“Banoyolo Abo Bayiphapheleyo Intswelo Yabo Yokomoya”
XA IINTAKA zivuka ekuseni, zidla ngokuntyiloza ithutyana zize zibhabhe ziye kuzifunel’ ukutya. Marhatya, zibuyela ezindlwaneni zazo, zintyiloze kwakhona ngaphambi kokuba zilale. Ngamaxesha athile onyaka ziyazalela zize zikhulise amantshontsho azo. Nezinye izilwanyana ziphila ngale ndlela.
Thina bantu sahlukile. Yinyaniso ukuba siyatya, silale, size sizale abantwana, kodwa inkoliso yethu ayaneliseki zezo zinto. Sifuna ukwazi isizathu sokuba lapha kwethu. Sifuna injongo yobomi. Kwakhona sinqwenela ukwazi ikamva. Ezi ntswelo zikhethekileyo zifumaneka kubantu kuphela—intswelo yokufuna izinto zokomoya.
Benziwe Ngomfanekiso KaThixo
IBhayibhile ichaza isizathu sokuba abantu babe neentswelo zokomoya, ithi: “UThixo wamdala umntu ngokomfanekiso wakhe, wamdala ngokomfanekiso kaThixo; wadala indoda nebhinqa.” (Genesis 1:27) Ukwenziwa “ngokomfanekiso kaThixo” kuthetha ukuba nangona sinesono yaye singafezekanga, siyakwazi ukubonakalisa iimpawu ezithile zikaThixo. (Roma 5:12) Ngokomzekelo siyakwazi ukuyila izinto ezintsha. Sinomlinganiselo othile wobulumko, ukuthanda okusesikweni kwaye siyakwazi ukuzincama ngenxa yabanye. Siyakwazi ukucamngca ngezinto ezidluleyo size sicebele ikamva.—IMizekeliso 4:7; INtshumayeli 3:1, 11; Mika 6:8; Yohane 13:34; 1 Yohane 4:8.
Umnqweno wemvelo esinawo wokunqula uThixo uyibonisa kakuhle intswelo esinayo yokomoya. Ngaphandle kokuba siyayanelisa le ntswelo yokufuna ukuba nolwalamano noMdali wethu, asinakuze silufumane ulonwabo lokwenene noluhlala luhleli. UYesu wathi: “Banoyolo abo bayiphapheleyo intswelo yabo yokomoya.” (Mateyu 5:3) Noko ke, simele siqinisekise ukuba loo ntswelo siyayanelisa ngeenyaniso zokomoya—iinyaniso eziphathelele uThixo, imilinganiselo yakhe nenjongo yakhe ngobomi. Singayifumana phi inyaniso yokomoya? EBhayibhileni.
“Ilizwi Lakho Liyinyaniso”
Umpostile uPawulos wabhala: “Sonke iSibhalo siphefumlelwe nguThixo kwaye siyingenelo ekufundiseni, ekohlwayeni, ekulungelelaniseni izinto, ekuqeqesheleni ebulungiseni.” (2 Timoti 3:16) Amazwi kaPawulos avisisana namazwi kaYesu, owathi xa ethandaza kuThixo: “Ilizwi lakho liyinyaniso.” Namhlanje, siyazi ukuba elo Lizwi yiBhayibhile Engcwele, kwaye sakuba senza ngobulumko ukuba iinkolelo nemilinganiselo yethu iyavisisana nalo.—Yohane 17:17.
Xa sithelekisa iinkolelo zethu neLizwi likaThixo, sakuba sixelisa abantu bamandulo baseBhereya, abafuna ukuqinisekisa ukuba iimfundiso zikaPawulos zazivisisana neZibhalo. Kunokuba uLuka awagxeke amaBhereya, wasincoma ngokunyanisekileyo isimo sengqondo sawo. Wabhala: “Alamkela ilizwi ngeyona ntumekelelo inkulu yengqondo, ezincina ngenyameko iZibhalo mihla le mayela nokuba zinjalo kusini na ezo zinto.” (IZenzo 17:11) Ngenxa yeenkonzo ezahlukeneyo ezikhoyo, nokungqubana kweemfundiso zemilinganiselo yokuziphatha okugqugqisileyo namhlanje, kubalulekile ukuba sixelise umzekelo wamaBhereya achubekileyo.
Enye indlela yokubona inyaniso yokomoya kukuqwalasela indlela ebuphembelela ngayo ubomi babantu. (Mateyu 7:17) Ngokomzekelo, ukuphila ngokuvisisana neenyaniso zeBhayibhile kufanele kumenze ubani abengumyeni, nobawo olunge ngakumbi, umfazi nomama olunge ngakumbi ngaloo ndlela ephucula ulonwabo lwentsapho nolwaneliseko. UYesu wathi: “Banoyolo abo balivayo ilizwi likaThixo baze baligcine.”—Luka 11:28.
