IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w06 6/15 iphe. 4-7
  • Ukhokelo Lokwenene Olusa Kulonwabo

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Ukhokelo Lokwenene Olusa Kulonwabo
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2006
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • Xa Ufelwe Ngumntu Omthandayo
  • Ithemba Likhokelela Kulonwabo
  • UYehova Ufuna Wonwabe
  • Ithemba Lokwenene Ngabantu Obathandayo Abafileyo
    Yintoni Ngokwenene Efundiswa YiBhayibhile?
  • Kwenzeka Ntoni Kwabo Sibathandayo Bafileyo?
    Ulwazi Olukhokelela Kubomi Obungunaphakade
  • Nangona Sibuhlungu, Asingabo Abangenathemba
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1995
  • “UKufa Kuginywe Ngonaphakade”
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2005
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2006
w06 6/15 iphe. 4-7

Ukhokelo Lokwenene Olusa Kulonwabo

WONKE umntu unelungelo ‘lokufuna ukonwaba.’ Le yayiyimbono ababenayo abo benza iSibhengezo Senkululeko esamkelwa eUnited States. Kodwa ukufuna into akufani nokuyifumana. Ngoxa bebaninzi abantu abaselula abanosukelo lokufumana umsebenzi kwezokuzonwabisa nakwezemidlalo, bangaphi obaziyo abaye balufikelela olo sukelo? Enye imvumi edumileyo eqheleneyo nomzabalazo wokufuna ukuba yimvumi ephum’ izandla ithi, “Mhlawumbi akuyi kuphumelela.”

Ukuba ucinga ukuba ayikho indlela yokuba wonwabe, ungatyhafi. Ukuba ulufuna ngendlela efanelekileyo ulonwabo, uya kulufumana. Kutheni sisitsho nje? Inqaku elandulelayo lithethe ‘ngoThixo onoyolo,’ uYehova. (1 Timoti 1:11) EBhayibhileni, uThixo usalathisa indlela yokufumana ulonwabo ukuze ekugqibeleni singaziva siphoxekile. UYehova unokukunceda ukwazi ukumelana nezinto eziqhelekileyo ezibangela usizi. Ngokomzekelo, cinga ngendlela akuthuthuzela ngayo xa ufelwe ngumntu omthandayo.

Xa Ufelwe Ngumntu Omthandayo

Ngaba kukho nantoni na encumisayo enokuthethwa ngokufa? Ukufa kwahlukanisa abazali nabantwana, kuhluthe nabantwana kubazali. Kwahlukanisa abahlobo abasenyongweni kuze kubangele ukunganqabiseki kubantu basekuhlaleni abamanyeneyo. Xa kusifa ilungu lentsapho eyonwabileyo, kuba lusizi lodwa.

Akukho mfuneko yokuba ude uxelelwe ukuba ukufa kubangela intlungu engathethekiyo. Sekunjalo, abanye abantu baziqab’ intshongw’ emehlweni ngelithi ukufa yintsikelelo. Khawucinge ngento eyenzeka kwiNyoba yeMexico emva kokuhlasela kweNkanyamba uKatrina ngoAgasti 2005. Xa wayengcwaba omnye owafela apho, omnye umfundisi wathi: “Lo akabulawanga nguKatrina. Uthatyathwe nguThixo.” Ngesinye isihlandlo, ngokunyaniseka unobhala wesibhedlele waxelela intombazana eyayifelwe ngunina ukuba mayingakhathazeki kuba unina usezulwini, uthatyathwe nguThixo. Le ntombazana yakhala isithi: “Kodwa umthabathele ntoni?”

Licacile elokuba, ezo nkolelo ziphosakeleyo ngokufa azibathuthuzeli abantu abasentlungwini yokufelwa. Kutheni kunjalo? Kungenxa yokuba azithethi nyaniso ngento eyenzeka ekufeni. Eyona nto ide yambi nangakumbi, zithi uThixo urhwebesha abantu abathandekayo ezintsatsheni zabo nakubahlobo ngendlela eyoyikekayo nebuhlungu. Xa kufiwe, endaweni yokuba kuthiwe uThixo uyathuthuzela, uchazwa njengongendawo. Kodwa iLizwi likaThixo lisixelela inyaniso ngokufa.

IBhayibhile ithi ukufa lutshaba. Ithi kulawula njengokumkani. (Roma 5:17; 1 Korinte 15:26) Ukufa lutshaba olunamandla angaphaya kwawomntu, ibe wonke umntu esimthandayo ofayo ulelinye lamaxhoba ako angenakubalwa. Le nyaniso yeBhayibhile iyichaza kakuhle intlungu esiba kuyo nendlela esiziva singento yanto ngayo xa sifelwe ngumntu esimthandayo. Ithi loo mvakalelo ayiphosakalanga. Kodwa ke, ngaba uThixo uthabathela abantu ezulwini esebenzisa olu tshaba lukukufa? Masivumele iBhayibhile isiphendule.

