“Hayi Indlela Endiwuthanda Ngayo Umthetho Wakho!”
“Hayi indlela endiwuthanda ngayo umthetho wakho! Imini le yonke ndiwuxhalabele.”—INDUMISO 119:97.
1, 2. (a) Yiyiphi imeko awayejamelene nayo umbhali ophefumlelweyo weNdumiso 119? (b) Wasabela njani yaye ngoba?
UMBHALI weNdumiso 119 wayejamelene novavanyo oluqatha. Iintshaba zakhe ezizikhukhumalisayo nezazingenaxesha lomthetho kaThixo zazimgculela yaye zimtyhola ngobuxoki. Iinkosana zazimenzela amayelenqe yaye zimtshutshisa. Wayengqongwe ngabangendawo yaye ubomi bakhe babusesichengeni. Konke oku kwakumenza ‘angalali ngenxa yentlungu.’ (INdumiso 119:9, 23, 28, 51, 61, 69, 85, 87, 161) Nakuba kwakunjalo, umdumisi wathi: “Hayi indlela endiwuthanda ngayo umthetho wakho! Imini le yonke ndiwuxhalabele.”—INdumiso 119:97.
2 Ufanele uzibuze, “Umthetho kaThixo wawumthuthuzela njani umdumisi?” Into eyamomelezayo yintembelo awayenayo yokuba uYehova unomdla kuye. Ukwazi indlela oyingenelo ngayo umthetho kwakumvuyisa umdumisi nakuba wayetshutshiswa ngabo babemchasa. Wayeqonda ukuba uYehova ungakwicala lakhe. Ngaphezulu, ukusebenzisa ukhokelo oluvela emthethweni kaThixo kwabangela ukuba umdumisi abe nobulumko kuneentshaba zakhe yaye kwamlondoloza. Ukuthobela lo mthetho kwamenza wanoxolo lwengqondo nesazela esicocekileyo.—INdumiso 119:1, 9, 65, 93, 98, 165.
3. Kutheni kunzima ngamaKristu ukuphila ngokuvisisana nemilinganiselo kaThixo namhlanje?
3 Abanye babakhonzi bakaThixo namhlanje bajamelene neemeko eziqatha nezivavanya ukholo lwabo. Ubomi bethu busenokungabikho sesichengeni njengoko kwakunjalo kumdumisi kodwa siphila ‘kumaxesha amanqam ekunzima ukujamelana nawo.’ Abantu abaninzi esidibana nabo mihla le abayikhathalele imilinganiselo yokomoya—usukelo lwabo lolokuzingca nezinto eziphathekayo, banekratshi yaye abanantlonelo. (2 Timoti 3:1-5) AmaKristu aselula asoloko ejamelana nezinto ezivavanya ingqibelelo yawo. Xa kunjalo, kunokuba nzima ukuba siqhubeke simthanda uYehova size silondoloze imilinganiselo yakhe ngokuphathelele oko kulungileyo. Sinokuzikhusela njani?
4. Umdumisi walubonisa njani uxabiso ngomthetho kaThixo yaye ngaba namaKristu afanele enze okufanayo?
4 Into eyanceda umdumisi ukuba akwazi ukuphumelela kuvavanyo awayejamelene nalo kukuba wayezinika ixesha lokuwufundisisa ngenyameko umthetho kaThixo. Loo nto yamnceda ukuba awuthande. Eneneni, phantse kwindinyana nganye yeNdumiso 119 ukhankanya inkalo ethile yomthetho kaYehova.a Namhlanje amaKristu akakho phantsi koMthetho kaMoses, uThixo awawunika uhlanga lwamandulo lwakwaSirayeli. (Kolose 2:14) Noko ke, imigaqo efumaneka kuloo Mthetho isaxabisekile nanamhlanje. Le migaqo yayimthuthuzela umdumisi njengoko inokubathuthuzela nabakhonzi bakaThixo abajamelene neemeko ezinzima namhlanje.
