Abantwana Bethu—Ilifa Elixabisekileyo
“Khangela! Oonyana balilifa elivela kuYehova; isiqhamo sesisu singumvuzo.”—INDUMISO 127:3.
1. Kwenzeka njani ukuba umntwana wokuqala azalwe?
KHAWUCINGE nje ngezinto ezikushiya ubamb’ ongezantsi uYehova uThixo awabangela ukuba zenzeke xa wayedala indoda nomfazi wokuqala. Utata uAdam, nomama uEva, baba negalelo ekuyilweni koko kwakuza kukhula kwisibeleko sikaEva kube ngumntu opheleleyo—umntwana wokuqala. (Genesis 4:1) De kube namhla, inkqubo yokukhawulwa nokuzalwa kosana isasishiya sizikrwel’ entloko, kwaye abaninzi bayichaza njengommangaliso wendalo.
2. Kutheni unokuthi oko kwenzeka kwisibeleko sebhinqa elikhulelweyo kungummangaliso?
2 Kwisithuba seentsuku ezingama-270, laa seli yokuqala eyayilwa ngaphakathi kumama akuba edibene notata ikhula ibe lusana oluyilwa ziiseli ezizizigidi ngezigidi. Iseli yokuqala ithwala imiyalelo efunekayo ukuze kuveliswe ezinye iindidi zeeseli ezingaphezu kwama-200. Zilandela loo miyalelo singenakuyazi thina bantu, ezi seli zintsonkothe ngendlela emangalisayo zikhula ngoyondelelwano olufanelekileyo zize zibe ngumntwana ophile qete!
3. Kutheni abantu abaninzi abanengqondo bevuma ukuba imele ukuba nguThixo obangela ukuba kuzalwe usana?
3 Wena, ubunokuthi ngubani oyena menzi wosana? Ngokuqinisekileyo nguLowo wadala ubomi kwasekuqaleni. Umdumisi ekuthethwa ngaye eBhayibhileni wavuma ingoma esithi: “Yazini ukuba uYehova nguThixo. Nguye owasenzayo, asisithi.” (INdumiso 100:3) Bazali, nazi kakuhle ukuba asibobungcungela benu obuye bavelisa elo qum-qumana lihle losana. NguThixo obulumko obungaphele ndawo kuphela onokudala umntwana ngommangaliso. Sele kungamawaka eminyaka abantu abaqiqayo beyamkela into yokuba nguThixo Ozukileyo obangela ukuba umntwana abekho. Kuthekani ngawe?—INdumiso 139:13-16.
4. Sisiphi isiphako esifumaneka kubantu ongasayi kuze usifumane kuYehova?
4 Kodwa ke, ngaba uYehova nguMdali ongenankathalo nje, osuke wayila inkqubo yemvelo yokuba amadoda namabhinqa azale? Ewe bakho abantu abangenayo inkathalo, kodwa uYehova akanjalo. (INdumiso 78:38-40) KwiNdumiso 127:3, iBhayibhile ithi: “Khangela! Oonyana [neentombi] balilifa elivela kuYehova; isiqhamo sesisu singumvuzo.” Makhe siqwalasele le nto kuthiwa lilifa kunye noko kuthethwa kukufumana ilifa.
Ilifa Nomvuzo
5. Kutheni abantwana belilifa nje?
5 Kaloku ilifa linjengesipho. Abazali baye babile besoma besebenzela ukuba bashiyele abantwana babo ilifa. Lisenokuba yimali, umzi, okanye ke into yexabiso. Enoba liyintoni na, lingqina ukuba abazali bayabathanda abantwana babo. IBhayibhile ithi uThixo unike abazali abantwana njengelifa. Basisipho esibonisa uthando esivela kuye. Ukuba ungumzali, ngaba unokutsho umlomo ugcwale ukuba izenzo zakho zingqina ukuba abantwana bakho ubajonga njengesipho akuphathise sona uMdali wendalo iphela?
