ILizwi LikaYehova Liphilile
Iimbalasane Zencwadi YaBagwebi
WENZA ntoni uYehova xa abantu bakhe bemfulathela baze baqalise ukunqula oothixo bobuxoki? Kuthekani ukuba ngokuphindaphindiweyo abamthobeli baze baphethukele kuye kuphela xa bebandezelekile? Ngaba uYehova uyabahlangula xa kunjalo? Incwadi yaBagwebi iphendula le mibuzo neminye ebalulekileyo. Yagqitywa ukubhalwa ngumprofeti uSamuweli malunga nowe-1100 B.C.E., igubungela iziganeko zeminyaka engama-330—ukususela ekufeni kukaYoshuwa ukusa ekumiselweni kokumkani wokuqala wakwaSirayeli.
Njengenxalenye yelizwi, okanye isigidimi sikaThixo esinamandla, incwadi yaBagwebi ibaluleke kakhulu kuthi. (Hebhere 4:12) Iingxelo ezibangela umdla ezikuyo zisenza siqonde ubuntu bukaThixo. Oko sikufundayo kule ncwadi komeleza ukholo lwethu kuze kusincede sibubambe ngokuqinileyo “ubomi benene,” ubomi obungunaphakade kwihlabathi elitsha uThixo alithembisileyo. (1 Timoti 6:12, 19; 2 Petros 3:13) Indlela uYehova awabasindisa ngayo abantu bakhe kusibonisa indlela aza kubasindisa ngayo abantu ngokomlinganiselo omkhulu esebenzisa uNyana wakhe, uYesu Kristu, kwixesha elizayo.
KWAKUTHENI UKUZE KUFUNEKE ABAGWEBI?
Emva kokuba ookumkani baseKanan boyisiwe xa kwakukhokela uYoshuwa, isizwe ngasinye sakwaSirayeli sifumana ilifa size sibe ngabahlali balapho. Noko ke, amaSirayeli akabagxothi abahlali balapho. Oku kuba ngumgibe omkhulu kumaSirayeli.
Isizukulwana emva kwexesha likaYoshuwa “sasingamazi uYehova okanye umsebenzi awayewenzele uSirayeli.” (ABagwebi 2:10) Ngaphezu koko, abantu baqhubeka betshata yaye besendiselana namaKanan yaye benqula oothixo bawo. Ngoko uYehova uvumela ukuba amaSirayeli acinezelwe ziintshaba zawo. Noko ke, xa le ngcinezelo iba qatha, oonyana bakaSirayeli bacela uncedo kuThixo oyinyaniso. Kwimeko enje yonqulo, yentlalo neyezobupolitika uYehova uvelisa abagwebi ngokulandelelana ukuze bahlangule abantu bakhe kwiintshaba zabo.
Iimpendulo Kwimibuzo YeZibhalo:
1:2, 4—Kutheni uYuda ekhetha umhlaba kuqala xa kwenziwa amaqashiso? Ngokuqhelekileyo, eli lungelo lalinokufunyanwa sisizwe sakwaRubhen, izibulo likaYakobi. Kodwa xa wayesifa, uYakobi waprofeta ukuba uRubhen akayi kuphumelela, kuba walahlekelwa bubuzibulo bakhe. USimeyon noLevi, ababenenkohlakalo, babeza kusasazeka kwaSirayeli. (Genesis 49:3-5, 7) Ngoko ke, umntu olandelayo nguYuda, unyana wesine kaYakobi. USimeyon, owaya kwaYuda, wafumana imimandla emincinane kumhlaba omkhulu wakwaYuda.a—Yoshuwa 19:9.
1:6, 7—Kwakutheni ukuze ookumkani aboyisiweyo banqunyulwe oosithupha bezandla noobhontsi beenyawo? Umntu owayephulukana noosithuba bezandla noobhontsi beenyawo wayengenako ukuya emfazweni. Ngaphandle koosithuba bezandla, ijoni lalinokulisebenzisa njani ikrele okanye umkhonto? Yaye xa ubani wayengenabo oobhontsi beenyawo wayengenakukwazi ukuma kakuhle.
Oko Sikufundayo:
2:10-12. Sifanele sibe nocwangciso oluthe rhoqo lokufundisisa iBhayibhile ukuze ‘singakulibali ukwenza kukaYehova konke.’ (INdumiso 103:2) Abazali bafanele babethelele inyaniso yeLizwi likaThixo kwiintliziyo zabantwana babo.—Duteronomi 6:6-9.
