Khetha Ukukhonza UYehova Uselula
“Yima ezintweni owazifundayo waza weyiselwa ekuzikholelweni.”—2 TIM. 3:14.
1. UYehova uyijonga njani inkonzo yamaNgqina akhe aselula?
UYEHOVA uyixabisa ngokwenene inkonzo engcwele yabaselula kangangokuba wada waphefumlela ukuba kubhalwe isiprofeto ngabo. Umdumisi wathi: “Abantu bakho baya kuzinikela ngokuvumayo ngemini yomkhosi wakho wamajoni. Ngobungangamsha bobungcwele, ekuphumeni kwesifingo, uneqela lakho labantu abaselula kanye njengamathontsi ombethe.” (INdu. 110:3) Ewe, uYehova uluxabisa gqitha ulutsha olufuna ukumkhonza.
2. Yiyiphi impembelelo yehlabathi abajamelene nayo abaselula namhlanje ngokuphathelele ikamva labo?
2 Nina baselula bakwibandla lamaKristu, ngaba senizahlulele kuYehova? Abaninzi basenokukufumanisa kunzima ukwenza isigqibo sokukhonza uThixo oyinyaniso. Oosomashishini, ootitshala, maxa wambi amalungu entsapho nabahlobo bakhuthaza ulutsha ukuba lusukele ubutyebi. Ihlabathi lidla ngokubagculela abaselula xa besukela izinto zokomoya. Kodwa into ebalulekileyo kukuba ukukhonza uThixo oyinyaniso lolona sukelo lubhetele ebomini. (INdu. 27:4) Kule nkalo, makhe siqwalasele le mibuzo mithathu: Kutheni umele ukhonze uThixo? Unokuphumelela njani ekuphileni ubomi bokuzahlulela kuThixo phezu kwako nje oko kuthethwa ngabanye okanye bakwenzayo? Ngawaphi amathuba amangalisayo enkonzo engcwele akuvulekeleyo?
Ukukhonza UYehova Yeyona Nto Ifanelekileyo Unokuyenza
3. Indalo kaYehova imele isichaphazele njani?
3 Kutheni umele ukhonze uThixo oyinyaniso nophilayo? ISityhilelo 4:11 sisinika esona sizathu soko: “Ufanele, Yehova, Thixo wethu, ukwamkela uzuko nembeko namandla, ngenxa yokuba wadala zonke izinto, nangenxa yokuthanda kwakho zabakho yaye zadalwa.” UYehova nguMdali omangalisayo wayo yonk’ into ekhoyo. Jonga nje indlela omhle ngayo umhlaba. Imithi, iintyatyambo, izilwanyana, iilwandle, iintaba neengxangxasi—zonke zenziwe nguYehova. INdumiso 104:24 ithi: “Uzele umhlaba yimveliso yakho [Thixo].” Simele simbulele gqitha uYehova, kuba ngenxa yokuba esithanda usiphe umzimba nengqondo, satsho sakwazi ukunandipha umhlaba nezinto ezilungileyo ezikuwo. Ngaba indlela esiyixabisa ngayo indalo yakhe emangalisayo ayimele isenze sifune ukumkhonza?
4, 5. Ziziphi izenzo zikaThixo ezabangela ukuba uYoshuwa asondele kuYehova?
4 Esinye isizathu sokukhonza uYehova sisifumana kumazwi enkokeli yamaSirayeli uYoshuwa. Xa wayesele eza kufa, uYoshuwa wathi kubantu bakaThixo: “Niyazi kakuhle ngeentliziyo zenu zonke nangemiphefumlo yenu yonke ukuba akusilelanga nalinye ilizwi kuwo onke amazwi alungileyo uYehova uThixo wenu awathethileyo kuni. Onke abe yinyaniso kuni.” Kwakutheni ukuze uYoshuwa atsho njalo?—Yosh. 23:14.