5. Ziziphi iinkalo zoMthetho kaMoses esiza kuzihlolisisa?
5 Makhe sibone indlela esinokufumana ngayo ukhuthazo kwiinkalo nje ezintathu zoMthetho kaMoses: ilungiselelo leSabatha, elokubhikica nomthetho owawunxamnye nokubawa. Kwinkalo nganye, siya kufumanisa ukuba ukuqonda imigaqo esekelwe kule mithetho kubalulekile ukuze sihlangabezane ngokuphumelelayo neengxaki esijamelene nazo namhlanje.
Ukwanelisa Iintswelo Zethu Zokomoya
6. Ziziphi iintswelo ezisisiseko abanazo bonke abantu?
6 Umntu wadalwa eneentswelo ezininzi. Ngokomzekelo, ukuze umntu abe sempilweni kubalulekile ukuba afumane ukutya, amanzi nekhusi. Ukanti, umntu ufanele anyamekele ‘nentswelo yakhe yokomoya.’ Akayi konwaba ngokupheleleyo ukuba akayinyamekeli. (Mateyu 5:3) UYehova wayekugqala kubalulekile ukwaneliswa kwale ntswelo yokwemvelo kangangokuba wayalela abantu bakhe ukuba babekel’ ecaleni imisebenzi yabo eqhelekileyo, usuku lonke veki nganye ukuze banikele ingqalelo kwizinto zokomoya.
7, 8. (a) UThixo wayahlula njani iSabatha kwezinye iintsuku? (b) Yayiyintoni injongo yeSabatha?
7 Ilungiselelo leSabatha lagxininisa ukubaluleka kokuzibekela usukelo lokomoya. Igama elithi “isabatha” liqala ukuvela eBhayibhileni xa kukhankanywa ilungiselelo lemana entlango. AmaSirayeli axelelwa ukuba afanele aqokelele esi sonka senziwe ngokungummangaliso, kangangeentsuku ezintandathu. Ngosuku lwesithandathu, ayefanele aqokelele “isonka semihla emibini,” kuba ngosuku lwesixhenxe lalingekho ilungiselelo lemana. Ngosuku lwesixhenxe ‘yayiyisabatha engcwele kuYehova,’ yaye ngolo suku ngamnye wayefanele ahlale endaweni yakhe. (Eksodus 16:13-30) Omnye weMiyalelo Elishumi wawuyalela ukuba kungasetyenzwa konke konke ngeSabatha. Olu suku lwalungcwele. Umntu owaphule lo mthetho wayesohlwaywa ngokubulawa.—Eksodus 20:8-11; Numeri 15:32-36.
8 Umthetho weSabatha wawubonisa inkxalabo awayenayo uYehova ngabantu bakhe, ngempilo-ntle yabo yokwenyama neyokomoya. UYesu wathi: “Isabatha yabakho ngenxa yomntu.” (Marko 2:27) Yayingavuleli amaSirayeli ithuba lokuphumla nje kuphela kodwa yayiwanika nethuba lokusondela kuMdali wawo nelokumbonisa ukuba ayamthanda. (Duteronomi 5:12) Olu suku yayilolokwenza izinto zokomoya kuphela. Oku kuquka ukunqula njengentsapho, ukuthandaza nokucamngca ngoMthetho kaThixo. Eli lungiselelo lalikhusela amaSirayeli ukuba angachithi lonke ixesha namandla awo ekusukeleni izinto eziphathekayo. ISabatha yayiwakhumbuza ukuba eyona nto ibalulekileyo lulwalamano lwawo noYehova. UYesu wayephinda lo mgaqo ubalulekileyo xa wayesithi: “Kubhaliwe kwathiwa, ‘Akaphili ngasonka sodwa umntu, uphila ngamazwi onke aphuma emlonyeni kaYehova.’”—Mateyu 4:4.