INtshumayeli 9:5, 10 ithi: “Abafileyo, abazi nto konke konke . . . Akukho msebenzi nakuyila nakwazi nakulumka eShiyol, kwindawo oya kuyo.” Yintoni iShiyol? Lingcwaba eliqhelekileyo loluntu apho lusiwa khona xa lufile. Umntu osengcwabeni akenzi nto konke konke, akashukumi, akanazimvakalelo, okanye akananto ayicingayo. Ufana nomntu olele ubuthongo obunzulu.a Ngaloo ndlela iBhayibhile isicacisa okwekat’ emhlophe ehlungwini isibakala sokuba abantu abafileyo esibathandayo abathatyathwanga nguThixo. Basemangcwabeni yaye abaphili.

UYesu wakuqinisekisa oku emva kokufa komhlobo wakhe uLazaro. Wafanisa ukufa nokulala ubuthongo. Ukuba uLazaro wayesezulwini kuThixo uSomandla, uYesu wayeya kuba ukhohlakele xa embuyisela emhlabeni ukuze aze kufa kwakhona. Ingxelo ephefumlelweyo ithi emangcwabeni uYesu wadanduluka ngelizwi elikhulu wathi: “Lazaro, phuma!” IBhayibhile iyaqhubeka isenjenje: “Waphuma umntu lowo obefile.” ULazaro waphila kwakhona. UYesu wayesazi ukuba uLazaro akayanga zulwini. Usengcwabeni yaye akaphili.—Yohane 11:11-14, 34, 38-44.

Le ngxelo yeBhayibhile isenza siqonde ukuba uThixo akabulali bantu ukuze baye kuye ezulwini. Ngoko sinokusondela kuThixo sisazi ukuba asinguye obangela ukuba sibe kule ntlungu. Kwakhona sinokuba nethemba lokuba uluqonda ngokupheleleyo usizi nomonakalo obangelwa lutshaba ukufa. Inyaniso ethethwa yiBhayibhile ngemeko yabafi kukuba abantu abafileyo abeva zintlungu esihogweni somlilo okanye kwintlambululo-miphefumlo, kunoko basengcwabeni. Ngoko, xa sikhumbula abantu bethu esibathandayo, masingamqumbeli uThixo okanye soyike izinto esingazaziyo. Ngaphezu koko, uYehova usinika intuthuzelo engakumbi eBhayibhileni.

Ithemba Likhokelela Kulonwabo

Izibhalo esixubushe ngazo zithi ithemba yinxalenye ebalulekileyo yolonwabo lokwenene. EBhayibhileni, igama elithi “ithemba” lithetha ukuqiniseka ngezinto ezilungileyo ozilindeleyo. Ukuze sibone indlela ithemba elinokusenza sonwabe ngayo kanye ngoku, makhe sibuyele kwingxelo ethetha ngoYesu xa wayevusa uLazaro.

Zibini izizathu ezabangela ukuba uYesu enze lo mmangaliso. Esokuqala yayikukuthuthuzela uMarta, uMariya nabahlobo ababesentlungwini. Babeza kuphinda banandiphe ukuba kunye nalowo bamthandayo. Kodwa xa wayethetha noMarta, uYesu wakhankanya isizathu sesibini esibaluleke ngakumbi esithi: “Anditshongo na kuwe ukuthi, ukuba uyakholwa uya kulubona uzuko lukaThixo?” (Yohane 11:40) IThe New Testament in Modern English, kaJ. B. Phillips, iguqulela eli binzana lokugqibela ngokuthi “ummangaliso onokwenziwa nguThixo.” Xa wayevusa uLazaro, uYesu wayebonisa oko uYehova uThixo anokukwenza naza kukwenza kwikamva. Khawuphulaphule ezi nkcukacha zingakumbi zithetha ngalo ‘mmangaliso onokwenziwa nguThixo.’

KuYohane 5:28, 29, uYesu wathi: “Musani ukumangaliswa koku, kuba liyeza ilixa ekuya kuthi ngalo bonke abo bakumangcwaba enkumbulo balive ilizwi lakhe baze baphume.” Oku kuthetha ukuba bonke abafileyo abaseShiyol, kuquka abo sibathandayo, baya kuvuselwa ebomini kwakhona. IZenzo 24:15 zithetha okungakumbi ngesi siganeko simangalisayo, zithi: “Kuza kubakho uvuko lwamalungisa nabangengomalungisa.” Ngoko kwanabo ‘bangengomalungisa,’ abantu ababengamazi nababengamkhonzi uYehova, baya kulifumana ithuba lokukholisa uThixo kwixa elizayo.

Luya kwenzeka phi uvuko? INdumiso 37:29 ithi: “Amalungisa aya kuwudla ilifa umhlaba, ahlale kuwo ngonaphakade.” Khawucinge ngoko kuthethwa ngala mazwi! Iintsapho nabahlobo ababehlukaniswe kukufa baya kuphinda babe kunye kulo mhlaba. Njengoko ucinga ngamaxesha amnandi osaza kuphinda uwanandiphe kunye nabo, kuba mnandi ngaphakathi.