5 Njengomntwana owakhulela eYiputa, uYoshuwa umele ukuba wayesazi ngesithembiso sikaYehova sokuba wayeza kunika amaSirayeli ilizwe lawo. (Gen. 12:7; 50:24, 25; Eks. 3:8) Emva koko uYoshuwa wabukela njengoko uYehova wayeqalisa ukuzalisekisa eso sithembiso ngokuzisa Izibetho Ezilishumi eYiputa waza wanyanzela uFaro oneenkani ukuba akhulule oonyana bakaSirayeli bahambe. UYoshuwa wayengomnye wabo bahlangulwa kuLwandle Olubomvu baza babukela njengoko ulwandle lwalugubungela uFaro nomkhosi wakhe. Kuhambo olude olwalunqumla ‘intlango enkulu neyoyikekayo’ yaseSinayi, uYoshuwa wayibona indlela uYehova awawalungiselela ngayo amaSirayeli kuzo zonke izinto ezazifuneka. Akukho namnye kuwo owabulawa lunxano okanye indlala. (Dut. 8:3-5, 14-16; Yosh. 24:5-7) Xa kwafika ixesha lokuba amaSirayeli oyise iintlanga ezinamandla zamaKanan aze athabathe elo Lizwe Lesithembiso, uYoshuwa wayibona indlela uThixo wabo awayebanceda ngayo.—Yosh. 10:14, 42.
6. Yintoni eya kukunceda ube nomnqweno wokukhonza uThixo?
6 UYoshuwa wayesazi ukuba uYehova uye wawagcina amazwi akhe. Ngoko, wathi: “Mna nendlu yam, siya kukhonza uYehova.” (Yosh. 24:15) Kuthekani ngawe? Xa ucinga ngezithembiso asele ezizalisekisile uThixo oyinyaniso nezo aseza kuzizalisekisa, ngaba oko akwenzi ukuba nawe unqwenele ukumkhonza njengoYoshuwa?
7. Kutheni kubalulekile nje ukubhaptizwa emanzini?
7 Ukucamngca ngemisebenzi yendalo kaYehova uze ucingisise ngezithembiso zakhe ezimangalisayo neziqinisekileyo kumele kunganeli nje ukukwenza uzahlulele kuye kodwa kumele kukubangele ukuba ufuzisele oko ngokubhaptizwa. Ubhaptizo linyathelo elibalulekileyo kwabo bafuna ukukhonza uThixo. Oku kubonakala kakuhle kuMzekelo kaYesu. Ngaphambi nje kokuqalisa umsebenzi wakhe njengoMesiya, waya kuYohane uMbhaptizi ukuze ambhaptize. Kwakutheni ukuze afune ukubhaptizwa? Kamva wathi: “Ezulwini ndihlele ukuza kwenza, kungekhona ukuthanda kwam, kodwa ukuthanda kwalowo wandithumayo.” (Yoh. 6:38) UYesu wabhaptizwa efuzisela ukuzinikela kwakhe ekwenzeni ukuthanda kukaYise.—Mat. 3:13-17.
8. Kwakutheni ukuze uTimoti akhethe ukunqula uThixo oyinyaniso, ibe yintoni wena ekusenokufuneka uyenze?
8 Omnye umzekelo nguTimoti, umKristu oselula owathi ekugqibeleleni wanikwa umsebenzi omkhulu namalungelo amaninzi nguYehova. Kwakutheni ukuze akhethe ukukhonza uThixo oyinyaniso? IBhayibhile isixelela ukuba ‘wafunda izinto waza weyiselwa ekuzikholelweni.’ (2 Tim. 3:14) Ukuba nawe uye wafunda iLizwi likaThixo waza weyiselwa ekukholelweni ukuba iimfundiso zalo ziyinyaniso, imeko yakho iyafana naleyo kaTimoti. Ngoku umele wenze isigqibo. Kutheni ungaxeleli abazali bakho ngomnqweno wakho? Bekunye nabadala bebandla, baya kukunceda ukuqonde oko kufunwa ziZibhalo ukuze ufanelekele ukubhaptizwa.—Funda IZenzo 8:12.