9. Yintoni efundwa ngamaKristu kwilungiselelo leSabatha?
9 Akuseyomfuneko ukuba abantu bakaThixo bagcine isabatha yokoqobo ngosuku oluthile kodwa sinokufunda okuthile kwilungiselelo leSabatha. (Kolose 2:16) Ngaba ayisikhumbuzi ukuba nathi sifanele sibeke izinto zokomoya kwindawo yokuqala? Unqulo lwethu olungcwele alufanele luthatyathelwe indawo zizinto eziphathekayo okanye ukuzonwabisa. (Hebhere 4:9, 10) Ngoko ke sinokuzibuza: “Yintoni eza kuqala ebomini bam? Ngaba eyona nto ibalulekileyo ebomini bam kukufundisisa, ukuthandaza, ukuya kwiintlanganiso zamaKristu nokushumayela iindaba ezilungileyo zoBukumkani? Okanye ngaba ixesha lam ndilichitha kwezinye izinto?” Ukuba sibeka izinto zokomoya kwindawo yokuqala ebomini bethu, uYehova uyasiqinisekisa ukuba asiyi kuziswela izinto eziyimfuneko ebomini.—Mateyu 6:24-33.
10. Sinokungenelwa njani xa sizinika ixesha lokwenza izinto zokomoya?
10 Ukufundisisa iBhayibhile neempapasho ezisekelwe kuyo nokucingisisa nzulu ngaloo nto siyifundayo kunokusinceda sisondele ngakumbi kuYehova. (Yakobi 4:8) USusan, owaqalisa ukuzenzela ucwangciso lokufundisisa iBhayibhile rhoqo malunga nama-40 eminyaka eyadlulayo uyavuma ukuba kwakungelula ekuqaleni. Kwakungumsebenzi onzima. Kodwa njengoko wayeqhubeka nolu cwangciso waya ekunandipha ngakumbi ukufunda. Ngoku uyakhathazeka xa eye akakwazi ukufunda. Uthi: “Ukufundisisa kuye kwandenza ndamgqala uYehova njengoBawo. Ndiyakwazi ukuthembela kuye nokukholosa ngaye yaye ndiziva ndikhululekile ukuthandaza kuye. Kuvuyisa kakhulu ukubona indlela uYehova abathanda ngayo abakhonzi bakhe, indlela andinyamekela ngayo nendlela aye wandinceda ngayo.” Nathi sinokwaneliseka ngokwenene xa sizinyamekela rhoqo iintswelo zethu zokomoya!
UMthetho KaThixo Wokubhikica
11. Yintoni eyayibandakanyekile kwilungiselelo lokubhikica?
11 Inkalo yesibini yoMthetho kaMoses eyayibonisa inkxalabo kaThixo ngentlalo-ntle yabantu bakhe lilungiselelo lokubhikica. UYehova wayalela ukuba xa umlimi ongumSirayeli evuna intsimi yakhe, abavuni bafanele bashiye okuthile ukuze kubuthwe ngabo basweleyo. Abalimi babengamele bavune ngokupheleleyo ekupheleni kwentsimi yaye babengamele baziqokelele iidiliya okanye iminquma eseleyo. Babengamele babuye baye kulanda izithungu abazilibele emasimini. Eli lungiselelo lothando lalinceda amahlwempu, abaphambukeli, iinkedama nabahlolokazi. Liyinyaniso elokuba aba bantu kwakufuneka basebenze nzima xa bebhikica kodwa oko kwakubanceda bangahambi bengqiba.—Levitikus 19:9, 10; Duteronomi 24:19-22; INdumiso 37:25.
12. Ilungiselelo lokubhikica lalibavulela liphi ithuba abalimi?
12 Umthetho wawungachazi ukuba abalimi bafanele babashiyele isivuno esingakanani abo basweleyo. Oko kwakuxhomekeke kubo. Oku kwakubavulela ithuba lokufunda ukuba nesisa. Kwakunika abalimi ithuba lokubonakalisa uxabiso lwabo kuMniki-sivuno kuba ‘obabala ihlwempu uzukisa uMdali wakhe.’ (IMizekeliso 14:31) UBhohazi wakwenza oko. Waqinisekisa ukuba uRute, ongumhlolokazi owayebhikica emasimini akhe wayefumana isixa esikhulu sokutya okuziinkozo. UYehova wamvuza ngokutyebileyo uBhohazi ngokuba nesisa kwakhe.—Rute 2:15, 16; 4:21, 22; IMizekeliso 19:17.
