Indlela Onokuhlala Ngayo Womelele Ngoxa Uvukelwa Ngumntwana
IBHINQA elingumKristu esiza kuthi nguJoy lazama ukukhulisa unyana walo ukuba athande uYehova uThixo. Noko ke, xa wayesele eza kuba neminyaka engama-20 ubudala wavukela waza washiy’ ikhaya. UJoy uthi: “Ndandikhathazeke ngendlela engathethekiyo. Ndaziva ndingcatshiwe, ndibuhlungu ibe ndidimazekile. Ndandiphelelwe lithemba.”
Mhlawumbi nawe uye wazama ukukhulisa abantwana bakho ukuze bamthande baze bamkhonze uThixo, kodwa kamva omnye okanye abangakumbi basuka bamshiya. Yintoni onokuyenza ukuhlangabezana nale ntlungu ingaka? Yintoni eya kukunceda uhlale womelele ekukhonzeni uYehova?
Xa Oonyana BakaYehova Bavukelayo
Okokuqala umele uqonde ukuba uYehova uyazi kakuhle indlela ovakalelwa ngayo. KuIsaya 49:15, sifunda oku: “Umfazi angalulibala na usana lwakhe, angavakalelwa ngonyana wesisu sakhe? Nokuba bona abafazi banokulibala, kodwa mna andiyi kukulibala.” Ewe, uYehova uvakalelwa ngendlela abavakalelwa ngayo abazali. Khawufan’ ucinge nje indlela amele ukuba wayevuya ngayo xa bonke oonyana bakhe abaziingelosi babemdumisa yaye bemkhonza. Xa wayephendula usolusapho uYobhi “ekwisaqhwithi somoya,” uYehova wakhumbula amaxesha olonwabo nentsapho yakhe yokomoya emanyeneyo, esithi: “Wawuphi na ekusekeni kwam umhlaba? . . . Xa amakhwezi amemelela kunye ngovuyo, yaye bonke oonyana bakaThixo bakhwaza bencoma?”—Yobhi 38:1, 4, 7.
Kwathi kusenjalo, uThixo wabona unyana wakhe oyingelosi efezekileyo emvukela waza waba nguSathana, gama elo elithetha “uMxhathisi.” UYehova waphinda wabona unyana wakhe wokuqala ongumntu, uAdam, nomfazi wakhe ofezekileyo, uEva, bethelela kule mvukelo. (Genesis 3:1-6; ISityhilelo 12:9) Kamva, abanye oonyana abaziingelosi, ‘bashiya indawo yabo efanelekileyo yokuhlala’ baza bavukela uThixo.—Yude 6.
IZibhalo azisixeleli indlela awavakalelwa ngayo uYehova xa ebona abanye boonyana bakhe abafezekileyo belandela ekhondweni lemvukelo. Noko ke, iBhayibhile itsho ngokucacileyo ukuba: “UYehova wabona ukuba ububi bomntu bandile emhlabeni yaye zonke iingcamango zentliziyo yakhe zityekele ebubini ngalo lonke ixesha. Waza uYehova wazisola ngokuba ebenzile abantu emhlabeni, kwaye yaba buhlungu intliziyo yakhe.” (Genesis 6:5, 6) Imvukelo yabantu bakaYehova abakhethileyo, amaSirayeli, nayo yamenza “buhlungu.”—INdumiso 78:40, 41.
Akuthandabuzeki ukuba uYehova unovelwano kubazali abasentlungwini ngenxa yemvukelo yabantwana. KwiLizwi lakhe iBhayibhile, unikela isiluleko esihle nokhuthazo ukunceda abo bazali bahlangabezane nale meko. UThixo ubabongoza ukuba baphose ixhala labo kuye, bazithobe baze beme beqinile nxamnye noSathana uMtyholi. Makhe sibone indlela eli cebiso elinokukunceda ngayo uhlale womelele xa uvukelwa ngumntwana wakho.
Liphosele KuYehova Ixhala Lakho
UYehova uyazi ukuba abazali baye baxhalabe xa bebona ukuba abantwana babo baza kuzifaka engozini okanye benzakaliswe ngabanye. Umpostile uPetros uchaza indlela yokuhlangabezana noku namanye amaxhala. Uthi: “Liphoseni [kuYehova] lonke ixhala lenu, kuba unikhathalele.” (1 Petros 5:7) Kutheni esi simemo nesiqinisekiso sibaluleke ngokukodwa nje kubazali abanomntwana onemvukelo?
Xa wayesemncinane umntwana wakho, wawusoloko umkhusela kwiingozi, ibe wayephulaphula njengoko wawumbonisa indlela ngothando. Noko ke, njengoko ekhula, kusenokwenzeka ukuba akakuphulaphuli kangako, kodwa wena usafuna ukumkhusela kwiingozi. Eneneni, ngoku ufuna ukumkhusela ngakumbi.