9. Ziziphi iindlela abaya kusabela ngazo abanye xa ubhaptizwa?
9 Ukubhaptizwa, kuya kuba sisiqalo esihle sokukhonza uThixo oyinyaniso. Ngokubhaptizwa kwakho, uya kuba ungena kugqatso lomgama omde olunomvuzo wobomi obungunaphakade novuyo olufumaneka kwangoku lokwenza ukuthanda kukaThixo. (Heb. 12:2, 3) Uya kuvuyisa namalungu entsapho yakho asele ebaleka kolu gqatso nabahlobo bakho abakwibandla lamaKristu. Okona kubaluleke ngakumbi kukuba, uya kuyenza ibe nemihlali intliziyo kaYehova. (Funda IMizekeliso 23:15.) Ewe, abanye basenokungayiboni kakuhle into yokuba ukhethe ukunqula uYehova, becinga ukuba wenze impazamo. Basenokude bakuchase, kodwa ungaluphumelela olo vavanyo.
Xa Abanye Bengavumelani Nawe Okanye Bekuchasa
10, 11. (a) Yiyiphi imibuzo osenokuyibuzwa ngabantu ngokuphathelele isigqibo sakho sokukhonza uThixo? (b) Yintoni onokuyifunda kwindlela kaYesu yokuphendula imibuzo ngonqulo oluyinyaniso?
10 Isigqibo sakho sokukhonza uYehova sisenokubamangalisa abo ufunda nabo, abamelwane nezihlobo zakho. Basenokufuna isizathu sokuba wenze olo khetho baze baphikisane nawe ngokholo lwakho. Yintoni onokuyenza? Kakade ke, kufuneka uyihlolisise indlela ocinga novakalelwa ngayo ukuze ukwazi ukubacacisela isizathu sokuba ukhethe ukwenjenjalo. Xa uphendula loo mibuzo ngokholo lwakho, ngaba ukho omnye umzekelo obalaseleyo onokucinga ngawo ngaphandle kwalowo kaYesu?
11 Xa iinkokeli zamaYuda zagocagoca uYesu ngovuko, wazalathisa kwizibhalo ezazinganikeli ngqalelo kuzo. (Eks. 3:6; Mat. 22:23, 31-33) Xa wabuzwa ngomnye umbhali ukuba nguwuphi na owona mthetho mkhulu, uYesu wamcaphulela iindinyana zeBhayibhile ezifanelekileyo. Loo ndoda yavuyiswa gqitha yimpendulo kaYesu. (Lev. 19:18; Dut. 6:5; Marko 12:28-34) Ukusebenzisa kukaYesu iZibhalo nendlela yakhe yokuthetha kwenza “sahlukana phakathi isihlwele ngenxa yakhe,” baza abachasi bakhe abakwazi ukumenzakalisa. (Yoh. 7:32-46) Xa uphendula imibuzo ephathelele ukholo lwakho, sebenzisa iBhayibhile uze uphendule “ngomoya wobulali nentlonelo enzulu.” (1 Pet. 3:15) Ukuba kukho umbuzo ongakwaziyo ukuwuphendula, kuvume oko uze ucele ukuya kwenza uphando. Emva koko, khangela loo mbandela kwiWatch Tower Publications Index okanye kwiWatchtower Library ekwi-CD-ROM ukuba ikho ngolwimi lwakho. Xa ulungiselele kakuhle, uya ‘kukwazi ukuphendula.’—Kol. 4:6.
12. Kutheni ungamele uvumele intshutshiso ikudimaze?
12 Usenokudibana nemibuzo engakumbi kunaleyo yeenkolelo nesigqibo sokukhonza kwakho uThixo. Kakade ke, eli hlabathi lilawulwa lutshaba lukaThixo, uSathana uMtyholi. (Funda eyoku-1 kaYohane 5:19.) Bekungayi kuba sengqiqweni ukulindela ukuba wonk’ ubani akuncome okanye avumelane nawe, ibe usenokuchaswa. Bambi ‘basenokuhamba bekutshabhisa,’ benjenjalo ixesha elide. (1 Pet. 4:4) Kodwa khumbula ukuba, akuwedwa, kuba noYesu Kristu watshutshiswa. Kwaba njalo nakumpostile uPetros, owathi: “Zintanda, musani ukuwuthela nqa umlilo otshisayo ngaphakathi kwenu wokunilinga, ngokungathi nehlelwa yinto engaqhelekanga. Kunoko, yibani nemihlali njengoko ninesabelo kwiimbandezelo zikaKristu.”—1 Pet. 4:12, 13.
