IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w06 8/15 iphe. 25-29
  • “Nivile Ngonyamezelo LukaYobhi”

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • “Nivile Ngonyamezelo LukaYobhi”
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2006
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • Ukuzazi Zonke Iinkcukacha
  • Izinto Ezinokusinceda Sinyamezele
  • Abaluleki Abanobulumko Abasinceda Sikwazi Ukunyamezela
  • Unoyolo Umntu Onyamezelayo
  • UYehova Wayipholisa Intlungu Yakhe
    Xelisa Ukholo Lwabo
  • Isifundo Ngendlela Yokusingatha Iingxaki
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1995
  • Umvuzo KaYobhi—Umthombo Wethemba
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1994
  • Incwadi YeBhayibhile 18—Yobhi
    “Sonke ISibhalo Siphefumlelwe NguThixo Kwaye Siyingenelo”
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2006
w06 8/15 iphe. 25-29

“Nivile Ngonyamezelo LukaYobhi”

“Nivile ngonyamezelo lukaYobhi, nayibona nendlela uYehova awambuyekeza ngayo, ngokuba uYehova unomsa omkhulu nenceba.”—YAKOBI 5:11.

1, 2. Esinye isibini esitshatileyo sasePoland savavanywa njani?

XA UMKHOSI kaHitler wathimba iDanzig (ngoku eyiGdańsk) ekumantla ePoland, uHarald Abt wayenexesha elingaphantsi konyaka eliNgqina likaYehova. Izinto zaba nzima ngokwenene, ubomi bamaKristu okwenyaniso baba semngciphekweni. AmaGestapo azama ukumnyanzela uHarald ukuba atyobele uxwebhu oluthi uyalulahla ukholo lwakhe, kodwa atsho phantsi. Emva kweeveki ezithile esentolongweni, uHarald wathunyelwa kwinkampu yoxinaniso eSachsenhausen, apho wayesoloko egrogriswa yaye etywatyushwa. Lisalatha itshimini yendawo ekutshiswa kuyo izidumbu, elinye igosa lathi, “Uza kunyuka phayaa usiya kuloo Yehova wakho kwiintsuku ezili-14 ukususela ngoku ukuba akululahli olu nqulo lwakho.”

2 Ukubanjwa kukaHarald, umfazi wakhe uElsa wayencancisa intombazana yabo eyayineenyanga ezilishumi ubudala. Sekunjalo, amaGestapo ambek’ esweni uElsa. Kungekudala wahluthwa kuye, waza yena wathunyelwa kwinkampu yoxinaniso eAuschwitz. Kodwa wanyamezela kangangeminyaka, ngokufanayo noHarald. Unokufunda okungakumbi ngendlela abanyamezela ngayo kwiMboniselo kaOktobha 15, 1980. UHarald wabhala: “Ndichithe iminyaka eli-14 yobomi bam kwiinkampu zoxinaniso nasezintolongweni ngenxa yokholo lwam kuThixo. Ndiye ndabuzwa: ‘Ngaba umfazi wakho wakunceda ukuze unyamezele konke oku?’ Ngokwenene undincedile! Ndandisazi kwasekuqaleni ukuba wayengasoze alutyeshele ukholo lwakhe, yaye olo lwazi lwandinceda ndanyamezela. Ndandisazi ukuba wayenokukhetha ukundibona ndifile kunokwazi ukuba ndandikhululekile ngenxa yokuba ndiye ndalutyeshela ukholo. . . . UElsa wanyamezela ubunzima obuninzi ngethuba leminyaka yakhe kwiinkampu zoxinaniso zaseJamani.”

3, 4. (a) Ngumzekelo woobani onokukhuthaza amaKristu ukuze anyamezele? (b) Kutheni iBhayibhile isibongoza ukuba sihlolisise okwenzeka kuYobhi?

