Ngaba Uyakhumbula?
Ngaba uye wakunandipha ukufunda iinkupho zakutshanje zeMboniselo? Ukuba kunjalo, bona enoba unokuyiphendula kusini na le mibuzo ilandelayo:
• Kwakutheni ukuze kukhethwe uDisemba 25 njengosuku lokubhiyozela ukuzalwa kukaYesu?
ILizwi likaThixo aliwuchazi umhla wokuzalwa kukaYesu. IEnciclopedia Hispánica ithi: “Usuku lukaDisemba 25 lokubhiyozelwa kweKrismesi alusekelwanga kubalo oluchanileyo losuku lokuzalwa kukaYesu kunoko, lusekelwe kwimisitho eyenziwa yaba yeyobuKristu njengaleyo yaxa ilanga likude kwi-ikhweyitha.” Mandulo amaRoma ayebhiyozela ukuphuma kwelanga ebusika, ngokwenza izidlo ezikhulu, iziyunguma nangokuphana izipho.—12/15, iphepha 4-5.
• Ngaba amazwi kaStefano akwiZenzo 7:59 athetha ukuba wathandaza kuYesu?
Akunjalo. IBhayibhile ibonisa ukuba kumelwe kuthandazwe kuYehova uThixo kuphela. Kucacile ukuba xa uStefano wabona uYesu embonweni waziva ekhululekile ukumbongoza ngokungqalileyo, esithi: “Nkosi Yesu, wamkele umoya wam.” UStefano wayesazi ukuba uYesu wayenikwe igunya lokuvusa abafileyo. (Yohane 5:27-29) Ngoko uStefano wacela, okanye wabongoza uYesu ukuba alondoloze amandla akhe okuphila de kube lixesha lovuko.—1/1, iphepha 31.
• Sazi njani ukuba ikamva lomntu alimiselwa kwangaphambili?
UThixo usinike inkululeko yokuzikhethela, engqubanayo nokumiselwa kwekamva kwangaphambili. UYehova ebeya kuba akanalo ngokwenene uthando nokusesikweni ukuba ebemisela kusengaphambili indlela esiza kuhamba ngayo aze aphinde asibek’ ityala ngezenzo zethu. (Duteronomi 32:4; 1 Yohane 4:8)—1/15, iphepha 4-5.
• Kutheni bekuya kubonisa ukungathozami ukuthi imimangaliso ayinakwenzeka?
Ziqonda ukuba zinolwazi nje oluncinane ngemimangaliso yenzululwazi efumaneka kwindalo kaThixo, ezinye izazinzulu ziyavuma ukuba azinakutsho ngokuqinisekileyo ukuba okuthile akunakuze kwenzeke. Ngamaxesha amaninzi ziye zithi oku akufane kwenzeke.—2/15, iphepha 5-6.
• Kwakutheni ukuze uMgwebi uSamson axelele abazali bakhe ukuba ufuna ukutshata nentombi yamaFilisti? (ABagwebi 14:2)
Umthetho kaThixo wawukwalela ukutshata nomntu okunqulo lobuxoki. (Eksodus 34:11-16) Sekunjalo, eli bhinqa lomFilisti lilo ‘kanye elalilungile emehlweni’ kaSamson. USamson “wayefuna ithuba nxamnye namaFilisti” ibe eli bhinqa lalilungile ngenxa yaloo njongo. UThixo wamxhasa uSamson ngomoya Wakhe. (ABagwebi 13:25; 14:3, 4, 6)—3/15, iphepha 26.
• Ngaba umKristu ufanele ashiyele umsebenzi waseburhulumenteni amaqithiqithana okanye isipho xa emenzele into ethile?
Kuphosakele ukunyoba igosa, ulinike into yexabiso ukuze laphule umthetho, ligqwethe isigwebo, okanye ukuze liphathwe ngendlela ekhethekileyo. Kodwa asikokunyoba ukupha igosa likawonke wonke isipho okanye amaqithiqithana xa lisenza umsebenzi walo okanye ngenjongo yokuba ufumane inkonzo ekufaneleyo okanye uphephe ukuphathwa ngendlela engekho sikweni.—4/1, iphepha 29.