Sinokuzuza Lukhulu Ngokunyamezela
“Sibabhengeza njengabanoyolo abo baye banyamezela.”—YAKOBI 5:11.
1, 2. Yintoni ebonisa ukuba uYehova wayengenanjongo yokuba abantu babandezeleke?
AKAKHO umntu ofuna ukubandezeleka; noMdali wethu, uYehova uThixo, akafuni sibandezeleke. Oku sinokukubona xa sihlolisisa iLizwi lakhe eliphefumlelweyo size sibone okwenzekayo emva kokuba edale indoda nomfazi. UThixo waqala ngokwenza indoda. “Wandula ke uYehova uThixo wabumba umntu ngothuli lomhlaba waza wavuthela impefumlo yobomi emathatheni akhe, umntu ke waba ngumphefumlo ophilayo.” (Genesis 2:7) UAdam wayenengqondo nomzimba ofezekileyo, ngoko wayengayi kugula okanye afe.
2 Yayinjani yona indawo awayehlala kuyo? “UYehova uThixo watyala umyezo e-Eden, ngasempuma, waza wambeka khona umntu abembumbile. Ngoko uYehova uThixo wantshulisa emhlabeni yonke imithi enqwenelekayo emehlweni nelungele ukudliwa.” (Genesis 2:8, 9) Ewe, uAdam wayenekhaya elihle. Kwakungekho ukubandezeleka e-Eden.
3. Ngawaphi amathuba esasinawo isibini sokuqala?
3 IGenesis 2:18 isixelela oku: “Wahlabela mgama ke uYehova uThixo wathi: ‘Akulungile ukuba umntu aqhubeke eyedwa. Ndiza kumenzela umncedi oza kuba ngumphelelisi wakhe.’” UYehova wenzela uAdam umfazi ofezekileyo, ngaloo ndlela eqalisa ubomi bentsapho obumyoli. (Genesis 2:21-23) IBhayibhile inaba ithi: “UThixo wabasikelela waza wathi kubo uThixo: ‘Qhamani, nande, niwuzalise umhlaba nize niwoyise.’” (Genesis 1:28) Isibini sabantu bokuqala sasiza kuba nelungelo elingummangaliso lokwandisa iParadesi yase-Eden de wonke umhlaba ube yiparadesi. Sasiza kuba nabantwana abonwabileyo, ababengayi kubandezeleka. Yayisisiqalo esihle gqitha eso!—Genesis 1:31.
Ukuqala Kokubandezeleka
4. Yintoni ebisenzeka ebantwini xa uqwalasela imbali yabo?
4 Noko ke, xa sijonga ubomi bentsapho ukutyhubela imbali, kuyabonakala ukuba wabakho undonakele. Kuye kwenzeka izinto ezimbi, baza abantu babandezeleka ngendlela engathethekiyo. Ukutyhubela iinkulungwane, yonke inzala ka-Adam noEva ibigula, yaluphale ize ekugqibeleni ife. Umhlaba awuyiyo kwaphela iparadesi enabantu abonwabileyo. Le meko ichazwa kakuhle kweyabaseRoma 8:22 ethi: “Yonke indalo iyagcuma kwaye isentlungwini de kube ngoku.”
5. Abazali bethu bokuqala baba negalelo njani ekubandezelekeni kwethu?
5 UYehova akanakubekwa tyala ngokubandezeleka kwabantu okuye kwaqhubeka ixesha elide. (2 Samuweli 22:31) Ngandlel’ ithile ngabantu ababekek’ ityala ngoku. “Benze ngokonakala, ziyacekiseka izenzo zabo.” (INdumiso 14:1) Abazali bethu bokuqala babenesiqalo esihle. Kwakufuneka nje bathobele uThixo ukuze baqhubeke bephila ngaloo ndlela, kodwa uAdam noEva bakhetha ukuzimela geqe kuYehova. Ekubeni bavukela uYehova, babengenakuhlala befezekile. Babeza kuwohloka de bafe. Ukungafezeki sakuzuza kubo njengelifa.—Genesis 3:17-19; Roma 5:12.
6. Yiyiphi indima eyaphunyezwa nguSathana ekubangeleni ukubandezeleka?
6 Omnye umntu owafak’ isandla kwasekuqaleni kuko konke ukubandezeleka, sisidalwa somoya esaba nguSathana uMtyholi. Wayenenkululeko yokuzikhethela. Kodwa, wayisebenzisa kakubi loo nkululeko ngokufuna ukunqulwa. Kaloku, nguYehova kuphela ofanele anqulwe kungekhona izidalwa zakhe. NguSathana owalukuhla uAdam noEva ukuba bafune ukuzimela geqe kuYehova, ngokungathi ‘babenokuba njengoThixo, bazi okulungileyo nokubi.’—Genesis 3:5.
