Indlela Onokulubona Ngayo Unqulo Oluyinyaniso
IINKONZO ezininzi zithi imfundiso yazo ivela kuThixo. Ngoko ke, simele sithobele amazwi ompostile kaYesu uYohane, owathi: “Zintanda, musani ukuwakholelwa onke amazwi aphefumlelweyo, kodwa wavavanyeni amazwi aphefumlelweyo ukuze nibone enoba aphuma kuThixo kusini na, kuba kuye kwavela abaprofeti bobuxoki abaninzi ehlabathini.” (1 Yohane 4:1) Sinokuyivavanya njani into ukuze sibone enoba ivela kuThixo kusini na?
Yonke into evela kuThixo ibonisa ubuntu bakhe, ngakumbi uphawu lwakhe olubalaseleyo, uthando. Ngokomzekelo, isivamvo sethu sokujoja, esenza sikwazi ukuva ivumba elimnandi lohlaza, iintyatyambo okanye isonka esibhakiweyo, sibonisa uthando lukaThixo. Ukukwazi kwethu ukubona ukutshona kwelanga, ibhabhathane okanye uncumo lomntwana kubonisa indlela uThixo asithanda ngayo. Kukwanjalo nangokuva umculo omnandi, ukuntyiloza kwentaka, okanye ilizwi lesalamane okanye umhlobo. Nakuba singafezekanga sinje, ubuntu bethu bubonisa uthando lukaThixo. Yilonto sibona ukuba yinyaniso kwamazwi kaYesu athi: “Kunoyolo ngakumbi ukupha kunokwamkela.” (IZenzo 20:35) Siyavuyiswa kukubonisa uthando kuba senziwe “ngokomfanekiso kaThixo.” (Genesis 1:27) Nangona uYehova enezinye iimpawu ezininzi, uthando lolona phawu lubalaseleyo kubuntu bakhe.
Izinto ezibhalwe nguThixo zimele zityhile olo thando lwakhe. Iicawa zehlabathi zinemibhalo yakudala emininzi. Ngaba iyalubonisa uthando lukaThixo?
Inyaniso kukuba, imibhalo yonqulo yamandulo emininzi akukho nto ingako eyichazayo ngendlela uThixo asithanda ngayo okanye ngendlela esinokumthanda ngayo. Ngoko, izigidi zabantu azifumani mpendulo xa zibuza, “Kutheni silubona nje uthando lukaThixo kwindalo ngoxa kuqhubeka kukho ukubandezeleka nobungendawo?” Kwelinye icala, iBhayibhile kuphela kombhalo wamandulo wonqulo oluchaza ngokupheleleyo uthando lukaThixo. Isifundisa indlela yokuba nothando.
Incwadi Ethetha Ngothando
ILizwi likaThixo, iBhayibhile, limchaza uYehova ‘njengoThixo wothando.’ (2 Korinte 13:11) IBhayibhile ichaza indlela uthando olwashukumisela ngayo uYehova ukuba anike abantu bokuqala ubomi bengenaloyiko lokugula nokufa. Kodwa ukuvukela igunya likaThixo kwazisela abantu ukubandezeleka. (Duteronomi 32:4, 5; Roma 5:12) UYehova wenza okuthile ukuze abuyise oko kwakulahlekile. ILizwi likaThixo lithi: “UThixo walithanda kakhulu ihlabathi kangangokuba wanikela ngoNyana wakhe okuphela kwamzeleyo, ukuze wonk’ ubani obonisa ukholo kuye angatshabalali kodwa abe nobomi obungunaphakade.” (Yohane 3:16) IZibhalo Ezingcwele zilutyhila ngakumbi uthando lukaThixo xa zichaza indlela aye wamisela ngayo urhulumente ofezekileyo oza kulawulwa nguYesu ukuze abuyisele uxolo kubantu abathobelayo.—Daniyeli 7:13, 14; 2 Petros 3:13.
IBhayibhile ikushwankathela ngala mazwi oko kumele kwenziwe ngabantu: “‘Uze umthande uYehova uThixo wakho ngentliziyo yakho iphela nangomphefumlo wakho uphela nangengqondo yakho iphela.’ Lo ngowona myalelo mkhulu nowokuqala. Owesibini, njengawo, ngulo, ‘Uze umthande ummelwane wakho njengawe siqu.’ Kule miyalelo yomibini kuxhomekeke uMthetho uphela.” (Mateyu 22:37-40) IBhayibhile ithi iphefumlelwe nguThixo. Ekubeni ibuchaza ngokucacileyo ubuntu bakhe, sinokuqiniseka ukuba ivela ‘kuThixo wothando.’—2 Timoti 3:16.
Ngokusebenzisa kwalo mgaqo mnye, sinokuwubona owona mbhalo wamandulo uvela kuThixo ngokwenene. Uthando lwahlula nabanquli bokwenyaniso, kuba baxelisa uThixo ekuboniseni uthando.
Indlela Onokubabona Ngayo Abantu Abathanda UThixo
Abo bamthanda ngokwenene uThixo bayazicacela, ngakumbi ngoku ekubeni siphila kwixesha iBhayibhile elibiza ngokuba ‘yimihla yokugqibela.’ Abantu baya besiba “ngabazithandayo, abathandi bemali, . . . abathandi beziyolo kunokuba bathande uThixo.”—2 Timoti 3:1-4.
