa kukaYesu Kristu kwawuphelisa loo Mthetho. (Roma 6:14; Efese 2:11-16) Noko ke, imimiselo efumaneka kwiLevitikus inokusinceda, isifundise okungakumbi ngokuphathelele unqulo loThixo wethu uYehova.
IMINIKELO ENGCWELE—EYOKUZITHANDELA NEYIMFANELO
Eminye iminikelo nemibingelelo yoMthetho yayisenziwa ngokuzithandela, ngoxa eminye yayiyimfanelo. Ngokomzekelo, umnikelo otshiswayo wawungowokuzithandela. Wawunikelwa kuThixo uwonke, kanye njengokuba uYesu Kristu wenzayo ngokuzithandela enikela ubomi bakhe bonke njengedini lentlawulelo. Umbingelelo wobudlelane owawungowokuzithandela wawusabiwa. Enye inxalenye yawo yayinikelwa kuThixo esibingelelweni, enye ityiwa ngumbingeleli, ize enye ityiwe ngulowo unikelayo. Ngokufanayo, kumaKristu athanjisiweyo, iSikhumbuzo sokufa kukaKristu sisidlo sobudlelane.—1 Korinte 10:16-22.
Iminikelo yesono neyetyala yayiyimfanelo. Owokuqala wawunikelwa ngenxa yezono ezenziwe ngempazamo. Owesibini wawusanelisa uThixo xa eye woniwa, okanye ibuyisele amalungelo athile kuboni abaguqukayo. Kwakukho neminikelo yokudla okuziinkozo eyayisenziwa ngenjongo yokubonisa uxabiso ngamalungiselelo kaYehova ayintabalala. Zonke ezi zinto zibangela umdla kuthi kuba imibingelelo eyayisenziwa phantsi komnqophiso woMthetho yayisalatha kuYesu Kristu nedini lakhe neengenelo ezaziza kubangelwa lilo.—Hebhere 8:3-6; 9:9-14; 10:5-10.
Iimpendulo Kwimibuzo YeZibhalo:
2:11, 12—Kutheni ubusi babungamkelekanga kuYehova ‘njengomnikelo wasemlilweni’? Apha akubhekiselwa kubusi obuvela ezinyosini. Nakuba babungamkelekanga ‘njengomnikelo wasemlilweni,’ babuphakathi ‘kwentlahlela yemveliso yamasimi.’ (2 Kronike 31:5) Obu busi babuyincindi yeziqhamo. Ekubeni bunegwele, babungakufanelekelanga ukusetyenziswa esibingelelweni.
2:13—Kwakutheni ukuze kufuneke kubekho ityuwa ‘kuyo yonke iminikelo’? Oku kwakungenzelwa incasa yombingelelo. Ehlabathini lonke ityuwa isetyenziselwa ukuthintela ukubola. Kusenokwenzeka ukuba yayigalelwa kumbingelelo ngenxa yokuba yayimela ukukhululeka ekonakaleni nasekuboleni.
Oko Sikufundayo:
3:17. Ekubeni amanqatha ayegqalwa njengeyona nxalenye ibalulekileyo, ukwalelwa kokutyiwa kwawo kwabethelela kumaSirayeli isibakala sokuba inxalenye ebalulekileyo yekaYehova. (Genesis 45:18) Oku kusikhumbuza ukuba sifanele sinike uYehova ezona zinto zilungileyo kwesinazo.—IMizekeliso 3:9, 10; Kolose 3:23, 24.
7:26, 27. AmaSirayeli ayengamele alitye igazi. KuThixo, igazi limela ubomi. “Umphefumlo [ubomi] wenyama usegazini,” itsho njalo iLevitikus 17:11. Ukuzikhwebula egazini kuseyimfuneko ephambili kubanquli bokwenyaniso namhlanje.—IZenzo 15:28, 29.
