Imibuzo Evela Kubafundi
Ngaba umpostile uPawulos akazange alalanise xa wathi kwiSanhedrin: “NdingumFarisi”?
Ukuze siwaqonde kakuhle amazwi kaPawulos, akwiZenzo 23:6, kufuneka sihlolisise umongo wesi sibhalo.
Emva kokuhlaselwa lihlokondiba lamaYuda eYerusalem, uPawulos wathetha nesihlwele. Wathi “ndafundiswa kwesi sixeko [eYerusalem] ezinyaweni zikaGamaliyeli, ndayalelwa ngokobungqongqo boMthetho wamanyange.” Nangona eso sihlwele saye samphulaphula okwethutyana, ekugqibeleni sasuk’ indulumbane ngumsindo simfun’ esiqwini, waza umphathi webutho wamxhwila uPawulos wamsa kwinqaba yamajoni. Ngaphambi kokuba atywatyushwe, uPawulos wathi: “Kusemthethweni na ngani ukutyakatya umntu ongumRoma nongagwetyelwanga sohlwayo?”—IZenzo 21:27–22:29.
Ngosuku olulandelayo umphathi webutho wamsa phambi kwenkundla ephakamileyo yamaYuda iSanhedrin. UPawulos wabona ukuba iSanhedrin yayinabaSadusi nabaFarisi. Wandula ke wathi: “Madoda, bazalwana, ndingumFarisi, unyana womFarisi. Ngenxa yethemba lovuko lwabafileyo ndiyagwetywa.” Ngenxa yoko kwavela ingxwabangxwaba phakathi kwabaFarisi nabaSadusi, “kuba abaSadusi bathi akukho luvuko nangelosi namoya, kodwa abaFarisi bazivakalisa esidlangalaleni zonke.” Bambi behlelo labaFarisi bathi: “Asifumani nto imbi kulo mntu.”—IZenzo 23:6-10.
Ekubeni wayesaziwa njengomKristu onenzondelelo, uPawulos wayengenakuze akwazi ukweyisela iSanhedrin kwelokuba wayengumFarisi. AbaFarisi ababelapho babengenakuyekelela okanye bavume kungcoliswe igama labo. Ngenxa yoko, xa weyesithi uPawulos ungumFarisi wayesitsho ngenye ingqiqo, kwaye nabaFarisi ababelapho bafanele ukuba bawaqonda ngaloo ndlela amazwi kaPawulos.
Xa wathi wayegwetywa ngenxa yethemba lokuvuswa kwabafi, ngeliphandle uPawulos wayethetha ukuba kuloo nkalo wayebona ngasonye nabaFarisi. Kuloo mbhodamo owabengelwa ngumbandela wovuko, uPawulos wayenokunxulunyaniswa nabaFarisi kungekhona abaSadusi, ababengakholelwa eluvukweni.
Izinto awayezikholelwa uPawulos njengomKristu zazingangqubani neenkolelo zabaFarisi kwizinto ezinjengovuko, iingelosi neenkalo ezithile zoMthetho. (Filipi 3:5) Ngaloo ndlela ngokwale miba, uPawulos wayenokukwazi ukuzinxulumanisa nabaFarisi, yaye nabo babekho kwiSanhedrin bawaqonda ngaloo ndlela amazwi akhe. Wasebenzisa ulwazi lwakhe ukuze akatyise inkundla yamaYuda ephakamileyo neyayinomkhethe.
Noko ke, obona bungqina bokuba uPawulos akazange alalanise kukuba uYehova waqhubeka ekholiswa nguye. Ngobusuku awayethetha ngawo la mazwi uPawulos, uYesu wathi kuye: “Yomelela kakhulu! Kuba njengoko ubunikela ubungqina obucokisekileyo ngezinto ezingam eYerusalem, ngoko ukwamele unikele ubungqina naseRoma.” Ekubeni uThixo wayekholiswa nguPawulos, simele sigqibe kwelokuba uPawulos akazange alalanise.—IZenzo 23:11.