Bambelela Kumzekelo Owabekwa NguYesu
“Ndinibekela umzekelo, ukuze, kanye njengoko ndenjenjalo kuni, nenjenjalo nani.”—YOHANE 13:15.
1. Kutheni uYesu engumzekelo amaKristu afanele awuxelise?
KUYO yonke imbali yabantu, mnye kuphela umntu ongazange one ebomini bakhe. Loo mntu nguYesu. Ngaphandle koYesu, “akukho mntu ungoniyo.” (1 Kumkani 8:46; Roma 3:23) Ngenxa yeso sizathu, amaKristu okwenyaniso amgqala uYesu njengomzekelo ogqibeleleyo ofanele kukuxeliswa. Enyanisweni, ngoNisan 14, 33 C.E., ngaphambi nje kokufa kwakhe, uYesu waxelela abalandeli bakhe ukuba bamxelise. Wathi: “Ndinibekela umzekelo, ukuze, kanye njengoko ndenjenjalo kuni, nenjenjalo nani.” (Yohane 13:15) Kobo busuku bokugqibela, uYesu wakhankanya iinkalo eziliqela amaKristu afanele azabalazele ukuba njengaye. Kweli nqaku, siza kuqwalasela ezinye zazo.
Imfuneko Yokuthobeka
2, 3. UYesu wayengumzekelo ogqibeleleyo wokuthobeka ngaziphi iindlela?
2 Xa uYesu wabongoza abafundi bakhe ukuba balandele umzekelo awawubekayo, ngokukhethekileyo wayethetha ngokuthobeka. Kwizihlandlo eziliqela, wayeluleke abalandeli bakhe ukuba bathobeke, yaye ngobusuku bukaNisan 14, wabonakalisa ukuthobeka ngokuhlamba iinyawo zabapostile bakhe. Wandula ke uYesu wathi: “Ukuba mna, nangona ndiyiNkosi noMfundisi, ndihlambe iinyawo zenu, nani nifanele ukuhlambana iinyawo.” (Yohane 13:14) Emva koko, wabaxelela abapostile bakhe ukuba balandele umzekelo awumiselayo. Yaye hayi indlela omhle ngayo umzekelo wokuthobeka!
3 Umpostile uPawulos usixelela ukuba ngaphambi kokuza kwakhe emhlabeni, uYesu “wayekubume bukaThixo.” Sekunjalo, waziqongqotha waza wafana nomntu ophantsi. Ngaphezu koko, “wazithoba kwada kwasa ekufeni, ewe, ukufa kwisibonda sentuthumbo.” (Filipi 2:6-8) Khawufan’ ucinge. UYesu, umntu wesibini ngobukhulu kwindalo iphela, wavuma ukuba ngaphantsi kuneengelosi, wazalwa elusana olungenakuzenzela nto, wakhula ethobela abazali abangafezekanga, ekugqibeleni wafa njengesikrelemnqa. (Kolose 1:15, 16; Hebhere 2:6, 7) Okunjani kona ukuthobeka! Ngaba sinokukwazi ukuxelisa eso “simo sengqondo” size sihlakulele ‘ukuthobeka kwengqondo’ okunjalo? (Filipi 2:3-5) Ewe, kodwa akulula.
4. Ziziphi izinto ezibenza abantu babe nekratshi, kodwa kutheni kuyingozi ukuba nekratshi?
4 Ukuba umntu akathobekanga unekratshi. (IMizekeliso 6:16-19) Ikratshi lakhokelela ekuweni kukaSathana. (1 Timoti 3:6) Likhawuleza lingene entliziyweni, yaye xa selingenile, kunzima ukulikhupha. Abantu bayakhukhumala ngenxa yelizwe labo, uhlanga lwabo, izinto abanazo, imfundo, isikhundla abakuso emsebenzini nasekuhlaleni, inkangeleko yabo, ubuchule abanabo kwimidlalo nezinye izinto ezininzi. Sekunjalo, akukho nanye kwezi zinto ebalulekileyo kuYehova. (1 Korinte 4:7) Yaye ukuba ezi zinto zisenza sibe nekratshi, ziyalonakalisa ulwalamano lwethu naye. “UYehova uphakamile, ukanti uyambona othobekileyo; kodwa ophakamileyo umazela mgama kuphela.”—INdumiso 138:6; IMizekeliso 8:13.