2:14, 21, 22. UYehova uvumela izinto ezimbi zenzeke kubantu bakhe abangathobeliyo ngenxa yesizathu—ukuze abohlwaye, abasulungekise aze abenze babuyele kuye.
UYEHOVA UVELISA ABAGWEBI
Ingxelo ebangel’ umdla yokusebenza kwabagwebi iqala xa uOteniyeli ekhulula amaSirayeli kukumkani waseMesopotamiya emva kokuwacinezela iminyaka esibhozo. Esebenzisa icebo elibonakalisa inkalipho, uMgwebi uEhudi ubulala uEglon, ukumkani onguMowabhi otyebileyo. UShamgare onenkalipho ubulala amaFilisti angama-600 eyedwa esebenzisa imviko yeenkomo. Ekhuthazwe nguDebhora, ongumprofetikazi, yaye encediswa nguYehova, uBharaki nomkhosi wakhe oxhobileyo onamadoda angamawaka alishumi batshabalalisa umkhosi onamandla kaSisera. UYehova uvelisa uGidiyon aze amenze yena namadoda akhe angama-300 boyise amaMidiyan.
Esebenzisa uYifeta, uYehova ukhulula amaSirayeli kuma-Amoni. UTola, uYayire, uIbhetsan, uElon noAbhedon baphakathi kwamadoda ali-12 angabagwebi kuSirayeli. Ixesha laBagwebi liphela xa uSamson esilwa namaFilisti.
Iimpendulo Kwimibuzo YeZibhalo:
4:8—Kwakutheni ukuze uBharaki athi kumprofetikazi uDebhora makahambe naye ukuya edabini? Kuyabonakala ukuba, uBharaki wayeziva engafanelekanga ukuhamba yedwa ukuya kulwa nomkhosi kaSisera. Ukuhamba nalo mprofetikazi kwakuza kumqinisekisa ukuba yena namadoda akhe babekhokelwa nguThixo kuze kubenze babe nentembelo kuye. Ngoko ke, isibakala sokuba uBharaki acele ukuhamba noDebhora kwakungabonakalisi ubuthathaka kodwa ukuba nokholo olomeleleyo.
5:20—Iinkwenkwezi zamlwela njani uBharaki zisemazulwini? IBhayibhile ayixeli enoba oku kwakubandakanya ukuncediswa ziingelosi, iinkwenkwezi ekwakucingelwa ukuba zazithetha ishwangusha nezazithunyelwe ngamadoda azizilumko kaSisera, okanye mhlawumbi ukuvumisa ngeenkwenkwezi kukaSisera okwaba bubuxoki. Noko ke, alithandabuzeki elokuba uThixo wangenelela ngandlel’ ithile.
7:1-3; 8:10—Kwakutheni ukuze uYehova athi amadoda kaGidiyon angama-32 000, ayemaninzi kakhulu kunomkhosi wotshaba wamadoda angama-135 000? Oku kwakungenxa yokuba uYehova wayeza kumenza uGidiyon namadoda akhe oyise. UThixo wayengafuni bacinge ukuba boyise amaMidiyan ngamandla abo.
11:30, 31—Xa wayesenza isifungo, ngaba uYifeta wayecinga ngokubingelela ngomntu? UYifeta wayengenakucinga nokucinga ngento enjalo, kuba uMthetho wawusithi: “Maze kungafunyanwa namnye kuwe udlulisa unyana wakhe okanye intombi yakhe emlilweni.” (Duteronomi 18:10) Noko ke, uYifeta wayecinga ngomntu kungekhona isilwanyana. Izilwanyana ezazinokusetyenziselwa umbingelelo zazingafane zigcinwe kumakhaya amaSirayeli. Yaye kwakungeyonto ikhethekileyo ukubingelela ngesilwanyana. UYifeta wayesazi ukuba kwakusenokwenzeka ukuba loo mntu uze kumhlangabeza ibe yintombi yakhe. Lo wayeya kunikelwa “njengomnikelo otshiswayo” kuba lo mntu wayefanele anikelwe ngokukhethekileyo kwinkonzo kaYehova engcwele.
Oko Sikufundayo:
3:10. Ukuze ubani aphumelele kusukelo lokomoya kuxhomekeke, kungekhona kubulumko bomntu, kodwa kumoya kaYehova.—INdumiso 127:1.
