Sukela ‘Ubungcwele Usoyika UThixo’
ICHAZA uYehova uThixo njengobalaseleyo ngobungcwele, iBhayibhile ithi: “Ungcwele, ungcwele, ungcwele uYehova.” (Isa. 6:3; ISityhi. 4:8) NgesiHebhere nesiGrike, igama elithetha “ubungcwele” lidlulisela ingcamango yokuba msulwa okanye ukucoceka konqulo, ukuthi qelele ekungcoleni. Ukuba ngcwele kukaThixo kubhekisela ekugqibeleleni okupheleleyo kwakhe.
Ngaba uYehova, uThixo ongcwele ebengayi kulindela ukuba abo bamnqulayo babe ngcwele, bacoceke emzimbeni, kuquka ukuziphatha, nangokomoya? IBhayibhile ibonisa phandle ukuba ufuna abantu bakhe babe ngcwele. Kweyoku-1 kaPetros 1:16 sifunda oku: “Nimele nibe ngcwele, ngenxa yokuba ndingcwele mna.” Ngaba abantu abangafezekanga banokukwazi ngokwenene ukuxelisa uYehova ngokuba ngcwele? Ewe banako, nakuba bengenakuba ngcwele ngokugqibelele njengaye. UThixo usigqala njengabangcwele xa simnqula ngendlela ecocekileyo ngokomoya yaye sinolwalamano olusondeleyo kuye.
Sinokwenza njani ukuze sihlale sicocekile kweli hlabathi liziphethe kakubi kangaka? Ziziphi izinto esimele siziphephe? Luluphi utshintsho esinokulwenza kwintetho nehambo yethu? Makhe sibone ukuba asinakufunda nto na koko kwakufunwa nguThixo kumaYuda awayebuyele kwilizwe lawo evela eBhabhiloni ngowama-537 B.C.E.
‘Kuya Kubakho INdlela Yobungcwele’
UYehova waxela kwangaphambili ukuba abantu bakhe ababethinjelwe eBhabhiloni babeza kubuyiselwa kwilizwe labo. Kwisiprofeto sokubuyiselwa kwabo siva esi siqinisekiso: “Ngokuqinisekileyo kuya kubakho uhola wendlela apho; uya kubizwa ngokuba yiNdlela Yobungcwele.” (Isa. 35:8a) La mazwi abonisa ukuba uYehova wayengayi kwanela nje ukuwabuyisela kwilizwe lawo amaYuda kodwa wayeza kuqinisekisa nokukhuseleka kwawo endleleni eya apho.
Abakhonzi bakhe abasemhlabeni namhlanje, uYehova ubavulele ‘iNdlela Yobungcwele’ ebashenxisela kude kwiBhabhiloni Enkulu, ubukhosi behlabathi bonqulo lobuxoki. Ngowe-1919 wakhulula amaKristu athanjisiweyo kubukhoboka bokomoya bonqulo lobuxoki, ibe ngokuthe ngcembe acocwa kuzo zonke iimfundiso zonqulo lobuxoki. Njengabakhonzi bakaYehova namhlanje, sicociwe, sifumene inzolo yokomoya apho sinqula siseluxolweni noYehova nabanye abantu.
Amalungu ‘omhlambi omncinane’ wamaKristu athanjisiweyo ‘nawesihlwele esikhulu’ esandayo ‘sezinye izimvu’ aye akhetha ukuhamba kwindlela engcwele yaye amema nabanye ukuba beze. (Luka 12:32; ISityhi. 7:9; Yoh. 10:16) ‘INdlela Yobungcwele’ ivuleke kubo bonke abazimisele ‘ukunikela imizimba yabo ibe yimibingelelo ephilayo, engcwele, eyamkelekileyo kuThixo.’—Roma 12:1.