Ukuthobeka Phakathi Kwabazalwana Bethu
5. Kutheni kubalulekile ukuba abadala bathobeke?
5 Igalelo esinalo nezinto esizenzileyo enkonzweni kaYehova azifanele zisenze sibe nekratshi; oku kunjalo nangeembopheleleko esinazo ebandleni. (1 Kronike 29:14; 1 Timoti 6:17, 18) Enyanisweni, okukhona siba neembopheleleko ezinzima, kokukhona sifanele sithobeke. Umpostile uPetros wabongoza abadala ukuba bangabi “ziinkosi phezu kwabo balilifa likaThixo, kodwa [babe] yimizekelo emhlambini.” (1 Petros 5:3) Abadala bamiselwa ukuba babe ngabakhonzi nemizekelo, hayi iinkosi neenkosana.—Luka 22:24-26; 2 Korinte 1:24.
6. Ziziphi iinkalo zobuKristu esifanele sithobeke kuzo?
6 Asingobadala kuphela abafanele bathobeke. Kubafana, abasenokuba nekratshi ngenxa yeengqondo zabo ezikrelekrele namandla abasenawo emzimbeni xa kuthelekiswa nasebekhulile, uPetros wabhala: “Bhinqani nonke ukuthobeka kwengqondo omnye ngakomnye, ngenxa yokuba uThixo ubachasile abo banekratshi, kodwa ubanika ububele obungasifanelanga abo bathobekileyo.” (1 Petros 5:5) Ewe, ukuthobeka okunjengokukaKristu kubalulekile kuthi sonke. Kufuna ukuthobeka ukushumayela iindaba ezilungileyo, ingakumbi xa sijamelene nokungakhathali okanye inkcaso. Sifanele sithobeke ukuze sikwazi ukusamkela isiluleko okanye ukubenza lula ubomi bethu ukuze sandise isabelo esinaso ekushumayeleni. Ukongezelela, sifanele sithobeke size sibe nokholo xa kuthethwa ngathi kakubi, sihlaselwa ngokwasemthethweni, okanye sitshutshiswa ngogonyamelo.—1 Petros 5:6.
7, 8. Ziziphi ezinye iindlela esinokuwuhlakulela ngazo umoya wokuthobeka?
7 Ubani unokuloyisa njani ikratshi aze aphile ‘ngokuthobeka kwengqondo, ebagqala abanye njengabongamileyo’ kunaye? (Filipi 2:3) Ufanele azijonge ngendlela uYehova amjonga ngayo. UYesu wachaza isimo sengqondo esifanelekileyo xa wathi: “Nani ke, xa nenze zonke izinto enizabelweyo, yithini, ‘Singamakhoboka angancedi nganto. Oko sikwenzileyo koko besifanele sikwenze.’” (Luka 17:10) Khumbula ukuba, akukho nto sinokuyenza enokuthelekiswa noko kwenziwa nguYesu. Kanti, uYesu wayethobekile.
8 Ukongezelela, sinokucela uYehova asincede ukuze sikwazi ukuhlakulela imbono efanelekileyo ngeziqu zethu. Njengomdumisi, sinokuthandaza sithi: “Ndifundise ukulunga, ingqiqo nokwazi, kuba ndibonise ukholo kwimiyalelo yakho.” (INdumiso 119:66) UYehova uya kusinceda sibe nembono esengqiqweni nelungeleleneyo, yaye uya kusisikelela xa sithobekile. (IMizekeliso 18:12) UYesu wathi: “Nabani na oziphakamisayo uya kuthotywa, yaye nabani na ozithobayo uya kuphakanyiswa.”—Mateyu 23:12.
Imbono Echanileyo Ngokulungileyo Nokubi
9. UYesu wayekugqala njani okulungileyo nokubi?
9 Phezu kwako nje ukuhlala iminyaka engama-33 nabantu abangafezekanga, uYesu wahlala “engenasono.” (Hebhere 4:15) Enyanisweni, xa wayeprofeta ngoMesiya, umdumisi wathi: “Ubuthandile ubulungisa waza wabuthiya ubungendawo.” (INdumiso 45:7; Hebhere 1:9) Nakule nkalo amaKristu azabalazela ukuxelisa uYesu. Akahluli nje okulungileyo kokubi, akuthiyile okubi yaye ayakuthanda okulungileyo. (Amosi 5:15) Oku kuyawanceda ukuze alwe notyekelo lwesono azalwe enalo.—Genesis 8:21; Roma 7:21-25.
