“Ndiyazithanda Izikhumbuzo Zakho”
“Zonke izinto ezabhalwa kwixesha langaphambili zabhalelwa ukuyalela thina.”—ROMA 15:4.
1. Sizifumana njani izikhumbuzo ezivela kuYehova yaye kutheni ziyimfuneko?
UYEHOVA uhlala ebakhumbuza abantu bakhe ukuze abancede bakwazi ukuhlangabezana neengcinezelo zala maxesha anzima. Ezinye zezi zikhumbuzo sizifumana xa sisenza ufundisiso lweBhayibhile lobuqu, ngoxa ezinye sizifumana kwiintlanganiso zamaKristu. Ezinye zizinto esisele sizazi. Kunokwenzeka ukuba yinkcazelo esakha sayifunda ngaphambili. Noko ke, ekubeni sinotyekelo lokulibala, kufuneka sihlale sizikhumbuza ngeenjongo, imithetho nemiyalelo kaYehova. Sifanele sibe noxabiso ngezikhumbuzo zikaThixo. Ziyasihlaziya kuba zisinceda sihlale sicinga ngoko kwasishukumisela ukuba siphile ngokuvisisana nokuthanda kukaThixo. Umdumisi wavuma ingoma wathi kuYehova: “Ndiyazithanda izikhumbuzo zakho.”—INdumiso 119:24.
2, 3. (a) Kutheni uYehova eye walondoloza iingxelo zobomi eziseBhayibhileni kude kube ngoku? (b) Ziziphi iingxelo zeZibhalo ekuza kuthethwa ngazo kweli nqaku?
2 Nangona labhalwa kwiinkulungwane ezininzi ezadlulayo, iLizwi likaThixo linamandla. (Hebhere 4:12) EBhayibhileni kukho iingxelo ezininzi eziphathelele abantu bokoqobo. Ngoxa izithethe neembono zahlukile kwezo zamaxesha okubhalwa kweBhayibhile, iingxaki esidla ngokujamelana nazo ziyafana nezo babejamelana nazo abantu ngaloo maxesha. Amabali amaninzi aseBhayibhileni ayingenelo kuthi kuba asibonisa imizekelo yabantu ababethanda uYehova nabamkhonza ngokuthembeka nangona babejamelene nobunzima. Kwezinye iingxelo sixelelwa ngehambo ayithiyileyo uThixo. UYehova walungiselela ukuba zonke ezi ngxelo zemizekelo emihle nemibi zibhalwe eBhayibhileni ukuze zibe zizikhumbuzo kuthi. Kunjengokuba umpostile uPawulos wabhalayo: “Zonke izinto ezabhalwa kwixesha langaphambili zabhalelwa ukuyalela thina, ukuze ngonyamezelo lwethu nangentuthuzelo yeZibhalo sibe nethemba.”—Roma 15:4.
3 Makhe siqwalasele iingxelo ezintathu zeZibhalo: ekaDavide noSawule, eka-Ananiyas noSafira nekaYosefu nomkaPotifare. Nganye kwezi ngxelo inemfundiso ebalulekileyo.
Ukunyaniseka Kumalungiselelo KaThixo
4, 5. (a) Kwakuqhubeka ntoni phakathi kukaKumkani uSawule noDavide? (b) Wasabela njani uDavide kwinzondo kaSawule?
4 UKumkani uSawule wazingqina engathembekanga kuYehova, engakufanelekelanga nokulawula abantu bakhe. Ngoko uThixo wamgatya waza wayalela ukuba umprofeti uSamuweli athambise uDavide ukuze abe ngukumkani wakwaSirayeli olandelayo. Wathi uDavide akuzingqina engumphumi-mkhosi olikroti waza wanconywa ngabantu, uSawule waqalisa ukumgqala njengotshaba. Izihlandlo ezininzi uSawule wazama ukumbulala. UDavide wasinda ngazo zonke ezi zihlandlo kuba uYehova wayekunye naye.—1 Samuweli 18:6-12, 25; 19:10, 11.