Ngenxa yoko, xa evukela aze onzakale ngokomoya, ngokwemvakalelo okanye emzimbeni, usenokuzibeka ityala. UJoy, okhankanywe ngaphambilana uvakalelwa ngaloo ndlela. Uthi: “Suku ngalunye ndandiba buhlungu ngenxa yokusilela, ndandisoloko ndicinga ngezinto eziye zenzeka ndifuna ukubona ukuba yintoni endiyiphosileyo.” Kungelo xesha kanye apho uYehova afuna ukuba ‘uliphosele kuye lonke ixhala lakho.’ Ukuba wenjenjalo, uya kukunceda. Umdumisi wathi: “Umthwalo wakho wulahlele kuYehova, yaye yena wokuxhasa. Akayi kuliyekela ilungisa lishukunyiswe.” (INdumiso 55:22) Naye uJoy wafumana loo ntuthuzelo. Uthi: “Ndaxelela uYehova ngendlela endivakalelwa ngayo, ibe oko kwandinika isiqabu.”
Njengomzali ongafezekanga, kusenokwenzeka ukuba uye wenza iimpazamo xa wawukhulisa umntwana wakho. Kodwa kutheni ucinga ngeempazamo zakho kuphela? UYehova akacingi ngazo, kuba umdumisi ophefumlelweyo wathi: “Ukuba ubulinda iziphoso, Ya, Owu Yehova, ngubani na obenokuma?” (INdumiso 130:3) Kwanokuba ubungenzi siphoso, umntwana ebesenokuvukela. Ngoko thandaza kuYehova umxelele indlela ovakalelwa ngayo, ibe uya kukomeleza. Noko ke, ukuze uqine ekukhonzeni uYehova uze uphephe nokuba lixhoba likaSathana, umele wenze okungakumbi.
Zithobe
UPetros wathi: “Zithobeni . . . phantsi kwesandla esinamandla sikaThixo, ukuze aniphakamise ngexesha elililo.” (1 Petros 5:6) Kutheni umele uthobeke xa umntwana wakho evukela? Ukongezelela kwinto yokuzibeka ityala nokuba buhlungu ngomntwana onemvukelo usenokuphathwa ziintloni. Usenokuba nexhala lokuba izenzo zakhe zonakalise igama lentsapho yakho, ngakumbi ukuba kuye kwafuneka asuswe kwibandla lamaKristu. Ukuziva uhlazekile yaye uthotyiwe kusenokukudimaza uze ungayi kwiintlanganiso zamaKristu.
Ukuze uhlangabezane nale meko, kufuneka usebenzise ubulumko. IMizekeliso 18:1 iyalumkisa: “Ozahlulayo uya kufuna ulangazelelo lwakhe lokuzingca; uya kuphambuka kubo bonke ubulumko bobuqili.” Ngokuya kwiintlanganiso zamaKristu rhoqo ngoxa ubuhlungu, uya kufumana ulwalathiso olubalulekileyo nokhuthazo. UJoy uthi: “Ekuqaleni ndandingafuni kubona kwamntu. Kodwa ndazikhumbuza ngokubaluleka kocwangciso lwam lokomoya. Ngaphezulu, ukuba ndihleli ekhaya, ndandiza kuhlala ndicinga ngeengxaki zam. Iintlanganiso zandinceda ndanikel’ ingqalelo kwizinto ezakhayo zokomoya. Ndivuya gqitha kuba ndingazange ndizenze ikheswa ndize ndiphoswe yinkxaso yothando yabazalwana noodade.”—Hebhere 10:24, 25.
Kwakhona khumbula ukuba, mntu ngamnye entsatsheni umele ‘athwale owakhe umthwalo’ wembopheleleko njengomKristu. (Galati 6:5) UYehova ulindele ukuba abazali babathande baze babaqeqeshe abantwana babo. Ukwalindele ukuba nabo abantwana bathobele baze bahlonele abazali babo. Ukuba abazali benza konke okusemandleni abo ukukhulisela abantwana babo “kwingqeqesho nasekweyiselweni kwengqondo kuYehova,” baya kuzenzela igama elihle kuThixo. (Efese 6:1-4) Ukuba umntwana uvukela uqeqesho lothando lomzali, wonakalisa igama lakhe. IMizekeliso 20:11 ithi: “Kwangoqheliselo lwayo inkwenkwe izenza iqondwe enoba usulungekile na yaye uthe tye na umsebenzi wayo.” Imvukelo kaSathana ayenzanga uYehova wangumntu ombi kwabo bazaziyo izibakala ezibandakanyekileyo.
Yilwa NoMtyholi
UPetros ulumkisa athi: “Hlalani nithe qwa, nilindile. Utshaba lwenu, uMtyholi, luhambahamba njengengonyama egqumayo, efuna ubani engamqwengayo.” (1 Petros 5:8) Njengengonyama, uMtyholi usoloko efuna abaselula nabangenamava. Mandulo, iingonyama zazibhadula kwaSirayeli ibe zaziyingozi kwimfuyo. Ukuba itakane liye labhadula lashiya umhlambi, lalisiba lixhoba. Unina wayesenokubeka ubomi bakhe esichengeni ukuze akhusela itakane lakhe. Noko ke, nokuba sele ikhule kangakanani na, igusha ayinakumelana nengonyama. Ngoko, kwakufuneka abelusi abakhaliphileyo abaza kukhusela umhlambi.—1 Samuweli 17:34, 35.