13. Sifunda ntoni kumthetho wamandulo wokubhikica?
13 Umgaqo osekelwe kumthetho wokubhikica awukatshintshi. UYehova ulindele ukuba abakhonzi bakhe babe nesisa ingakumbi kwabo basweleyo. Okukhona sibonakalisa isisa, kokukhona siya kufumana iintsikelelo ezingakumbi. UYesu wathi: “Ziqheliseni ukupha, yaye abantu baya kunipha. Baya kugalela kumasondo eengubo zenu umlinganiselo omhle, ohlohliweyo, ohlukuhliweyo nophuphumayo. Kuba ngomlinganiselo enilinganisela ngawo, baya kunilinganisela kwangawo nani.”—Luka 6:38.
14, 15. Sinokubanceda njani abanye yaye sinokungenelwa njani thina kunye nabo?
14 Umpostile uPawulos wasibongoza ukuba ‘senze okulungileyo kubo bonke, ngokukodwa kwabo bahlobene nathi elukholweni.’ (Galati 6:10) Ngaloo ndlela, sifanele sincede amanye amaKristu afumane uncedo lokomoya nanini na ukholo lwawo luvavanywa. Kodwa ngaba ayakufuna nokuncedwa ngokoqobo, ngokomzekelo ukusiwa kwiHolo yoBukumkani okanye evenkileni? Ngaba kwibandla okulo bakho abakhulileyo, abagulayo okanye abangasakwaziyo ukuphuma endlwini abangakuvuyela ukutyelelwa okanye ukuncediswa kwimisebenzi ethile? Ukuba siziphaphele iintswelo zabanye, uYehova unokusebenzisa thina ukuphendula imithandazo yabo. Nangona simele sinyamekelane njengamaKristu, nalowo unyamekela abanye uyangenelwa. Xa sibathanda ngokunyanisekileyo abo sikholwa nabo sifumana uvuyo nolwaneliseko yaye oko kusenza sikholeke kuYehova.—IMizekeliso 15:29.
15 Enye indlela ebalulekileyo amaKristu anokubonisa ngayo ukungazingci kukusebenzisa ixesha namandla awo ekuthetheni ngeenjongo zikaThixo. (Mateyu 28:19, 20) Nabani na owakha wanceda omnye umntu wada wafikelela kwinqanaba lokuba azahlulele kuYehova uyazi ukuba ayinyaniso ngokwenene amazwi awathethwa nguYesu, athi: “Kunoyolo ngakumbi ukupha kunokwamkela.”—IZenzo 20:35.
Ukuzilinda Nxamnye Nokubawa
16, 17. Yintoni owawunxamnye nayo umthetho weshumi, yaye ngoba?
16 Siza kuhlolisisa inkalo yesithathu ethatyathwe kumyalelo weshumi kuMthetho uThixo awawunika amaSirayeli, owawunxamnye nokubawa. Lo Mthetho wawusithi: “Uze ungayinqweneli indlu yedlelane lakho. Uze ungamnqweneli umfazi wedlelane lakho, nekhoboka lalo, nekhobokazana lalo, nenkunzi yalo yenkomo, ne-esile lalo, nantoni na eyeyedlelane lakho.” (Eksodus 20:17) Akukho mntu unokugunyazisa umyalelo onjalo kuba akukho mntu uyaziyo into ecingwa ngomnye umntu. Ngoko ke, lo myalelo wawenza wabalasela ngakumbi uMthetho kunemithetho emiselwa ngabantu. MSirayeli ngamnye watsho waqonda ukuba unembopheleleko yokuziphendulela kuYehova, okwaziyo ukubona into ecingwa ngumntu. (1 Samuweli 16:7) Ngaphezulu, lo myalelo waveza isizekabani sezenzo ezininzi ezingafanelekanga.—Yakobi 1:14.
17 Umthetho onxamnye nokubawa wawukhuthaza abantu bakaThixo ukuba baphephe ukuthanda izinto eziphathekayo, ukunyoluka nokukhalaza. Wawubanceda balwisane nomnqweno wokuba okanye wokuziphatha kakubi. Kakade ke, baya kusoloko bekho abantu abanezinto eziphathekayo esizinqwenelayo okanye abo ngandlel’ ithile izinto zibahambela kakuhle kunokuba kunjalo kuthi. Ukuba asizilawuli iingcinga zethu kwimiba enjalo, sisenokungonwabi size sibamonele abanye. IBhayibhile ithi ukubawa luphawu olubonisa ukuba “kwimo yengqondo engakholekileyo.” Siya kungenelwa xa sikuphepha ukubawa.—Roma 1:28-30.
