Hlala Ulwamkela Uqeqesho LukaYehova
“Ingqeqesho kaYehova . . . musa ukuyigatya.”—IMIZEKELISO 3:11.
1. Kutheni sifanele silwamkele uqeqesho lukaThixo?
UKUMKANI USOLOMON wakwaSirayeli unika ngamnye wethu isizathu sokwamkela uqeqesho lukaThixo. USolomon uthi: “Ingqeqesho kaYehova, nyana wam, musa ukuyigatya; ungasenyanyi isohlwayo sakhe, ngenxa yokuba lowo amthandayo uYehova uyamohlwaya, njengoko noyise esenjenjalo kunyana akholiswayo nguye.” (IMizekeliso 3:11, 12) Ewe uYihlo wasezulwini uyakuqeqesha kuba uyakuthanda.
2. Luchazwa njani “uqeqesho” ibe yiyiphi indlela anokuqeqeshwa ngayo umntu?
2 Igama elithi “ingqeqesho” lithetha ukohlwaya, ukulungisa, ukuyalela nokufundisa. Umpostile uPawulos wabhala wathi: “Akukho ngqeqesho ibonakala ivuyisa okwangoku, kodwa ibuhlungu, ukanti kamva ivelisa isiqhamo soxolo, oko kukuthi, ubulungisa, kwabo baqeqeshiweyo yiyo.” (Hebhere 12:11) Ukwamkela nokuthobela uqeqesho lukaThixo kungakunceda uhambe kwikhondo lobulungisa uze usondele kuThixo ongcwele, uYehova. (INdumiso 99:5) Isiluleko sisenokuvela komnye umKristu, kwizinto ozifunde kwiintlanganiso zamaKristu, naxa ufunda iLizwi likaThixo neempapasho ‘zegosa lithembekileyo.’ (Luka 12:42-44) Onjani umbulelo aba nawo umntu xa eboniswa into amele ayilungise! Kodwa luluphi uqeqesho olusenokufuneka xa umntu enze isono esinzulu?
Isizathu Sokuba Abanye Basuswe Kubudlelane
3. Umntu ususwa xa kutheni kubudlelane?
3 Abakhonzi bakaThixo bafunda iBhayibhile neempapasho zamaKristu. Ezintlanganisweni, kwiindibano ezincinane nezinkulu kuxutyushwa imilinganiselo kaYehova. Ngaloo ndlela amaKristu ayakwazi oko uYehova akufunayo kuwo. Ilungu lebandla lisuswa kubudlelane kuphela xa lenze isono esinzulu libe lingafuni kuguquka.
4, 5. Nguwuphi umzekelo weZibhalo wokususa kubudlelane ochazwa apha, yaye kwakutheni ukuze ibandla libongozwe ukuba liyibuyisele le ndoda?
4 Khawucinge ngalo mzekelo weZibhalo womntu owasuswa kubudlelane. Ibandla laseKorinte lanyamezela ‘uhenyuzo olwalungekho naphakathi kweentlanga, lokuba umntu abe nomfazi kayise.’ UPawulos wabongoza amaKorinte ukuba ‘amnikele umntu onjalo kuSathana ukuba kutshatyalaliswe inyama, ukuze kusindiswe umoya.’ (1 Korinte 5:1-5) Xa wasuswa kubudlelane, enikelwa kuSathana loo moni waphinda wayinxalenye yehlabathi likaMtyholi. (1 Yohane 5:19) Ukugxothwa kwakhe kwasusa impembelelo yokwenyama ebandleni kwaze kwalondolozwa “umoya” okanye iimpawu zikaThixo.—2 Timoti 4:22; 1 Korinte 5:11-13.
