IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w04 9/15 iphe. 28
  • Imibuzo Evela Kubafundi

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Imibuzo Evela Kubafundi
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2004
  • Amanqaku Afanayo
  • Imibuzo Evela Kubafundi
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1989
  • Indima Yomfazi EZibhalweni
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1991
  • Ndifanele Ndiyijonge Njani Intombazana Ecela Uthando?
    Vukani!—2005
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2004
w04 9/15 iphe. 28

Imibuzo Evela Kubafundi

Kwakutheni ukuze amadoda angamaSirayeli avunyelwe ukuba atshate namabhinqa asemzini awayethinjiwe ekubeni uMthetho kaMoses wayalela ukuba angendiselani nabantu abathile basemzini?—Duteronomi 7:1-3; 21:10, 11.

Oku kwakuvunyelwa ngenxa yeemeko ezithile ezikhethekileyo. UYehova wayalela amaSirayeli ukuba azitshabalalise izixeko zeentlanga ezisixhenxe zelizwe lakwaKanan, abulale bonke abemi bazo. (Duteronomi 20:15-18) Kwezinye iintlanga abantu ababenokusindiswa ziintombi ezinyulu. (Numeri 31:17, 18; Duteronomi 20:14) Indoda engumSirayeli yayinokutshata nebhinqa elinjalo, kuphela ukuba lalithabatha amanyathelo athile.

Ngokuphathelele amanyathelo awayefanele athatyathwe lelo bhinqa, iBhayibhile ithi: “Limele lichebe intloko yalo, linyamekele neenzipho zalo, liyishenxise kulo ingubo yokwaleka yokuthinjwa kwalo lize lihlale endlwini yakho, limlilele uyise nonina inyanga iphela; emva koko woba neentlobano zokwazana nalo, uze ulithabathe njengomtshakazi wakho, libe ngumfazi wakho.”—Duteronomi 21:12, 13.

Intombi enyulu engumthinjwa awayefuna ukuyitshata umSirayeli kwakufuneka ichebe intloko yayo. Ukucheba iinwele kwakubonisa ukuzila. (Isaya 3:24) Ngokomzekelo, xa usolusapho uYobhi waphulukana nabo bonke abantwana nempahla yakhe, wacheba intloko yakhe ebonisa ukuzila. (Yobhi 1:20) Kanti eli bhinqa lasemzini kwakufuneka linyamekele iinzipho zalo, mhlawumbi ‘lizinqumle’ ukuze enoba zingomnye umbala zingabi namtsalane. (Duteronomi 21:12, IBhayibhile yesiXhosa) Yiyiphi le “ngubo yokwaleka yokuthinjwa kwalo” yayimele ikhululwe leli bhinqa lingumthinjwa? Kwakulisiko lamabhinqa ezixeko zabahedeni awayeza kuthinjwa ukunxiba ezona zambatho zawo zingayiwayo. Ayekwenza oku ngenjongo yokutsala abo babeza kubathimba. Elo bhinqa lithinjiweyo lalingafanele linxibe eso sambatho xa lizilile.

Ibhinqa elingumthinjwa nelaliza kuba ngumfazi womSirayeli kwakufuneka lililele abo libathandayo kangangenyanga iphela. Izixeko ezoyisiweyo zaziza kutshatyalaliswa ngokupheleleyo kangangokuba amaqhina entsapho yalo nabantu elinxulumana nabo ayeza kuqhawuka ngokupheleleyo. Ekubeni amajoni angamaSirayeli ayeza kutshabalalisa imifanekiso yoothixo balo, lalingazi kuba nanto yokunqula. Kanti le nyanga yokuzila yayiza kuba lixesha lokusulungekiswa, apho eli bhinqa lithinjiweyo laliza kwahlukana nonqulo ebelikade lizinikele kulo.

Noko ke, imeko yayahlukile kwamanye amabhinqa asemzini. Kule meko uYehova wakhupha lo myalelo: “Uze ungendiselani nazo. Intombi yakho uze ungayiniki unyana wakhe, nentombi yakhe uze ungayithabatheli unyana wakho.” (Duteronomi 7:3) Kwakutheni ukuze kubekho lo myalelo? IDuteronomi 7:4 ithi: “Kuba iya kumtyekisa unyana wakho ekundilandeleni, baze ngokuqinisekileyo bakhonze thixo bambi.” Ngoko, lo myalelo wakhutshwa ngenjongo yokukhusela amaSirayeli kunqulo oludyobhekileyo. Noko ke, ibhinqa lasemzini elifana nelo lichazwe kwiDuteronomi 21:10-13 alinabungozi bunjalo. Zonke izizalwane zalo zazifile nemifanekiso emela oothixo balo itshabalele. Lalingasenalunxibelelwano nabo baqhelisela unqulo lobuxoki. UmSirayeli wayevunyelwa ukuba atshate nomntu wasemzini phantsi kwezo meko.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share