UYehova Ufuna Wonwabe

Sihlolisise iindlela ezimbini anokukwenza wonwabe ngazo uYehova nangona ujamelene neengxaki. Okokuqala, ukunike iBhayibhile equlethe ulwazi nokhokelo olunokukunceda woyise ezo ngxaki. Ngaphezu kokuba iBhayibhile isinceda sikwazi ukujamelana nentlungu yokufelwa, kwakhona iyasinceda sihlangabezane neengxaki zoqoqosho nezempilo. Inokukwenza ube namandla okunyamezela ukungabikho kokusesikweni nezidubedube zobupolitika. Yaye ukuba uyayivumela ikukhokele, inokukunceda ukwazi ukuhlangabezana nezinye iingxaki zobuqu.

Okwesibini, xa ufundisisa iBhayibhile uba nethemba elingenakuthelekiswa nayo nantoni na onokuyinikwa ngumntu. Elinye ithemba ekuthethwa ngalo eBhayibhileni luvuko lwabahlobo namalungu eentsapho. ISityhilelo 21:3, 4 sinikela iinkcukacha ezingakumbi, sithi: “Naye abe nguThixo walo [uluntu]. Uya kuzisula zonke iinyembezi emehlweni abo, kungabi sabakho kufa, kungabi sabakho kuzila nakukhala nantlungu kwakhona. Izinto zangaphambili zidlule.” Oku kuthetha ukuba kungekudala nantoni na ezisa intlungu ebomini bakho iza kuphela ngonaphakade. Oko kuthenjiswa yiBhayibhile kuya kuzaliseka, yaye unokunandipha inzaliseko yako. Kuzisa isiqabu ukwazi ukuba amaxesha okonwaba sele esemnyango. Ukwazi nje ukuba akukho nto ikukubandezeleka ngonaphakade emva kokufa kuyonwabisa.

Ngokomzekelo: Kwiminyaka emininzi edluleyo uMaria wayebukele umyeni wakhe esifa kabuhlungu ebulawa ngumhlaza. Esekwezo nyembezi, kwanyanzeleka ukuba yena namantombazana akhe amathathu baphume kwindlu ababehlala kuyo ngenxa yeengxaki zemali. Kwiminyaka emibini kamva, uMaria wafumanisa ukuba unomhlaza. Uye watyandwa izihlandlo ezibini yaye umhla nezolo uyagcuma ziintlungu. Phezu kwazo nje ezo ntlungu, womelele, ukhuthaza abanye abantu. Uzigcina njani onwabile?

UMaria uthi: “Xa ndinengxaki, ndiye ndingazami ukucinga kakhulu ngaloo ngxaki. Andifuni ukuzibuza imibuzo enjengale: ‘Kutheni oku kusenzeka kum? Kutheni ndibandezeleka ngolu hlobo? Kutheni ndigula?’ Ukucinga zonke izinto ezibuhlungu kuphelisa amandla. Endaweni yoko, ndisebenzisa loo mandla ndinawo ekukhonzeni uYehova nokunceda abanye. Oko kuyandonwabisa.”

Ukuba nethemba kumnceda njani uMaria ebomini? Unethemba lokuba kwikamva uYehova uya kuphelisa ukugula nezinye iingxaki olujamelene nazo uluntu. Xa esiya esibhedlele, uxelela abanye abaguli abanomhlaza ekusenokwenzeka ukuba sele benikezele, ngelo themba. Kubaluleke kangakanani ukuba nethemba kuMaria? Uthi: “Engqondweni yam kuhlala kunkenteza oko iBhayibhile ikutshoyo kwincwadi yamaHebhere 6:19, apho uPawulos athi ithemba linjengeankile yomphefumlo. Xa ingekho loo ankile, uya kufana nenqanawa elahlekiswa sisaqhwithi. Kodwa ukuba ubambelele kuloo ankile, uya kunqabiseka nokuba iingxaki ziza njengesaqhwithi.” Ukuze ahlale onwabile, uMaria uncedwa ‘lithemba lobomi obungunaphakade awathi uThixo ongenakuxoka, wabuthembisa.’ Linokwenza okufanayo nakuwe.—Tito 1:2.

Ukuba uyayifundisisa iBhayibhile, unokonwaba ngokwenene nakuba ujamelene neengxaki. Mhlawumbi, usenokuzibuza ukuba kunokukunceda njani ukufundisisa iBhayibhile. AmaNgqina kaYehova aya kukuvuyela ukukubonisa iimpendulo ozifunayo ukuze ufumane ulonwabo lokwenene ngokusuka kwiZibhalo. Njengoko ulindele inzaliseko yoko kuthenjiswa nguYehova, unokuba ngomnye wabo bachazwa ngale ndlela: “Baya kugcoba babe nemihlali, intlungu nokuncwina kusabe kubo.”—Isaya 35:10.

[Umbhalo osemazantsi]

a IThe Encyclopædia Britannica (2003) ithi eShiyol “akukho zintlungu nakonwaba, akohlwaywa mntu yaye akukho mvuzo ufunyanwayo.”

[Umfanekiso okwiphepha 5]

Yinyaniso ephuma eBhayibhileni kuphela enokudambisa intlungu

[Umfanekiso okwiphepha 7]

Ithemba lovuko eliseBhayibhileni linokukwenza wonwabe

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share