NguYehova Kuphela Onelungelo Lokulawula
7. Yintoni eboniswa yimiphumo yokuvukelwa kukaYehova?
7 Imiphumo ebuhlungu yale mvukelo idandalazise elubala ukuba nguYehova kuphela, yena unguMongami Wendalo Iphela, onelungelo lokulawula nokuba lulawulo lwakhe kuphela olunobulungisa. Amawaka eminyaka edluleyo aye abonisa ukuba uSathana, owaba ‘ngumlawuli wehlabathi,’ uye weza nolawulo olungendawo, olungenabulungisa, olunogonyamelo nolunganelisiyo kwaphela. (Yohane 12:31) Ulawulo olude, olubuhlungu lwabantu ngaphantsi kukaSathana, luye lwabonisa phandle ukuba abakwazi kulawula ngobulungisa. (Yeremiya 10:23) Naluphi na ulawulo oluyilwe ngabantu, noluzimele geqe kuYehova luyasilela nakanjani. Imbali iyingqine phandle le nyaniso.
8. Yiyiphi injongo kaYehova ngabo bonke oorhulumente babantu, ibe uya kuyiphumeza njani?
8 Ekubeni uYehova eye wavuma kwadlula amawaka eminyaka abantu bezama ukuzilawula, akanakubekwa tyala xa eshenxisa zonke ezi ntlobo zoorhulumente zilawula umhlaba aze amisele owakhe. Isiprofeto esithetha ngoku sithi: “Ngemihla yabo kumkani [ulawulo lwabantu] uThixo wezulu uya kumisa ubukumkani [urhulumente wakhe wasezulwini aya kulawula kuwo uKristu] obungenakuze bonakaliswe. . . . Buya kuzityumza buziphelise zonke ezi zikumkani, buze bona bume ukusa kwixesha elingenammiselo.” (Daniyeli 2:44) Luya kuphela ulawulo lweedemon nolwabantu, kusale kulawula uBukumkani bukaThixo basezulwini kuphela kulo mhlaba. UKristu uya kuba nguKumkani, encediswa ngabantu abali-144 000 abathembekileyo abathatyathwe emhlabeni.—ISityhilelo 14:1.
Into Entle Ngokubandezeleka
9, 10. Yintoni uYesu awancedakala kuyo ngokubandezeleka?
9 Kubangel’ umdla ukuhlola iimfaneleko zabo baza kulawula kuBukumkani basezulwini. Okokuqala, uKristu uYesu wabonisa indlela akufanelekela ngayo ukuba nguKumkani. Waphila ixesha elide noYehova esenza ukuthanda kukaYise, “njengomsebénzi onobuchule.” (IMizekeliso 8:22-31) Xa uYehova walungiselela ukuba eze emhlabeni, uYesu wavuma. Emhlabeni waxelela abanye ngolongamo lukaYehova noBukumkani bakhe. UYesu wasimisela umzekelo omhle sonke ngokuzithoba ngokupheleleyo kolo longamo.—Mateyu 4:17; 6:9.
10 UYesu watshutshiswa de wabulawa ekugqibeleni. Ngoxa wayexakeke kukushumayela, walubona lonke usizi ababekulo abantu. Ngaba kwamnceda ukuyiva kuye esiqwini imbandezelo eyayinyanyezelwe ngabantu? Kunjalo kanye! AmaHebhere 5:8 athi: “Nangona wayenguNyana [kaThixo], wafunda ukuthobeka ngeembandezelo awazifumanayo.” Izinto ezamehlelayo apha emhlabeni zenza wabaqonda ngakumbi abantu waza wabasizela. Wazibonela ngokwakhe imeko yoluntu. Waba novelwano kwabo babandezelekayo waza wayiqonda kakuhle indima aza kuba nayo yokubahlangula. Bona indlela umpostile uPawulos akubalaselisa ngayo oku kwincwadi yamaHebhere: “Wayebophelelekile ukuba abe ‘njengabazalwana’ bakhe kwiinkalo zonke, ukuze abe nokuba ngumbingeleli omkhulu onenceba nothembekileyo kwizinto eziphathelele uThixo, ukuze anikele umbingelelo wokucamagushela izono zabantu. Kuba ekubeni yena ngokwakhe wabandezeleka ngokuvavanywa, unako ukubanceda abo bavavanywayo.” “Sinombingeleli omkhulu esinaye uyavelana nobuthathaka bethu, kuba naye wavavanywa ngandlela zonke njengathi, kodwa engenasono. Ngoko ke, masisondele sinenkululeko yokuthetha kwitrone yobubele obungasifanelanga, ukuze sizuze inceba, sifumane ububele obungasifanelanga noncedo ngexesha elifanelekileyo.”—Hebhere 2:17, 18; 4:14-16; Mateyu 9:36; 11:28-30.
