Abavakalisi BoBukumkani Bayabalisa
Abantu Abanyanisekileyo Badumisa UYehova
EMHLABENI wonke amaNgqina kaYehova—aselula nasele ekhulile—aziwa ngokunyaniseka. Qwalasela nje le mizekelo ivela kumazwekazi amathathu.
UOlusola oneminyaka eli-17 ubudala, waseNigeria, wayegoduka evela esikolweni waza wachola isipaji. Wasisa kwinqununu, yaza yafumana imali elingana nee-R280. Inqununu yasa eso sipaji kwititshala eyayilahlekelwe siso. Ibulela le titshala yanika uOlusola ii-R45 yathi aze ahlawule ngayo imali yesikolo. Bakuva ngoko abanye abafundi, bahlekisa ngaye. Kwiiveki ezimbalwa emva koko, omnye umfundi wabelwa imali yakhe, ngoko kwacelwa ootitshala ukuba bayikhangele kubo bonke abantwana. Utitshala kaOlusola wathi: “Wena yima ngapha. Ndiyazi ukuba uliNgqina likaYehova ngoko akunakuba.” Loo mali yafunyanwa kumakhwenkwe amabini kulawo ayehlekisa ngo-Olusola, aza ohlwaywa ngendlela eqatha. UOlusola wabhala wathi: “Ndivuyiswa gqitha kukwaziwa ngokuba liNgqina likaYehova, elingenakuze libe, oko kudumisa uYehova.”
Ephuma emzini wakhe ngenye imini, uMarcelo, inzalelwane yaseArgentina wachola ibrifkheyisi kwiimitha ezimbalwa nje ukusuka kumnyango ongasemva wendlu yakhe. Wangena nayo endlwini, baza nenkosikazi yakhe bayivula. Bothuswa kukufumana intywenka yamali, iicredit cards neqela leetsheki ezityotyelweyo, enye yazo inemali elingana nezigidi ezibini zeerandi. Kulo brifkheyisi bafumana inombolo yomnxeba womnikazi wayo. Bamtsalela umnxeba benza amalungiselelo okuyibuyisela nezinto ezikuyo beza kudibana emsebenzini kaMarcelo. Umniniyo wafika izibilini ziphezulu. Umqeshi walapho wathi makathob’ izibilini, kuba uMarcelo liNgqina likaYehova. Ebulela ngaloo brifkheyisi, umnikazi wayo wanika uMarcelo imali emalunga nee-R40 kuphela. Oku kwamcaphukisa gqitha umqeshi kaMarcelo kuba wayechukumiseke gqitha kukunyaniseka kwakhe. Oku kwanika uMarcelo ithuba lokucacisa ukuba ekubeni eliNgqina likaYehova ufuna ukuhlala enyanisekile.
La amava avela eKyrgyzstan. URinat, inkwenkwe eneminyaka emithandathu ubudala, yachola isipaji selinye inenekazi elalihlala kufutshane nakowabo. Kweso sipaji kwakukho imali emalunga nee-R150. Akuyisa kwelo nenekazi, layibala laza laxelela unina kaRinat ukuba ayiphelelanga kulahleke emalunga nee-R30. URinat wathi akakhange ayithabathe loo mali. Emva koko bonke baya kuyikhangela baza bayifumana kufuphi naloo ndawo sasicholwe kuyo isipaji. Elo bhinqa lamangaliswa gqitha. Lambulela gqitha uRinat nonina, okokuqala ngokubuyisela loo mali ilahlekileyo okwesibini, ngokuba ekhuliswa njengomKristu ngunina.