3 AmaNgqina amaninzi ayavuma ukuba akuyondlwan’ iyanetha ukubandezeleka ngenxa yobungendawo. Ngenxa yoku, iBhayibhile iluleka onke amaKristu isithi: “Bathabatheni njengomzekelo wokunyamezela ububi nowokuqhelisela umonde abaprofeti, ababethetha egameni likaYehova.” (Yakobi 5:10) Ukutyhubela iinkulungwane, abakhonzi bakaThixo abaninzi baye batshutshiswa ngaphandle kwesizathu. Umzekelo owamiselwa leli ‘lifu lamangqina’ unokusikhuthaza ukuze siqhubeke silubaleka ngonyamezelo ugqatso lwamaKristu.—Hebhere 11:32-38; 12:1.

4 Kwingxelo yeBhayibhile, oyena mntu ungumzekelo obalaseleyo wonyamezelo nguYobhi. UYakobi wabhala: “Khangelani! Sibabhengeza njengabanoyolo abo baye banyamezela. Nivile ngonyamezelo lukaYobhi, nayibona nendlela uYehova awambuyekeza ngayo, ngokuba uYehova unomsa omkhulu.” (Yakobi 5:11) Umzekelo kaYobhi usithela thsuphe ngomvuzo abawulindeleyo abo bathembekileyo, abathandwayo nguYehova. Okona kubaluleke ngakumbi, usibonisa inyaniso eya kusinceda ngamaxesha obunzima. Incwadi kaYobhi iyasinceda sikwazi ukuphendula imibuzo enjengale: Xa sivavanywa, kutheni simele sizame ukuziqonda izinto ezibalulekileyo ezibandakanyekileyo? Ziziphi iimpawu kwanesimo sengqondo esisincedayo ukuze sikwazi ukunyamezela? Sinokuwomeleza njani amanye amaKristu xa ejamelene neembandezelo?

Ukuzazi Zonke Iinkcukacha

5. Yiyiphi eyona mbambano ibalulekileyo emele ihlale inkenteza ezingqondweni zethu xa sijamelene neemvavanyo kunye nezilingo?

5 Ukuze sihlale silungelelene ngokomoya nakuba sijamelene neenkathazo, kufuneka sikwazi konke okubandakanyekileyo. Kungenjalo, iingxaki zinokubangela ukuba imbono yethu ngezinto zokomoya ifiphale. Eyona mbambano ibalulekileyo kukunyaniseka kuThixo. UBawo wethu osezulwini usibongoza esithi: “Yiba nobulumko, nyana wam, uze uyenze ibe nemihlali intliziyo yam, ukuze ndimphendule ondingcikivayo.” (IMizekeliso 27:11) Eli lilungelo elikhetheke ngokwenene! Phezu kwabo nje ubuthathaka nokungafezeki kwethu, sinokumvuyisa uMdali wethu. Oko sikwenza xa indlela esimthanda ngayo uYehova isenza sikwazi ukumelana neemvavanyo kunye nezilingo. Uthando lokwenene lwamaKristu lunyamezela izinto zonke. Aluze lutshitshe.—1 Korinte 13:7, 8.

6. USathana umgculela njani uYehova, yaye umgculela ukusa kuwuphi umlinganiselo?

6 Incwadi kaYobhi itsho ngokucacileyo ukuba uSathana ugculela uYehova. Kwakhona idandalazisa isimo sengqondo esingendawo solu tshaba lungabonakaliyo kwanomnqweno walo wokuphelisa ulwalamano lwethu noThixo. Njengoko kubonisiwe kwimeko kaYobhi, ngokusisiseko uSathana utyhola bonke abakhonzi bakaYehova esithi bamkhonza ngenxa yokuzingca yaye ufuna ukungqina ukuba banokuphelelwa luthando ngoThixo. Uye wagculela uThixo kangangamawaka eminyaka. Xa uSathana wayegxothwa ezulwini, kwavakala ilizwi lisithi ‘ngummangaleli wabazalwana bethu’ yaye ‘ubamangalela imini nobusuku phambi koThixo wethu.’ (ISityhilelo 12:10) Xa sinyamezela sithembekile, sibonisa indlela ezibubuxoki ngayo ezi zityholo.

