Ukuvelisa Iziqhamo Naxa Sele Waluphele
“Abo batyalwe endlwini kaYehova . . . baya kuqhubeka bechuma ebudeni bokuba nezimvi.”—INDUMISO 92:13, 14.
1, 2. (a) Kudla ngokuchazwa njani ukwaluphala? (b) IZibhalo zithembisa ntoni ngokuphathelele imiphumo yesono sika-Adam?
UKWALUPHALA—yintoni ethi qatha engqondweni xa usiva eli gama? Ngaba ubona umntu onemibimbi, ongeva kakuhle nonomzimba obuthathaka? Okanye ngaba ucinga ngeny’ inkalo ‘yemihla yentlekele’ echazwe kwiNtshumayeli 12:1-7? Ukuba kunjalo, kubalulekile ukwazi ukuba inkcazelo ekwiNtshumayeli isahluko 12 ifuzisela ukwaluphala, into uMdali, uYehova uThixo, angazange acinge ngayo, kodwa engumphumo wesono sika-Adam emizimbeni yethu.—Roma 5:12.
2 Kona ukukhula kukodwa akusosiqalekiso, kaloku ukukhula kuhambisana nokuhamba kweminyaka. Enyanisweni, kuluvuyo ukubona izinto eziphilayo zikhula zize zibe ndala. Kungekudala umonakalo oqhubeke iminyaka engamawaka amathandathu esono nokungafezeki uza kupheliswa, yaye bonke abantu abathobelayo baza kuphila ngendlela uThixo awayecebe ngayo, bengathwaxwa kukwaluphala nakukufa. (Genesis 1:28; ISityhilelo 21:4, 5) Ngelo xesha, “akakho ummi wakhona oya kuthi: ‘Ndiyagula.’” (Isaya 33:24) Abantu abakhulileyo baya kubuyela emihleni “yamandla obutsha,” yaye inyama yabo “ihlaziyeke ngakumbi kunasebutsheni.” (Yobhi 33:25) Noko ke, ngoku, sonke sijamelana nemiphumo yelifa esalifumana kuAdam. Kodwa, bona abakhonzi bakaYehova basikelelwe ngeendlela ezininzi njengokuba besaluphala.
3. AmaKristu ‘anokuqhubeka echuma ebudeni bokuba nezimvi’ ngaziphi iindlela?
3 ILizwi likaThixo lisiqinisekisa ukuba “abo batyalwe endlwini kaYehova . . . baya kuqhubeka bechuma ebudeni bokuba nezimvi.” (INdumiso 92:13, 14) Ngentetho efuziselayo, umdumisi uthi abakhonzi bakaThixo abathembekileyo banokuqhubeka besenz’ inkqubela, bevelisa isiqhamo somoya enoba baya besiba buthathaka emzimbeni. Oku kungqinwa ngabantu abaninzi ekuthethwe ngabo eBhayibhileni nabaphila kwimihla yethu.
“Wayengazange Aphoswe”
4. UAna, umprofetikazi owalupheleyo, wakubonisa njani ukuzinikela kwakhe kuThixo, yaye wavuzwa njani?
4 Khawucinge ngomprofetikazi uAna. Eneminyaka engama-84 ubudala, “wayengazange aphoswe kukuba setempileni enikela inkonzo engcwele ubusuku nemini ngokuzila ukutya nezikhungo.” Ekubeni uyise wayengengomLevi, ‘engowesizwe sakwa-Ashere,’ uAna elibhinqa, wayengenakuhlala etempileni. Khawucinge ngomgudu awayefanele awenze ukuze abe setempileni imihla ngemihla ukususela kwinkonzo yasekuseni kude kube ngokuhlwa! Noko ke, wavuzwa gqitha uAna ngokuzinikela kwakhe. Waba nelungelo lokubona uYosefu noMariya bezise uYesu owayelusana etempileni phambi koYehova njengoko uMthetho wawuyalele. Xa uAna wabona uYesu, “wambulela uThixo waza wathetha ngaye lo mntwana kubo bonke abo babelindele intlangulo yeYerusalem.”—Luka 2:22-24, 36-38; Numeri 18:6, 7.
5, 6. Abaninzi abalupheleyo namhlanje bawubonisa ngaziphi iindlela umoya onjengoka-Ana?