“Lowo Ungahlambulukanga Akayi Kudlula Kuwo”
Ngowama-537 B.C.E., amaYuda awayebuya ekuthinjweni kwafuneka athobele imilinganiselo ethile ebalulekileyo. Ethetha ngabo babefanelekela ukuhamba kuhola ‘weNdlela Yobungcwele,’ uIsaya 35:8b uthi: “Lowo ungahlambulukanga akayi kudlula kuwo. Kwaye uya kuba ngowalowo uhamba endleleni, akukho zidenge ziya kubhadulela kuwo.” Ekubeni injongo yokubuyela kwamaYuda eYerusalem yayikukuvuselela unqulo olunyulu, yayingayi kubakho indawo yabo bazingcayo, abangazixabisiyo izinto ezingcwele, okanye abangacocekanga ngokomoya. Ababuyele apho kwakufuneka bahlale benemilinganiselo kaYehova ephakamileyo yokuziphatha. Abanqwenela ukukholisa uThixo namhlanje kufuneka baphile ngemilinganiselo efanayo. Bamele basukele ‘ubungcwele besoyika uThixo.’ (2 Kor. 7:1) Ziziphi ke izenzo ezingahlambulukanga esimele siziphephe?
UPawulos wabhala wenjenje: “Iyabonakala ke yona imisebenzi yenyama, eyile, uhenyuzo, ukungahlambuluki, ihambo evakalala.” (Gal. 5:19) Uhenyuzo zizo zonke iintlobano zokusetyenziswa kwamalungu esini nomntu ongatshatanga naye. Ihambo evakalala ibhekisela ‘kwihambo engamanyala; ebangela iintloni nelihlazo.’ Kucace phandle ukuba uhenyuzo nehambo evakalala zichasene nobungcwele bukaYehova. Ngoko, abo baqhubeka besenza ezo zinto abanakuba yinxalenye yebandla lamaKristu okanye babe nobudlelane nalo. Kunjalo ke nangabo baqhelisela ukungcola, okuthetha ‘ukungahlambuluki kwalo lonke uhlobo bebawa.’—Efe. 4:19.
“Ukungahlambuluki” ligama eligubungela iintlobo ezahlukeneyo zezono. Igama lako lesiGrike libhekisela kukungabi msulwa okanye ukungcola kwalo naluphi na uhlobo—ekuziphatheni, kwintetho nakunxulumano namanye amaKristu. Kuquka izenzo ekusenokungabi yimfuneko ukuba ubani aye kuvela phambi kwekomiti egwebayo ngazo.a Kodwa ngaba abo benza oko kungcola basukela ikhondo lobungcwele?
Masithi umKristu uqalisa ukubukela imifanekiso yamanyala ekhusini. Ngokuthe ngcembe, njengoko kuvuka iminqweno engahlambulukanga, ukuzimisela kwakhe ukuhlala ehlambulukile phambi koYehova kuyasongelwa. Eso senzo sakhe sisenokuba asikagabadeli ukusa kwinqanaba lezenzo zokungcola, kodwa akasaqhubeki ecinga ‘ngezinto ezinyulu, ekuthethwa kakuhle ngazo, ezinesidima nezincomekayo’ kuphela. (Fil. 4:8) Imifanekiso yamanyala ayihlambulukanga ngokuqinisekileyo yaye iyalonakalisa nakanjani ulwalamano lomntu noThixo. Ukungahlambuluki kwalo naluphi na uhlobo kumele kungakhankanywa kwaukukhankanywa phakathi kwethu.—Efe. 5:3.
Nanku omnye umzekelo. Masithi umKristu uziphulula amaphambili, enoba oko ukwenza ebukele imifanekiso yamanyala okanye akunjalo. Nakuba lingekho eBhayibhileni ibinzana “ukuphulula amaphambili,” ngaba angakho othandabuzayo ukuba kuyayonakalisa ingqondo neemvakalelo. Ngaba ukuqhubeka ezonakalisa ngale ndlela akuyi kulonakalisa ulwalamano lwakhe noYehova aze angahlambuluki emehlweni kaThixo? Masingasilibali isiluleko sikaPawulos sokuba “sizihlambulule kuko konke ukudyobheka kwenyama nokomoya” nokuba ‘sibhubhise amalungu ethu omzimba asemhlabeni, uhenyuzo, ukungahlambuluki, inkanuko yesini, umnqweno owenzakalisa, nokubawa.’—2 Kor. 7:1; Kol. 3:5.
