Xa Isalamane Siyeka Ukukhonza UYehova
UMARK noLouise ngamaNgqina kaYehova.a Bafundisa abantwana babo iZibhalo ngothando nenyameko kanye njengokuba iBhayibhile ibongoza abazali abangamaKristu ukuba benjenjalo. (IMizekeliso 22:6; 2 Timoti 3:15) Okubuhlungu kukuba, abanye babantwana babo abazange baqhubeke bekhonza uYehova besakuba badala. ULouise uthi: “Intliziyo yam iba lihlwili ngenxa yabo, andinakukwazi ukwenza ngathi ayindikhathazi lo nto? Xa abanye abazali bethetha ngoonyana babo, zisuka zithi waxa iinyembezi.”
Ewe, xa umntu ekhetha ukushiya uYehova nendlela yokuphila echazwe eZibhalweni, iintliziyo zezalamane ezithembekileyo ziba lihlwili. UIrene uthi: “Ndimthanda gqitha udadewethu, ndingenza nantoni eya kumenza abuyele kuYehova!” UMaria onomntakwabo owashiya uYehova waya kuziphatha kakubi, uthi: “Into endixhela gqitha kukuba ebeqhuba kakuhle gqitha kuzo zonke ezinye iinkalo zobomi. Ndiye ndimkhumbule kakhulu xa sinembutho zentsapho.”
Kutheni Kunzima Kangaka Nje?
Kutheni kusiba buhlungu kangaka nje kumaKristu xa umntwana okanye ilungu lentsapho lishiye uYehova? Kungenxa yokuba ayazi ukuba iZibhalo zithembisa ubomi obungunaphakade kumhlaba oyiparadesi kwabo baqhubeka bethembekile kuYehova. (INdumiso 37:29; 2 Petros 3:13; ISityhilelo 21:3-5) Akhangele phambili ekunandipheni ezi ntsikelelo namaqabane awo, abantwana bawo, abazali, abo azalwa nabo nabazukulwana. Hayi indlela ekubuhlungu ngayo xa ecinga ukuba izalamane zawo eziye zamshiya uYehova zisenokuphoswa! AmaKristu ayaqonda ukuba imithetho nemigaqo kaYehova iyawanceda nakob’ ubomi. Ngenxa yoko amaKristu ababuhlungu xa ebona izalamane zawo zihlwayela imbewu eya kuzenza zivune imiphumo ebuhlungu.—Isaya 48:17, 18; Galati 6:7, 8.
Kunokubanzima kwabanye abangazange behlelwe yintlungu elolu hlobo ukuyiqonda indlela exhela ngayo. Ichaphazela zonke iinkalo zobomi. ULouise uthi: “Kuba buhlungu ukubona abazali behleli nabantwana babo kwiintlanganiso zamaKristu bencokola yaye behleka. Naziphi izihlandlo zolonwabo zidutywa kukungabikho kwezalamane ezithile.” Omnye umdala ongumKristu ukhumbula iminyaka emine xa intombi yomfazi wakhe yaye yabashiya. Uthi: “Nezihlandlo zolonwabo zazingekho myoli. Ukuba ndipha umfazi wam isipho okanye ndimkhuphile ngempelaveki wayesuka alile, kuba ekhathazwa kukuba intombi yakhe ayikwazi kulixhamla elo thuba.”
Ngaba loo maKristu ayazibaxa izinto? Akunjalo. Kusenokwenzeka ukuba ngomlinganiselo othile oko kubonisa iimpawu zikaYehova ekubeni senziwe ngomfanekiso wakhe. (Genesis 1:26, 27) Kuthetha ntoni oku? Kanene, uYehova wayevakalelwa njani xa wayevukelwa ngabantu bakhe amaSirayeli? Ukususela kwiNdumiso 78:38-41, sifunda ukuba uYehova wayekhathazekile ebuhlungu. Nangona kunjalo, wayewalumkisa aze awaqeqeshe ngomonde, awaxolele ngokufuthi xa eguquka. Kucacile ukuba, uYehova unolwalamano olunzulu nezidalwa zakhe, ‘umsebenzi wezandla zakhe,’ kwaye akakhawulezi ukuncama. (Yobhi 14:15; Yona 4:10, 11) Nasebantwini wafaka imvakalelo enjalo, ibe ulwalamano lwamalungu entsapho lunokomelela gqitha. Akungomnqa ke ukuba abantu babebuhlungu xa isalamane sabo sikreqa.