13. Yintoni enokwenza amaKristu ahlale evuya nakuba etshutshiswa?
13 Simele sivuyiswe kukunyamezela intshutshiso okanye inkcaso ngenxa nje yokuba singamaKristu. Ngoba? Kaloku ukukholisa ihlabathi bekuya kubonisa ukuba siphila ngemilinganiselo kaSathana—kungekhona ekaThixo. UYesu walumkisa wathi: “Yeha, xa sukuba bonke abantu bethetha kakuhle ngani, kuba izinto ezinjengezi zezo ookhokho babo bazenzayo kubaprofeti bobuxoki.” (Luka 6:26) Ukutshutshiswa kubonisa ukuba sicaphukisa uSathana nehlabathi lakhe ngokukhonza uYehova. (Funda uMateyu 5:11, 12.) Enye into, ‘ukungcikivwa ngenxa yegama likaKristu’ yinto ebangela uvuyo.—1 Pet. 4:14.
14. Yiyiphi imiphumo emihle edla ngokubakho xa umntu ehlala ethembekile kuYehova nokuba uyatshutshiswa?
14 Xa uhlala uthembekile kuYehova phezu kwayo nje inkcaso, oko kudla ngokuba nemiphumo emihle, ubuncinane emine. Unikela ubungqina ngoThixo noNyana wakhe. Ukunyamezela kwakho ngokuthembeka kuyabomeleza abazalwana noodade abangamaKristu. Oko kusenokubangela ukuba abanye ababukeleyo abangamaziyo uYehova bamfune. (Funda eyabaseFilipi 1:12-14.) Xa ubona indlela akomeleza ngayo uYehova ukuze unyamezele izilingo, uye umthanda ngakumbi.
‘Uvulekelwe Ngumnyango Omkhulu’
15. Nguwuphi “umnyango omkhulu” owavulelwa umpostile uPawulos?
15 Ethetha ngobulungiseleli bakhe e-Efese, umpostile uPawulos wathi: “Ndivulelwe umnyango omkhulu okhokelela emsebenzini.” (1 Kor. 16:8, 9) Loo mnyango wawukhokelela kumsebenzi omkhulu wokushumayela iindaba ezilungileyo nokwenza abafundi kweso sixeko. Ngokungena kwakhe kuloo mnyango, uPawulos wanceda abaninzi bafunda ngoYehova baza bamnqula.
16. Intsalela yabathanjiswa yangena njani ‘kumnyango ovulekileyo’ ngowe-1919?
16 Ngowe-1919 uYesu Kristu ozukisiweyo wabekela intsalela yabathanjiswa “umnyango ovulekileyo.” (ISityhi. 3:8) Yangena ngaloo mnyango yaza yaqalisa ukushumayela iindaba ezilungileyo ifundisa inyaniso yeBhayibhile ngenzondelelo engazange ibonwe ngaphambili. Uye wayintoni ke umphumo wobo bulungiseleli bayo? Ngoku iindaba ezilungileyo ziye zafikelela kwiziphelo zomhlaba, ibe bamalunga nezigidi ezisixhenxe abantu abanethemba lokuzuza ubomi obungunaphakade kwihlabathi elitsha likaThixo.
17. Yintoni onokuyenza ukuze ungene ‘kumnyango omkhulu okhokelela emsebenzini’?
17 “Umnyango omkhulu okhokelela emsebenzini” usavuleke kubo bonke abakhonzi bakaYehova. Abo bangena ngawo bafumana uvuyo nolwaneliseko njengoko besiba nenxaxheba engakumbi ekushumayeleni iindaba ezilungileyo. Lixabiseke kangakanani kuni nina bakhonzi bakaYehova abaselula eli lungelo lingaka lokunceda abanye ‘bakholwe kwiindaba ezilungileyo’? (Marko 1:14, 15) Ngaba nikhe nacinga ngokuba ngoovulindlela abathe ngxi okanye abangabancedani? Ukwakhiwa kweeHolo zoBukumkani, inkonzo yaseBheteli naleyo yabathunywa bevangeli ngamathuba avulekele abaninzi kuni. Njengoko eli hlabathi lingendawo likaSathana liphelelwa lixesha, ukungenelela ezi ntlobo zenkonzo yoBukumkani kuya kungxamiseka ngakumbi yonk’ imihla. Ngaba uya kungena ‘kumnyango omkhulu’ ngoxa ixesha lisavuma?