5 Kangangeminyaka, uDavide wanyanzeleka ukuba abhace. Xa kuvela ithuba lokubulala uSawule, abahlobo bakaDavide babesithi makambulale besithi uYehova ulunikele esandleni sakhe olo tshaba lwakhe. Noko ke, uDavide akazange avume. Into eyabangela ukuba angavumi kukunyaniseka kwakhe kuYehova nentlonelo ngesikhundla sikaSawule sokuba ngukumkani othanjisiweyo wabantu bakaThixo. NguYehova owayenyule uSawule ukuba abe ngukumkani wakwaSirayeli, akunjalo? UYehova wayenokuphinda amshenxise xa ebona kufanelekile. UDavide wabona kungeyomfuneko ukuba angenelele. Emva kokwenza konke okusemandleni ukuze athomalalise inzondo kaSawule, uDavide wathi: “UYehova ngokwakhe uya kumbetha ngesibetho; okanye iya kufika imini yakhe yaye kuya kufuneka afe, okanye uya kuhla aye edabini, ngokuqinisekileyo ke uya kutshayelwa. Makube lee, kum, ngokwembono kaYehova, ukolula isandla sam nxamnye nothanjisiweyo kaYehova!”—1 Samuweli 24:3-15; 26:7-20.
6. Libaluleke ngantoni kuthi ibali likaDavide noSawule?
6 Sifumana isifundo esibalulekileyo kule ngxelo. Ngaba wakha wazibuza ngesizathu sokuba kubekho iingxaki ezithile kwibandla lamaKristu? Mhlawumbi mntu uthile wenza izinto ezingafanelekanga. Kusenokwenzeka ukuba akenzi siphoso sinzulu kodwa izinto azenzayo ziyakukhathaza. Yintoni ofanele uyenze? Ngenxa yokuba nenkxalabo yobuKristu nokunyaniseka kuYehova, usenokugqiba ekubeni uthethe naloo mntu ngobubele ukuze alungise loo ngxaki. Noko ke, kuthekani ukuba loo ngxaki iyaqhubeka? Emva kokuba wenze konke onokukwenza, usenokugqiba kwelokuba uyiyekele kuYehova loo meko. Yiloo nto kanye eyenziwa nguDavide.
7. NjengoDavide, sifanele sisabele njani xa siphathwa ngokungekho sikweni okanye sichaswa?
7 Okanye kusenokwenzeka ukuba kwindawo ohlala kuyo uphethwe ngokungekho sikweni okanye uyachaswa ngenxa yonqulo. Mhlawumbi akukho nto ingako onokuyenza okwangoku. Kusenokuba nzima ukunyamezela le meko kodwa sifunda okuthile kwindlela awasabela ngayo uDavide xa wayephethwe ngokungekho sikweni. Iindumiso ezabhalwa nguDavide zihlab’ umxhelo ngenxa yemithandazo yakhe echukumisayo ecela ukuba uThixo amhlangule kuSawule, ukunyaniseka kwakhe kuYehova nangenxa yenkxalabo awayenayo ngokuzukiswa kwegama likaThixo. (INdumiso 18:1-6, 25-27, 30-32, 48-50; 57:1-11) UDavide waqhubeka enyanisekile kuYehova nangona uSawule wamphatha kakubi kangangeminyaka. Nathi sifanele siqhubeke sithembekile kuYehova nakwintlangano yakhe enoba siphethwe ngokungenanceba yaye kungakhathaliseki ukuba abanye benza ntoni. Simele siqiniseke ukuba uYehova uyakubona oko kwenzekayo.—INdumiso 86:2.