Yinyaniso ukuba, ukuphulukana nesalamane ngokomoya sesinye sezona zilingo ziqatha ezehlela abanquli bokwenyaniso. (IZenzo 14:22) UYesu wathi ukwamkela isigidimi sakhe kwakuya kubangela iyantlukwano kwiintsapho ezithile. (Mateyu 10:34-38) Oku akuthethi kuthi isigidimi seBhayibhile sibangela ukwahlukana entsatsheni. Kunoko, amalungu entsapho angakholwayo okanye angathembekanga abangela lo msantsa, ngokuphambuka nokugatya, okanye ade ayichase indlela yamaKristu. Sinokumbulela, uYehova kuba akabashiyi abantu bakhe abathembekileyo bengenandlela yokuhlangabezana neemvavanyo ezibavelelayo. Ukuba nawe kanye ngalo mzuzu ubuhlungu kukuphulukana nesalamane ngokomoya, yiyiphi imigaqo yeBhayibhile enokukunceda unyamezele uze ukwazi ukuvuya nokwaneliseka ukusa kumlinganiselo othile?
Ukuhlangabezana Nentlungu
‘Ngokuzakha nokuzigcina kuthando lukaThixo.’ (Yude 20, 21) Kuxhomekeka kwiimeko zakho, mhlawumbi ngoku ayikho into onokuyenza ukuze uncede isalamane sakho esiye sakreqa enkonzweni kaYehova. Nangona kunjalo, unokuzakha wena nalo malungu entsapho aseleyo. UVeronica owaphulukana noonyana ababini kwabathathu uthi: “Sinomyeni wam sakhunjuzwa ukuba, xa siqhubeka somelele ngokomoya, siya kukulungela ukubamkela oonyana bethu xa bebuyela ezingqondweni. Ngesaba yintoni isiphelo sonyana wolahleko ukuba uyise wayengakulungelanga ukumamkela?”
Ukuze uzigcine womelele ngokomoya, hlala uxakekile zizinto zokomoya. Oku kuquka ukuba nocwangciso lokufunda iBhayibhile nokuya kwiintlanganiso zamaKristu. Nceda abanye ebandleni kangangoko iimeko zikuvumela. Yinyaniso, ukuba ekuqaleni oko kusenokuba nzima. UVeronica ukhumbula oku: “Ekuqaleni ndandithanda ukuzenza ikheswa okwesilwanyana esingxwelerhekileyo. Kodwa umyeni wam wandikhuthaza ukuba ndihlale ndixakekile zizinto zokomoya. Wayeqiniseka ukuba siyaya ezintlanganisweni. Xa ilixesha leendibano, kwakufuneka ndikhaliphe ukuze ndiye. Ukanti, olo cwangciso lwasisondeza kuYehova. Unyana wethu oseleyo yamakha ngokukhethekileyo loo ndibano.”
UMaria, okhankanywe ngaphambili, wakufumanisa kuluncedo ukuxakeka kwinkonzo yasentsimini, ibe sithethanje uqhuba izifundo zeBhayibhile ezine. Ngokufanayo, uLaura uthi: “Nangona ndisacuntsula kule nto yabantwana yonk’ imihla, ndiyambulela uYehova kuba nokuba andiphumelelanga njengabanye abazali ekukhuliseni abantwana, ndinesigidimi esigqibeleleyo seBhayibhile, esikwaziyo ukunceda intsapho kule mihla yokugqibela.” UKen noEleanor abanabantwana abashiya ibandla bakuba badala, bahlengahlengisa iimeko zabo baza bafudukela kummandla ofuna abavakalisi abangakumbi boBukumkani baze baqalisa inkonzo yexesha elizeleyo. Oku kuye kwabanceda balungelelana baza bakuphepha ukuhlala bebuhlungu.