“Ngcamlani nibone ukuba uYehova ulungile”
18, 19. (a) Yintoni eyanceda uDavide wahlala enomnqweno wokukhonza uYehova? (b) Yintoni ebonisa ukuba uDavide akazange azisole ngokukhonza uThixo?
18 Umdumisi ophefumlelweyo wamema abantu ukuba ‘bangcamle ukuze babone ukuba uYehova ulungile.’ (INdu. 34:8) Xa uKumkani uDavide wakwaSirayeli wayeseyinkwenkwana engumalusi, uYehova wamhlangula kumarhamncwa. UThixo wamxhasa xa wayesilwa noGoliyati waza wamhlangula nakwezinye iintlekele ezininzi. (1 Sam. 17:32-51; INdu. 18, umbhalo osemantla) Ububele bothando obukhulu bukaThixo, babangela ukuba uDavide abhale oku: “Zininzi izinto ozenzileyo, Owu Yehova Thixo wam, kwanemisebenzi yakho emangalisayo neengcamango zakho kuthi; akukho namnye onokuthelekiswa nawe.”—INdu. 40:5.
19 UDavide wamthanda gqitha uYehova ibe wayefuna ukumzukisa ngentliziyo nengqondo yakhe yonke. (Funda INdumiso 40:8-10.) Njengoko yayiqengqeleka iminyaka, uDavide akazange azisole ngokuchitha ubomi bakhe enqula uThixo oyinyaniso. Ukuphila ngozinikelo lobuthixo kwakuyeyona nto ixabisekileyo—umthombo wovuyo ongenakuthelekiswa nanto. Sele emdala, uDavide wathi: “Ulithemba lam, Nkosi enguMongami Yehova, endithembele ngaye kususela ebutsheni. Owu Thixo, musa ukundishiya ndide ndibe mdala ndibe nezimvi.” (INdu. 71:5, 18) UDavide wathembela ngakumbi kuYehova baza nobuhlobo babo baya busomelela, nakuba amandla akhe ayesele ephela.
20. Kutheni ukukhonza uThixo kuyeyona ndlela ifanelekileyo yokuphila?
20 Ubomi bukaYoshuwa, uDavide noTimoti bunikela ubungqina bokuba ukukhonza uYehova yeyona ndlela ifanelekileyo yokuphila. Ukuba nomsebenzi ohlawulayo ukuze ufumane izinto eziphathekayo zomzuzwana kweli hlabathi akunakuthelekiswa neengenelo ezihlala ixesha elide ezifumaneka ‘ngokukhonza uYehova ngentliziyo nangomphefumlo wonke.’ (Yosh. 22:5) Ukuba akukazahluleli kuYehova ngomthandazo, zibuze oku, ‘Yintoni endibambileyo ndingabi liNgqina likaYehova?’ Ukuba sele ungumkhonzi kaYehova obhaptiziweyo, ngaba ungathanda ukwandisa uvuyo lwakho ebomini? Ukuba kunjalo yandisa ubulungiseleli bakho, uze uqhubeke usenza inkqubela yokomoya. Inqaku elilandelayo liza kubonisa indlela onokuqhubeka ngayo ukhula ngokomoya ngokulandela umzekelo wompostile uPawulos.
Ungaphendula Uthini?
• Chaza izizathu ezibini zokuba simele sikhonze uThixo.
• Yintoni eyanceda uTimoti wenza isigqibo sokukhonza uThixo?
• Kutheni umele uhlale uqinile naxa utshutshiswa?
• Ngawaphi amathuba enkonzo akuvulekeleyo?
[Umfanekiso okwiphepha 18]
Ukukhonza uYehova yeyona ndlela ifanelekileyo yokuphila
[Umfanekiso okwiphepha 19]
Ngaba ungakwazi ukuziphendulela ngokholo lwakho?