UKUMISELWA KOBUBINGELELI OBUNGCWELE
Ngoobani abanikwa imbopheleleko yokwenza amadini nemibingelelo? Loo mbopheleleko yanikwa ababingeleli. Ngokolwalathiso lukaThixo, uMoses wenza umsitho wokumisela uAron njengombingeleli omkhulu, noonyana bakhe abane ababeza kuba ngababingeleli abangaphantsi. Lo msitho wathabatha iintsuku ezisixhenxe, baza ububingeleli baqalisa ukusebenza ngemini elandelayo.
Iimpendulo Kwimibuzo YeZibhalo:
9:9—Yintoni ebalulekileyo ngokugalelwa kwegazi esisekweni sesibingelelo nokuqatywa kwalo kwizinto ezahlukeneyo? Oku kwakubonisa ukuba uYehova wayekwamkela ukusetyenziswa kwegazi ngenjongo yokucamagushela. Lonke ilungiselelo lokucamagushela lalisekelwe egazini. Umpostile uPawulos wabhala wathi: “Phantse zonke izinto zihlanjululwa ngegazi ngokuvumelana noMthetho, yaye kungaphalalanga gazi, akubikho kuxolelwa.”—Hebhere 9:22.
10:1, 2—Yintoni ekusenokwenzeka ukuba yayibandakanyekile kwisono soonyana baka-Aron, uNadabhi noAbhihu? Ngokukhawuleza emva kokuba uNadabhi noAbhihu beyenze ngendlela engafanelekanga imisebenzi yabo yobubingeleli, uYehova wakwalela ukusela kwababingeleli iwayini okanye isiselo esinxilisayo xa bekhonza emnqubeni. (Levitikus 10:9) Oku kubonisa ukuba kusenokwenzeka ukuba oonyana ababini baka-Aron babephantsi kwempembelelo yesiselo esinxilisayo ngesi sihlandlo sikhankanywe apha. Noko ke, esona sizathu sokufa kwabo kukusondeza “umlilo ongekho sikweni, [uYehova] angabayalelanga ngawo.”
Oko Sikufundayo:
10:1, 2. Abakhonzi bakaYehova abaneembopheleleko namhlanje bamele benze ngokuvisisana nemilinganiselo kaThixo. Ngaphezu koko, abamele babe nekratshi njengoko bephumeza iimbopheleleko zabo.
10:9. Asifanele siphumeze iimbopheleleko esizinikwe nguThixo ngoxa siphantsi kwempembelelo yotywala.
UNQULO OLUNGCWELE LUFUNA SICOCEKE
Imiyalelo ephathelele ukutyiwa kwezilwanyana ezihlambulukileyo nezingahlambulukanga yawanceda ngeendlela ezimbini amaSirayeli. Le miyalelo yayiwakhusela kwiintsholongwane eziyingozi yaye iwenza ucace umahluko phakathi kwawo neentlanga ezaziwangqongile. Eminye yale miyalelo yayiquka ukungahlambuluki okubangelwa kukuchukumisa izidumbu, ukuhlanjululwa kwamabhinqa emva kokuba ezele, imiyalelo ephathelele iqhenqa, nokungahlambuluki okubangelwa lubhobhozo oluphuma kwilungu lesini lendoda okanye lebhinqa. Ababingeleli kwakufuneka baqiniseke ngokulandelwa kwale miyalelo ngokuphathelele abo baye abahlambuluka.
