IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w04 11/15 iphe. 8-9
  • “Hayi Indlela Emininzi Ngayo Imisebenzi Yakho, Yehova!”

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • “Hayi Indlela Emininzi Ngayo Imisebenzi Yakho, Yehova!”
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2004
  • Amanqaku Afanayo
  • Unokufunda Nezinye Izinto NgoYehova Kwindalo
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Efundwayo)—2023
  • Fundisa Abantwana Bakho NgoYehova Kwindalo
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Efundwayo)—2023
  • Dumisani UKumkani Kanaphakade!
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1996
  • The Wonders of Creation Reveal God’s Glory
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2012
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2004
w04 11/15 iphe. 8-9

Ubuhle Bendalo KaYehova

“Hayi Indlela Emininzi Ngayo Imisebenzi Yakho, Yehova!”

ENOBA sihlala emaphandleni okanye edolophini, ezintabeni okanye ngaselwandle, singqongwe bubuhle bendalo emangalisayo. Kufanelekile ke ngoko ukuba, Ikhalenda YamaNgqina KaYehova Yowama-2004 inemifanekiso ebonisa imisebenzi kaYehova uThixo ebalaseleyo.

Abantu abanoxabiso basoloko bebonakalisa umdla kwimisebenzi kaThixo. Ngokomzekelo, cinga ngoSolomon, owayenobulumko ‘obuninzi ngakumbi kunobulumko bonke baseMpumalanga.’ IBhayibhile ithi: “Wayethetha ngemithi, ukususela kumsedare oseLebhanon kuse kwihisope ephuma eludongeni; kwaye wayethetha ngezilo nangezidalwa eziphaphazelayo nangezinto ezinambuzelayo nangeentlanzi.” (1 Kumkani 4:30, 33) Uyise kaSolomon, uKumkani uDavide, wayedla ngokucamngca ngemisebenzi kaThixo ebalaseleyo. Oko kwamshukumisela ekubeni athi kuMdali wakhe: “Hayi indlela emininzi ngayo imisebenzi yakho, Yehova! Yonke uyenze ngobulumko. Uzele umhlaba yimveliso yakho.”—INdumiso 104:24.a

Nathi indalo sifanele siyiqwalasele size sicamngce ngayo. Ngokomzekelo, ‘sinokuphakamisela amehlo ethu phezulu size’ sibuze: “Ngubani na odale ezi zinto?” Ewe, nguYehova uThixo, ‘onamandla amakhulu nowomelele ngamandla’ ngokwenene!—Isaya 40:26.

Ukucamngca ngemisebenzi kaYehova yendalo kufanele kusichaphazele njani? Ubuncinane ngeendlela ezintathu. (1) Kunokusenza sibuxabise ubomi bethu, (2) kunokusishukumisela ekubeni sincede abanye bafunde kwindalo, yaye (3) bunokusenza simazi size simqonde ngakumbi uMdali wethu.

Ubomi bethu njengabantu, obuphakame gqitha ‘kunobezilwanyana ezingaqiqiyo,’ busenza sibone size siyixabise indalo emangalisayo. (2 Petros 2:12) Amehlo ethu anokubona ubuhle bomhlaba. Iindlebe zethu zinokuva ingoma emnandi yokuntyiloza kweentaka. Yaye xa sicinga ngendawo ebesikuyo ngexesha elithile oko kunokusenza sibe neenkumbulo ezimyoli. Nangona ngoku siphila ubomi obungafezekanga, kodwa ngokuqinisekileyo bumnandi!

Abazali banokukuvuyela ukubona abantwana babo bebonakalisa umdla kwindalo. Abantwana bakuthanda ngokwenene ukukhangela oonokrwece kunxweme lolwandle, ukufuya isilwanyana nokukhwela emthini! Abazali baya kunceda abantwana babo abaselula babone unxulumano oluphakathi kwendalo noMdali. Uloyiko nentlonelo abantwana abanayo ngendalo kaYehova banokuhlala benayo ubomi babo bonke.—INdumiso 111:2, 10.

Siya kuba asinangqiqo iphangaleleyo ukuba sinokubonakalisa uxabiso kwindalo size singalubonakalisi kuMdali. Isiprofeto sikaIsaya sisinceda ukuba sicinge ngale ngongoma xa sisithi: “Akwazi na okanye akuvanga na? UYehova, uMdali weziphelo zomhlaba, unguThixo ukusa kwixesha elingenammiselo. Akadinwa okanye atyhafe. Akugocagocwa ukuqonda kwakhe.”—Isaya 40:28.

Ewe, imisebenzi kaYehova ibubungqina bobulumko bakhe obungenakulinganiswa, amandla akhe angenakuthelekiswa nanto nothando lwakhe olunzulu ngathi. Xa sibona ubuhle obusingqongileyo size siqonde iimpawu zaLowo wenze konke, ngamana oku kungasishukumisela ekubeni sivumelane namazwi kaDavide athi: “Akukho unjengawe . . , Yehova, yaye akukho misebenzi injengeyakho.”—INdumiso 86:8.

Sinokuqiniseka ukuba abantu abathobelayo baya kuqhubeka bechukunyiswa yimisebenzi kaYehova yokudala. Xa siphila ngonaphakade, siya kufumana amathuba angapheliyo okufunda okungakumbi ngoYehova. (INtshumayeli 3:11) Yaye okukhona sifunda ngakumbi ngaye, kokukhona siya kumthanda uMdali wethu.

[Umbhalo osemazantsi]

a Bona Ikhalenda YamaNgqina KaYehova Yowama-2004, kuNovemba nakuDisemba.

[Ibhokisi ekwiphepha 9]

Ukudunyiswa KoMdali

Izazinzulu ezininzi ezinoxabiso ziyayibona indima kaThixo kwindalo. Le mizekelo imbalwa ilandelayo ibonisa oko:

“Imbalasane novuyo kumsebenzi wam wenzululwazi uba ngamathuba xa ndiye ndafumanisa into entsha ndize ndithi, ‘Ngoko ke, yile ndlela uThixo awayenza ngayo le nto.’ Usukelo lwam kukuba ndiqonde neyona ndlela incinane uThixo azenze ngayo izinto.”—UHenry Schaefer, unjingalwazi ngemichiza.

“Ngokuphathelele ubukhulu beNdalo Iphela, umfundi umele azenzele isigqibo, kodwa ukuqonda unobangela woko akunakuphelela ngaphandle Kwakhe [uThixo].”—UEdward Milne, isazi ngendalo iphela saseBritani.

“Siyazi ukuba indalo ichazwa ngobona bugcisa buphambili bezibalo kuba yadalwa nguThixo.”—UAlexander Polyakov, ingcali yezibalo yaseRashiya.

“Kufundisiso lwethu ngezinto ezidaliweyo siye sibone iingcamango zoMdali, siqonde iingcinga zakhe, sibone izinto ngendlela Yena awazenza ngayo kungekhona ngendlela yethu.”—ULouis Agassiz, isazi sebhayoloji saseMerika.

[Umfanekiso okwiphepha 8, 9]

Iiphengwini ekuthiwa zii-“gentoo”, kuSingasiqithi weAntarctic

[Umfanekiso okwiphepha 9]

IGrand Teton National Park, eWyoming, eUnited States

[Inkcazelo]

Jack Hoehn/Index Stock Photography

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share