Eli hlabathi lilawulwa nguSathana liyakwamkela de likukhuthaze ukungahlambuluki. Kusenokuba nzima ukuxhathisa kuko. Kodwa amaKristu okwenyaniso akamele ‘ahambe njengokuhamba kweentlanga ngamampunge eengqondo zazo.’ (Efe. 4:17) Kuxa sikuphepha ukungahlambuluki, enoba kungasese okanye phambi kwabantu apho uYehova eya kusivumela siqhubeke sihamba ‘kwiNdlela Yobungcwele.’
“Akuyi Kubakho Ngonyama Apho”
Ukuze bakholise uThixo ongcwele, uYehova, abanye kusenokufuneka benze iinguqu ezinkulu kwihambo nentetho yabo. UIsaya 35:9 uthi: “Akuyi kubakho ngonyama apho, nohlobo olunogonyamelo lwamarhamncwa aluyi kuza kuwo,” oko kukuthi, “iNdlela Yobungcwele.” Ngokufuziselayo, abantu abanogonyamelo nabaneengcwangu bafaniswa namarhamncwa. Abayi kubakho nakanjani na kwihlabathi elitsha lobulungisa likaThixo. (Isa. 11:6; 65:25) Kubaluleke gqitha ke ukuba abo banqwenela ukukholisa uThixo bahlukane nobo buntu basukele ikhondo lobungcwele.
IZibhalo zisibongoza zithi: “Mabususwe kuni bonke ubukrakra bolunya nomsindo nengqumbo nokumemeza nokutshabhisa nabo bonke ububi.” (Efe. 4:31) KwabaseKolose 3:8, kuthiwa: “Lahlani konke, ingqumbo, umsindo, ububi, yaye makungaphumi ntetho itshabhisayo, nantetho ingamanyala emlonyeni wenu.” Ibinzana elithi “intetho etshabhisayo” elisetyenziswe kwezi ndinyana zimbini libhekisela kwintetho eyenzakalisayo, ethoba isidima, okanye enyelisayo.
Namhlanje, axhaphake gqitha amazwi ahlabayo nakrwada, nkqu nasekhaya. Izibini ezitshatileyo zigibiselana ngamazwi ahlabayo nabuhlungu okanye zinyembane, zize zenjenjalo nakubantwana bazo. Akumele kube njalo kwimizi yamaKristu.—1 Kor. 5:11.
Ukusukela “Ubungcwele Sisoyika UThixo”—Kuyintsikelelo!
Kulilungelo elingathethekiyo ukukhonza uThixo ongcwele, uYehova! (Yosh. 24:19) Ixabiseke ngokwenene iparadesi yokomoya asibeke kuyo uYehova. Ngokuqinisekileyo, ukulondoloza kwethu ihambo engcwele emehlweni akhe kuyeyona ndlela ifanelekileyo yokuphila.
Sekumbovu ukuba iParadesi yasemhlabeni ethenjiswe nguThixo ifike. (Isa. 35:1, 2, 5-7) Abo bayilangazelelayo baze baqhubeke besukela ikhondo lokuhlonela uThixo baya kusikelelwa ngokufumana indawo yokuhlala kuyo. (Isa. 65:17, 21) Ngoko ke, masenze konke okusemandleni ukuze siqhubeke sikhonza uThixo ngendlela ecocekileyo ngoxa silondoloza ulwalamano olusondeleyo naye.
[Umbhalo osemazantsi]
a Ukuze ufumane ingxubusho ngomahluko phakathi “kokungahlambuluki . . . nokubawa” funda IMboniselo kaJulayi 15, 2006, iphepha 29-31.
[Umfanekiso okwiphepha 26]
Yintoni eyayifuneka kumaYuda ukuze ahambe ‘kwiNdlela Yobungcwele’?
[Umfanekiso okwiphepha 27]
Imifanekiso yamanyala iyalonakalisa ulwalamano lukabani noYehova
[Umfanekiso okwiphepha 28]
‘Makususwe kuni konke ukumemeza nokutshabhisa.’