Zibekele Usukelo Olusengqiqweni Uze Uhlale Wonwabile
“NDIYAWASILELE kwakhona!” Kukangaphi uthetha amazwi afana nalawo kuba nje ungakwazanga ukuphumeza usukelo obuzibekele lona? Umama ongumKristu oselula usenokuvakalelwa ngolo hlobo kuba nje kunzima kuye ukunikela ingqalelo efunwa lusana lwakhe olusandul’ ukuzalwa abe ekhathazwa nasisibakala sokuba oko kumenza angakwazi ukunikela ingqalelo kwizinto zokomoya. Omnye umKristu unokuziva engenzi ngokwaneleyo ngenxa yendlela akhuliswe ngayo okanye evakalelwa kukuba akukho nto akhe ayiphumeze ebandleni. INgqina elisele likhulile ngeminyaka lisenokuziva lingento yanto kuba lingasakwazi ukwenza imisebenzi yobuKristu njengoko lalisenza ngoxa lalisenamandla. UChristiane, omeko yentsapho yakhe ingamvumeliyo ukuba asebenze ngendlela ebeya kuthanda ukwenza ngayo kwinkonzo kaYehova uthi: “Zidla ngokwehl’ iinyembezi xa kunikelwa intetho ekhuthaza ubuvulindlela.”
Yintoni esinokuyenza xa sivakalelwa ngolo hlobo? Amanye amaKristu aye akwazi njani ukuzijonga ngendlela elungeleleneyo iimeko zawo? Ziyintoni iingenelo zokuba nembono elungeleleneyo?
Zibekele Usukelo Olusengqiqweni
Umpostile uPawulos usibonisa indlela yokulondoloza ulonwabo esinalo xa esithi: “Hlalani ninemihlali eNkosini. Ndiyaphinda ndithi, Yibani nemihlali! Ukuba nengqiqo kwenu makwazeke ebantwini bonke.” (Fil. 4:4, 5) Ukuze sonwabe size saneliseke ngenkonzo esiyinikela kuThixo, kufuneka sibe nosukelo olusengqiqweni noluvisisana namandla neemeko zethu. Ukuba sizibekela usukelo olungaphaya kwengqondo, siya kuba sizenzela nje uxinezeleko olungeyomfuneko. Kwangaxeshanye, sifanele silumke singayekeleli umxakatho, sisithele ngento yokusikelwa kwethu umda, size sithi yanele loo ntwana siyenza kubulungiseleli bamaKristu.
Enoba zinjani iimeko zethu, uYehova ufuna simnike okona kulungileyo—inkonzo yomphefumlo nentliziyo yonke. (Kol. 3:23, 24) Ukuba besiya kumnika isizekevu uYehova, besingayi kuba siphila ngokuvisisana nokuzinikela kwethu kuye. (Roma 12:1) Ukongezelela, besiya kuba siziphosanisa nolwaneliseko lokwenene, ulonwabo nezinye iintsikelelo ezifumaneka ekunikeleni inkonzo yomphefumlo.—IMize. 10:22.
Ibinzana eliguqulelwe ngokuthi ‘ukuba nengqiqo’ eBhayibhileni lidlulisela ingcamango yokuba nolwazelelelo. (Yak. 3:17) Eyona ntsingiselo yalo, kukuyekelela. Kanti likwadlulisela ingcamango yokungabi ngqwabalala. Ngoko ukuba sinengqiqo siya kukwazi ukulungelelana xa sihlola iimeko zethu. Ngaba yinto enzima leyo? Kuba nzima kwabanye ukulungelelana xa behlola iimeko zabo ngoxa bekwazi ukuba nolwazelelelo kwabanye. Ngokomzekelo, ukuba umhlobo wethu osenyongweni ubonakala ediniwe ngenxa yokuzingxixha ngomsebenzi, ngaba besingayi kuzama ukumnceda abone iingenelo zokuhlengahlengisa iimeko zakhe? Nathi, simele sifunde ukuzibona iimpawu ezibonisa ukuba siyaziqoba.—IMize. 11:17.
Ukulungelelana xa sihlola ukusikelwa kwethu umda kunokuba nzima gqitha ukuba sikhuliswe ngabazali abanganelisekiyo. Bambi bakhula besazi into yokuba kufuneka bahlale besenza okungaphaya kwamandla abo ukuze bathandwe ngabazali babo. Ukuba nathi sakhuliswa ngaloo ndlela, sisenokungayazi eyona ndlela ifanelekileyo asijonga ngayo uYehova. UYehova usithanda ngenxa yenkonzo yomphefumlo uphela esiyinikela kuye. ILizwi likaThixo lisiqinisekisa ukuba uYehova “uyakwazi ukuyilwa kwethu, ekhumbula ukuba siluthuli.” (INdu. 103:14) Uyakwazi ukusikelwa kwethu umda yaye uyasithanda xa simkhonza ngenzondelelo nakuba kunjalo. Ukwazi ukuba uThixo wethu akafani nenduna engqwabalala kuya kusinceda silungelelane kwindlela esizijonga ngayo, siqonda ukuba sisikelwe umda.—Mika 6:8.
