Itywina ‘LikaYukali’
NGENKULUNGWANE yesixhenxe ngaphambi kweXesha Eliqhelekileyo, umlawuli wamaKhaledi uNebhukadenetsare wayoyisa iYerusalem, watshisa isixeko sayo waze watshabalalisa neendonga zayo. Wathimba uZedekiya ukumkani wakwaYuda waze wamtyhaphaza amehlo. Ukongezelela koko, “zonke izidwangube zakwaYuda ukumkani waseBhabhiloni wazibulala ngogonyamelo.”—Yeremiya 39:1-8.
Esinye sezidwangube zakwaYuda, okanye iinkosana, eyabulawa ngamaBhabhiloni yayinguYukali, unyana kaShelemiya. Kukho amasolotya amatsha aye avela kwibali likaYukali. Ngaphambi kokuba sithethe ngawo, makhe sive ukuba zithini iZibhalo ngoYukali nexesha lakhe.
“Abayi Kukoyisa”
UYehova wathuma umprofeti uYeremiya ukuba aprofete nxamnye noYuda neYerusalem. UThixo waxelela uYeremiya ukuba ookumkani, iinkosana nababingeleli nabantu bakwaYuda ‘babeza kulwa’ naye. UYehova wathi: “Kodwa abayi kukoyisa, kuba ‘ndinawe.’”—Yeremiya 1:17-19.
Xa ikomkhulu lakwaYuda iYerusalem larhangqwa ngumkhosi waseBhabhiloni, uKumkani uZedekiya wathumela abathwali bezigidimi izihlandlo ezibini kuYeremiya ukuba baye kubuza enoba uNebhukadenetsare wayeza kuyirhoxisa imikhosi yakhe kusini na nokuba yena athandazele ukuba yenzeke loo nto. Omnye wabo bathunyelwa ngukumkani yayinguYukali, okwabizwa ngokuba nguYehukali. UThixo waxelela uYeremiya ukuba amaBhabhiloni okanye amaKhaledi ayeza kusitshabalalisa eso sixeko. Nabaphi na abemi baseYerusalem abasalayo apho babeza kubulawa yindlala, yindyikitya yokufa nalikrele. Kwelinye icala abo banikezelayo kumaKhaledi babeza kusinda. Amazwi kaYeremiya azishiya zijwaqeka iinkosana zakwaYuda!—Yeremiya 21:1-10; 37:3-10; 38:1-3.
UYukali ngomnye weenkosana ezazicenga uZedekiya zisithi: ‘Abulale [uYeremiya], kuba uzenza buthathaka izandla zamadoda emfazwe.’ UYukali ongendawo wayeyenye yala madoda awaphosa uYeremiya emhadini onodaka waze waphinda wahlangulwa kuwo. (Yeremiya 37:15; 38:4-6) Ngenxa yokuthobela uYehova, uYeremiya wasinda xa kwakutshatyalaliswa iYerusalem, kodwa yena uYukali wabulawa xa kwakutshatyalaliswa inkqubo yezinto yamaYuda awayethembele kuyo.
Isolotya Elibangel’ Umdla
Eli solotya litsha ngobomi bukaYukali “libhalwe” eYerusalem ngonyaka wama-2005. Abembi bezinto zakudala babesemba amabhodlo ababecingela ukuba lalakhiwe kulo ibhotwe likaKumkani uDavide. Bafumana ilitye ababecinga ukuba latshatyalaliswa xa amaBhabhiloni ayethimba iYerusalem ngexesha likaYeremiya.
Enokuba eli libhotwe likaDavide okanye akunjalo akwaziwa. Sekunjalo abembi bezinto zakudala bakwazi ukufanisa into enye eyafunyanwa apho, itywina elenziwe ngodongwe elingangesentimitha eliboniswe kwiphepha 14. Kuyabonakala ukuba kwakutywinwe ngalo uxwebhu olusele lonakalayo. Eli tywina lifundeka ngolu hlobo: “LelikaYehukali unyana kaShelemiya unyana kaShovi.” Kucacile ukuba eli tywina latywinwa ngomsesane wotshaba lukaYeremiya uYehukali, okanye uYukali, unyana kaShelemiya.
UEilat Mazar umembi wezinto zakudala owacacisa lo mbhalo, uthi uYehukali “ungowesibini ukuba negunya,” emva kukaGemariya, unyana kaShafan, ogama lakhe livela kwitywina elafunyanwa kwisiXeko sikaDavide.a
Ukuba nokholo kwiLizwi likaThixo akuxhomekekanga ekufunyanweni kwezinto zakudala; kodwa ukuzaliseka kwesiprofeto esiphefumlelweyo sisizathu esivakalayo sokukholelwa kwiBhayibhile. Iingxelo zembali zingqina phandle ukuba uYeremiya wakuchaza kwangaphambili ukutshatyalaliswa kweYerusalem. Isiphelo esilihlazo seentshaba zikaYeremiya simele silomeleze ukholo lwethu lokuba xa sithembekile njengoYeremiya, iintshaba zethu ‘aziyi kusoyisa kuba uYehova unathi!’
[Umbhalo osemazantsi]
a Ukuze ufumane inkcazelo engakumbi ngoGemeriya noShafan, funda inqaku elithi “Ngaba Uqhelene noShafan Nentsapho Yakhe?” kwiMboniselo kaDisemba 15, 2002, iphepha 19-22.
[Umfanekiso okwiphepha 15]
UYeremiya akazange asingxenge isigidimi sikaThixo ngenxa nje yengcinezelo
[Inkcazelo Ngomfanekiso okwiphepha 14]
Gabi Laron/Institute of Archaeology/Hebrew University ©Eilat Mazar