Ungeth’ amandla. Uthando “luthemba izinto zonke.” (1 Korinte 13:7) UKen okhankanywe ngasentla, uthi: “Xa abantwana bethu bashiya inyaniso, kwaba ngathi bafile. Kodwa emva kokufa kodade wethu, yatshintsha imbono yam. Ndinombulelo kuba abantwana bam abafanga ngokoqobo nokuba uYehova uya kuqhubeka ebavulele indlela yokuba babuyele kuye.” Enyanisweni, amava abonisa ukuba abaninzi abaye bayishiya inyaniso ekugqibeleni bayabuyela kuyo.—Luka 15:11-24.
Musa ukuzigxeka. Abazali basenokukhangela ngasemva baze babebuhlungu kuba bengazange bazisingathe ngendlela eyahlukileyo iimeko ezithile. Noko ke, uHezekile 18:20 ubonisa ukuba uYehova uphendulisa umoni ngezono zakhe kungekhona abazali. Okubangel’ umdla kukuba, nangona incwadi yeMizekeliso ithetha kakhulu ngembopheleleko yabazali yokuba bafundise abantwana ngendlela efanelekileyo, ineziluleko eziphindwe kane ezijoliswe kubantwana zokuba baphulaphule baze bathobele abazali babo. Ewe, abantwana banembopheleleko yokuthobela ingqeqesho yabazali babo abangafezekanga esekelwe eBhayibhileni. Kusenokwenzeka ukuba umzali wasingatha izinto ngendlela owayenokukwazi ngayo ngeloo xesha. Nokuba, uvakalelwa kukuba wenza iimpazamo ezithile nokuba nawe waba negalelo kuzo ngandlel’ ithile, oko akuthethi ukuba impazamo zakho zenza umntwana wakho wayiyeka inyaniso. Akukho nto uya kuyiphumeza ngokugxwal’ emswaneni. Funda kwiimpazamo zakho, uzame ukungaziphindi uze uthandaze kuYehova ucele akuxolele. (INdumiso 103:8-14; Isaya 55:7) Yandula ke, ukhangele kwikamva kungekhona kwixesha elidluleyo.
Yiba nomonde xa uqhubana nabanye. Abanye basenokungakwazi ukukukhuthaza okanye ukukuthuthuzela, ngokukodwa ukuba abazange behlelwe yinto elolo hlobo. Ngaphandle koko, abantu baneembono ezahlukeneyo kumba wokukhuthaza nokuthuthuzela. Ukuba abanye bathetha into ekukhathazayo, sebenzisa isiluleko sikampostile uPawulos esikweyabaseKolose 3:13 esithi: “Qhubekani ninyamezelana yaye nixolelana ngesisa ukuba nabani na unesizathu sokukhalazela omnye.”
Luhlonele uqeqesho lukaYehova. Ukuba isalamane sakho siye sohlwaywa libandla, khumbula ukuba le yinxalenye yelungiselelo likaYehova kwaye liya kubanceda bonke, kuquka nomenzi wobubi. (Hebhere 12:11) Ngoko ke, xhathisa naluphi na utyekelo lokuhlaba amadlala abo badala bebemnceda okanye isigqibo abasenzileyo. Khumbula ukuba imiphumo emihle ibakho xa izinto zisenziwa ngendlela kaYehova, ngoxa ukulwa namalungiselelo akhe kunokubangela intlungu engakumbi.
Emva kokukhululwa kwamaSirayeli eYiputa, uMoses waba ngumgwebi wawo. (Eksodus 18:13-16) Ekubeni ukugweba kwakuza kumcaphukisa lowo sinxamnye naye, kuyaqondakala ukuba abanye babedinyazwa zizigqibo zikaMoses. Mhlawumbi ukuhlaba amadlala izigqibo zikaMoses kwaba negalelo ekumvukeleni. Noko ke, uYehova wayesebenzisa uMoses ukukhokela abantu bakhe, yaye akazange ohlwaye uMoses, kunoko wohlwaya abo bavukeli neentsapho zabo. (Numeri 16:31-35) Singafunda koku ngokuzama ukuhlonela nokuthobela izigqibo zabo banikwe igunya nguThixo namhlanje.
