IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w05 11/1 iphe. 14
  • Ihambo Entle Ivelisa Iziqhamo Ezihle

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Ihambo Entle Ivelisa Iziqhamo Ezihle
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2005
  • Amanqaku Afanayo
  • Ungakujongeli Phantsi Ukubulisa
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Efundwayo)—2018
  • Ukubonisa Imbeko Njengabalungiseleli BakaThixo
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2009
  • Imibuzo Evela Kubafundi
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2002
  • Iintsapho Ezinkulu Ezimanyeneyo Enkonzweni KaThixo
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1999
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2005
w05 11/1 iphe. 14

Ihambo Entle Ivelisa Iziqhamo Ezihle

KWISIQITHI esincinane esingekude kuyaphi kunxweme olusemazantsi eJapan, omnye umama nabantwana bakhe abathathu baqalisa ukufundisisa iBhayibhile namaNgqina kaYehova. Abamelwane bakhe ababesadla ngendeb’ endala bathi bakufumanisa ukuba wayeqhutyelwa isifundo ngamaNgqina bayeka ukumbulisa. Lo mama uthi: “Eyona nto yayindikhathaza kakhulu kukuba babe ngambulisi nomyeni wam nabantwana bam.” Nangona kunjalo wathi kubantwana bakhe: “Kufuneka siqhubeke sibabulisa abamelwane bethu ngenxa kaYehova.”—Mateyu 5:47, 48.

Xa esekhaya, wayefundisa abantwana bakhe ukuba baqhubeke bebaphatha ngembeko abantu nangona bona babebaphatha ngqwabalala. Xa betyelele amachibi asekuhlaleni anamanzi ashushu, abantwana bakhe babedla ngokuqhelisela indlela abaza kubabulisa ngayo abantu besesemotweni. Besakufika kweso sakhiwo, abantwana babebulisa bonke abantu abangaphakathi ngelizwi eliqavileyo bathi “Konnichiwa!”—uKonnichiwa! yindlela yesiJapan yokubulisa. Intsapho yalo mama yaqhubeka ibulisa bonke abantu edibana nabo, nangona babengenabubele. Nakuba kunjalo, abantu babesibona isimilo esihle saba bantwana.

Ekugqibeleni, omnye ummelwane wavuma baza nabanye bazeka mzekweni xa bebuliswa. Emva kweminyaka emibini, phantse wonke umntu kulo dolophu wayevuma xa ebuliswa. Abantu bale dolophu baqalisa ukubulisana ngaphezu koko baphathana kakuhle nabo. Isekela-mphathi dolophu lalifuna ukubawonga aba bantwana ngenxa yendima abaye bayidlala kolu tshintsho. Kodwa unina walixelela ukuba babesenza oko kwakufanele kwenziwe ngamaKristu. Kamva, kwintetho eyayinikelwa kweso siqithi, omnye woonyana balo mama wachaza indlela abaqeqesha ngayo unina ukuba bababulise ngembeko abantu enokuba basabela njani. Intetho yakhe yaphumelela ibhaso lokuqala kwaye yashicilelwa kwiphepha-ndaba lalo dolophu. Namhlanje, loo ntsapho yonwabe kakhulu kuba ukulandela imigaqo yobuKristu kuye kwavelisa ezo ziphumo zihle. Kubalula ukushumayela iindaba ezilungileyo xa abantu benobuhlobo.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share