5 Namhlanje sineengwevu neengwevukazi ezininzi ezixelis’ uAna neziya rhoqo kwiintlanganiso, eziyithandazela ngokunyaniseka inkqubela yonqulo lokwenyaniso, nezikhutheleyo ekushumayeleni iindaba ezilungileyo. Umzalwana oneminyaka engaphezu kwama-80 ubudala obakho rhoqo kwiintlanganiso zamaKristu nomfazi wakhe uthi: “Kungumkhwa wethu ukuya kwiintlanganiso. Ayikho enye indawo esifuna ukuya kuyo. Sifuna ukuba kwindawo enabantu bakaThixo. Apho siziva sikhululekile.” Lo ngumzekelo olukhuthazo kuthi sonke!—Hebhere 10:24, 25.
6 UJean, umhlolokazi ongumKristu oneminyaka engaphezu kwama-80 ubudala udla ngokuthi: “Nantoni na yobuthixo endifanele ndiyenze, ndifuna ukuyenza.” Uhlabela mgama esithi: “Phofu ke iintsuku azifani, ngezinye iimini ndiba lusizi. Kodwa akuyomfuneko ukuba bonke abantu abandaziyo babe lusizi xa mna ndilusizi.” Enochulumanco, uvakalisa indlela avuya ngayo xa etyelele kwamanye amazwe kwizihlandlo ezilukhuthazo ngokomoya. Kukhenketho lwakhe lwamvanje, wathi kwabo wayehamba nabo: “Andifuni kuphinda ndibon’ iinqaba; ndifuna ukuya entsimini!” Nangona wayengalwazi ulwimi lwasekuhlaleni, uJean wakwazi ukuthetha nabantu balapho ngesigidimi seBhayibhile. Ukongezelela, kangangeminyaka eliqela, ebesebenza nebandla elifun’ uncedo, nangona oku kwakuthetha ukufunda ulwimi olutsha nokuhamba iiyure ezimbini ukuya nokubuya ezintlanganisweni.
Ukugcina Ingqondo Ixakekile
7. Xa wayesel’ ekhulile, uMoses wawuvakalisa njani umnqweno awayenawo wokukhulisa ulwalamano lwakhe noThixo?
7 Kudla ngokuthiwa ubulumko busezimvini. (Yobhi 12:12) Noko ke, inkqubela engokomoya ayinanto yakwenza nobudala. Ngoko ke, kunokuthembela kulwazi esiluzuze kwixesha elidluleyo, abakhonzi bakaThixo abathembekileyo bazabalazela ‘ukwandisa ukuqonda’ njengokuba iminyak’ ihamba. (IMizekeliso 9:9) UMoses wathunywa nguYehova xa wayeneminyaka engama-80 ubudala. (Eksodus 7:7) Ngemihla yakhe, kwakuyinto engaqhelekanga ukuphila ixesha elide kangako, kuba wabhala esithi: “Imihla yeminyaka yethu yiminyaka engamashumi asixhenxe; yaye . . . ithe ngenxa yamandla akhethekileyo yangamashumi asibhozo.” (INdumiso 90:10) Emdal’ engako, uMoses akazange acinge ukuba akukho nto anokuphinda ayifunde. Emva kwamashumi eminyaka ekhonza uThixo, enamalungelo amaninzi, neembopheleleko ezinzima, uMoses wambongoza uYehova esithi: “Nceda undazise iindlela zakho, ukuze ndikwazi.” (Eksodus 33:13) UMoses wayekunqwenela ngamandla ukukhulisa ulwalamano lwakhe noYehova.
8. UDaniyeli wayigcina njani ingqondo yakhe ixakekile de waneminyaka engaphezu kwama-90 ubudala, yaye oku kwaba nayiphi imiphumo?
8 Kusenokwenzeka ukuba umprofeti uDaniyeli wayenokufunyanwa ephengulula imibhalo engcwele nakuba wayeneminyaka engaphezu kwama-90 ubudala. Akufundayo “ezincwadini”—ezisenokuba zaziquka iLevitikus, uIsaya, uYeremiya, uHoseya neka-Amos—kwamkhuthaza ukuba afune uYehova ngokuthandaza ngokuzingisileyo. (Daniyeli 9:1, 2) Loo mthandazo waphendulwa ngenkcazelo ephefumlelweyo engokuza kukaMesiya nokwakuza kwenzeka kunqulo olunyulu.—Daniyeli 9:20-27.