6. Yayiyintoni injongo kaThixo ngokuvumela abantu ukuba babe nabantwana?
6 Injongo kaYehova xa wayesipha abantu esi sipho yayikukuba umhlaba uzaliswe yinzala ka-Adam noEva. (Genesis 1:27, 28; Isaya 45:18) UYehova akazange adale ngamnye umntu ngokoqobo, njengoko wenzayo kwizigidi zeengelosi. (INdumiso 104:4; ISityhilelo 4:11) Kunoko, uThixo wakhetha ukudala abantu ngohlobo lokuba bakwazi ukuzala abantwana abaya kufana nabazali babo. Elinjani lona ilungelo abanalo umama notata lokuzala nokukhulisa umntwana! Bazali, ngaba niye nimbulele uYehova ngokunenza nikwazi ukufumana eli lifa lixabiseke kangaka?
Fundani Kumzekelo KaYesu
7. Ngokwahlukileyo koko kwenziwa ngabanye abazali, uYesu waba nawo njani umdla nemfesane ‘koonyana babantu’?
7 Okulusizi kukuba, asingabo bonke abazali abajonga abantwana njengomvuzo. Abazali abaninzi abanamfesane kwinzala yabo. Abazali abanjalo abasixelisi isimo sengqondo sikaYehova okanye soNyana wakhe. (INdumiso 27:10; Isaya 49:15) UYesu wahlukile kwaba bazali, kuba wayenomdla kwabaselula. Kwanangaphambi kokuba uYesu abe ngumntu apha emhlabeni—xa wayesengumntu onamandla ezulwini—iBhayibhile ithi ‘wayethanda oonyana babantu.’ (IMizekeliso 8:31) Wayebathanda kakhulu abantu kangangokuba ngokuzithandela wanikela ngobomi bakhe ukuze abe yintlawulelo, ukuze sifumane ubomi obungunaphakade.—Mateyu 20:28; Yohane 10:18.
8. UYesu wabamisela umzekelo omhle njani abazali?
8 Xa wayesemhlabeni, uYesu wamisela umzekelo omhle kakhulu kubazali. Nazi izinto awazenzayo. Wazipha ixesha lokuba kunye nabantwana, kwanaxa wayexakekile yaye kukho izinto ezimkhathazayo. Wababukela xa babedlala kwindawo yentengiso waza wasebenzisa ezinye zezinto ababezenza xa efundisa. (Mateyu 11:16, 17) Kuhambo lwakhe lokugqibela olwalusiya eYerusalem, uYesu wayesazi ukuba wayeza kuphathwa kakubi aze abulawe. Ngoko xa abantu bezisa kuye abantwana ukuze bambone, abafundi bakhe, mhlawumbi ngelizama ukumkhusela ukuba angakhathazwa, bazama ukubajika abo bantwana. Kodwa uYesu wabakhalimela abafundi bakhe. Ebonisa ‘ukubathanda’ kwakhe abantwana, wathi: “Bayekeni abantwana abaselula beze kum; ningabaleli.”—Marko 10:13, 14.
9. Kutheni izinto esizenzayo zibaluleke ngaphezu kwezinto esizithethayo?
9 Nathi sinokufunda kumzekelo kaYesu. Xa abantwana besiza kuthi, siye sisabele njani—ewe sithetha kwanangamaxesha esixakeke ngawo? Ngaba sisabela ngendlela awasabela ngayo uYesu? Eyona nto ifunwa ngabantwana kubazali babo yiloo nto uYesu wayekulungele ukubanika yona—ixesha nokuhoywa. Ewe abalulekile wona amazwi anjengelithi “Ndiyakuthanda.” Kodwa, eyona nto inamandla zizenzo. Uthando lwakho alubonakali kwizinto ozithethayo kuphela, kodwa lubonakala ngakumbi kwizinto ozenzayo. Luyabonakala xa uzinika ixesha lokuba kunye nabo, ubahoye, yaye ubanyamekele. Noko ke, ukuzenza zonke ezi zinto kusenokungabi nemiphumo ebonakalayo, okanye ke ubuncinane usenokungayiboni kwangoko indima oyihambayo. Kufuneka umonde. Sinokufunda ukuba nomonde xa sixelisa indlela uYesu awaqhubana ngayo nabafundi bakhe.