10. Ukuba siqhubeka sisenza “ububi” singaguquki, sibonakalisa siphi isimo sengqondo?
10 UYesu wathi kuNikodemo owayengumFarisi: “Kuba lowo uqhelisela ububi ukuthiyile ukukhanya yaye akezi ekukhanyeni, ukuze imisebenzi yakhe ingohlwaywa. Kodwa lowo wenza oko kuyinyaniso uyeza ekukhanyeni, ukuze imisebenzi yakhe ibonakaliswe njengaleyo isetyenzwe ngokuvisisana noThixo.” (Yohane 3:20, 21) Phawula ukuba: UYohane wathi uYesu “ulukhanyiso lokwenyaniso olunikela ukukhanya kulo lonke uhlobo lomntu.” (Yohane 1:9, 10) Noko ke, uYesu wathi ukuba siqhelisela “ububi”—izinto ezingalunganga, ezingamkelekanga kuThixo—sikuthiyile ukukhanya. Ngaba unombono wakho umthiyile uYesu nemigaqo yakhe? Kanti, leyo yinto eyenziwa ngabo abaqhubeka besenza isono bengaguquki. Mhlawumbi abazijongi ngaloo ndlela izinto, kodwa ngokucacileyo, uYesu uzijonga njalo.
Indlela Yokuhlakulela Imbono UYesu Awayenayo Ngokulungileyo Nokubi
11. Yintoni eya kusinceda ukuze sihlakulele imbono uYesu awayenayo ngokulungileyo nokubi?
11 Simele sikuqonde ngokucacileyo okulungileyo nokubi emehlweni kaYehova. Olo lwazi silufumana kuphela ngokufunda iLizwi likaThixo, iBhayibhile. Njengokuba sifunda, sifanele sithandaze ngendlela awathandaza ngayo umdumisi esithi: “Ndazise iindlela zakho, Yehova; ndifundise iindlela zakho.” (INdumiso 25:4) Noko ke, khumbula ukuba uSathana unenkohliso. (2 Korinte 11:14) Usenokwenza okubi kubonakale ngathi kulungile kumKristu ongalumkanga. Ngenxa yoko, sifanele sicamngce ngokunzulu ngezinto esizifundayo size sisithobele isiluleko ‘sekhoboka elithembekileyo neliyingqondi.’ (Mateyu 24:45-47) Ukufunda, ukuthandaza nokucamngca ngezinto esizifundayo kuya kusinceda ukuze sifikelele ekuqoleni size sibe phakathi kwabo “bathe ngokuwasenzisa amandla abo okuqonda bawaqeqeshela ukwahlula okulungileyo nokubi.” (Hebhere 5:14) Siya kwandula ke sithiye okubi size sithande okulungileyo.
12. Sisiphi isiluleko seBhayibhile esinokusinceda ukuze singaqheliseli okuchasene nomthetho?
12 Ukuba sikuthiyile okubi, asisayi kuvumela umnqweno wezinto ezimbi ukhule entliziyweni yethu. Kwiminyaka emininzi emva kokufa kukaYesu, umpostile uYohane wabhala: “Musani ukulithanda ihlabathi nezinto ezisehlabathini. Nabani na olithandayo ihlabathi, uthando lukaBawo alukho kuye; kuba konke okusehlabathini—inkanuko yenyama nenkanuko yamehlo nokuqhayisa ngezinto zobu bomi—akuphumi kuBawo, kodwa kuphuma ehlabathini.”—1 Yohane 2:15, 16.
13, 14. (a) Kutheni kuyingozi kumaKristu ukuthanda izinto ezisehlabathini? (b) Sinokukuphepha njani ukuzithanda izinto ezisehlabathini?
13 Bambi basenokuqiqa ngelithi asizizo zonke izinto ezimbi ezisehlabathini. Sekunjalo, ihlabathi nezinto zalo ezinomtsalane zinokusenza siphambuke ngokulula ekukhonzeni uYehova. Yaye akukho nto ehlabathini elungiselelwe ukusisondeza kuThixo. Ngoko ke, ukuba siyazithanda izinto ezisehlabathini, kwanezinto ezingembi, sisengozini. (1 Timoti 6:9, 10) Ngapha koko, izinto ezininzi zehlabathi ngokwenene zimbi, yaye zinokusenzakalisa. Ukuba sibukela iifilimu okanye iinkqubo zikamabonwakude ezinogonyamelo, ezibalaselisa ukuthanda izinto eziphathekayo, okanye ukuziphatha okubi ngokwesini, ezo zinto zinokwamkeleka—zide zinqweneleke. Ukuba sinxulumana nabantu abaneenjongo eziphambili zokuphucula ubomi babo okanye abafuna amathuba angakumbi ezoshishino, ezo zinto zisenokuba zezona zibalulekileyo nakuthi.—Mateyu 6:24; 1 Korinte 15:33.