9, 10. Yintoni abanye abayenzileyo ukuze bagcine ingqondo yabo ixakekile?
9 NjengoMoses noDaniyeli, sinokuzama ukuyigcina ingqondo yethu ixakekile ngokunikel’ ingqalelo kwizinto zokomoya logama nje sisenako. Abaninzi benjenjalo. UWorth, umdala ongumKristu oneminyaka engaphezu kwama-80 ubudala, uhambisana nokutya kokomoya esikufumana ‘kwikhoboka elithembekileyo neliyingqondi.’ (Mateyu 24:45) Uthi: “Ndiyithanda ngokwenene inyaniso, yaye ndivuya gqitha xa ndibona indlela okuya kusanda ngayo ukukhanya kwenyaniso.” (IMizekeliso 4:18) Ngokufanayo, uFred, ochithe iminyaka engaphezu kwama-60 ekwinkonzo yexesha elizeleyo ukufumanisa kuhlaziya ngokomoya ukuqalisa incoko yeBhayibhile namany’ amaKristu. Uthi: “Ndimele ndiyigcine iBhayibhile iphila engqondweni yam. Ukuba unokuyenza iBhayibhile iphile—uyenze ibe nentsingiselo—uze oko ukufundayo ukuvisisanise ‘namazwi aphilileyo,’ oko kuthetha ukuba unolwazi oluchanileyo. Izinto uzazi kakuhle.”—2 Timoti 1:13.
10 Akukho sizathu sakucinga ukuba umntu owalupheleyo akanakufunda izinto ezintsha nezintsokothileyo. Abantu abaneminyaka engama-60, engama-70 nengama-80 ubudala baye baqalisa ukufunda ukulesa nokubhala baza bafunda neelwimi ezintsha. Amanye amaNgqina kaYehova aye afunda ulwimi olutsha ngenjongo yokushumayela iindaba ezilungileyo kubantu bezinye iintlanga. (Marko 13:10) UHarry nomfazi wakhe babesele beyigabhule iminyaka engama-60 ubudala xa bagqiba kwelokuba bancedise kwintsimi yesiPhuthukezi. UHarry uthi: “Kumele kuvunywe ukuba nantoni na esiyenzayo ayilula xa sel’ ukhulile.” Sekunjalo, umgudu nokuzingisa kwabanceda baqalisa izifundo zeBhayibhile ngesiPhuthukezi. Kangangeminyaka emininzi ngoku, uHarry ebenikela iintetho kwiindibano zesithili ngolu lwimi lwakhe lutsha.
11. Kutheni sifanele sibe nomdla kwizinto ezenziwe ziingwevu neengwevukazi ezithembekileyo?
11 Liyinyaniso elokuba, impilo okanye ezinye iimeko azivumi kubo bonke abantu ukuba baqalise izinto enzima ngolo hlobo. Ngoko ke, kutheni sinomdla kwizinto ezenziwe ngabantu abalupheleyo? Injongo yethu asikokucebisa ukuba sonke sizame ukwenza izinto ezifanayo. Kunoko, sicinga ngoko kwathethwa ngumpostile uPawulos kumaKristu angamaHebhere ngabadala bebandla abathembekileyo xa wathi: “Njengoko nisondela impumelelo yehambo yabo xelisani ukholo lwabo.” (Hebhere 13:7) Xa sicinga ngemizekelo enjalo yenzondelelo, sinokukhuthazwa ukuba sixelise ukholo olomeleleyo oluqhuba ezi ngwevu neengwevukazi enkonzweni yazo kuThixo. Echaza into emqhubayo, uHarry, ngoku oneminyaka engama-87 ubudala uthi, “ndifuna ukuyisebenzisa ngobulumko iminyaka yam eseleyo ndibe luncedo kangangoko kunokwenzeka enkonzweni kaYehova.” UFred okhankanywe ngaphambilana, ukuvuyela gqitha ukufeza isabelo sakhe eBheteli. Uthi: “Ufanele ukhangele eyona ndlela ongamkhonza ngayo uYehova ngokwamkelekileyo uze ubambelele kuyo.”
