Isipho Sikanaphakade Esivela KuMdali
NGABA ngumnqa kuwe ukwazi ukuba iinkalo izazinzulu ezicinga ukuba zibalulekile ebomini okanye kwiplanethi yethu zichazwe ngokungqalileyo okanye ngokungangqalanga kwisahluko sokuqala sencwadi yeBhayibhile? Ziziphi ezo nkalo?
Ukuze ubomi buqhubeke, kufanele kubekho amanzi amaninzi njengokuba kuchaziwe kwiGenesis 1:2. Kufuneka ubushushu obukwiqondo elifanelekileyo ukuze loo manzi ahlale elulwelo. Oko kufuna ukuba umhlaba ube kumgama ofanelekileyo ukusuka elangeni. Incwadi yeGenesis, ngokuphindaphindiweyo ithetha ngendlela ilanga elichaphazela ngayo umhlaba.
Ukuze kuhlale abantu, umhlaba ufuna umxube othile weegesi. Le nkalo ibalulekileyo ichaziwe kwincwadi yeGenesis 1:6-8. Ukukhula kohlaza okuchazwe kwincwadi yeGenesis 1:11, 12, kungumthombo weoksijini esiyiphefumlayo. Ukuze kuphile iintlobo ezahlukeneyo zezilwanyana kufuneka umhlaba owomileyo nochumileyo, njengalowo uchazwe kwiGenesis 1:9-12. Okokugqibela, ukuze sibe nemozulu ekumlinganiselo omhle, iplanethi imele ithambeke ukuze ime ngendlela efanelekileyo kwindawo yayo—emhlabeni lo msebenzi wenziwa ngumxhuzulane wenyanga. Oku kuxhomekeka kwethu enyangeni nezinye iingenelo zako kuboniswe ngokucacileyo kwiGenesis 1:14, 16.
Wakwazi njani umbhali wamandulo uMoses, ngaphandle kobugcisa banamhlanje, ukukhankanya ezi nkalo zingasentla? Ngaba uMoses wayeyinkunkqele yobulumko xa kuthelekiswa nabantu awayephila kunye nabo? Kucacile ukuba waphefumlelwa nguMdali wamazulu nomhlaba. Oku kucacile nangona izazinzulu zibuthandabuza ubunyani bencwadi yeGenesis.
IBhayibhile iyangqina ukuba kukho injongo ngokudalwa kwezinto ezihlab’ umxhelo esizibona kwindalo iphela. INdumiso 115:16 ithi: “Wona ke amazulu, ngamazulu kaYehova, kodwa umhlaba uwunike oonyana babantu.” Omnye umdumisi wathi: “Useke umhlaba phezu kweendawo omiswe kuzo; awuyi kushukunyiswa ukusa kwixesha elingenammiselo, okanye nangonaphakade.” (INdumiso 104:5) Ukuba ummandla wendalo neeplanethi ezintle ziyilwe zaza zenziwa nguMdali, ngokuqinisekileyo asinto ingekho ngqiqweni ukucinga ukuba unako ukunyamekela ezi zinto. Oku kuthetha ukuba unako ukukhangela ngentembelo ekuzalisekeni kwesithembiso esithi: “Amalungisa aya kuwudla ilifa umhlaba, ahlale kuwo ngonaphakade.” (INdumiso 37:29) Ukuze uqiniseke ngoku, uThixo “nongawudalelanga ilize [umhlaba], kodwa owawubumba ukuba umiwe” ngonaphakade ngabantu abanoxabiso ngezenzo zakhe.—Isaya 45:18.
Ngokutsho kweZibhalo, uYesu weza emhlabeni ukuze asifundise ngoThixo nangeenjongo Zakhe ukuze anike uluntu oluthobelayo ubomi obungunaphakade. (Yohane 3:16) Siqinisekiswa ukuba kungekudala uThixo uya “konakalisa abo bawonakalisayo umhlaba,” apho abantu abathanda uxolo bazo zonke iintlanga nabamkela ilungiselelo lakhe lokusinda beya kusindiswa. (ISityhilelo 7:9, 14; 11:18) Hayi indlela obuya kunandipheka ngayo ubomi njengokuba uluntu lufunda yaye lusonwatyiswa yindalo emangalisayo kaThixo ngonaphakade!—INtshumayeli 3:11; Roma 8:21.
[Inkcazelo Ngomfanekiso okwiphepha 8]
NASA photo