11. Amava okuphila emhlabeni aza kubanceda njani ookumkani nababingeleli bexesha elizayo?
11 Kunjalo ke nangabo bali-144 000, ‘abathengwe’ emhlabeni ukuze balawule noKristu Yesu kuBukumkani basezulwini. (ISityhilelo 14:4) Bonke bazalelwa emhlabeni, bakhulela kwihlabathi elithwaxwa ziimbandezelo, baza nabo babandezeleka. Abaninzi batshutshiswa, abanye bade babulawa ngenxa yokugcina ingqibelelo kuYehova nokulandela uYesu. Kodwa ‘abazange babe nazintloni ngobungqina obungeNkosi yethu, baba nenxaxheba ekubandezelekeni ngenxa yeendaba ezilungileyo.’ (2 Timoti 1:8) Izinto abazifunde emhlabeni zenza bakufanelekele kakuhle ukugweba uluntu besezulwini. Baye bafunda ukuba novelwano, ububele nokufuna ukunceda ngakumbi.—ISityhilelo 5:10; 14:2-5; 20:6.
Ulonwabo Lwabo Banethemba Lokuphila Emhlabeni
12, 13. Ukubandezeleka kunokubanceda njani abo banethemba lokuphila emhlabeni?
12 Ngaba ikho indlela okunokuba luncedo ngayo ukubandezeleka kwabo baza kuphila ngonaphakade kumhlaba oyiparadesi, oya kube ungenakugula, usizi nokufa? Akukho nto intle ngentlungu nokungcungcutheka okuza nokubandezeleka. Kodwa xa sinyamezela oko kubandezeleka, sinokuvelisa iimpawu ezintle, size ke sonwabe.
13 Yiva oko kuthethwa liLizwi likaThixo eliphefumlelweyo ngoku: “Kwanokuba niyabandezeleka ngenxa yobulungisa, ninoyolo.” “Ukuba niyangcikivwa ngenxa yegama likaKristu, ninoyolo.” (1Petros 3:14; 4:14) “Ninoyolo nina xa abantu beningcikiva, benitshutshisa, bethetha ngani lonke uhlobo lwento engendawo bexoka, ngenxa yam. Yibani nemihlali nixhume ngovuyo, ngokuba umvuzo wenu mkhulu emazulwini.” (Mateyu 5:11, 12) “Unoyolo umntu oqhubeka enyamezela isilingo, ngenxa yokuba akuba ekholekile uya kwamkela isithsaba sobomi.”—Yakobi 1:12.
14. Yintoni enokwenza abanquli bakaYehova bavuye ngoxa bebandezeleka?
14 Enyanisweni asikokubandezeleka ngokwako okusenza sivuye. Ulonwabo nokwaneliseka kwethu kubangelwa kukwazi ukuba sibandezeleka ngenxa yokwenza ukuthanda kukaYehova nokulandela umzekelo owamiselwa nguYesu. Ngokomzekelo, ngenkulungwane yokuqala abanye abapostile babanjwa baza bavela kwinkundla ephakamileyo yamaYuda, apho bakhalinyelwa kanobom ngokushumayela ngoYesu Kristu. Bakatswa baza bakhululwa. Saba njani isimo sengqondo sabo? Ingxelo yeBhayibhile ithi, “bemka phambi kweSanhedrin, benemihlali ngenxa yokuba babebalelwe ekuthini bafanelwe kukuhlaziswa ngenxa yegama lakhe.” (IZenzo 5:17-41) Babengavuyiswa kukukatswa neentlungu ezihamba nako, kodwa babevuyiswa kukwazi ukuba bakatswa ngenxa yokugcina ingqibelelo kuYehova nokulandela emanyathelweni kaYesu.—IZenzo 16:25; 2 Korinte 12:10; 1 Petros 4:13.