Inzondelelo Phezu Kwako Nje Ukutshintsha Kweemeko
12, 13. UBharzilayi wakubonisa njani ukuzinikela kwakhe kuThixo nakuba izinto zazingasafani?
12 Akulula ukujamelana namahlab’ okwaluphala. Noko ke, ubani unokuba nenzondelelo enkonzweni kaThixo phezu kwako nje ukutshintsha kweemeko. UBharzilayi, umGiliyadi ungumzekelo omhle kule nkalo. Xa wayeneminyaka engama-80 ubudala, wenzela uDavide nomkhosi wakhe ububele, ngokuwulungiselela ukutya nekhusi ngexesha lemvukelo ka-Abhisalom. Xa uDavide wayebuyela eYerusalem, uBharzilayi walipheleka eli qela de laya kufika kuMlambo iYordan. UDavide wafuna ukuba uBharzilayi ahlale kwiintendelezo zakomkhulu. Waphendula wathini uBharzilayi? “Namhlanje ndineminyaka engamashumi asibhozo ubudala. Unako na umkhonzi wakho ukungcamla oko ndikudlileyo noko ndikuseleyo, okanye ndisenako na ukuphulaphula ilizwi leemvumi neemvumikazi? . . . Nanku umkhonzi wakho uKimham. Makawele nenkosi yam ukumkani; uze wenze kuye oko kulungileyo emehlweni akho.”—2 Samuweli 17:27-29; 19:31-40.
13 Nangona izinto zazingasafani kuBharzilayi, wenza oko kwakusemandleni akhe ukuxhasa ukumkani omiselwe nguYehova. Nangona wayesazi ukuba akasakwazi ukungcamla yaye engaseva kakuhle, loo nto yayingamkhathazi. Kunoko, ngokungazingci, uBharzilayi wabonakalisa uhlobo lomntu alulo ngaphakathi ngokuncomela ukuba uKimham afumane izinto awayeza kuzifumana. NjengoBharzilayi, abantu abaninzi abalupheleyo babonakalisa umoya wokungazingci nobubele. Benza oko kusemandleni abo ukuxhasa unqulo lokwenyaniso, besazi ukuba “uThixo uyakholiswa yimibingelelo enjalo.” Hayi indlela okuyintsikelelo ngayo ukuba nabantu abathembekileyo phakathi kwethu!—Hebhere 13:16.
14. Kutheni ukwaluphala kukaDavide kuwenza abe nentsingiselo engakumbi amazwi eNdumiso 37:23-25?
14 Nangona iimeko zikaDavide zaguquka ekuhambeni kwexesha, wayesoloko eqinisekile ukuba uYehova uyabanyamekela abakhonzi bakhe abathembekileyo. Ngaphambi kokufa kwakhe, uDavide waqamba ingoma namhlanje efumaneka kwiNdumiso 37. Yiba nomfanekiso kaDavide ekhumbula iimini zakudala, ebeth’ uhadi ecula le ngoma: “UYehova uwalungisile amanyathelo endoda eyomeleleyo, yaye uyayoliswa yindlela yayo. Nangona isenokuwa, ayiyi kuphoswa phantsi, kuba uYehova uyasixhasa isandla sayo. Ndakha ndangumfana, kungokunje ndimdala, kodwa andikaboni nabani na olilungisa eshiywe ngokupheleleyo, nenzala yakhe ifuna isonka.” (INdumiso 37:23-25) UYehova wabona kufanelekile ukuquka ubudala bukaDavide kule ngoma iphefumlelweyo. Oku kuwenza achukumise ngakumbi amazwi ayo!
15. Umpostile uYohane usibekela wuphi umzekelo omhle wokuthembeka phezu kwako nje ukutshintsha kweemeko zakhe nokwaluphala?
15 Umpostile uYohane ngomnye umzekelo omhle wokuthembeka phezu kwako nje ukutshintsha kweemeko nokwaluphala. Emva kokukhonza uThixo iminyaka enokuba ngama-70, uYohane wathunyelwa kwisiqithi sasePatmos “ngenxa yokuthetha ngoThixo nokunikela ubungqina ngoYesu.” (ISityhilelo 1:9) Noko ke, wayengekawugqibi umsebenzi wakhe. Kaloku, zonke iincwadi zeBhayibhile ezibhalwe nguYohane wazibhala kwiminyaka yokugqibela yobomi bakhe. Ngoxa esePatmos, wabona umbono owoyikekayo weSityhilelo, awawubhala ngenyameko. (ISityhilelo 1:1, 2) Kucingelwa ukuba wakhululwa apho ngexesha loMlawuli waseRoma, uNerva. Emva koko, ngowama-98 C.E, xa uYohane wayeneminyaka enokuba ngama-90 okanye eli-100 ubudala, wabhala incwadi yeVangeli neencwadi ezintathu ezibizwa ngegama lakhe.