Iimpendulo Kwimibuzo YeZibhalo:
12:2, 5—Kutheni ukuzala umntwana kwakulenza ‘lingahlambuluki’ ibhinqa? Amalungu okuzala ayenzelwe ukudlulisela ubomi bomntu obufezekileyo. Noko ke, ngenxa yemiphumo yesono esisizuz’ ilifa, ubomi obungafezekanga nobunesono badluliselwa ebantwaneni. Amathuba athile ‘okungahlambuluki’ anxulumene nokuzala, kwakunye nezinye iimeko ezinjengokuba sexesheni nokukhupha amadlozi, kwakulukhumbuza olu hlanga ngesono olusizuz’ ilifa. (Levitikus 15:16-24; INdumiso 51:5; Roma 5:12) Imiyalelo yokuhlanjululwa eyayifuneka yayiza kunceda amaSirayeli aqonde imfuneko yedini lentlawulelo elaliza kugubungela ukuba nesono koluntu lize libuyisele abantu kwimfezeko. Ngenxa yoko uMthetho waba ‘ngumkhapheli wawo okhokelela kuKristu.’—Galati 3:24.
15:16-18—Kuyintoni ‘ukuphuma kwamadlozi’ okukhankanywe kwezi ndinyana? Oku kubhekisela ekuphumeni kwawo ngoxa umntu elele kwanasebudeni beentlobano zesini phakathi kwabantu abatshatileyo.
Oko Sikufundayo:
11:45. UYehova uThixo ungcwele yaye ufuna babe ngcwele nabo banikela inkonzo yakhe engcwele. Bamele bahlale bengcwele yaye becocekile emzimbeni nangokomoya.—2 Korinte 7:1; 1 Petros 1:15, 16.
12:8. UYehova wavumela abantu abangamahlwempu ukuba banikele ngeentaka njengombingelelo kunokusebenzisa izimvu ezixabisa imali eninzi. Unolwazelelelo ngamahlwempu.
SIMELE SIQHUBEKE SINGCWELE
Eyona mibingelelo ibalulekileyo yezono yayisenziwa ngoSuku Locamagushelo lwaminyaka le. Kwakunikelwa ngenkunzi yenkomo kubabingeleli nakuhlanga lwabaLevi. Kwakubingelelwa ngebhokhwe kwizizwe zamaSirayeli ezingengobabingeleli. Enye ibhokhwe yayithunyelwa entlango iphila emva kokuba kuchazwe izono zabantu phezu kwayo. Zombini ezi bhokhwe zazigqalwa njengombingelelo omnye wesono. Konke oku kwakusalatha kwisibakala sokuba uYesu Kristu wayeza kuba lidini elaliza kuzithwalela kude izono.
Imiyalelo ephathelele ukutyiwa kwenyama nephathelele ezinye iinkcukacha ibethelela imfuneko yokuba sibe ngcwele njengabakhonzi bakaYehova. Ngokufanelekileyo, ababingeleli babemele bahlale bengcwele. Imisitho emithathu yaminyaka le yayizizihlandlo zemincili nokubulela uMdali. UYehova wabanika nemiyalelo abantu bakhe ephathelele ukungcoliswa kwegama lakhe elingcwele, ukugcinwa kweeSabatha neNtlokoma, kwanendlela yokuphathwa kwamahlwempu namakhoboka. Ukuba babemthobela uThixo babeya kufumana iintsikelelo, kanti ukungathobeli kwabo kwakuya kukhokelela kwiziqalekiso. Kwakukho nemiyalelo ephathelele izibhambathiso namaxabiso eminikelo, amazibulo ezilwanyana, nokunikela ngesishumi ngasinye ‘njengento engcwele kuYehova.’
Iimpendulo Kwimibuzo YeZibhalo:
16:29—AmaSirayeli ‘ayenokuyixhwalekisa njani imiphefumlo yawo’? Le nkqubo eyayisenziwa ngoSuku Locamagushelo, yayisenzelwa ukuxolelwa kwezono. Ukuzila ukutya ngelo xesha kwakunxulunyaniswa nokuvuma izono. Kusenokwenzeka ke ngoko ukuba ‘ukuxhwalekisa umphefumlo’ kubhekisela ekuzileni ukutya.