Kule nkalo, uDelores ukhumbula indlela ekwakunzima ngayo ukuba nembono elungeleleneyo xa intombi yakhe yaye yohlwaya libandla. Uthi: “Ndancedwa kukufunda ngokuphindaphindiweyo amanqaku axubusha ngokuba sengqiqweni kwamalungiselelo kaYehova. Ndabhala iingongoma ezikhethekileyo zeentetho nezamanqaku ezaziza kundinceda ndinyamezele ndize ndiqhubeke ndikhonza uYehova.” Oku kusisa kwenye indlela ebalulekileyo yokuhlangabezana nale meko.
Zityand’ igila. Usenokufuman’ isiqabu xa uzityand’ igila kumhlobo okanye abahlobo obathembayo. Zityand’ igila kubahlobo abaya kukunceda ube nembono elungeleleneyo. Kuya kuba luncedo kakhulu ‘ukuphalaz’ intliziyo’ yakho kuYehova.b (INdumiso 62:7, 8) Ngoba? Kaloku uyiqonda kakuhle intlungu otyhubela kuyo. Ngokomzekelo, usenokuvakalelwa kukuba ubungamele utyhubele kwintlungu enjalo. Ngapha koko, wena akukhange umlahle uYehova. Thandaza kuYehova umchazele indlela ovakalelwa ngayo, uze umcele akuncede ungabi buhlungu kakhulu.—INdumiso 37:5.
Njengoko ixesha lihamba, uya kukwazi ukulawula iimvakalelo zakho. Okwangoku, musa ukuyekelela kwimigudu yakho yokukholisa uYihlo wasezulwini, ungaze uvakalelwe kukuba ililize. (Galati 6:9) Khumbula ukuba, nokuba besinokumshiya uYehova besiza kuqhubeka sineengxaki. Kwelinye icala, xa sinyanisekile kuye, uyasinceda sijamelane nazo. Qiniseka ukuba uYehova uyayiqonda imeko okuyo kwaye uya kuqhubeka ekunika amandla ngexesha elifanelekileyo.—2 Korinte 4:7; Filipi 4:13; Hebhere 4:16.
[Imibhalo esemazantsi]
a Amanye amagama atshintshiwe.
b Mayela nokuthandazela umntu osusiweyo kubudlelane funda IMboniselo, kaDisemba 1, 2001, iphepha 30-1.
[Ibhokisi ekwiphepha 19]
Indlela Yokunyamezela
◆ ‘Zakhe ngokuzigcina kuthando lukaThixo.’—Yude 20, 21.
◆ Ungeth’ amandla.—1 Korinte 13:7.
◆ Musa ukuzigxeka.—Hezekile 18:20.
◆ Yiba nomonde xa uqhubana nabanye.—Kolose 3:13.
◆ Luhlonele uqeqesho lukaYehova.—Hebhere 12:11.
◆ Zityand’ igila.—INdumiso 62:7, 8.
[Ibhokisi/Umfanekiso okwiphepha 21]
Ngaba Umshiyile UYehova?
Ukuba kunjalo, enokuba siyintoni isizathu, ulwalamano lwakho noYehova namathemba akho obomi obungunaphakade asengozini. Mhlawumbi uzimisele ukubuyela kuYehova. Ngaba wenza konke okusemandleni ngoku ukuze ubuyele kuye? Okanye umane ukubekel’ amangomso oko? Khumbula ukuba iArmagedon isemnyango. Ngapha koko, ubomi kule nkqubo yezinto bufutshane kwaye akukho mntu unokuqiniseka ngabo. Awunakuze wazi enokuba uza kube uphila na ngomso. (INdumiso 102:3; Yakobi 4:13, 14) Enye indoda ekwafunyaniswa ukuba inesifo esinganyangekiyo yathi: “Esi sigulo ndisifumene ndikhonza uYehova ixesha elizeleyo, ndingenamabibi afihliweyo. Kwaye lo nto indithuthuzela gqitha.” Khawucinge ukuba, yayiza kuvakalelwa njani ukuba esi sifo sasiyifumene imana isithi, “Ngenye imini ndiya kuze ndibuyele kuYehova!” Ukuba umshiyile uYehova eli lixesha elifanelekileyo lokubuyela kuye.
[Imifanekiso ekwiphepha 18]
Ukuxakeka zizinto zokomoya kunokukunceda ube nembono elungeleleneyo