8. Asabela njani amaNgqina kaYehova aseMozambiki xa ayevavanywa?
8 Umzekelo wale mihla wabantu abaqhubeka benyanisekile kuYehova ngexesha lovavanyo, ngamaKristu aseMozambiki. Ngowe-1984, amaqela axhobileyo abavukeli ayegqogqa iilali ahlala kuzo ephanga, etshisa izindlu yaye ebulala nabantu. Kwabonakala kungekho nto inokwenziwa ngala maKristu ukuze azikhusele. Abemi babegayelwa ukuba bangene kwiqela elilwayo okanye benyanzelwa ukuxhasa eli qela ngezinye iindlela. AmaNgqina kaYehova abona ukuba oku kuyangqubana nobundilele bawo njengamaKristu. Amalungu eli qela acaphuka gqitha kuba amaNgqina engavumi ukuzibandakanya nalo. Kwabulawa amaNgqina angama-30 kodwa abantu bakaThixo abazange bayeke ukunyaniseka ngenxa yezo zisongelo zokubulawa.a NjengoDavide, banyamezela ukuphathwa kakubi de ekugqibeleni boyisa.
Isikhumbuzo Esisisilumkiso
9, 10. (a) Sinokungenelwa njani kwimizekelo ethile eseZibhalweni? (b) Yintoni eyayiphosakele ngoko kwenziwa nguAnaniyas noSafira?
9 Ezinye iingxelo eziseZibhalweni zisilumkisa nxamnye nehambo esimele siyiphephe. Eneneni, iBhayibhile iqulethe imizekelo emininzi yabantu, kwanabakhonzi bakaThixo, abenza izinto eziphosakeleyo baza bavuna imiphumo ebuhlungu. (1 Korinte 10:11) Omnye waloo mizekelo ngoka-Ananiyas noSafira, isibini esitshatileyo esasingamalungu ebandla lamaKristu lenkulungwane yokuqala eYerusalem.
10 Emva kwePentekoste yowama-33 C.E., kwafuneka kubonelelwe amakholwa amatsha awayesele eYerusalem ngenjongo yokungenelwa kumava abapostile. Amanye amalungu ebandla athengisa impahla yawo ukuze abelane nabasweleyo. (IZenzo 2:41-45) UAnaniyas noSafira bathengisa intsimi yabo baza banika abapostile inxalenye yaloo mali babeyifumene besithi banikele ngayo yonke imali abayifumene ngokuthengisa loo ntsimi. Liyinyaniso elokuba uAnaniyas noSafira babenelungelo lokunikela ngaloo nto bafuna ukunikela ngayo kodwa babengenantshukumisa intle yaye babenganyanisekanga. Babefuna ukuzenza bahle ebandleni baze babonakale benikele ngemali eninzi. Ephefumlelwe ngomoya oyingcwele, umpostile uPetros wakubhenca ukunganyaniseki nokuhanahanisa kwabo yaye uYehova wababulala.—IZenzo 5:1-10.
11, 12. (a) Ziziphi ezinye izikhumbuzo eziphathelele ukunyaniseka? (b) Ziziphi iingenelo esizifumanayo ngenxa yokunyaniseka?
11 Kwanga ibali lika-Ananiyas noSafira lingasoloko lisisikhumbuzo ngokukodwa xa sicinga ngokuxoka ukuze sinconywe ngabantu. Sisenokubaqhatha abanye abantu kodwa asisokuze simkhohlise uYehova. (Hebhere 4:13) EZibhalweni sibongozwa ngokuphindaphindiweyo ukuba sinyaniseke kwabanye kuba amaxoki akayi kuba nasabelo kumhlaba onobulungisa. (IMizekeliso 14:2; ISityhilelo 21:8; 22:15) Siyaqondakala isizathu soko. Umthombo wabo bonke ubuxoki nguSathana uMtyholi.—Yohane 8:44.