19:27—Uthetha ukuthini umyalelo ‘wokungachebi iituma’ okanye ‘udini lweendevu’? Injongo yalo mthetho yayikukuthintela amaYuda ukuba angachebi iindevu okanye iinwele zawo ngendlela ezazisenza ngayo iintlanga ezingabahedeni. (Yeremiya 9:25, 26; 25:23; 49:32) Noko ke, umyalelo kaThixo wawungathethi kuthi amaYuda akanakuzicheba kwaphela iindevu okanye iituma zawo.—2 Samuweli 19:24.
25:35-37—Ngaba kwakuphosakele ngalo lonke ixesha ngamaSirayeli ukuba abize inzala? Ukuba imali yayibolekelwa iinjongo zokushishina, lowo ubolekisayo wayenokuyibiza inzala. Noko ke, uMthetho wawukwalela ukubizwa kwenzala xa umntu eboleke imali ngenxa yobuhlwempu. Ukwenza ingeniso ngommelwane osweleyo kwakuphosakele.—Eksodus 22:25.
26:19—Kunokwenzeka njani ukuba ‘izulu libe njengentsimbi nomhlaba ube njengobhedu’? Ngenxa yokungabikho kwemvula, isibhakabhaka esiphezu kwelizwe laseKanan sasiza kufana nentsimbi eyomeleleyo nengenamingxuma. Ngaphandle kwemvula, umhlaba wawuya kufana nobhedu ngebala.
26:26—Kuthetha ukuthini ukuthi ‘abafazi abalishumi baya kubhaka isonka eontini enye’? Ngokuqhelekileyo, umfazi ngamnye ebeya kusebenzisa ionti yakhe xa ebhaka. Kodwa la mazwi ayebhekisela ekunqongophaleni kokutya kangangokude abafazi abalishumi bakwazi ukubhaka kwionti enye. Le yenye yezinto ezazixelwe kwangaphambili ukuba ziya kwenzeka xa olu hlanga lungaqhubeki lungcwele.
Oko Sikufundayo:
20:9. Intiyo nenkohlakalo zazimbi kanye njengokubulala emehlweni kaYehova. Ngenxa yoko wamisa isigwebo esifanayo xa ubani ethuka abazali bakhe naxa ebabulala. Ngaba oku akumele kusishukumisele ukuba sithande abo sikholwa nabo?—1 Yohane 3:14, 15.
22:32; 24:10-16, 23. Asimele siligculele igama likaYehova. Ngokwahlukileyo koko, simele silidumise size sithandazele ukuba lingcwaliswe.—INdumiso 7:17; Mateyu 6:9.
INDLELA ILEVITIKUS ELUCHAPHAZELA NGAYO UNQULO LWETHU
Namhlanje amaNgqina kaYehova akasaphili ngaphantsi koMthetho. (Galati 3:23-25) Noko ke, ekubeni iLevitikus isikhanyisela ngembono kaYehova ngokuphathelele imibandela ethile, inokuluchaphazela unqulo lwethu.
Njengoko usenza ufundo lweBhayibhile lweeveki ngeeveki xa ulungiselela iSikolo Sobulungiseleli Sobuthixo, ngaphandle kwamathandabuzo uya kuchukunyiswa sisibakala sokuba uThixo wethu efuna ukuba abakhonzi bakhe babe ngcwele. Le ncwadi yeBhayibhile inokukushukumisela ukuba wenze konke okusemandleni akho ukuze ukholise Oyena Uphakamileyo, ngokuqhubeka ulondoloza ubungcwele ukuze adunyiswe.
[Umfanekiso okwiphepha 21]
Imibingelelo eyayisenziwa phantsi koMthetho yayisalatha kuYesu Kristu nedini awalinikelayo
[Umfanekiso okwiphepha 22]
UMthendeleko Wamaqebengwana Angenagwele wawusisihlandlo sovuyo olungathethekiyo
[Umfanekiso okwiphepha 23]
Imithendeleko eyayisenziwa minyaka le, njengoMthendeleko Weminquba, yayiba zizihlandlo zokubulela uYehova