7. Sinokulwa njani nobuthathaka esinabo emzimbeni?

7 Singaze silibale ukuba uMtyholi uya kuxhakamfula naliphi na ithuba sibandezelekile ezama ukusenza simshiye uYehova. Wasebenzisa liphi ithuba xa wayehenda uYesu? Wamhenda ngoxa uYesu wayelambile emva kweentsuku ezininzi ezile ukutya. (Luka 4:1-3) UYesu wakwazi ukuma eqinile kwezo zihendo zikaMtyholi ngenxa yokuba wayomelele ngokomoya. Hayi indlela ekubaluleke ngayo ukuba somelele ngokomoya ukuze silwe nabo nabuphi na ubuthathaka bomzimba esinabo—mhlawumbi obubangelwa sisifo esithile okanye kukwaluphala! Kwanokuba “umntu esinguye ngaphakathi uya esonakala,” asityhafi kuba “umntu esinguye ngaphakathi wenziwa mtsha kwakhona imihla ngemihla.”—2 Korinte 4:16.

8. (a) Ukuxheleka emoyeni kunokusichaphazela njani? (b)Sisiphi isimo sengqondo awayenaso uYesu?

8 Ukongezelela, ukungxunguphala kunokusenza buthathaka ngokomoya. Mhlawumbi usenokuzibuza, ‘Kutheni uYehova evumele ukuba oku kwenzeke?’ Emva kokuba engaphathwanga ngendlela efanelekileyo omnye usenokuzibuza, ‘Kutheni endiphatha ngale ndlela lo mzalwana?’ Ukuvakalelwa ngale ndlela kusenokubangela ukuba singayinanzi eyona mbambano iphambili size sicinge kuphela ngemeko esikuyo. Indlela awayexheleke ngayo emoyeni uYobhi ngenxa yoongantweni abangamaqabane akhe amathathu ibonakala ifana nendlela awayexheleke ngayo ngokwasenyameni ngenxa yesigulo awayenaso. (Yobhi 16:20; 19:2) Ngokufanayo, umpostile uPawulos wathi ngokuhlala uqumbile ‘unokumvulela indawo uMtyholi.’ (Efese 4:26, 27) Kunokuba ube yintw’ ibila ngenxa yokuba umbandela othile ungasingathwanga ngokusesikweni, amaKristu axelisa uYesu ‘ngokuzinikela kulowo ugweba ngobulungisa,’ uYehova uThixo. (1 Petros 2:21-23) Ukuba ‘sizimisele ngokufanayo’ noYesu, sinokuzikhusela kwiintlaselo zikaSathana.—1 Petros 4:1.

9. UThixo usiqinisekisa ngantoni ngemithwalo yethu okanye ngezilingo esijamelana nazo?

9 Asimele sicinge ukuba xa sineengxaki oko kuthetha ukuba uThixo akasithandi. Loo ngcinga iphosakeleyo yayenza yalihlwili intliziyo kaYobhi ngenxa yezinto ezimbi ezazithethwa ngabathuthuzeli bakhe abayindinisa. (Yobhi 19:21, 22) IBhayibhile iyasiqinisekisa: “UThixo akanakulingwa ngezinto ezimbi yaye naye akalingi mntu.” (Yakobi 1:13) Ngokwahlukileyo koko, uYehova usithembisa ukuba uya kusinceda sinyamezele nabuphi na ubunzima esijamelana nabo yaye uya kusisindisa kuso nasiphi na isilingo. (INdumiso 55:22; 1 Korinte 10:13) Ukuba sisondela kuThixo xa sisembandezelweni, asisayi kuphakuzela yaye siya kukwazi ukumchasa uMtyholi.—Yakobi 4:7, 8.

Izinto Ezinokusinceda Sinyamezele

10, 11. (a) UYobhi wancedwa yintoni ukuze anyamezele? (b) Ukuba nesazela esilungileyo kwamnceda njani uYobhi?