3:21. UEhudi walisebenzisa ngobuchule nangenkalipho ikrele lakhe. Sifanele sihlakulele ubuchule bokusebenzisa ‘ikrele lomoya, oko kukuthi, ilizwi likaThixo.’ Oku kuthetha ukuba simele sisebenzise iZibhalo ngenkalipho kubulungiseleli bethu.—Efese 6:17; 2 Timoti 2:15.
6:11-15; 8:1-3, 22, 23. Ukuthozama kukaGidiyon kusifundisa izifundo ezithathu ezibalulekileyo: (1) Xa sifumana ilungelo lenkonzo, sifanele sicinge ngeembopheleleko ezibandakanyekileyo kunokucinga ngokubaluleka okanye isikhundla esisifumeneyo. (2) Xa usebenzisana nabo badla ngokuvusa ingxabano, kububulumko ukubonisa umoya wokuthozama. (3) Ukuthozama kusikhusela ekubeni singathi phithi zizikhundla.
6:17-22, 36-40. Nathi sifanele silumke size ‘singakholelwa onke amazwi aphefumlelweyo.’ Kunoko, sifanele ‘siwavavanye amazwi aphefumlelweyo ukuze sibone enoba aphuma kuThixo kusini na.’ (1 Yohane 4:1) Ukuze aqiniseke ukuba icebiso aza kulinikela lisekelwe kwiLizwi likaThixo, umdala omtsha ongumKristu wenza ngobulumko xa ebuza kumdala onamava.
6:25-27. UGidiyon wasebenzisa ingqiqo ukuze angabacaphukisi ngokungeyomfuneko abo babemchasile. Xa sishumayela iindaba ezilungileyo, simele sikulumkele ukukhubekisa abanye ngokungeyomfuneko ngendlela esithetha ngayo.
7:6. Xa sikhonza uYehova, sifanele sibe njengamadoda kaGidiyon angama-300—silumke size siphaphe.
9:8-15. Kububudenge ukuba nekratshi size ngamabhongo sifune isikhundla okanye ukuba negunya elithile.
11:35-37. Alithandabuzeki elokuba umzekelo omhle kaYifeta kwayinceda intombi yakhe ukuba ihlakulele ukholo olomeleleyo nomoya wokuzincama. Namhlanje abazali banokuba ngumzekelo omhle kubantwana babo.
11:40. Ukuncoma umntu onomoya ovumayo kwinkonzo kaYehova kuyamkhuthaza.
13:8. Xa befundisa abantwana babo, abazali bafanele bathandaze kuYehova ukuze abakhokele baze balandele ulwalathiso lwakhe.—2 Timoti 3:16.
14:16, 17; 16:16. Ukucinezela omnye umntu ngokulila nangokukhalaza kunokonakalisa ulwalamano onalo naloo mntu.—IMizekeliso 19:13; 21:19.
EZINYE IZENZO EZIBI KWASIRAYELI
Inxalenye yokugqibela yencwadi yaBagwebi iqulethe iingxelo ezimbini ezibalaseleyo. Eyokuqala ibandakanya indoda enguMika, obeka isithixo endlwini yakhe aze athi kumLevi makabe njengombingeleli kuye. Emva kokutshabalalisa isixeko saseLayishe, okanye iLeshem, isizwe sakwaDan sizakhela isixeko size sisithiye ngokuthi yiDan. Sisebenzisa isithixo sikaMika nombingeleli wakhe, saseka olunye unqulo kwaDan. Kubonakala ukuba, iLayishe iyathinjwa ngaphambi kokuba kufe uYoshuwa.—Yoshuwa 19:47.
Isiganeko sesibini senzeka kungekudala efile uYoshuwa. Amadoda athile esixeko sakwaBhenjamin, iGibheya ayadlwengula, yaye oko kukhokelela ekubeni phantse sonke isizwe sakwaBhenjamin sitshatyalaliswe—yaye kusinda kuphela amadoda angama-600. Noko ke, kwenziwa icebo elihle lokuba afumane abafazi, yaye inani labo liyanda libe ngamajoni anokuba ngama-60 000 xa kulawula uDavide.—1 Kronike 7:6-11.
