IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w05 12/15 iphe. 30
  • Ngaba Usakhumbula?

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Ngaba Usakhumbula?
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2005
  • Amanqaku Afanayo
  • Imibuzo Evela Kubafundi
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2005
  • Wayengubani UPontiyo Pilato?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2005
  • IArmagedon—Isiganeko Esikhokelela Kulonwabo
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2005
  • IArmagedon—Iya Kuba Nini?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1990
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2005
w05 12/15 iphe. 30

Ngaba Usakhumbula?

Ngaba uye wakuvuyela ukufunda iinkupho zakutshanje zeMboniselo? Ukuba kunjalo, bona enoba unokuyiphendula kusini na le mibuzo ilandelayo:

• Kutheni isono sika-Adam sinokufaniswa nesifo esizuzwe ilifa?

Sinjengesifo kuba uAdam wadlulisela isono kubantwana bakhe. Ngenxa yoko siye sasizuz’ ilifa isono, kanye njengokuba abantwana besizuza njengelifa isifo abasifumene kubazali babo.—8/15, iphepha 5.

• Ngabaphi oonobangela bogonyamelo namhlanje?

USathana uzama ukwahlukanisa abantu noYehova ngokuhlwayela umoya wogonyamelo ezintliziyweni zabo, njengakwiimovie, umculo, nemidlalo yekhompyutha ekhuthaza inkohlakalo nogonyamelo. Ugonyamelo olukumajelo eendaba luye lwakhuthaza izenzo zogonyamelo ezininzi.—9/1, iphepha 29.

• Wayengubani uPontiyo Pilato?

WayengumRoma osisinhanha ekubonakala ukuba wayekhe wasemkhosini. UMlawuli waseRoma uTibheriyo wammisela njengerhuluneli yephondo lakwaYuda ngowama-26 C.E. Xa wayegweba ityala likaYesu, waphulaphula izityholo ezenziwa zinkokeli zamaYuda. Ekubeni wayefuna ukukholisa elo hlokondiba wagunyazisa ukubulawa kukaYesu.—9/15, iphepha 10-12.

• Nguwuphi lo “mqondiso” ukhankanywe kuMateyu 24:3?

Lo mqondiso uyilwa ziziganeko ezahlukeneyo ezithi xa zidibene ziyile umqondiso oyintlanganisela. Lo mqondiso uquka imfazwe, indlala, izifo neenyikima zomhlaba kwaye wawuza kwenza abalandeli bakaYesu babuqonde “ubukho” bakhe ‘nokupheliswa kwenkqubo yezinto.’—10/1, iphepha 4-5.

• Yiyiphi imimandla awayehlala kuyo amaYuda ngaphandle kwemida yasePalestina?

Eli binzana libhekisela kumaYuda awayehlala ngaphandle kwemida yasePalestina. Ezona ndawo zazinamaYuda amaninzi kwakuseSiriya, eAsia Minor, eBhabhiloni, eYiputa wawukho nomngqandandana owawuhlala kwinxalenye yoBukhosi baseRoma eseYurophu.—10/15, iphepha 12.

• Ngaba umKristu unokuba nesazela esicocekileyo ukuba wenza umsebenzi omenza aphathe izixhobo?

Ukwenza umsebenzi ofuna ubani aphathe umpu okanye olunye uhlobo lwesixhobo ngumbandela wobuqu. Kodwa ukusebenza uxhobile kubeka ubani esichengeni sokuba netyala legazi xa eye wasisebenzisa isixhobo nakwimeko enokumenza abulale okanye abulawe xa abantu behlasela okanye beziphindezela. UmKristu ophatha isixhobo akayi kuwafanelekela nawaphi na amalungelo akhethekileyo ebandleni. (1 Timoti 3:3, 10)—11/1, iphepha 31.

• Ekubeni igama elithi “Armagedon” lithatyathwe kwibinzana elithi “kwiNtaba yaseMegido,” ngaba idabi leArmagedon liya kulwelwa kwintaba eseMbindi Mpuma?

Akunjalo. Akukho ntaba injalo kwindawo eyayikuyo iMegido yamandulo, ngaphandle nje kwenduli ekufutshane nethafa elilapho kwaSirayeli. Ummandla ongqonge iMegido awunakukwazi ukuhlanganisa bonke “ookumkani bomhlaba nemikhosi yabo.” Imfazwe enkulu kaThixo iya kuliwa emhlabeni wonke, kwaye iya kuphelisa zonke iimfazwe. (ISityhilelo 16:14, 16; 19:19; INdumiso 46:8, 9)—12/1, iphepha 4-7.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share