10 Nakuba uYobhi wayesehlelwa zizinto ezibuhlungu—egculelwa “ngabathuthuzeli” bakhe yaye naye engasazi isizathu sokuba ehlelwe yile ntlekele—uYobhi wagcina ingqibelelo. Yintoni esinokuyifunda kwindlela awanyamezela ngayo? Alithandabuzeki elokuba eyona nto yabangela ukuba akwazi ukuzinyamezela zonke ezo zinto yayikukuthembeka kwakhe kuYehova. ‘Wayesoyika uThixo yaye ephambuka ebubini.’ (Yobhi 1:1) Leyo yindlela awayephila ngayo. UYobhi akazange amnikel’ umva uYehova, nakuba wayengasiqondi isizathu sokuba ngokuqhwanyaza kweliso, izinto zimhambele kakubi ngale ndlela. Wayekholelwa kukuba ufanele amkhonze uThixo ngamaxesha amnandi nanzima.—Yobhi 1:21; 2:10.

11 Enye into eyamthuthuzelayo uYobhi kukuba nesazela esilungileyo. Xa kwakubonakala ngathi ujongene nengcwaba, wayethuthuzelwa kukwazi ukuba wenze konke okusemandleni akhe enceda abanye, yaye uye wabambelela kwimilinganiselo kaYehova yobulungisa, yaye uye walugatya unqulo lobuxoki.—Yobhi 31:4-11.

12. UYobhi wasabela njani xa wayencedwa nguElihu?

12 Kakade ke, liyinyaniso elokuba zikho iinkalo ekwakufuneka ancedwe kuzo uYobhi ukuze alungise imbono awayenayo. Ngokuthobeka walwamkela olo ncedo—nto leyo ibalulekileyo neyamnceda wakwazi ukunyamezela. Ngentlonelo uYobhi wasiphulaphula isiluleko esasivela kuElihu, waza walwamkela uqeqesho lukaYehova. Wavuma esithi: “Ndithethile, kodwa bendingaziqondi. Ndiyarhoxa, yaye ndiyaguquka ndiseluthulini naseluthuthwini.” (Yobhi 42:3, 6) Nakuba wayengekaphili kwisifo awayenaso, uYobhi wavuyiswa kukubona ukuba ukutshintsha indlela awayecinga ngayo kwamsondeza ngakumbi kuThixo. UYobhi wathi: “Ndiyazi ukuba [wena Yehova] uyakwazi ukuzenza zonke izinto.” (Yobhi 42:2) Enombulelo ngendlela uYehova abuchaza ngayo ubungangamsha bakhe, uYobhi wacacelwa ngakumbi sisikhundla sakhe xa kuthelekiswa noMdali.

13. Ukuba nenceba kwamnceda njani uYobhi?

13 Ekugqibeleni, uYobhi ngowona mzekelo ubalaseleyo wokuba nenceba. Abathuthuzeli bakhe bobuxoki bayenza yalihlwili intliziyo yakhe, sekunjalo, xa uYehova wamxelela ukuba abathandazele, wenjenjalo. Emva koko, uYehova wamphilisa uYobhi. (Yobhi 42:8, 10) Licace mhlophe elokuba, ingqumbo ayisoze isenze sikwazi ukunyamezela, kanti uthando nenceba ezo zinto ziya kusinceda sinyamezele. Ukungabi nanqala kuyasihlaziya ngokomoya, yaye oko kuyamkholisa uYehova.—Marko 11:25.

Abaluleki Abanobulumko Abasinceda Sikwazi Ukunyamezela

14, 15. (a) Ziziphi iimpawu eziya kunceda umluleki akwazi ukuphilisa abanye? (b) Chaza isizathu sokuba uElihu akwazi ukumnceda uYobhi.