Unokubabona njani abantu abathanda uThixo? IBhayibhile ithi: “Ukumthanda uThixo kuko ukuthi, siyigcine imiyalelo yakhe; kwaye ayinzima imiyalelo yakhe.” (1 Yohane 5:3) Ukuthanda uThixo kwenza abantu bahlonele imilinganiselo yokuziphatha yeBhayibhile. Ngokomzekelo, iLizwi likaThixo linemithetho ephathelele isini nomtshato. Iintlobano zesini zimele ziphelele emtshatweni kuphela, ibe umtshato umele uhlale ngonaphakade. (Mateyu 19:9; Hebhere 13:4) Xa elinye ibhinqa laseSpeyin elenza izifundo zonqulo laya apho amaNgqina kaYehova afunda khona imiyalelo yeBhayibhile yokuziphatha, lathi: “Emva kwezo ntlanganiso ndaziva ndakhekile, kungekhona nje kuphela ziintetho zeZibhalo kodwa nangendlela abamanyene ngayo aba bantu, imilinganiselo yabo ephakamileyo yokuziphatha nesimilo sabo esihle.”
Ukongezelela ekuthandeni kwawo uThixo, amaKristu okwenyaniso abonakala lula ngendlela abonisa uthando ngayo kubamelwane bawo. Owona msebenzi wawo ubalulekileyo kukuxelela abanye ngelona themba loluntu, uBukumkani bukaThixo. (Mateyu 24:14) Ayikho into enokunceda abamelwane bawo ngokuqhubekayo ngaphandle kokubanceda bamazi uThixo. (Yohane 17:3) Zikho nezinye iindlela alubonisa ngazo uthando amaKristu okwenyaniso. Anceda abo babandezelekileyo. Ngokomzekelo, xa inyikima yabangela intlekele eItali, iphephandaba lasekuhlaleni lathi amaNgqina kaYehova “anceda abo babandezelekileyo, kungakhathaliseki ukuba ngabaluphi na unqulo.”
Ukongezelela ekuthandeni uThixo nommelwane, amaKristu okwenyaniso ayathandana. UYesu wathi: “Ndininika umyalelo omtsha, wokuba nithandane; kanye njengoko ndinithandileyo mna, ukuba nani nithandane. Ngako oko bonke baya kwazi ukuba ningabafundi bam, ukuba ninothando phakathi kwenu.”—Yohane 13:34, 35.
Ngaba indlela athandana ngayo amaKristu okwenyaniso yahluke ngokuphawulekayo? UEma osebenza njengesicaka wayecinga njalo. Usebenza eLa Paz, eBolivia, apho ubuhlanga budla ngokwahlula izityebi kumahlwempu. Wathi: “Ukuqala kwam ukuya kwintlanganiso yamaNgqina kaYehova, ndabona elinye inene elinxibe kakuhle lincokola nebhinqa elingumIndiya. Ndandiqala ukuyibona into enjalo. Kwangoko ndaqonda ukuba aba bamele ukuba ngabantu bakaThixo.” Ngokufanayo, elinye ibhinqa eliselula laseBrazil uMiriam lathi: “Ndandingayazi indlela yokufumana ulonwabo, kwanaphakathi kwamalungu entsapho yam. Ukuqala kwam ukubona abantu ababonisa uthando ndabona amaNgqina kaYehova.” EUnited States, umphathi weendaba kwisikhululo sikamabonwakude wabhala: “Ukuba abantu abaninzi bebenokuphila ngokonqulo lwenu, esi sizwe ngesingekho kwimeko esikuyo ngoku. Ndingomnye wonoondaba abaziyo ukuba intlangano yenu isekelwe kuthando nokholo olomeleleyo kuMdali.”
Funa Unqulo Oluyinyaniso
Uthando lulo olwahlula unqulo oluyinyaniso. UYesu wafanisa ukufumana unqulo oluyinyaniso nokufumana indlela echanileyo uze uhambe kuyo. Kuphela kwendlela ekhokelela kubomi obungunaphakade. UYesu wathi: “Ngenani ngesango elimxinwa; ngokuba ibanzi kwaye iphangalele indlela esa entshabalalweni, yaye baninzi abangena ngayo; kanti limxinwa isango kwaye imxinwa indlela esa ebomini, yaye bambalwa abayifumanayo.” (Mateyu 7:13, 14) Liqela elinye kuphela lamaKristu okwenyaniso elihamba ngokumanyeneyo noThixo kwindlela yonqulo lokwenyaniso. Ngoko ke, ibalulekile into yokuba umntu uhamba yiphi inkonzo. Ukuba uyayifumana loo ndlela uze ukhethe ukuhamba kuyo, uya kuba ufumene eyona ndlela ibalaseleyo yobomi kuba yindlela yothando.—Efese 4:1-4.
Khawucinge nje ngendlela oya kuvuya ngayo njengoko uhamba kwindlela yonqulo oluyinyaniso! Kufana nokuhamba noThixo. UThixo uya kukufundisa ubulumko nothando ukuze ube nolwalamano oluhle nabanye. Kuye unokufunda injongo yobomi, uze wazi izithembiso zakhe eziya kukunika ithemba ngekamva. Akusayi kuze uzisole ngokufuna unqulo oluyinyaniso.
[Umfanekiso okwiphepha 5]
Kwimibhalo yonqulo yamandulo, yiBhayibhile kuphela etyhila uthando lukaThixo
[Imifanekiso ekwiphepha 7]
Abantu bayakwazi ukuwabona amaKristu okwenyaniso kuba anothando