14 Kwelinye icala, ukuba siyalithanda iLizwi likaYehova, “inkanuko yenyama nenkanuko yamehlo nokuqhayisa ngezinto zobu bomi” akuyi kusichaphazela kangako. Ukongezelela, ukuba sinxulumana nabo babeka izilangazelelo zoBukumkani bukaThixo kuqala, siya kuba njengabo, sithande abakuthandayo size sikuphephe oko bakuphephayo.—INdumiso 15:4; IMizekeliso 13:20.
15. Njengokuba kwakunjalo kuYesu, ukubuthanda kwethu ubulungisa sithiye ukuchas’ umthetho kuya kusomeleza njani?
15 Ukukuthiya okuchasene nomthetho nokuthanda ubulungisa kwamnceda uYesu ukuze agcine amehlo akhe ‘kuvuyo olwalubekwe phambi kwakhe.’ (Hebhere 12:2) Oku kunokwenzeka nakuthi. Siyazi ukuba “ihlabathi liyadlula nenkanuko yalo.” Nantoni na eyolisayo kweli hlabathi yeyokwexeshana. Noko ke, “lowo wenza ukuthanda kukaThixo uhleli ngonaphakade.” (1 Yohane 2:17) Ngenxa yokuba uYesu wenza ukuthanda kukaThixo, wavulela abantu ithuba lokuba bazuze ubomi obungunaphakade. (1 Yohane 5:13) Ngamana sonke singamxelisa size sizuze kwindlela awalondoloza ngayo ingqibelelo.
Ukujamelana Nentshutshiso
16. Kwakutheni ukuze uYesu abongoze abalandeli bakhe ukuba bathandane?
16 UYesu wabonisa enye indlela abafundi bakhe ababeya kumxelisa ngayo, esithi: “Nguwo lo umyalelo wam, wokuba nithandane kanye njengoko ndinithandileyo.” (Yohane 15:12, 13, 17) Zininzi izizathu ezibangela ukuba amaKristu abathande abazalwana bawo. Ngesi sihlandlo, ngokuyintloko uYesu wayecinga ngentiyo ababeya kujamelana nayo ehlabathini. Wathi: “Ukuba ihlabathi linithiyile, niyazi ukuba liye lathiya mna ngaphambi kokuba lithiye nina. . . . Ikhoboka alikho likhulu kunenkosi yalo. Ukuba banditshutshisile mna, baya kunitshutshisa nani.” (Yohane 15:18, 20) Ewe, amaKristu ayatshutshiswa njengoko kwakunjalo ngoYesu. Afanele abe nomanyano nothando olunzulu ukuze akwazi ukunyamezela loo ntiyo.
17. Kutheni ihlabathi liwathiyile amaKristu okwenyaniso?
17 Kutheni ihlabathi liya kuwathiya amaKristu? Kuba njengoYesu, ‘akayonxalenye yehlabathi.’ (Yohane 17:14, 16) Akananxaxheba kwimicimbi yasemkhosini neyobupolitika, yaye agcina imigaqo yeBhayibhile, ayabuhlonela ubungcwele bobomi yaye aphila ngemigaqo ephakamileyo. (IZenzo 15:28, 29; 1 Korinte 6:9-11) Ngokuyintloko anosukelo lwezinto zokomoya, ingezizo ezokwenyama. Aphila ehlabathini, kodwa njengokuba uPawulos wabhala ‘akalisebenzisi ngokupheleleyo.’ (1 Korinte 7:31) Liyinyaniso elokuba, bambi baye bavakalisa indlela abayixabisa ngayo imigaqo ephakamileyo aphila ngayo amaNgqina kaYehova. Kodwa amaNgqina kaYehova akalalanisi ukuze athandwe okanye amkelwe. Ngenxa yoko, inkoliso yabantu ehlabathini ayiwaqondi, yaye abaninzi bawathiyile.
18, 19. Elandela emanyathelweni kaYesu, amaKristu ayisingatha njani inkcaso nentshutshiso?
18 Abapostile bakaYesu bayibona intiyo enzulu yehlabathi xa uYesu wabanjwa waza wabulawa, yaye bayibona indlela awayisingatha ngayo naloo ntiyo. Kwisitiya saseGetsemane, amagosa onqulo awayemchasile uYesu eza kumbamba. UPetros wazama ukumkhusela ngekrele, kodwa uYesu wathi kuPetros: “Buyisela ikrele lakho endaweni yalo, kuba bonke abathabatha ikrele baya kutshabalala ngekrele.” (Mateyu 26:52; Luka 22:50, 51) Kumaxesha angaphambili, amaSirayeli azixabela ngekrele iintshaba zawo. Noko ke, ngoku, izinto zazitshintshile. UBukumkani bukaThixo ‘babungeyonxalenye yeli hlabathi’ yaye babungenamida obabufanele buyikhusele. (Yohane 18:36) Kungekudala, uPetros wayeza kuba yinxalenye yohlanga lokomoya, amalungu alo awayengabemi basezulwini. (Galati 6:16; Filipi 3:20, 21) Ukususela ngoko, abalandeli bakaYesu babeza kuyisingatha intiyo nentshutshiso ngendlela uYesu awenza ngayo—bengoyiki kodwa beseluxolweni. Benentembelo, babeza kuzishiyela izinto ezandleni zikaYehova bathembele kuye ukuze abanik’ amandla ukuze banyamezele.—Luka 22:42.