Umonde Nomsa KaYesu
10. UYesu wabafundisa njani abafundi bakhe isifundo sokuthobeka, ibe ngaba waphumelela?
10 UYesu wayesazi ukuba kwakukho usukuzwano nokuthand’ amawonga kubafundi bakhe. Ngeny’ imini xa wayengena eKapernahum nabafundi bakhe, wababuza: “Benixoxisana ngantoni endleleni? Bathi cwaka, kuba endleleni babexoxisana ngokuba ngubani omkhulu.” Kunokuba abangxolise, ngomonde uYesu wabanika isifundo sokoqobo esasiza kubafundisa ukuthobeka. (Marko 9:33-37) Ngaba yangena phofu loo nto wayebafundisa yona? Ayizange ingene kwangoko. Kwiinyanga ezintandathu emva koko, uYakobi noYohane bathumela ngonina ukuba aye kubacelela kuYesu izikhundla eziphezulu eBukumkanini. Nalapho, uYesu waba nomonde xa elungisa indlela ababecinga ngayo.—Mateyu 20:20-28.
11. (a) Sisiphi isithethe abangazange basenze abapostile bakaYesu bakufika kwigumbi eliphezulu? (b) Wenza ntoni uYesu, yaye ngaba imizamo yakhe yaphumelela?
11 Kungekudala emva koko kwafika iPasika yowama-33 C.E., ibe uYesu wahlanganisana nabafundi bakhe ngasese ukuze baqhube iPasika. Ekufikeni kwabo kwigumbi eliphezulu, akukho nokuba abe mnye kubapostile bakhe abali-12 owenza isithethe sokuhlamba iinyawo ezinothuli zabanye—msebenzi lowo owawuphantsi yaye usenziwa sisicaka okanye ibhinqa ekhayeni. (1 Samuweli 25:41; 1 Timoti 5:10) Ngokwenene, uYesu umele ukuba wakhathazeka akubona ukuba abafundi bakhe babesawagxeleshile amawonga nezikhundla! Ngoko uYesu wazihlamba iinyawo zabo bonke waza wababongoza ukuba balandele umzekelo wakhe wokukhonza abanye. (Yohane 13:4-17) Ngaba bayenza loo nto? IBhayibhile ithi kamva kwangaloo ngokuhlwa “kwavela nempikiswano eshushu phakathi kwabo mayela nokuba nguwuphi na kubo obonakala engoyena mkhulu.”—Luka 22:24.
12. Abazali banokumxelisa njani uYesu xa bezama ukuqeqesha abantwana babo?
12 Bazali, ngaba xa abantwana benu bengayenzi into enibaxelela yona niye niyiqonde indlela uYesu amele ukuba wavakalelwa ngayo? Phawulani ukuba uYesu akazange abancame abapostile bakhe, nangona babethath’ ixesha ukulungisa iintsilelo zabo. Ekugqibeleni umonde wakhe waba neziqhamo. (1 Yohane 3:14, 18) Bazali, nenza kakuhle ngokuxelisa uthando nomonde kaYesu, ningaze nibancame abantwana benu.
13. Kutheni umzali engafanele amgalel’ amanzi ngamazwi arhabaxa umntwana obuzayo?
13 Abaselula baye bafune ukuyiva into yokuba abazali babo bayabathanda kwaye banomdla kubo. UYesu wayenomdla wokwazi oko kwakucingwa ngabafundi bakhe, ngenxa yoko wayebaphulaphula xa benemibuzo. Wayebabuza izimvo zabo ngemiba ethile. (Mateyu 17:25-27) Ewe, ukuba uza kuba ngumfundisi ophum’ izandla, kufuneka uphulaphule kwaye ube nomdla wokwenene. Umzali ufanele ahlukane nomkhwa wokumgalel’ amanzi umntwana xa ebuza ngokumphendula rhabaxa athi: “Khawuhambe torho! Akuboni na wena ukuba ndixakekile?” Xa umzali exakeke ngokwenene, makamxelele umntwana ukuba baza kuphinda bancokole ngaloo nto kamva. Emva koko, abazali bafanele baqiniseke ukuba bayancokola naye ngaloo nto. Ngale ndlela umntwana uya kuqonda ukuba umzali wakhe unomdla ngokwenene kuye, ibe kuya kuba lula ukuzityand’ igila kumzali wakhe.