5 Ngaphambi kokuba kudlule ixesha elide, uPawulos wabongoza amaKristu aseKorinte ukuba ambuyisele lo menzi wobubi. Kwakutheni? Umpostile uPawulos wathi ukuze loo maKristu angabi “zizisulu zikaSathana.” Kuyabonakala ukuba lo moni wayeguqukile waza wabucoca ubomi bakhe. (2 Korinte 2:8-11) Ukuba loo maKristu ayengavumi ukubuyisela loo ndoda, ayeya kuba zizisulu zikaSathana kuba xa engaxoleli ayeya kuba akholisa yena. Nakanjani na, amele ukuba ‘ayixolela aza ayithuthuzela’ ngokukhawuleza loo ndoda iguqukileyo.—2 Korinte 2:5-7.
6. Kuluncedo njani ukususa kubudlelane?
6 Yintoni ephunyezwa kukususwa komntu kubudlelane? Kwenza igama likaYehova elingcwele lingangcoliswa kuze kukhuselwe negama labantu bakhe. (1 Petros 1:14-16) Ukususa umoni ongaguqukiyo ebandleni kuphakamisa imilinganiselo kaThixo kuze kugcinwe ibandla licocekile ngokomoya. Kunokunceda nomoni abuqonde ubunzulu besono sakhe.
Inguquko Ibalulekile
7. Kwaba nawuphi umphumo ukungasivumi kukaDavide isono sakhe?
7 Inkoliso yabantu abenza izono ezinzulu xa beguquka ngokwenene abasuswa kubudlelane. Kakade ke, asiyonto ilula ukuguquka ngokwenene. Cinga ngoKumkani uDavide wakwaSirayeli, owaqamba INdumiso 32. Le ndumiso ibonisa ukuba kwadlula ixesha elithile ngaphambi kokuba uDavide axele izono zakhe ezinzulu kuquka neso wayesenze noBhatshebha. Oku kwaphumela ekubeni acinezeleke waze waphelelwa ngamandla, kanye njengokuba ubushushu basehlotyeni buwomisa umthi. UDavide wacinezeleka emzimbeni nasengqondweni, kodwa wathi ‘akukuvuma ukunxaxha kwakhe, uYehova wamxolela.’ (INdumiso 32:3-5) Emva koko uDavide wacula wathi: “Unoyolo umntu uYehova angasibaleli kuye isiphoso.” (INdumiso 32:1, 2) Hayi indlela ekwaba mnandi ngayo ukwenzelwa inceba nguThixo!
8, 9. Iboniswa njani inguquko, kwaye ibaluleke kangakanani ukuze umntu osuswe kubudlelane abuyiselwe?
8 Kucacile, ukuba umoni kufuneka aguquke ukuze enzelwe inceba. Asiyonguquko ukuba neentloni okanye ukoyika ukubhaqwa. “Ukuguquka” kuthetha “ukutshintsha indlela ocinga ngayo” kwihambo engafanelekanga, ngenxa yokuzisola. Umntu oguqukileyo ‘unentliziyo eyaphukileyo netyumkileyo’ kwaye ufuna ‘ukulungisa umonakalo,’ ukuba kunokwenzeka.—INdumiso 51:17; 2 Korinte 7:11.
9 Inguquko ibaluleke gqitha ukuze ubani abuyiselwe kwibandla lamaKristu. Umntu osuswe kubudlelane akasuki nje abuyele ebandleni emva kwexesha elithile. Ngaphambi kokuba abuyiselwe, kufuneka aguquke. Kufuneka abuqonde ubunzulu besono sakhe nehlazo alizise kuYehova nasebandleni. Kufuneka umoni aguquke, athandaze ngokunyanisekileyo ukuze axolelwe aze enze ngokuvisisana nemilinganiselo kaThixo yobulungisa. Xa ecela ukubuyiselwa, kufuneka abonise ukuba uguqukile oko akubonise ‘ngemisebenzi efanele inguquko.’—IZenzo 26:20.
Kutheni Simele Sivunywe Nje Isono?
10, 11. Kutheni singamele sizame ukusifihla isono?
10 Abanye abaye benza isono banokuqiqa ngelithi: ‘Ukuba ndichazela omnye umntu isono sam, kusenokufuneka ndiphendule imibuzo ehlazisayo ndize ndisuswe kubudlelane. Kodwa ukuba andisichazi, ndisenokusinda ekususweni kubudlelane kwaye akakho umntu onokusazi ebandleni.’ Ukuqiqa ngalo ndlela kusithelisa iingongoma ezibalulekileyo. Ziziphi ezo ngongoma?
