IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w06 8/1 iphe. 31
  • Imibuzo Evela Kubafundi

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Imibuzo Evela Kubafundi
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2006
  • Amanqaku Afanayo
  • “Unoyolo Umntu Ofumene Ubulumko”
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2001
  • “Bonke Ubuncwane Bobulumko”
    ‘Yiba Ngumlandeli Wam’
  • ‘Hayi Ubunzulu Bobulumko BukaThixo!’
    Sondela KuYehova
  • Ubulumko Bokwenene Butsho Ngesikhalo Esikhulu
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Efundwayo)—2022
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2006
w06 8/1 iphe. 31

Imibuzo Evela Kubafundi

Sazi njani ukuba inkcazelo yobulumko ekwiMizekeliso 8:22-31 ibhekisela kuYesu Kristu ngaphambi kokuba aze kuphila njengomntu emhlabeni?

Inkcazelo yobulumko ephefumlelweyo ekwincwadi yeMizekeliso ifundeka ngolu hlobo: “UYehova wandivelisa njengentlahlela yendlela yakhe, oyena ungaphambili kwizinto awazifezayo kwakudala. . . . Ngaphambi kokuzinziswa kweentaba, ngaphambi kweenduli, ndazalwa ngenimba . . . Ekuwalungiseni kwakhe amazulu ndandikho; . . . ngoko ndandisecaleni kwakhe njengomsebénzi onobuchule, yaye wayendithanda ngokukhethekileyo imihla ngemihla, ndichulumanca phambi kwakhe amaxesha onke, . . . nezinto endazithandayo zazikoonyana babantu.”

Esi sibhalo asinakuba sibhekisela nje kubulumko bukaThixo okanye ubulumko bokoqobo obubasemntwini. Kutheni kungenakubanjalo nje? Kungenxa yokuba ubulumko ekuthethwa ngabo apha ‘baveliswa,’ okanye badalwa, njengentlahlela yendlela kaYehova. UYehova uThixo ebesoloko ekho yaye enobulumko. (INdumiso 90:1, 2) Ubulumko bakhe zange bube nasiqalo; bungazange badalwa okanye baveliswa. Abuzange ‘buzalwe ngenimba.’ Ngaphezulu, obu bulumko kuthiwa buyathetha yaye bumela umntu othile.—IMizekeliso 8:1.

Incwadi yeMizekeliso ithi ukususela kwakudala obu bulumko babusecaleni koYehova, uMdali, “njengomsebénzi onobuchule.” Nakanjani na oko kubhekisela kuYesu. Kude kudala ngaphambi kokuba eze emhlabeni, uYesu wayesebenza ngokusondeleyo noYehova kangangokuba iLizwi likaThixo lithi: “Ungaphambi kwazo zonke ezinye izinto yaye zenziwa zabakho ngaye zonke ezinye izinto.”—Kolose 1:17; ISityhilelo 3:14.

Yinto efanelekileyo ukufanisa uNyana kaThixo nobulumko, kuba nguye owatyhila injongo nemithetho yobulumko kaYehova. Ngaphambi kokuba abe ngumntu emhlabeni, uYesu wayenguLizwi likaThixo, okanye iSithethi sakhe. (Yohane 1:1) Uchazwa ngokuba ‘ungamandla kaThixo nobulumko bukaThixo.’ (1 Korinte 1:24, 30) Hayi indlela achazwa kakuhle ngayo uNyana kaThixo, owathi ngenxa yokuthanda kwakhe abantu wanikela ngobomi bakhe baba yintlawulelo ngenxa yabo!—Yohane 3:16.

[Umfanekiso okwiphepha 31]

“Ngaphambi . . . kweentaba . . . ndazalwa”

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share