12 Xa sihlala sinyanisekile sifumana iingenelo ezininzi. Ezinye zazo kukuba nesazela esicocekileyo nokuthenjwa ngabanye. Kwiimeko ezininzi, amaKristu aye aqeshwe okanye asebenze ixesha elide kwindawo yawo yengqesho ngenxa yokunyaniseka. Noko ke, eyona ngenelo yokwenene kukuba ukunyaniseka kusenza sibe ngabahlobo bakaThixo uSomandla.—INdumiso 15:1, 2.
Ukulondoloza Ubunyulu
13. Wayekweyiphi imeko uYosefu yaye wasabela njani?
13 UYosefu, unyana kasolusapho uYakobi wathengiswa ebukhobokeni eneminyaka eli-17 ubudala. Ekugqibeleni wasiwa kwindlu kaPotifare, igosa lenkundla laseYiputa yaye inkosikazi yeli gosa yaba nomdla kuYosefu. Yafuna ukuba neentlobano zesini noYosefu owayelityendyana elihle, yaye imihla ngemihla yayimbongoza isithi: “Ndilale.” UYosefu wayekude nentsapho yakowabo yaye kwakungekho mntu umaziyo kwelo lizwe. Wayesenokuba neentlobano zesini nalo mfazi kungabikho mntu ukwaziyo oko. Kodwa wathi akubanjwa ngenkani ngumkaPotifare, wabaleka.—Genesis 37:2, 18-28; 39:1-12.
14, 15. (a) Kutheni sinomdla kwibali likaYosefu? (b) Kutheni elinye ibhinqa elingumKristu linombulelo kuba laphulaphula izikhumbuzo zikaThixo?
14 UYosefu wayekhuliselwe kwintsapho eyoyika uThixo yaye wayeqonda ukuba kuphosakele ukuba abantu abangatshatanga babe neentlobano zesini. Wabuza wathi: “Ndingathini ukwenza obu bubi bukhulu kangaka ndize eneneni ndone kuThixo?” Mhlawumbi wafikelela kweso sigqibo ngenxa yokwazi umgaqo owamiselwa nguThixo e-Eden, wokuba umntu abe neqabane elinye lomtshato. (Genesis 2:24) Abantu bakaThixo namhlanje banokungenelwa xa becingisisa ngendlela awasabela ngayo uYosefu kuloo meko. Kwezinye iindawo, abantu banesimo sengqondo sikavula-zibhuqe ngokuphathelele ukuba neentlobano zesini kangangokuba ulutsha olungafuniyo ukubandakanyeka ekuziphatheni okubi luyagculelwa ngoontanga balo. Nabantu abadala baba neentlobano zesini nabantu abangatshatanga nabo. Ngenxa yoko, kubalulekile ukuba sihlale sicinga ngebali likaYosefu. Umgaqo kaThixo awukaguquki, ukuhenyuza nokukrexeza kusisono. (Hebhere 13:4) Abaninzi abaye baziphatha kakubi ngokwesini bayavuma ukuba kubalulekile ukuluphepha olo hlobo lokuziphatha. Eminye yemiphumo ebuhlungu kukuziva ungenasidima, ukuba nesazela, isikhwele, ukumitha nezifo ezidluliselwa ngeentlobano zesini. Kanye njengokuba iZibhalo zisitsho, umntu ohenyuzayo “wona nxamnye nomzimba wakhe.”—1 Korinte 5:9-12; 6:18; IMizekeliso 6:23-29, 32.
15 UJenny,b oliNgqina likaYehova elingatshatanga unesizathu sokuba nombulelo ngezikhumbuzo zikaThixo. Enye inzwana asebenza nayo yaqalisa ukwenza izimbo ezibonakalisa ukuba inomdla kuye. Yathi yakuphawula ukuba uJenny akanamdla le nzwana yenza izimbo ezigabadeleyo. Uthi: “Kwaba nzima ukulondoloza ubunyulu kuba uyakhohliseka xa uphawula ukuba umntu wesini esahlukileyo utsaleleke kuwe.” Kodwa wafumanisa ukuba maninzi amabhinqa eye yaba neentlobano zesini kunye nawo le ndoda. Wathi akuzibona ukuba ufuna ukunikezela, wabongoza uYehova ukuba amncede ahlale ethembekile kuye. Xa esenza uphando ngokufundisisa iBhayibhile neempapasho zamaKristu uJenny uthi wayefumana izikhumbuzo ezazimenza aphaphame. Esinye sezo zikhumbuzo libali likaYosefu nomkaPotifare. Uthi: “Lo gama nje ihlala ithe thaa engqondweni yam indlela endimthanda ngayo uYehova, andinasizathu sakoyika ukuba ndiya kwenza obu bubi bukhulu kangaka ndize ndone phambi kwakhe.”