11 UYehova: “NguThixo onenceba nobabalo, ozeka kade umsindo, onobubele bothando obuninzi nenyaniso, ogcinela amawaka ububele bothando, oxolela isiphoso nokunxaxha nesono.” Nakuba kunjalo ‘ubalungisa ukusa kumlinganiselo ofanelekileyo’ abantu bakhe. (Eksodus 34:6, 7; Yeremiya 30:11) Xa wenze isono esinzulu, uThixo angakwenzela njani inceba ukuba uzama ukufihla isono sakho? UYehova uyasazi, yaye akanakusuka nje asibethe ngoyaba.—IMizekeliso 15:3; Habhakuki 1:13.
12, 13. Kunokuphumela entwenini ukufihla isono esinzulu?
12 Xa wenze isono esinzulu, ukusivuma kunokukunceda ube nesazela esicocekileyo kwakho. (1 Timoti 1:18-20) Ukusifihla isono kunokonakalisa isazela sakho uze wenze izono ezingakumbi. Khumbula ukuba awoni omnye umntu okanye ibandla, kodwa wona uThixo. Umdumisi wathi: “UYehova—isemazulwini itrone yakhe. Amehlo akhe ayabona, amehlo akhe aqaqambileyo ahlolisisa oonyana babantu. UYehova uhlolisisa lowo ulilungisa kwanalowo ungendawo.”—INdumiso 11:4, 5.
13 UYehova akayi kumsikelela nabani ofihla isono esinzulu aze azame ukuhlala ebandleni. (Yakobi 4:6) Ukuba wenze isono kwaye ufuna ukwenza okulungileyo, musa ukuthandabuza ukusivuma ngokunyaniseka isono sakho. Kungenjalo uya kuba nomvandedwa, ngakumbi xa ufunda okanye usiva isiluleko esiphathelele eso sono sinzulu usenzileyo. Kuthekani ukuba uYehova angawususa umoya wakhe kuwe, njengokuba wenzayo kuKumkani uSawule? (1 Samuweli 16:14) Ukuba uwususile uThixo umoya wakhe, unokwenza izono ezinzulu ngakumbi.
Bathembe Abazalwana Bakho
14. Kutheni umenzi wobubi emele athobele isiluleko esikuYakobi 5:14, 15?
14 Yintoni emele yenziwe ngumoni oguqukileyo? “Makabizele kuye amadoda amakhulu ebandla, aze wona amthandazele, amthambise ngeoli egameni likaYehova. Yaye umthandazo wokholo uya kumphilisa lowo ungaphilanga, uYehova amvuse.” (Yakobi 5:14, 15) Indlela efanelekileyo kukuthetha nabadala ukuze ‘uvelise iziqhamo ezifanele inguquko.’ (Mateyu 3:8) La madoda anyanisekileyo nanobubele ‘aya kukuthandazela aze akuthambise ngeoli egameni likaYehova.’ Kanye njengeoli, isiluleko sawo esisekelwe eBhayibhileni siya kumthuthuzela naye nabani na oguquke ngokwenene.—Yeremiya 8:22.
15, 16. Abadala bawulandela njani umzekelo kaThixo obhalwe kuHezekile 34:15, 16?
15 Onjani ukuba mhle umzekelo asibekela wona uMalusi wethu, uYehova, xa wakhulula amaYuda ekuthinjweni ngowama-537 B.C.E, noSirayeli wokomoya “kwiBhabhiloni Enkulu” ngowe-1919 C.E.! (ISityhilelo 17:3-5; Galati 6:16) Wasizalisekisa isithembiso sakhe sokuba: “Mna ndiya kuzondla izimvu zam, kwaye ndiya kuzenza zibuthe . . . Elahlekileyo ndiya kuyifuna, nebhaduleyo ndiya kuyibuyisa, neyaphukileyo ndiya kuyibopha, negulayo ndiya kuyomeleza.”—Hezekile 34:15, 16.