14 Esinye isifundo esisifumana kule ngxelo kaYobhi kukubaluleka kokuba nabaluleki abanobulumko. Aba bangabazalwana ‘abazalelwe ixesha lokubandezeleka.’ (IMizekeliso 17:17) Noko ke, njengoko oko kwenzeka kuYobhi kubonisa, abanye abaluleki basenokuwenza nzulu amanxeba kunokuba bawapholise. NjengoElihu, abaluleki abafanelekileyo bafanele babe novelwano, intlonelo nobubele. Abadala kunye namanye amaKristu aqolileyo kusenokufuneka balungise indlela abacinga ngayo abazalwana abasezingxakini, yaye ukuze bakwazi ukwenjenjalo, ukufunda incwadi kaYobhi kunokubanceda kakhulu.—Galati 6:1; Hebhere 12:12, 13.

15 Zininzi izifundo ezibalaseleyo esinokuzifumana kwindlela awusingatha ngayo uElihu lo mcimbi. Wazipha ixesha waphulaphula ngaphambi kokuba aphendule kumazwi ahlabayo amaqabane kaYobhi amathathu. (Yobhi 32:11; IMizekeliso 18:13) UElihu wambiza ngegama uYobhi waza wathetha naye njengomhlobo. (Yobhi 33:1) Akazange afane nabathuthuzeli bobuxoki abazenza ngathi babhetele kunoYobhi. Wathi: “Nam, ndabunjwa ngodongwe.” Wayengafuni ukuthetha engacinganga nto leyo eyayiza kongezelela kumanxeba kaYobhi. (Yobhi 33:6, 7; IMizekeliso 12:18) Kunokuba agxeke indlela uYobhi awayeziphethe ngayo ngaphambili, uElihu wamncoma ngobulungisa bakhe. (Yobhi 33:32) Okona kubaluleke nangakumbi kukuba, uElihu wazijonga izinto ngendlela uThixo azijonga ngayo waza wamnceda uYobhi wabona ukuba uYehova akasoze enze ngokungekho sikweni. (Yobhi 34:10-12) Wamkhuthaza uYobhi ukuba alindele kuYehova kunokuba azame ukuzibonakalisa elilungisa. (Yobhi 35:2; 37:14, 23) Abadala abangamaKristu banokuzuza lukhulu kwizifundo ezinjengezi.

16. Abathuthuzeli bakaYobhi abathathu baba zizixhobo zikaSathana ngayiphi indlela?

16 Isiluleko sikaElihu sobulumko sahluke ngokupheleleyo kumazwi ahlabayo kaElifazi, uBhiledadi noTsofare. UYehova wathi kubo: “Anithethanga inyaniso ngam.” (Yobhi 42:7) Enoba babenokuthi babeneenjongo ezintle, baba zizixhobo zikaSathana kunokuba babe ngabahlobo abathembekileyo. Kwasekuqaleni bobathathu babecinga ukuba uYobhi uvuna akuhlwayeleyo ngezo nkxwaleko. (Yobhi 4:7, 8; 8:6; 20:22, 29) Ngokutsho kukaElifazi, uThixo akabathembi abakhonzi bakhe, Kuye akunamsebenzi enoba singamalungisa okanye asingawo. (Yobhi 15:15; 22:2, 3) Wade wamtyhola uYobhi ngobugwenxa angabenzanga. (Yobhi 22:5, 9) Kweliny’ icala, uElihu wamnceda uYobhi ngokomoya, nto leyo esoloko ilusukelo lomluleki onothando.

17. Yintoni esimele siyikhumbule xa sijamelene nesilingo?

17 Sikho nesinye isifundo esiphathelele ukunyamezela esinokusifumana kwincwadi kaYobhi. UThixo wethu onothando uyayiqonda imeko yethu, uyafuna yaye uyakwazi ukusinceda ngeendlela ezahlukahlukeneyo. Ngaphambili sifunde ngoko kwenzeka kuElsa Abt. Ecinga ngesigqibo asenzileyo wathi: “Ngaphambi kokubanjwa kwam, ndandifunde incwadi yodade owayesithi xa ujamelene nezilingo ezinzima umoya kaYehova ukwenza ube noxolo lwengqondo. Ndacinga ukuba noko wayezibax’ izinto. Kodwa xa mna ndajamelana nezilingo, ndaqonda ukuba wayenyanisile. Ngokwenene, loo nto iyenzeka. Kunzima ukuyiqonda ukuba akuzange ube sebunzimeni. Kodwa loo nto yenzeka ngokwenene kum. UYehova uluncedo.” UElsa wayengathethi ngento anokuyenza uYehova okanye awayenzayo ngemihla kaYobhi kwiminyaka engamawaka eyadlulayo. Wayethetha ngento eyenzeke kwixesha lethu. Ewe, “uYehova uluncedo”!