Ingxelo Yokuthembeka Engenakulibaleka
16. Abo bangasakwaziyo ukuthetha bakubonakalisa njani ukuzinikela kwabo kuYehova?
16 Sisenokuba buthathaka ngeendlela nangomlinganiselo ongafaniyo. Ngokomzekelo, abanye basenokungakwazi nokuthetha kakuhle. Sekunjalo, abalulibali uthando nobubele bukaThixo. Nangona bengenanto ininzi abanokuyithetha, entliziyweni yabo bathi kuYehova: “Hayi indlela endiwuthanda ngayo umthetho wakho! Imini le yonke ndiwuxhalabele.” (INdumiso 119:97) Yena uYehova, uyabazi abo “bacinga ngegama lakhe” yaye uyayiqonda indlela abahluke ngayo kwinkoliso yabantu abangazinanzanga iindlela zakhe. (Malaki 3:16; INdumiso 10:4) Hayi indlela ekuthuthuzela ngayo ukwazi ukuba uYehova uyayoliswa kukucamngca kweentliziyo zethu!—1 Kronike 28:9; INdumiso 19:14.
17. Yintoni ekhethekileyo eye yafezwa ngabo baye bakhonza uYehova ixesha elide?
17 Enye into engafanele ilityalwe kukuba, abo bakhonze uYehova ngokuthembeka amashumi eminyaka, bafeze into ekhethekileyo engenakwenziwa ngeny’ indlela—bazenzele ingxelo yokuthembeka engenakulibaleka. UYesu wathi: “Ngokunyamezela kwenu niya kuyizuza imiphefumlo yenu.” (Luka 21:19) Simele sinyamezele ukuze sifumane ubomi obungunaphakade. Nina eniye ‘nakwenza ukuthanda kukaThixo’ nenizingqine nithembekile ngendlela eniphila ngayo nifanele nikhangele phambili ekwamkeleni “inzaliseko yesithembiso.”—Hebhere 10:36.
18. (a) Yintoni uYehova avuyela ukuyibona kubantu abakhulileyo? (b) Yintoni esiza kuyiqwalasela kwinqaku elilandelayo?
18 UYehova uyayixabisa inkonzo yenu yomphefumlo uphela kungakhathaliseki enoba kukhulu okanye kuncinane kangakanani na enikwaziyo ukukwenza. Enoba kwenzeka ntoni ‘kumntu esinguye ngaphandle’ njengokuba ubani esaluphala, umntu esinguye ngaphakathi usenokwenziwa mtsha imihla ngemihla. (2 Korinte 4:16) Alithandabuzeki elokuba uYehova uyakuxabisa okwenzileyo kwixesha elidluleyo, kodwa licacile nelokuba uyakuxabisa nokwenzayo ngoku ngenxa yegama lakhe. (Hebhere 6:10) Kwinqaku elilandelayo, siza kuqwalasela iinzuzo ezihlala zihleli zokuthembeka okunjalo.
Ubuya Kuphendula Uthini?
• Nguwuphi umzekelo omhle uAna awumisela amaKristu alupheleyo namhlanje?
• Kutheni ubudala bungafanele bube ngumqobo enkonzweni yethu?
• Abantu abalupheleyo banokuqhubeka njani bebonakalisa ukuzinikela kwabo kuThixo?
• UYehova uyijonga njani inkonzo enikelwa kuye ngabantu abasele bekhulile?
[Umfanekiso okwiphepha 23]
UDaniyeli owalupheleyo wabuqonda ubude bexesha lokuthinjwa kukaYuda ngokufunda okubhalwe “ezincwadini”
[Imifanekiso ekwiphepha 25]
Abantu abaninzi abakhulileyo bangumzekelo ngokuya rhoqo kwiintlanganiso, ngokushumayela ngenzondelelo nangokuzimisela ukufunda