16 UYehova wazondla izimvu zakhe zokomfuziselo, wazenza zahlala zikhuselekile, waze wakhangela ezilahlekileyo. Ngendlela efanayo, abelusi abangamaKristu bayaqiniseka ukuba umhlambi kaThixo wokomoya uyondliwa yaye ukhuselekile. Abadala bakhangela izimvu ezibhadulayo. Kanye njengokuba uThixo ‘ezibopha ezaphukileyo,’ abelusi ‘bayazibopha’ izimvu ezikhutyekiswe zizinto ezithethwe ngomnye umntu okanye eziye zazenzakalisa. Njengokuba uThixo ‘eyibopha eyaphukileyo,’ abadala bayabanceda abo bagulayo ngokomoya, mhlawumbi ngenxa yento abayenzileyo.
Indlela Abelusi Abanceda Ngayo Izimvu
17. Kutheni singamele sithandabuze ukucela uncedo lokomoya kubadala?
17 Abadala benza ngokuvisisana nesi siluleko: “Qhubekani nibenzela inceba . . . , nisenjenjalo ngoloyiko.” (Yude 23) Amanye amaKristu aye enza isono esinzulu, ngokuziphatha kakubi. Kodwa xa eguquke ngokwenene, amele aqiniseke ukuba aya kuphathwa ngenceba, nothando ngabadala abakulangazelela ngokwenene ukuwanceda ngokomoya. Equka naye uPawulos, wathi ngaloo madoda: “Asikuko ukuba siziinkosi phezu kokholo lwenu, kodwa singabasebenzi abangamadlelane ukuze nibe novuyo.” (2 Korinte 1:24) Ngoko, ungaze uthandabuze ukucela uncedo kuwo.
18. Abadala bamphatha njani umKristu owonileyo?
18 Kutheni umele ubathembe abadala xa wenze isono esinzulu? Kungenxa yokuba ngabelusi bomhlambi kaThixo. (1 Petros 5:1-4) Akakho umalusi onokuze abethe itakane kuba liye lazenzakalisa. Xa abadala besingatha ingxaki yomKristu owonileyo, into ephambili ayisosohlwayo amele asifumane, kodwa sisono asenzileyo nokumnceda ngokomoya xa kunokwenzeka. (Yakobi 5:13-20) Abadala bamele bagwebe ngobulungisa baze ‘bawuphathe ngemfesane umhlambi.’ (IZenzo 20:29, 30; Isaya 32:1, 2) Njengawo onke amanye amaKristu, abadala bafanele ‘baqhelisele okusesikweni nokuthanda ububele nokuthozama ekuhambeni noThixo.’ (Mika 6:8) Ezo mpawu zibaluleke gqitha xa kusenziswa izigqibo ezibandakanya ubomi nenkonzo engcwele “nezimvu zedlelo” [likaYehova].—INdumiso 100:3.
19. Sisiphi isimo sengqondo abazama ukuba naso abadala xa belungisa umKristu oye wenza impazamo?
19 Abelusi abangamaKristu bamiselwa ngomoya oyingcwele kwaye bazama ukukhokelwa nguwo. Ukuba “umntu uqutyulwe sisiphoso,” amadoda aneemfanelo zokomoya azama “ukumlungisa umntu onjalo ngomoya wobulali.” (Galati 6:1; IZenzo 20:28) Ngobulali, kodwa bengayityesheli imilinganiselo yobuthixo, abadala bazama ukulungelelanisa indlela acinga ngayo, kanye njengokuba ugqirha onovelwano elinyanga ngononophelo ibambo elaphukileyo, ukuze aphephe iintlungu ezingeyomfuneko, kwangaxeshanye elungisa umonakalo. (Kolose 3:12) Ekubeni ukuboniswa kwenceba kusekelwa emthandazweni naseZibhalweni, isigqibo sabadala siya kubonisa imbono kaThixo ngaloo mbandela.—Mateyu 18:18.
