Imibuzo Evela Kubafundi
INdumiso 102:26 ithi umhlaba namazulu ‘aya kutshabalala.’ Ngaba le ndinyana ithetha ukuba uMhlaba uza kutshatyalaliswa?
Xa wayethandaza kuYehova, umdumisi wathi: “Wazibeka kwakudala iziseko zomhlaba, namazulu angumsebenzi wezandla zakho. Ezo zinto ziya kutshabalala, kodwa wena uya kuqhubeka umile, zonke ziya kuguga kanye njengesambatho. Uya kuzithabathel’ indawo kanye njengesinxibo, yaye ziya kuligqiba ithuba lazo.” (INdumiso 102:25, 26) Umongo wesi sibhalo ubonisa ukuba ezi ndinyana zithetha ukuba, uYehova unguThixo ngonaphakade, kungekhona ukutshatyalaliswa komhlaba. Kwakhona umongo wazo ubonisa indlela ebomeleza ngayo loo nyaniso abakhonzi bakaThixo.
Lo mdumisi, mhlawumbi wayeselubhacweni eBhabhiloni, uqala ngokuchaza izinto ezimxhwalekisayo. Ukhalela ukuba ubomi bakhe bufutshane “njengomsi.” Ukudandatheka kwenza amathambo akhe abe ngathi “avutha kanye njengeziko lomlilo.” Udinw’ uyimfe, ‘womile njengotyani,’ kwaye uziva elilolo “njengentaka eyodwa eluphahleni.” Ezi mvavanyo ziye zamenza wanentliziyo emnyama yonke imihla uzilile. (INdumiso 102:3-11) Nangona kunjalo lo mdumisi akaphelelwanga lithemba. Kutheni engaphelelwa lithemba nje? Kungenxa yesithembiso uYehova asenze ngeZiyon okanye iYerusalem.
Nangona iZiyon yayitshatyalalisiwe, uYehova wayethembise ukuba yayiza kubuya yakhiwe. (Isaya 66:8) Ngoku umdumisi uthi kuYehova: “Uya kuba nenceba kuyo iZiyon, kuba lixesha lokuba ube nobabalo kuyo, kuba ixesha elimisiweyo lifikile. Kuba ngokuqinisekileyo uYehova uya kuyakha iZiyon.” (INdumiso 102:13, 16) Umdumisi ubuyela kumbandela wokubandezeleka kwakhe. Uqiqa ngelithi, ukuba uThixo uza kuvuselela iYerusalem ngamandla akhe, unako ukumhlangula kubugxwayiba akubo. (INdumiso 102:17, 20, 23) Kukwakho nenye into emenza umdumisi athembele kuYehova. Yintoni leyo? Sisibakala sokuba uThixo ephila ngonaphakade.
Ukuphila kukaYehova ngonaphakade kwahluke oku kwekat’ emhlophe ehlungwini xa kuthelekiswa nobomi obufutshane bomdumisi. Uthi kuYehova: “Iminyaka yakho ikuzo zonke izizukulwana.” (INdumiso 102:24) Lo mdumisi uhlabela mgama esithi: “Wazibeka kwakudala iziseko zomhlaba, namazulu angumsebenzi wezandla zakho.”—INdumiso 102:25.
Ukanti ke, neminyaka yomhlaba namazulu ayinakulingana noYehova obephila ukususela ngonaphakade. Umdumisi woleka umsundulo esithi: “Ezo zinto [amazulu nomhlaba] ziya kutshabalala, kodwa wena uya kuqhubeka umile.” (INdumiso 102:26) Umhlaba namazulu zinokutshabalala. Yinyaniso ukuba, kwizibhalo ezithile uYehova uye watsho ukuba amazulu nomhlaba aya kuhlala ekho ukusa kwixesha elingenammiselo. (INdumiso 119:90; INtshumayeli 1:4) Kodwa ezo zinto bezinokutshatyalaliswa ukuba uThixo ebefuna. Ngokwahlukileyo koko, uThixo akanakufa. Indalo ‘imi ngonaphakade’ kuba uThixo uyayilondoloza. (INdumiso 148:6) Ukuba uYehova ebenokuyeka ukuyihlaziya indalo, ‘ibiya kuguga njengesambatho.’ (INdumiso 102:26) Kanye njengokuba umntu ephila ixesha elide kunempahla ayinxibayo, uYehova ebe nokuyiyeka iguge indalo yakhe—ukuba ebefuna. Noko ke, ngenxa yezinye izibhalo siyazi ukuba asikokuthanda kwakhe oko. ILizwi likaThixo liyasiqinisekisa ukuba uYehova ufuna umhlaba namazulu okoqobo zibekho ngonaphakade.—INdumiso 104:5.
Kuyakhuthaza ukwazi kuba uYehova uya kusoloko ekuzalisekisa ukuthanda kwakhe. Enokuba ziziphi iimvavanyo ezisifikelayo, singakhala kuye, sinentembelo yokuba “ngokuqinisekileyo uya kuphethukela emthandazweni wabo baphangwe yonk’ into, aze angawudeli umthandazo wabo.” (INdumiso 102:17) Ewe, amazwi kaYehova afumaneka kwiNdumiso 102 asiqinisekisa ukuba uya kusixhasa, aqiniseke ngakumbi kunomhlaba esiphila kuwo.