Unoyolo Umntu Onyamezelayo

18. Ukunyamezela kwamnceda njani uYobhi?

18 Bambalwa kuthi abaya kubandezeleka ngokuqatha njengoYobhi. Kodwa naluphi na uvavanyo esijamelana nalo kule nkqubo yezinto, sinezizathu ezivakalayo zokugcin’ ingqibelelo njengoYobhi. Phofu ke, ukunyamezela kukaYobhi kwabenza ubomi bakhe banenjongo. Kwamphelelisa. (Yakobi 1:2-4) Kwalomeleza ulwalamano lwakhe noThixo. UYobhi wathi: “Ndikuve ngondiva, kodwa ngoku iliso lam liyakubona. (Yobhi 42:5) USathana wangqineka elixoki kuba akazange akwazi ukumenza uYobhi angayigcini ingqibelelo. Kwiminyaka engamakhulu kamva, uYehova wayesathetha ngomkhonzi wakhe uYobhi njengomzekelo womntu owayelilungisa. (Hezekile 14:14) Ukulondoloza kwakhe ingqibelelo nokunyamezela kusabakhuthaza nanamhlanje abakhonzi bakaThixo.

19. Kutheni ucinga ukuba kubalulekile ukunyamezela?

19 Xa uYakobi wabhalela amaKristu enkulungwane yokuqala ngokunyamezela, wayethetha ngolwaneliseko olubangelwa kukunyamezela. Wasebenzisa umzekelo kaYobhi ebakhumbuza ukuba uYehova ubavuza ngokuyintabalala abakhonzi bakhe abathembekileyo. (Yakobi 5:11) KuYobhi 42:12 sifunda oku: “Ke yena uYehova, wakusikelela ukuphela kukaYobhi emva koko ngaphezu kwesiqalo sakhe.” UThixo wazibuyisela ngokuphindwe kabini zonke izinto awayephulukene nazo uYobhi, yaye waphila ubomi obude onwabile. (Yobhi 42:16, 17) Ngokufanayo, nayiphi na intlungu nokubandezeleka ekusenokufuneka sikunyamezele ebudeni besiphelo sale nkqubo yezinto kuya kutshayelwa kuthi tu, kungafiki nokufika ezingqondweni zethu kwihlabathi elitsha. (Isaya 65:17; ISityhilelo 21:4) Sivile ngonyamezelo lukaYobhi, yaye ngoncedo lukaYehova sizimisele ukuxelisa umzekelo kaYobhi. IBhayibhile ithembisa isithi: “Unoyolo umntu oqhubeka enyamezela isilingo, ngenxa yokuba akuba ekholekile uya kwamkela isithsaba sobomi, awabathembisa ngaso [uYehova] abo baqhubeka bemthanda.”—Yakobi 1:12.

Unokuphendula Uthini?

• Sinokuyivuyisa njani intliziyo kaYehova?

• Kutheni singenakugqiba ngelithi iingxaki zethu zibangelwa kukuba uThixo akasakholiswa sithi?

• Ziziphi izinto ezamncedayo uYobhi ukuze akwazi ukunyamezela?

• Sinokumxelisa njani uElihu xa sisomeleza abanye abazalwana?

[Umfanekiso okwiphepha 28]

Umluleki ofanelekileyo uba novelwano, intlonelo nobubele

[Imifanekiso ekwiphepha 29]

UElsa noHarald Abt

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share