14. Yintoni enokufundwa ngabazali kuYesu kumba wokuba nomsa kubantwana babo?
14 Ngaba kuyinto efanelekileyo ukuba abazali babonise umsa wabo ngokubagona nangokubanga abantwana babo? Nalapha, abazali banokufunda kuYesu. IBhayibhile ithi “wabawola aba bantwana waza wabasikelela, ebabeka izandla.” (Marko 10:16) Ucinga ukuba bavakalelwa njani abo bantwana? Ngokuqinisekileyo imilomo yayingahlangani luvuyo, ibe batsaleleka kuYesu! Ukuba kukho umsa nothando lokwenene phakathi kwenu bazali nabantwana benu, baya kusabela lula kwimizamo eniyenzayo yokubaqeqesha nokubafundisa.
Umlinganiselo Wexesha Onokulichitha Nabo
15, 16. Yiyiphi ingcamango ethandwayo kumba wokukhulisa abantwana, yaye ibonakala ngathi ibangelwa yintoni?
15 Abanye baye bayithandabuza into yokuba ngokwenene abantwana bafuna abazali bachithe ixesha nabo yaye babahoye. Kukho ingcamango ekhoyo yokukhulisa abantwana athi amaciko eli hlabathi xa eyibiza lixesha elibalulekileyo (quality time). Abanini bale ngcamango bathi abantwana abafuni xesha lininzi kubazali babo logama nje loo mizuzwana bayichitha nabo isetyenziswa kakuhle kwaye icetywa ngendlela. Ngaba ilungile le ngcamango yexesha elibalulekileyo, kwaye ngaba iyilwe kucingwa ngempilo-ntle yabantwana?
16 Omnye umbhali owancokola nabantwana abaninzi wathi eyona nto “babeyifuna ngaphezu kwayo nayiphi na enye into kubazali babo lixesha elingakumbi,” kunye “nokuhoywa.” Kanti ke, omnye unjingalwazi wakwanokholeji wathi: “Eli binzana lithi [ixesha elibalulekileyo] lizalwa ngumvandedwa wabazali. Abantu bazama isingxengxezo sokungachithi ixesha elaneleyo nabantwana babo.” Lingakanani ixesha abazali abafanele balichithe nabantwana babo?
17. Yintoni efunwa ngabantwana kubazali babo?
17 IBhayibhile ayisichazeli. Noko ke, abazali abangamaSirayeli babongozwa ukuba bathethe nabantwana babo xa besendlwini, xa behamba ngendlela, xa belala, naxa bevuka. (Duteronomi 6:7) Kucacile ukuba abazali kufuneka bancokole nabantwana yaye babafundise suku ngalunye.
18. UYesu wawasebenzisa njani amathuba okuqeqesha abafundi bakhe, yaye banokufunda ntoni abazali kuloo nto?
18 UYesu waphumelela ekuqeqesheni abafundi bakhe kuba wayesitya nabo, ehamba nabo, yaye ede aphumle nabo. Ngenxa yoko wawasebenzisa onke amathuba awayevela ukuze abafundise. (Marko 6:31, 32; Luka 8:1; 22:14) Ngendlel’ efanayo ke, abazali abangamaKristu bafanele baxhakamfule onke amathuba avelayo okuqalisa nokugcina unxibelelwano oluhle nabantwana babo, nokubaqeqesha ngeendlela zikaYehova.
Into Enimele Niyifundise Nendlela Enimele Nifundise Ngayo
19. (a) Yintoni efunekayo ukongezelela ekuchitheni ixesha nabantwana? (b) Ngokuyintloko yintoni efunwa ngabazali ukuze bafundise abantwana babo?
19 Ukuchitha ixesha nabantwana nokubafundisa akwanele ukuze ukhulise abantwana kakuhle. Nento obafundisa yona ibalulekile. Phawula indlela iBhayibhile eyibethelela ngayo loo nto. Ithi: “La mazwi ndikuyalela wona namhlanje . . . uze uwabethelele kunyana wakho.” Ngawaphi “la mazwi” abafanele bawafundiswe abantwana? Kuyabonakala ukuba ngamazwi awayesandul’ ukukhankanywa, athi: “Uze umthande uYehova uThixo wakho ngentliziyo yakho yonke nangomphefumlo wakho wonke nangamandla akho onke.” (Duteronomi 6:5-7) UYesu wathi lo ngowona mthetho ubalulekileyo kuyo yonke imithetho kaThixo. (Marko 12:28-30) Ubukhulu becala abazali kufuneka bafundise abantwana babo ngoYehova, babachazele isizathu sokuba inguye yedwa ofanelwe luthando nozinikelo olusuka entliziyweni.