Phulaphula Izikhumbuzo ZikaThixo!
16. Sinokungenelwa njani xa sifunda naxa sicamngca ngobomi babantu ekuthethwa ngabo eBhayibhileni?
16 Sonke sinokulwandisa uxabiso esinalo ngemilinganiselo kaYehova ngokuzama ukuqonda isizathu sokuba alungiselele ukuba iingxelo ezithile zifakwe eZibhalweni. Sifunda ntoni kwezi ngxelo? Ziziphi iimpawu okanye utyekelo ababenalo abantu ekuthethwa ngabo eBhayibhileni ekufuneka siluxelise okanye siluphephe? Bangamakhulukhulu abantu ekuthethwa ngabo kwiLizwi likaThixo. Bonke abo bathanda ukufundiswa nguThixo banokungenelwa xa benokuhlakulela ukuba nomnqweno wokufumana ubulumko obusa ebomini, kuquka izifundo esinokuzifunda kwimizekelo esiyilungiselelwe nguYehova. Kweli phephancwadi kudla ngokuxutyushwa ngeengxelo zabantu ekuthethwa ngabo eBhayibhileni yaye sinokufunda lukhulu kuzo. Kutheni ungaziniki ixesha lokuzifunda?
17. Uvakalelwa njani ngezikhumbuzo zikaYehova yaye kutheni uvakalelwa ngaloo ndlela nje?
17 Hayi indlela esinombulelo ngayo ngenkxalabo enothando eboniswa nguYehova ngabo bazabalazela ukwenza ukuthanda kwakhe! Liyinyaniso elokuba asifezekanga kanye njengokuba amadoda namabhinqa ekuthethwa ngawo eBhayibhileni ayengafezekanga. Noko ke, ingxelo ebhaliweyo ephathelele izinto awazenzayo iyingenelo kakhulu kuthi. Xa siphulaphula izikhumbuzo zikaYehova, sinokuphepha ukwenza iziphoso ezinzulu yaye sinokuxelisa imizekelo yabo bahamba kwiindlela zobulungisa. Ukuba senjenjalo, siya kuvakalelwa njengomdumisi owathi: “Banoyolo abo bagcina izikhumbuzo [zikaYehova]; bamfune ngentliziyo yonke. Umphefumlo wam uzigcinile izikhumbuzo zakho, kwaye ndizithanda ngokugqithiseleyo.”—INdumiso 119:2, 167.
[Imibhalo esemazantsi]
a Bona Incwadi Yonyaka YamaNgqina KaYehova Yowe-1996, yesiNgesi iphepha 160-2.
b Asilogama lakhe.
Ubuya Kuphendula Uthini?
• Sinokufunda ntoni kwindlela uDavide awayemjonga ngayo uSawule?
• Sifunda ntoni kwingxelo ka-Ananiyas noSafira?
• Kutheni sinomdla kwibali likaYosefu?
[Umfanekiso okwiphepha 26]
Kwakutheni ukuze uDavide angavumi ukuba uSawule abulawe?
[Umfanekiso okwiphepha 27]
Sifunda ntoni kwingxelo ka-Ananiyas noSafira?
[Umfanekiso okwiphepha 28]
Yintoni eyabangela ukuba uYosefu angavumi ukuziphatha kakubi?