19 Kwiminyaka kamva, uPetros wabhala: ‘UKristu wabandezeleka ngenxa yenu, enishiya nomzekelo, ukuze nilandele emanyathelweni akhe ngokusondeleyo. Xa wayetshabhiswa, akazange aphindise atshabhise. Xa wayebandezeleka, akazange asongele, kodwa wahlala ezinikele kulowo ugweba ngobulungisa.’ (1 Petros 2:21-23) Kanye njengokuba uYesu walumkisa, amaKristu aye atshutshiswa ngokukrakra ukutyhubela iminyaka. Ngenkulungwane yokuqala nakwixesha lethu, aye alandela umzekelo kaYesu aza azakhela igama elihle lokunyamezela ngokuthembeka, ebonisa ukuba angabagcini bengqibelelo abaseluxolweni. (ISityhilelo 2:9, 10) Ngamana umntu ngamnye angenjenjalo xa iimeko zifuna oko.—2 Timoti 3:12.
“Yambathani INkosi UYesu Kristu”
20-22. AmaKristu ‘ayambatha njani iNkosi uYesu Kristu’?
20 UPawulos wabhala esithi kwibandla laseRoma: “Yambathani iNkosi uYesu Kristu, yaye musani ukuyicebela kwangaphambili iminqweno yenyama.” (Roma 13:14) Ngokungathi kunjalo, amaKristu anxiba uYesu, njengesambatho. Azabalazela ukuxelisa iimpawu nezenzo zakhe kangangokuba aba ngumfanekiso weNkosi yawo—nangona wona engafezekanga.—1 Tesalonika 1:6.
21 ‘Sinokuyambatha iNkosi uYesu Kristu’ ngokuphumelelayo ukuba siqhelana nobomi beNkosi yethu size sizabalazele ukuphila ngendlela awayephila ngayo. Sixelisa ukuthobeka kwakhe, uthando awayenalo ngobulungisa, ukuthiya kwakhe ukuchas’ umthetho, uthando awayenalo ngabazalwana bakhe, ukungabi yinxalenye yehlabathi, nokukunyamezela kwakhe ngomonde ukubandezeleka. ‘Asiyicebeli kwangaphambili iminqweno yenyama’—okuthetha ukuthi, injongo yethu ebomini asikokufikelela usukelo lwehlabathi okanye ukwanelisa iminqweno yenyama. Kunoko, xa sisenza izigqibo okanye sisingatha ingxaki ethile, siyazibuza: ‘UYesu ngenze ntoni kule meko? Yintoni ebeya kufuna ndiyenze?’
22 Ekugqibeleni, sixelisa uYesu ngokuzigcina sixakekile ‘sishumayela iindaba ezilungileyo.’ (Mateyu 4:23; 1 Korinte 15:58) Ngaloo ndlela, amaKristu alandela umzekelo owamiselwa nguYesu, yaye kwinqaku elilandelayo siza kuqwalasela indlela akwenza ngayo oku.
Ngaba Unokucacisa?
• Kutheni kubalulekile ukuba umKristu athobeke?
• Sinokuyihlakulela njani imbono echanileyo yokulungileyo nokubi?
• AmaKristu amxelisa njani uYesu ngendlela ayisingatha ngayo inkcaso nentshutshiso?
• ‘Sinokuyambatha njani iNkosi uYesu Kristu’?
[Umfanekiso okwiphepha 7]
UYesu wamisela umzekelo ogqibeleleyo wokuthobeka
[Umfanekiso okwiphepha 8]
Zonke iinkalo zobomi bomKristu, kuquka ukushumayela, kufuna ukuthobeka
[Umfanekiso okwiphepha 9]
USathana usenokuyenza indlela engafanelekanga yokuzonwabisa ibonakale yamkelekile kumKristu
[Umfanekiso okwiphepha 10]
Uthando ngabazalwana bethu luya kusomeleza sikwazi ukujamelana nenkcaso