15. Ukunyamezela kwethu imbandezelo ngoku kunokusinceda njani kwixesha elizayo?
15 Ukunyamezela inkcaso nentshutshiso ngesimo sengqondo esifanelekileyo, kunokusifundisa ukunyamezela. Kuya kusinceda sikwazi ukunyamezela iimbandezelo zangomso. Sifunda oku: “Kugqaleni kuluvuyo olukhulu, bazalwana bam, xa nihlangabezana nezilingo ezahlukahlukeneyo, nisazi nje ukuba ukuvavanywa kokholo lwenu kuvelisa unyamezelo.” (Yakobi 1:2, 3) Yona eyabaseRoma 5:3-5 ithi: “Masigcobe ngoxa sisezimbandezelweni, ekubeni sisazi ukuba imbandezelo ivelisa unyamezelo; unyamezelo luvelisa ukukholeka; ukukholeka kuvelisa ithemba, kwaye ithemba alidanisi.” Njengoko siya sinyamezela izilingo ngenxa yehambo yethu yobuKristu, sikuxhobela ngakumbi ukunyamezela ezinye izilingo zale nkqubo yezinto.
UYehova Uya Kusibuyekeza
16. Yintoni aza kubabuyekeza ngayo uYehova abo baza kuba ngookumkani nababingeleli?
16 Kwanokuba siphulukana nezinto eziphathekayo ngenxa yokuchaswa okanye ukutshutshiswa ngokubambelela kwethu kwindlela yobuKristu, sinokuvuyiswa kukwazi ukuba uYehova uya kusibuyekeza ngokupheleleyo. Ngokomzekelo kwabanye ababenethemba lokuphila ezulwini, uPawulos wathi: “Nakwamkela ngovuyo ukuphangwa kwempahla yenu, nisazi ukuba nina ngokwenu ninokuthile eninako okulunge ngakumbi nokuhlala kuhleli” oko kokuba ngabalawuli kuBukumkani bukaThixo. (Hebhere 10:34) Cinga nje indlela okuya kubavuyisa ngayo ukuthulula iintsikelelo ezimangalisayo kubemi behlabathi elitsha, besalathiswa nguYehova noKristu. Ayinyaniso la mazwi ompostile uPawulos kumaKristu athembekileyo: “Iimbandezelo zeli xesha langoku ndizibalela ekuthini azilingani nayo nantoni na xa zithelekiswa nozuko oluza kutyhilwa kuthi.”—Roma 8:18.
17. Yintoni uYehova aza kuyenzela abo bamkhonza ngokuthembeka abaza kuphila emhlabeni?
17 Ngokufanayo, enoba yintoni na abaphulukana nayo okanye abayincamayo abo baza kuphila emhlabeni ngenxa yokukhonza uYehova, yena uya kubabuyekeza ngentabalala kwixesha elizayo. Uza kubavava ngobomi obufezekileyo nobungenasiphelo kumhlaba oyiparadesi. Kwelo hlabathi litsha, uYehova “uya kuzisula zonke iinyembezi emehlweni abo, kungabi sabakho kufa, kungabi sabakho kuzila nakukhala nantlungu kwakhona.” (ISityhilelo 21:4) Elinjani ukumangalisa ithemba! Kweli hlabathi ayikho into esinokuphulukana nayo, enoba siyincame ngokwethu okanye kuye kwanyanzeleka ukuba kube njalo ngenxa kaYehova, enokuthelekiswa nobomi obumangalisayo uYehova aza kubunika abakhonzi bakhe abathembekileyo, abanyamezela ukubandezeleka.
18. Sisiphi isithembiso asinika sona uYehova kwiLizwi lakhe?
18 Naziphi na izinto esimele sizinyamezele, azinakuphazamisana nobomi obungunaphakade esiza kubunandipha kwihlabathi elitsha likaThixo. Zonke siya kuziphosa kwelokulibala ngenxa yoyolo oluya kubakho kwihlabathi elitsha. UIsaya 65:17, 18 usixelela oku: “Izinto zangaphambili aziyi kukhunjulwa, zinganyuki zithi qatha entliziyweni. Kodwa gcobani nize nivuye ngonaphakade koko ndikudalayo.” Siyaqondakala isizathu sokuba umninawa kaYesu uYakobi athi: “Sibabhengeza njengabanoyolo abo baye banyamezela.” (Yakobi 5:11) Ngokwenene, ukunyamezela ezi mbandezelo, kuya kusinceda ngoku nakwixesha elizayo.
Ungaphendula Na?
• Kwakutheni ukuze abantu babandezeleke?
• Ukubandezeleka kunokubanceda kweziphi iinkalo abo baza kulawula umhlaba nabo baza kuphila kuwo?
• Yintoni enokusenza sikwazi ukonwaba nakuba sibandezelekile?
[Umfanekiso okwiphepha 27]
Abazali bethu bokuqala babenekamva eliqaqambileyo
[Umfanekiso okwiphepha 29]
Ukubona ukubandezeleka kwenza uYesu wanguKumkani noMbingeleli Omkhulu ofanelekileyo
[Umfanekiso okwiphepha 31]
Abapostile ‘bavuya bakuhlaziswa’ ngenxa yokholo lwabo