18. Nguwuphi umoya oxhaphakileyo ehlabathini namhlanje, yaye unokuba nawuphi umphumo?
18 Umoya oxhaphakileyo ehlabathini namhlanje ukhuthaza ukuthanda izinto eziphathekayo nokhuphiswano. Kwizibhengezo zezorhwebo, abantu bakhuthazwa ukuba bathenge izinto ezintsha yaye benziwa bakholelwe ukuba abanakonwaba xa bengenazo. UMthetho kaYehova uyawugatya lo moya. Omnye umoya ongafanelekanga ofana nalo kukufuna ukuphumelela nokuba sekumnyam’ entla nokufuna ubutyebi. Umpostile uPawulos walumkisa: “Abo bazimisele ukuba zizityebi beyela ekuhendweni nasemgibeni, nakwiminqweno emininzi engekho ngqiqweni neyenzakalisayo, ekhokelela entshabalalweni nasekonakaleni. Kuba ukuthanda imali yingcambu yazo zonke iintlobo zobubi, yaye ngenxa yokusukelana nolo thando bambi baye balahlekana nokholo, bezingxwelerha ngeentlungu ezininzi.”—1 Timoti 6:9, 10.
19, 20. (a) Yintoni exabiseke ngokwenene kumntu othanda umthetho kaYehova? (b) Yintoni eza kuxutyushwa kwinqaku elilandelayo?
19 Abo bawuthandayo umthetho kaThixo bayazazi iingozi zokuthanda izinto eziphathekayo yaye bakhuselekile kulo moya. Ngokomzekelo, umdumisi wathandaza kuYehova wenjenje: “Intliziyo yam yithobele kwizikhumbuzo zakho, kungekhona kwingeniso. Ulungile kum umthetho womlomo wakho, ulunge ngakumbi kunamawaka amaqhosha egolide nesilivere.” (INdumiso 119:36, 72) Ukuba seyisekile kukuba la mazwi ayinyaniso siya kutsho sikwazi ukuba ngabalungeleleneyo size siphephe imigibe efana nokuthanda izinto eziphathekayo, ukubawa nokunganeliseki zizinto esinazo. Eyona ndlela yokufumana inzuzo enkulu ‘luzinikelo lobuthixo,’ kungekhona ukuqokelela izinto eziphathekayo.—1 Timoti 6:6.
20 Imigaqo esekelwe kuMthetho uYehova awawunika uhlanga lwamandulo lwakwaSirayeli ibaluleke kakhulu kula maxesha anzima siphila kuwo ngendlela eyayibaluleke ngayo ngexesha uYehova wayeyidlulisela kuMoses. Ukuba siyisebenzisa rhoqo le migaqo ebomini bethu, siya kuyiqonda ngakumbi yaye siya kuyithanda size sonwabe. Ininzi into esinokuyifunda eMthethweni yaye ukuxabiseka kwawo sikubona kubantu ekuthethwa ngabo eBhayibhileni. Eminye yale mizekelo iya kuxutyushwa kwinqaku elilandelayo.
[Umbhalo osemazantsi]
a Ngaphandle nje kweendinyana ezi-4, kwiindinyana ezili-176 zale ndumiso kukhankanywa imiyalelo kaYehova, izigwebo, umthetho, imimiselo, izikhumbuzo, amazwi, iindlela zakhe okanye ilizwi lakhe.
Unokuphendula Uthini?
• Yintoni eyayibangela ukuba umbhali weNdumiso 119 awuthande umthetho kaYehova?
• Yintoni enokufundwa ngamaKristu kwilungiselelo leSabatha?
• Uxabiseke ngantoni umthetho kaThixo ophathelele ukubhikica?
• Usikhusela njani umyalelo onxamnye nokubawa?
[Umfanekiso okwiphepha 21]
Yintoni eyayibalaseliswa ngumthetho weSabatha?
[Umfanekiso okwiphepha 23]
Sifunda ntoni kumthetho wokubhikica?