IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w08 2/1 iphe. 16-17
  • NgoThixo Oyinyaniso

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • NgoThixo Oyinyaniso
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2008
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • Ngaba uThixo unalo igama?
  • Ngubani uYehova?
  • Yintoni uThixo ayifunayo kuthi?
  • Sinokubonisa njani ukuba siyamthanda uThixo?
  • Sinokufunda njani ngoThixo?
  • Kutheni ukwazi uThixo kusenza sonwabe?
  • Ngubani UYesu Kristu?
    Isifundisa Ntoni IBhayibhile?
  • Ngubani UYesu Kristu?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2005
  • Ngubani UYesu Kristu?
    Yintoni Ngokwenene Efundiswa YiBhayibhile?
  • “Ndiyamthanda UBawo”
    ‘Yiba Ngumlandeli Wam’
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2008
w08 2/1 iphe. 16-17

Oko Sikufunda KuYesu

NgoThixo Oyinyaniso

Ngaba uThixo unalo igama?

UYesu wafundisa ukuba uThixo unegama. Wathi: “Ngoko ke, nina nize nithandaze ngale ndlela: ‘Bawo wethu osemazulwini, malingcwaliswe igama lakho.’” (Mateyu 6:9) IBhayibhile ibonisa ukuba igama likaThixo nguYehova. (INdumiso 83:18) Ethetha ngabafundi bakhe, uYesu wathi xa wayethandaza kuYise: “Ndilazisile igama lakho kubo.”—Yohane 17:26.

Ngubani uYehova?

UYesu wathi uYehova “ukuphela koThixo oyinyaniso” ekubeni enguMdali. (Yohane 17:3) UYesu wathi: “Anizange nifunde na ukuba lowo wabadalayo ukususela ekuqaleni wabenza baba yindoda nebhinqa?” (Mateyu 19:4) Kwakhona wathi: “UThixo unguMoya.” (Yohane 4:24) Ngoko ke asinakumbona uThixo.—Eksodus 33:17-20.

Yintoni uThixo ayifunayo kuthi?

Xa omnye umntu wabuza uYesu ukuba nguwuphi na owona myalelo mkhulu, waphendula wathi: “Owokuqala ngulo, ‘Yiva, Sirayeli, uYehova uThixo wethu nguYehova mnye, uze umthande uYehova uThixo wakho ngentliziyo yakho iphela nangomphefumlo wakho uphela nangengqondo yakho iphela nangamandla akho ephela.’ Owesibini ngulo, ‘Uze umthande ummelwane wakho njengawe siqu.’”—Marko 12:28-31.

Sinokubonisa njani ukuba siyamthanda uThixo?

UYesu wathi: “Ndiyamthanda uBawo.” Walubonisa njani uthando lwakhe? Wathi: “Kwananjengoko uBawo endinike umyalelo wokwenza, ndenjenjalo.” (Yohane 14:31) Kwakhona wathi: “Ndisoloko ndisenza izinto ezikholekileyo kuye.” (Yohane 8:29) Sinokumkholisa uThixo ngokufunda ngaye. Ngoxa wayethandazela abafundi bakhe, uYesu wathi: “Oku kuthetha ubomi obungunaphakade, ukungenisa kwabo ulwazi ngawe, wena ukuphela koThixo oyinyaniso.”—Yohane 17:3; bona neyoku-1 kuTimoti 2:4.

Sinokufunda njani ngoThixo?

Enye indlela esinokufunda ngayo ngoThixo kukujonga indalo yakhe. Ngokomzekelo, uYesu wathi: “Qwalaselani ngenyameko iintaka zezulu, ngokuba azihlwayeli mbewu, azivuni yaye azihlanganisi koovimba; ukanti uYihlo osemazulwini uyazondla. Anixabisekanga ngaphezu kwazo na?” Yayiyintoni ingongoma kaYesu? Asifanele sivumele amaxhala obomi asiyekise ukukhonza uThixo.—Mateyu 6:26-33.

Eyona ndlela ibalaseleyo sinokumazi ngayo uYehova kukufunda iLizwi lakhe iBhayibhile. UYesu wathi iZibhalo ‘zililizwi likaThixo.’ (Luka 8:21) Wathi kuThixo: “Ilizwi lakho liyinyaniso.”—Yohane 17:17; bona neyesi-2 kaPetros 1:20, 21.

UYesu wanceda abantu ukuba bafunde inyaniso ngoYehova. Omnye wabafundi bakaYesu wathi: “Bezingavuthi na iintliziyo zethu njengoko ebethetha nathi endleleni, njengoko ebesivulela ngokupheleleyo iZibhalo?” (Luka 24:32) Ukuze sifunde ngoThixo, simele sithobeke sikulungele ukufundiswa. UYesu wathi: “Ngaphandle kokuba niyajika nibe njengabantwana abaselula, anisayi kuze ningene ebukumkanini bamazulu.”—Mateyu 18:3.

Kutheni ukwazi uThixo kusenza sonwabe?

UThixo usenza siyiqonde injongo yobomi. UYesu wathi: “Banoyolo abo bayiphapheleyo intswelo yabo yokomoya.” (Mateyu 5:3) UYehova usifundisa eyona ndlela ibalaseleyo yokuphila. UYesu wathi: “Banoyolo abo balivayo ilizwi likaThixo baze baligcine!”—Luka 11:28; bona noIsaya 11:9.

Ukuze ufumane inkcazelo engakumbi, bona isahluko 1 sencwadi ethi Yintoni Ngokwenene Efundiswa YiBhayibhile?a

[Umbhalo osemazantsi]

a Ipapashwe ngamaNgqina kaYehova.

[Umfanekiso okwiphepha 16]

“Ndilazisile igama lakho kubo.”—Yohane 17:26

[Imifanekiso ekwiphepha 16, 17]

Sinokufunda ngoYehova kwindalo naseBhayibhileni

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share