Amazwi kaYesu asikhumbuza amazwi kaYise wasezulwini, owathi kuSirayeli wamandulo: “Mna, Yehova, ndinguThixo wakho, Lowo ukufundisa okuyingenelo kuwe, Lowo ukubangela unyathele endleleni ofanele uhambe ngayo. Owu ukuba nje kuphela okunene ubunganikela ingqalelo kwimiyalelo yam! Ngoko uxolo lwakho beluya kuba njengomlambo, nobulungisa bakho njengamaza olwandle.” (Isaya 48:17, 18) Ngokuqinisekileyo bonke abathanda ukulunga nobulungisa baya kuchukunyiswa sesi sibongozo sifudumele ngolu hlobo!
Abanye Bakhetha ‘Ukunyunjazwa Iindlebe’
UThixo wenza eso sibongozo sifudumeleyo kumaSirayeli kuba ayelahlekiswa bubuxoki bonqulo. (INdumiso 106:35-40) Nathi simele sizilinde nxamnye nobuxoki. Ethetha ngabo bathi bangamaKristu uPawulos wabhala wathi: “Kuya kubakho ixesha laxa bengayi kuyinyamezela imfundiso ephilileyo, kodwa basuke ngokweminqweno yabo baziqwebele abafundisi bokubanyumbaza iindlebe; baya kuyifulathela inyaniso.”—2 Timoti 4:3, 4.
Inkokeli zonqulo zinyumbaza iindlebe zabantu ngokuzibetha ngoyaba izenzo ezanelisa iminqweno emibi ethandwa ngabantu, njengokukrexeza, ubufanasini nokunxila. IBhayibhile itsho phandle ukuba abo bavumela izinto ezinjalo nabo baziqheliselayo “abayi kubudla ilifa ubukumkani bukaThixo.”—1 Korinte 6:9, 10; Roma 1:24-32.
Ngokuqinisekileyo, kufuneka inkalipho ukuze uphile ngemilinganiselo yeBhayibhile, ngakumbi xa ugculelwa, kodwa ungakwazi ukumelana noko. Phakathi kwamaNgqina kaYehova kukho abantu abaninzi ababesakuba ngamakhoboka eziyobisi, amanxila, abahenyuzi, oophuma silwe, amasela namaxoki. Balithabatha nzulu iLizwi likaThixo, yaye ngoncedo lomoya oyingcwele benza utshintsho ebomini babo ‘ukuze bahambe ngokumfaneleyo uYehova.’ (Kolose 1:9, 10; 1 Korinte 6:11) Ekubeni beseluxolweni noThixo, bakwafumana noxolo lwengqondo, ithemba lokwenene ngekamva njengoko siza kubona.
Ithemba LoBukumkani
Isithembiso seBhayibhile soxolo oluhlala luhleli kubantu abathobelayo, siza kuzalisekiswa ngoBukumkani bukaThixo. Kumthandazo ongumzekelo uYesu wathi: “Mabufike ubukumkani bakho. Makwenzeke ukuthanda kwakho nasemhlabeni, njengasezulwini.” (Mateyu 6:10) Ewe buBukumkani bukaThixo kuphela obuya kuqinisekisa ukuba ukuthanda kukaThixo kuyenziwa emhlabeni. Ngoba? Kungenxa yokuba obo Bukumkani basezulwini bungurhulumente oya kulawulwa nguYesu Kristu nelungiselelo likaThixo lokubonisa ilungelo Lakhe lokongamela umhlaba.—INdumiso 2:7-12; Daniyeli 7:13, 14.
NjengoKumkani woBukumkani basezulwini, uYesu Kristu uya kukhulula uluntu oluthobekileyo kubukhoboka besono sika-Adam oluye lwasizuz’ ilifa esiquka ukugula nokufa. ISityhilelo 21:3, 4 sithi: “Khangela! Intente kaThixo iphakathi koluntu . . . [uYehova uThixo] uya kuzisula zonke iinyembezi emehlweni abo, kungabi sabakho kufa, kungabi sabakho kuzila nakukhala nantlungu kwakhona. Izinto zangaphambili zidlule.”
Kuya kubakho uxolo olungapheliyo emhlabeni. Kutheni siqinisekile nje ngoko? Isizathu sichazwa kuIsaya 11:9, othi: ‘[Abalawulwa boBukumkani] abayi kwenzakalisa okanye bonakalise entabeni yam yonke engcwele; ngenxa yokuba umhlaba ngokuqinisekileyo uya kuzaliswa kukwazi uYehova njengamanzi egubungele ulwandle.’ Ewe bonke abantu emhlabeni baya kuba nolwazi oluchanileyo ngoThixo baze bamthobele. Ngaba akuvuyiswa lelo themba? Ukuba kunjalo, ngoku lithuba lokuba ufumane olo ‘lwazi luxabisekileyo ngoYehova.’