20. Kunini apho kufanelekileyo ukwazisa ibandla ukuba umntu othile wohlwayiwe?
20 Ukuba isono saziwa ngokubanzi okanye siza kwaziwa nakanjani, kuya kuba kuhle ukuba kwenziwe isaziso ukuze kukhuselwe igama lebandla. Isaziso siya kwenziwa xa kuyimfuneko. Xa lo mntu usemiqathangweni echacha ngokomoya, unokufaniswa nomntu obenzakele, nto leyo emenza angakwazi ukwenza ezinye izinto. Kangangexesha elithile kuya kuba kuhle ukuba angagqabazi ezintlanganisweni aphulaphule. Abadala basenokulungiselela ukuba aqhutyelwe isifundo seBhayibhile ukuze omelezwe ukuze “aphile elukholweni” kwakhona. (Tito 2:2) Konke oku kwenziwa kuba ethandwa akohlwaywa kuba ecatshukelwa.
21. Zinokusingathwa njani ezinye izono?
21 Zininzi iindlela abanokumnceda ngazo ngokomoya abadala. Ngokomzekelo, masithi umzalwana owayenengxaki yokusela ngaphambili uye wasela kakhulu kanye okanye kabini xa ebeyedwa ekhaya. Okanye umntu owayekayo ukutshaya uye watshaya ngasese kanye okanye kabini ngenxa yobuthathaka. Nangona eye wathandaza kwaye ekholelwa ukuba uThixo umxolele, umele afune uncedo lwabadala ukuze angakuqheli ukwenza isono. Umdala omnye okanye ababini banokuyisingatha loo ngxaki. Noko ke, loo mdala okanye abadala bafanele baxelele umveleli owongamelayo, ekubeni kusenokuba zikho nezinye izinto ezaziwa nguye.
Qhubeka Usamkela Uqeqesho LukaThixo
22, 23. Kutheni umele uqhubeke usamkela uqeqesho lukaThixo?
22 UmKristu ngamnye kufuneka anikele ingqalelo kuqeqesho lukaYehova, ukuze uThixo akholiswe nguye. (1 Timoti 5:20) Sebenzisa isiluleko ngasinye osifumana xa ufunda iZibhalo okanye iimpapasho zamaKristu okanye xa usiva isiluleko ezintlanganisweni, kwiindibano ezincinane nezinkulu zabantu bakaYehova. Kuphaphele ukwenza ukuthanda kukaYehova. Uqeqesho lukaThixo luya kukunceda uhlale ukhuselekile ngokomoya.
23 Ukuvuma ukuqeqeshwa nguThixo kuya kukunceda uhlale eluthandweni lwakhe. Enyanisweni, abanye baye bagxothwa kwibandla lamaKristu, kodwa akuyomfuneko ukuba oku kwenzeke kuwe “londoloza intliziyo yakho” uze ‘uhambe njengesilumko.’ (IMizekeliso 4:23; Efese 5:15) Noko ke, ukuba ngoku ususiwe kubudlelane kutheni ungazami ukubuyela? UThixo ufuna bonke abo baye bazahlulela kuye bamnqule ngokuthembeka ‘nangentliziyo evuyayo.’ (Duteronomi 28:47) Oko kunokuba njalo ngonaphakade xa ukwamkela ukuqeqeshwa nguYehova.—INdumiso 100:2.
Ubuya Kuphendula Uthini?
• Kutheni abanye begxothwa nje kwibandla lamaKristu?
• Ibandakanya ntoni inguquko yokwenene?
• Kutheni simele sivunywe isono esinzulu?
• Abadala abangamaKristu babanceda njani aboni abaguqukileyo?
[Umfanekiso okwiphepha 26]
Kwakutheni ukuze uPawulos ayalele ibandla laseKorinte ukuba lisuse umntu othile kubudlelane?
[Umfanekiso okwiphepha 29]
Njengokuba babesenza abelusi kudala, abadala abangamaKristu ‘bayazibopha’ izimvu zikaThixo ezenzakeleyo