IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w06 9/1 iphe. 6-7
  • Unqulo Olufanelekileyo

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Unqulo Olufanelekileyo
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2006
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • Ukuphila Ubomi Obunenjongo
  • Ukuba Ngumntu Olungileyo
  • Ithemba Ngekamva
  • Ngaba Umele Uhlanganisane Nabanye Ukuze Unqule UThixo?
    Vukani!—2012
  • Abakhonzi BakaThixo—Abantu Abalungeleleneyo Nabonwabileyo
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1994
  • Unqulo Olumkholisayo UThixo
    Yintoni Ngokwenene Efundiswa YiBhayibhile?
  • Ukukhonza UThixo Ngendlela Ayifunayo
    Isifundisa Ntoni IBhayibhile?
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2006
w06 9/1 iphe. 6-7

Unqulo Olufanelekileyo

UMDUMISI uAsafu wathi: “Ukusondela kuThixo kulungile kum.” Wakha wacinga ukuxelisa abo bangenaxesha likaThixo kuba befuna ukuhamba ngabayibonayo. Noko ke uAsafu waphinda wacinga ngokubaluleka kokusondela kuThixo waza wabona ukuba yeyona nto ilungileyo. (INdumiso 73:2, 3, 12, 28) Ngaba unqulo lokwenyaniso lolona lulungileyo kuwe namhlanje? Lunokuba luncedo njani?

Ukunqula uThixo oyinyaniso kukunceda ungacingi nje ngokuphilela isiqu sakho. Ngenxa yendlela asidale ngayo ‘uThixo wothando,’ abo baphilela iziqu zabo abanakuze balufumane ulonwabo. (2 Korinte 13:11) UYesu wafundisa inyaniso emsulwa ngabantu xa wathi: “Kunoyolo ngakumbi ukupha kunokwamkela.” (IZenzo 20:35) Yiloo nto sikuthanda nje ukwenzela abahlobo nezalamane zethu izinto. Kodwa olona yolo lubangelwa kukwenzela uThixo izinto. Nguye esimele simthande ukodlula nabani na. Izigidi zabantu abaneemvelaphi ezahlukahlukeneyo ziye zafumanisa ukuba ukunqula uThixo ngokwenza ukuthanda kwakhe yeyona nto yanelisayo.—1 Yohane 5:3.

Ukuphila Ubomi Obunenjongo

Unqulo lokwenyaniso lolona lulungileyo emntwini kuba lumenza aphile ubomi obunenjongo. Ngaba ukhe wayiphawula indlela avuya ngayo umntu xa eziva enento ebalulekileyo ayenzileyo? Inkoliso yabantu inezinto efuna ukuzenza ebomini, enoba izenzela intsapho, abahlobo, ushishino, okanye ukuzonwabisa. Ngenxa yezinto ezenzeka ebomini, ezo zinto zidla ngokungalufezekisi olo lonwabo balufunayo. (INtshumayeli 9:11) Noko ke, unqulo lokwenyaniso lukunceda ube nenjongo ebomini, injongo ekushiya wanelisekile nokuba sekukho izinto ezingakuhambeli kakuhle.

Unqulo lokwenyaniso lubandakanya ukumazi nokumkhonza ngokunyaniseka uYehova. Abantu abenza oko bayasondela kuThixo. (INtshumayeli 12:13; Yohane 4:23; Yakobi 4:8) Usenokuyibona inzima into yokuba ungamazi ngolo hlobo uThixo de abe ngumhlobo wakho. Kodwa xa ucamngca ngendlela aqhubana ngayo naleyo abadale ngayo abantu bakhe, ungatsho ubuqonde kakuhle ubuntu bakhe. (Roma 1:20) Ngaphezulu, xa ufunda iLizwi likaThixo unokusazi isizathu sokuba lapha kwethu, esokuba uThixo evumele ukubandezeleka nendlela aya kukuphelisa ngayo. Eyona nto ibangela umdla isenokuba yindlela wena onokuba negalelo ngayo ekuphunyezweni kwenjongo kaThixo. (Isaya 43:10; 1 Korinte 3:9) Ukwazi ezo zinto kungakwenza ubujonge ngeny’ indlela ubomi!

Ukuba Ngumntu Olungileyo

Unqulo lokwenyaniso lufanelekile kuba lunceda umntu abe ngolungileyo. Njengoko uzama ukumnqula ngenyaniso uThixo, uya uzabalazela ubuntu obuya kukunceda wakhe ubuhlobo nabanye abantu. Ufunda kuThixo nakuNyana wakhe indlela yokunyaniseka, ukuba novelwano nokuba ngumntu ekunokuthenjelwa kuye. (Efese 4:20–5:5) Xa umazi kakuhle de umthande uThixo, uye uvakalelwe kukuba umele umxelise. IBhayibhile ithi: “Yibani ngabaxelisa uThixo, njengabantwana abaziintanda.”—Efese 5:1, 2.

Ibingayi kuba mnandi na into yokungqongwa ngabantu abanothando njengoThixo? Okumnandi kukuba, ukunqula uThixo oyinyaniso asiyonto yoonkom’ idla yodwa. Kwenza unxibelelane nabanye abantu abathanda okulungileyo nokuhle. Kakade, usenokungayiginyi ncam into yonqulo olulungelelanisiweyo oluneqela labantu. Njengokuba siye sabona kwinqaku elandulela eli, ingxaki yeecawa ezininzi asikokuba zilungelelanisiwe zaneqela labantu, kodwa kukuba azilungelelaniswanga ngokufanelekileyo nangenjongo entle. Ezininzi zenzelwe iinjongo ezingezozabuKristu. Abantu bakaThixo balungelelaniswe nguYehova ngokwakhe ebalungelelanisela injongo entle. IBhayibhile ithi: “UThixo unguThixo, kungekhona owesidubedube, kodwa owoxolo.” (1 Korinte 14:33) Njengezinye izigidi, usenokuba ukufumanisa kuluncedo ukuba phakathi kwamanye amaKristu.

Ithemba Ngekamva

IZibhalo Ezingcwele zibonisa ukuba uThixo ulungiselela ukuba abanquli bokwenyaniso basinde xa kuphela le nkqubo yezinto ikhoyo baze bazuze umhlaba omtsha njengelifa apho “kumi ubulungisa.” (2 Petros 3:13; ISityhilelo 7:9-17) Unqulo olulungileyo lumele lukwenze ube nethemba nto leyo efunekayo ukuze wonwabe. Bambi ithemba lekamva labo balibeke koorhulumente, amashishini aqhuba kakuhle, okanye ithemba lokuba sempilweni nokufumana umhlala-phantsi owanelisayo. Noko ke, kwezi zinto, zimbalwa ukuba zikho kwaukubakho ezinokwenza ubani aqiniseke ngekamva elonwabisayo. Kwelinye icala, umpostile uPawulos wathi: “Sibeke ithemba lethu kuThixo ophilayo.”—1 Timoti 4:10.

Ukuba wenza uphando olucokisekileyo uya kubafumana abanquli bokwenyaniso. Kweli hlabathi liziintlaba-zahlukane, uthando nomanyano luwahlula kakuhle amaNgqina kaYehova. Aphuma phantse kuzo zonke iintlanga zabantu neemvelaphi ezahlukeneyo; sekunjalo, amanyene kuba ayathandana yaye athanda uYehova. (Yohane 13:35) Ayakumema ukuba uzivele nawe le nto ayivayo. UAsafu wabhala wathi: “Ukusondela kuThixo kulungile kum.”—INdumiso 73:28.

[Umfanekiso okwiphepha 7]

Unako ukuba ngumhlobo kaThixo

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share