Ngaba Uza Kusiphulaphula Isigidimi SoBukumkani?
Ngelungiselelo loBukumkani, uThixo uya kubhangisa yonke imisebenzi kaSathana aze afundise abantu ngeendlela zakhe zobulungisa. Ngoko, ayingomnqa into yokufundisa kukaYesu ngoBukumkani njengowona mxholo wakhe uphambili. Wathi: “Ndimele ndizivakalise iindaba ezilungileyo zobukumkani bukaThixo nakwezinye izixeko, ngenxa yokuba ndithunywe oko.” (Luka 4:43) UKristu wayalela abafundi bakhe ukuba babelane nabanye ngeso sigidimi. (Mateyu 28:19, 20) Waxela kwangaphambili ukuba: “Ezi ndaba zilungileyo zobukumkani ziya kushunyayelwa kuwo wonke umhlaba omiweyo kube bubungqina kuzo zonke iintlanga; kwandule ke kufike ukuphela.” (Mateyu 24:14) Eso siphelo sikufuphi. Hayi indlela ekubaluleke ngayo, ukuba abantu abanyanisekileyo baphulaphule iindaba ezilungileyo ezisindisa ubomi!
UAlbert, okhankanywe kwinqaku elandulela eli, wasiva isigidimi soBukumkani xa umfazi nonyana wakhe baqalisa ukufundisisa iBhayibhile namaNgqina kaYehova. Ekuqaleni, uAlbert wayemadolw’ anzima. Wade wacela umfundisi wasekuhlaleni ukuba atyelele umfazi nonyana wakhe ukuze abhence ubuxoki bamaNgqina. Kodwa loo mfundisi akazange avume. UAlbert wagqiba ekubeni aphulaphule loo ngxubusho yeBhayibhile ukuze abone nakuphi ukungachani kwiimfundiso zamaNgqina. Emva kwesihlandlo sokuqala, wathelela kweso sifunda sele efuna ukufunda okungakumbi. Kamva wachaza isizathu sokutshintsha kwesimo sengqondo sakhe. Wathi: “Yile nto kanye bendisoloko ndiyikhangela le.”
Ekugqibeleni, uAlbert wade wayanelisa intswelo yakhe yokomoya, ibe zange abuye mva. Inyaniso yeBhayibhile yamnika oko wayekukhangela ubomi bakhe bonke—isicombululo sokungabikho kokusesikweni nokonakala okuthwaxa abantu nethemba ngekamva. Inyaniso yeBhayibhile yamnika uxolo lwengqondo. Ngaba iyaneliswa intswelo yakho yokomoya? Kutheni ungakhe uziphe ixesha ufunde imibuzo kwibhokisi ekwiphepha 6? Ukuba ufuna inkcazelo engakumbi, amaNgqina kaYehova aya kuvuyela ukukunceda.
[Ibhokisi/Imifanekiso ekwiphepha 6]
NGABA IYANELISWA INTSWELO YAKHO YOKOMOYA?
Ngaba wanelisekile kukutya kokomoya okufumanayo? Siyakucela ukuba ufunde le mibuzo ilandelayo uze ukhangele leyo unokuyiphendula ngokuchanileyo.
□ Ngubani uThixo, kwaye ngubani igama lakhe?
□ Ngubani uYesu Kristu? Kwakutheni ukuze afe? Ungangenelwa njani ekufeni kwakhe?
□ Ngaba ukho uMtyholi? Ukuba ukho, wayevela phi?
□ Kwenzeka ntoni kuthi xa sisifa?
□ Iyintoni injongo kaThixo ngomhlaba nangoluntu?
□ Buyintoni uBukumkani bukaThixo?
□ Iyintoni imilinganiselo kaThixo yokuziphatha?
□ Entsatsheni, yiyiphi indima uThixo ayabele indoda nomfazi? Yiyiphi imigaqo yeBhayibhile ekhuthaza ulonwabo lwentsapho?
Ukuba akuqinisekanga ngezinye iimpendulo zale mibuzo, unokucela incwadana enemifanekiso ethi Yintoni UThixo Ayifunayo Kuthi? Ipapashwe ngamaNgqina kaYehova ngeelwimi ezingama-300, le ncwadana inemifanekiso ixubusha imixholo eli-16 yeBhayibhile kwaye yonke le mibuzo idweliswe ngentla iyiphendula ngeZibhalo.
[Imifanekiso ekwiphepha 4]
Ngokungafaniyo nezilwanyana abantu banentswelo yokomoya
[Umfanekiso okwiphepha 5]
“Basuke ngokweminqweno yabo baziqwebele abafundisi bokubanyumbaza iindlebe.”—2 Timoti 4:3
[Umfanekiso okwiphepha 7]
Uxolo oluhlala luhleli luya kuziswa ngoBukumkani bukaThixo obungoMesiya