20. Yintoni abazali bamandulo abayalelwa nguThixo ukuba bayifundise abantwana babo?
20 Noko ke, “la mazwi” ekubongozwa abazali ukuba bawafundise abantwana babo athetha okungaphaya kokuthanda nje uThixo ngomphefumlo uphela. Kwisahluko esingaphambili kwincwadi yeDuteronomi, uya kuphawula ukuba uMoses uyayiphinda imithetho uThixo awayeyibhale kumacwecwe elitye—iMithetho Elishumi. Le mithetho yayiquka umyalelo owawusalela ubuxoki, ubusela, ukubulala nokukrexeza. (Duteronomi 5:11-22) Ngoko yayibethelelwa kubazali bamandulo imfuneko yokudlulisela imilinganiselo efanelekileyo kubantwana babo. Abazali abangamaKristu namhlanje kufuneka babafundise okufanayo abantwana babo ukuba bafuna ukubanceda babe nekamva eliqaqambileyo.
21. Wawuthetha ukuthini umyalelo wokuba ‘kubethelelwe’ ilizwi likaThixo kubantwana?
21 Phawula ukuba abazali bachazelwa indlela yokufundisa “la mazwi,” okanye le mithetho, kubantwana babo: “Uze uwabethelele kunyana wakho.” Igama elithi “uwabethelele” lithetha ukuba “uwafundise yaye uwagxininise ngokuphindaphinda okanye ngokubongoza: uwafake ezingqondweni.” Ngale ndlela uThixo uxelela abazali ukuba babe nocwangciso lokufundisa iBhayibhile olunenjongo ekhethekileyo yokubethelela izinto zokomoya kwiingqondo zabantwana.
22. Yintoni abazali abangamaSirayeli ababefanele bayenze ukuze bafundise abantwana babo, yaye yayithetha ntoni loo nto?
22 Olo cwangciso luxhomekeke kuzimiselo lwabazali. IBhayibhile ithi: “Uze uwabophe [“la mazwi,” okanye le mithetho kaThixo] abe ngumqondiso esandleni sakho, yaye abe sisibopho esisebunzi phakathi kwamehlo akho; uwabhale emigubasini yendlu yakho nasemasangweni akho.” (Duteronomi 6:8, 9) Oku akuthethi kuthi abazali bafanele bayibhale ngokoqobo imithetho kaThixo kwimigubasi nakumasango, okanye babophelele umbhalo wayo kwizandla zabantwana babo, yaye bayibeke nakumabunzi abo. Kunoko, ingongoma kukuba abazali bafanele babakhumbuze abantwana babo ngeemfundiso zikaThixo. Ukufundisa abantwana kufanele kube yinto yemihla ngemihla, de kube ngathi iimfundiso zikaThixo ziphambi kwamehlo abantwana lonke ixesha.
23. Yintoni eza kuxutyushwa kwisifundo seveki ezayo?
23 Ziziphi ezinye zezinto ezibaluleke ngokukhethekileyo abazali ekufuneka bazifundise abantwana babo? Kutheni kubalulekile kule mihla ukuba abantwana bafundiswe baze baqeqeshelwe ukuzikhusela? Luluphi uncedo olufumanekayo ngoku oluya kwenza abazali baphumelele ekufundiseni abantwana babo? Le mibuzo kunye neminye exhalabisa abazali iya kuphendulwa kwinqaku elilandelayo.
Ubuya Kuphendula Uthini?
• Kutheni abazali befanele bajonge abantwana babo njengabaxabisekileyo?
• Yintoni enokufundwa ngabazali nabanye abantu kuYesu?
• Lingakanani ixesha abazali abafanele balichithe nabantwana babo?
• Yintoni abafanele bayifundiswe abantwana, yaye bafanele bafundiswe njani?
[Umfanekiso okwiphepha 10]
Yintoni enokufundwa ngabazali kwindlela uYesu awayefundisa ngayo?
[Imifanekiso ekwiphepha 11]
Abazali abangamaSirayeli babefanele babafundise nini yaye njani abantwana babo?
[Imifanekiso ekwiphepha 12]
Abazali bafanele bahlale bebakhumbuza abantwana babo ngeemfundiso zikaThixo