Ukuze akhusele izimvu zakhe zokomfuziselo ‘kwingonyama egqumayo,’ uYehova uye walungiselela abelusi bokomoya ukuba banyamekele umhlambi phantsi ‘komalusi omkhulu,’ uYesu Kristu. (1 Petros 5:4) UPetros ubongoza loo madoda amiselweyo esithi: “Waluseni umhlambi kaThixo eniwunyamekelayo, kungengakunyanzelwa, kodwa ngokuzithandela; kungekhona ngokuthanda inzuzo yokunganyaniseki, kodwa ngentumekelelo.” (1 Petros 5:1, 2) Xa nina njengabazali nisebenzisana naba belusi, basenokukwazi ukunceda ulutsha lulungise indlela yalo ngokomoya.
Xa abelusi abangamaKristu befuna ukululeka umntwana wakho ovukelayo, usenokufuna ukumkhusela. Noko ke, ukwenjenjalo kuya kuba yimpazamo enkulu. UPetros uthi: “Yimani ngokunxamnye [noMtyholi]”—kungekhona nabelusi bokomoya.—1 Petros 5:9.
Xa Isohlwayo Siqatha
Ukuba umntwana wakho akaguquki ibe ungumKristu obhaptiziweyo, unokufumana isohlwayo esiqatha—ukukhutshelwa ngaphandle ebandleni. Xa kunjalo, umkhamo eninxibelelana ngawo uya kuxhomekeka kubudala bakhe nezinye iimeko.
Ukuba usemncinane ibe usahlala ekhaya, ngokuzenzekelayo uya kuqhubeka umnika izinto aziselweyo. Kusafuneka umqeqeshile ukuze akwazi ukuziphatha, ibe unembopheleleko yokwenjenjalo. (IMizekeliso 1:8-18; 6:20-22; 29:17) Usenokufuna ukumqhubela isifundo seBhayibhile, esiza kwenza ukuba kugqabaze yena ngokungqalileyo. Unokumcela afunde izibhalo ezithile ezahlukahlukeneyo neempapasho ezilungiselelwe “likhoboka elithembekileyo neliyingqondi.” (Mateyu 24:45) Usenokuya naye kwiintlanganiso zamaKristu aze ahlale nawe. Konke oku kwenziwa ngethemba lokuba uya kusithobela isiluleko seZibhalo.
Imeko iyahluka kule ukuba lowo ususiweyo akasengomntwana ibe akasahlali ekhaya. Umpostile uPawulos wabongoza amaKristu aseKorinte wathi: “Niyeke ukunxulumana naye nabani na obizwa ngokuba ngumzalwana ongumhenyuzi okanye umntu obawayo okanye umnquli-zithixo okanye umtshabhisi okanye inxila okanye umphangi, ningatyi kwaukutya nomntu onjalo.” (1 Korinte 5:11) Ngoxa kusenokubakho imicimbi ebalulekileyo yentsapho esenokufuna kunxityelelwane nalowo ususiweyo, umzali ongumKristu uya kuzabalazela ukuba kunganxulunyanwa naye ngokungeyomfuneko.
Xa umntwana owonileyo eqeqeshwa ngabelusi abangamaKristu, ibingayi kuba bubulumko ukugatya okanye ukujongela phantsi isenzo sabo esisekelwe eBhayibhileni. Ukuma kwicala lomntwana wakho ovukelayo oko akuyi kumkhusela kuMtyholi. Eneneni, uya kuba uyazenzakalisa ngokomoya. Kwelinye icala, ngokuxhasa imigudu yabelusi, uya kuhlala ‘uqinile elukholweni’ ibe uya kumnceda ngokwenene umntwana wakho.—1 Petros 5:9.
UYehova Uya Kukomeleza
Ukuba umntwana wakho uyavukela, khumbula ukuba akuwedwa. Nabanye abazali abangamaKristu bakhe bakwimeko efanayo. UYehova unako ukusomeleza enoba sijamelana naziphi iimvavanyo.—INdumiso 68:19.
Kholosa ngoYehova ngokuthandaza kuye. Nxulumana rhoqo nebandla lamaKristu. Luxhase uqeqesho lwabelusi abamiselweyo. Ukuba wenjenjalo uya kukwazi ukuhlala uqinile. Umzekelo wakho omhle usenokunceda umntwana wakho amkele isimemo sikaYehova sothando sokubuyela kuye.—Malaki 3:6, 7.
[Imifanekiso ekwiphepha 18]
Umthandazo nebandla lamaKristu ziya kukomeleza