Iimpendulo Kwimibuzo YeZibhalo:
17:6; 21:25—Ukuba ‘ngamnye wayesenza oko kwakulungile kwawakhe amehlo,’ ngaba oku kwakubangela isiphithiphithi? Akunjalo, kuba uYehova wayenze ilungiselelo lokukhokela abantu bakhe. Wabanika uMthetho nababingeleli ukuze babafundise iindlela zakhe. Esebenzisa iUrim neTumim, umbingeleli omkhulu wayenokuthetha noThixo ngemibandela ebalulekileyo. (Eksodus 28:30) Kwakhona sixeko ngasinye sasinamadoda amakhulu awayenokunikela icebiso lobulumko. Xa umSirayeli wayewasebenzisa la malungiselelo, wayenendlela echanileyo yokukhokela isazela sakhe. ‘Ukwenza oko kwakulungile kwawakhe amehlo’ ngale ndlela kwakuphumela kokulungileyo. Kwelinye icala, ukuba ubani wayewutyeshela uMthetho aze azenzele izigqibo ngokuphathelele ihambo nonqulo, kwakuphumela kwintlekele.
20:17-48—Kwakutheni ukuze uYehova avumele amaBhenjamin oyise ezinye izizwe kabini, nangona kwakufuneka wona ohlwaywe? Ngokuvumela ukuba izizwe ezithembekileyo zoyiswe okokuqala, uYehova wayevavanya ukuzimisela kwazo ukuphelisa ububi kwaSirayeli.
Oko Sikufundayo:
19:14, 15. Ukungavumi kwabantu baseGibheya ukubonakalisa umoya wokubuk’ iindwendwe kwakubonisa ukuba babenentsilelo ethile. AmaKristu abongozwa ukuba ‘alandele ikhondo lokubuk’ iindwendwe.’—Roma 12:13.
Ukusindiswa Kwixesha Elizayo
Kungekudala ngoku, uBukumkani bukaThixo phantsi kukaKristu uYesu buya kutshabalalisa ihlabathi elingendawo buze busindise abathe tye nabangenakusoleka. (IMizekeliso 2:21, 22; Daniyeli 2:44) ‘Ziya kutshabalala zonke iintshaba zikaYehova, yaye abamthandayo baya kuba njengokuphuma kwelanga ngamandla alo.’ (ABagwebi 5:31) Masibe phakathi kwabathanda uYehova ngokusebenzisa oko siye sakufunda kwincwadi yaBagwebi.
Eyona nto ibethelelwa ngokuphindaphindiweyo kwiingxelo zaBagwebi yile: Ukuthobela uYehova kukhokelela kwiintsikelelo ezininzi, ukungathobeli kuba nemiphumo emibi. (Duteronomi 11:26-28) Kubaluleke kakhulu ukuba ‘sikuthobele ngokusuka entliziyweni’ ukuthanda kukaThixo okutyhililweyo.—Roma 6:17; 1 Yohane 2:17.
[Umbhalo osemazantsi]
a AbaLevi abazange banikwe indawo njengelifa kwiLizwe Lesithembiso ngaphandle kwezixeko ezingama-48 ezazisasazeke kulo lonke elakwaSirayeli.
[Imaphu ekwiphepha 25]
(Ukuba ufuna inkcazelo ehlahlelwe kakuhle, yiya kwimpapasho)
“UYehova wayevelisa abagwebi, yaye babebasindisa esandleni sabaphangi bawo.”—ABagwebi 2:16.
ABAGWEBI
1. UOteniyeli (Wesizwe sakwaManase)
2. Ehudi (Wesizwe sakwaYuda)
3. UShamgare (Wesizwe sakwaYuda)
4. UBharaki (Wesizwe sakwaNafetali)
5. UGidiyon (Wesizwe sakwaIsakare)
6. UTola (Wesizwe sakwaManase)
7. UYayire (Wesizwe wesizwe sakwaManase)
8. UYifeta (Wesizwe sakwaGadi)
9. UIbhetsan (Wesizwe sakwaAshere)
10. UElon (Wesizwe sakwaZebhulon)
11. UAbhedon (Wesizwe sakwa Efrahim)
12. USamson (Wesizwe sakwaYuda)
DAN
MANASE
NAFETALI
ASHERE
ZEBHULON
ISAKARE
MANASE
GADI
EFRAYIM
DAN
BHENJAMIN
RUBHEN
YUDA
[Umfanekiso okwiphepha 26]
Ufunda ntoni kwisibakala sokuba uBharaki wabongoza uDebhora ukuba aye edabini?