Nakuba kunjalo abantu basakufumanisa kunzima ukuzijonga ngaloo ndlela izinto. Ukuba kunjalo nakuwe, kutheni ungafuni uncedo kumKristu oqolileyo nokwazi kakuhle? (IMize. 27:9) Ngokomzekelo, ngaba ufuna ukuba nguvulindlela othe ngxi? Lusukelo oluhle gqitha olo! Ngaba ukufumanisa kunzima ukulufikelela? Mhlawumbi kufuneka uncedwe ukwazi ukuphila ubomi obulula. Okanye umhlobo wakho ongumKristu omthembileyo unokuxubusha nawe ukuze nibone enoba ungakwazi kusini na ukuthwala iimbopheleleko ezininzi zentsapho uphinde ukwazi ukuba nguvulindlela othe ngxi kwangaxeshanye. Usenokukunceda ubone enoba obu buvulindlela ubufunayo ungabufikelela kusini na okanye akubonise uhlengahlengiso omele ulwenze kuqala. Indoda etshatileyo inokumnceda umfazi wayo azibekele usukelo olulungele iimeko zakhe. Ngokomzekelo, inokumcebisa ukuba aphumle ngaphambi kwaloo nyanga aza kwandisa ubulungiseleli bakhe ngayo. Oko kunokumenza ahlaziyeke aze aqhubeke onwabile enkonzweni yakhe.
Khangela Izinto Onokukwazi Ukuzenza
Ukukhula ngeminyaka okanye impilo enkenenkene kunokusisikel’ umda kwizinto esinokuzenza kwinkonzo kaYehova. Ukuba ungumzali, usenokuvakalelwa kukuba akungenelwa kangako kufundisiso lobuqu okanye kwiintlanganiso zamaKristu ngenxa yokuba ixesha lakho elininzi namandla ulichitha unyamekela abantwana bakho. Noko ke, akungebi mhlawumbi unikela ingqalelo kakhulu kwizinto ongenakukwazi ukuzenza de maxa wambi ungaziboni nezo unokukwazi ukuzenza?
Kumawaka eminyaka eyadlulayo, omnye umLevi wavakalisa umnqweno awayenawo nawayengenakukwazi ukuwanelisa. Wayenelungelo lokukhonza etempileni kangangeeveki ezimbini ngonyaka. Kodwa wavakalisa umnqweno omhle wokuhlala ngokusisigxina kufutshane nesibingelelo. (INdu. 84:1-3) Yintoni eyanceda le ndoda ithembekileyo ukuba yaneliseke? Yaqonda ukuba kwanokuhlala usuku nje olunye kwiintendelezo zetempile kwakulilungelo elingathethekiyo. (INdu. 84:4, 5, 10) Ngokufanayo, kunokuhlala sicinga ngezinto esingenakuzifikelela, sifanele sibe nombulelo ngezo zinto sikwaziyo ukuzenza.
Cinga nje ngoNerlande, udade ongumKristu waseKhanada. Uhlala kwisitulo esinamavili yaye uvakalelwa kukuba akukho nto ingako anokuyenza kubulungiseleli. Noko ke, wayeka ukucinga ngolo hlobo, mhla waqonda ukuba unokushumayela kwiivenkile ezikufutshane nalapho ahlala khona. Uthi: “Ndihlala kwesi situlo sam kufutshane nezinye izitulo ezingakwezi venkile. Ndikuvuyela gqitha ukushumayela kubantu abahlala kwezo zitulo beze kuphumla.” Oku kwenza uNerlande azive aneliseke gqitha.
Yenza Uhlengahlengiso Xa Kuyimfuneko
Iphenyane lisenokubaleka ngenxa yokuqhutywa ngumoya obetha kwiiseyile zalo. Noko ke, xa umatiloshe ephawula ukuba kukho uqhwithela, kuyanyanzeleka ukuba ahlengahlengise iiseyile. Akukho nto ingako anokuyenza ukuze alawule uqhwithela, ngaphandle nje kokuba enze uhlengahlengiso kwiphenyane lakhe. Ngokufanayo, asisoloko sikwazi ukulawula iimeko ezifana neenkqwithela esidibana nazo ebomini. Kodwa sinokulawula ubomi bethu kangangoko sinako ngokuhlengahlengisa indlela esiwasebenzisa ngayo amandla ethu, iingqondo neemvakalelo zethu. Xa sihlola iimeko zethu ezintsha, oko kuya kusinceda silondoloze uvuyo nolwaneliseko lwethu kwinkonzo kaThixo.—IMize. 11:2.
Nantsi eminye imizekelo. Ukuba sinengxaki yokuhlala sidiniwe, sisenokuyiphepha imisebenzi yasebudeni bemini enokusenza sidinwe ukuze sikwazi ukuya kwiintlanganiso ngokuhlwa. Oku kuya kusinceda sinandiphe unxulumano namanye amaKristu. Okanye ukuba kukho umama ongakwaziyo ukushumayela kwindlu ngendlu ngenxa yomntwana wakhe ongaphilanga, mhlawumbi bekuya kuba luncedo ukucela udade omnye ongumKristu eze kwikhaya lakhe baze bashumayele ngefowuni ngoxa loo mntwana esalele.
Kuthekani ukuba iimeko zakho azikuvumeli ukuba ulungiselele zonke iintetho eziza kuxutyushwa kwiintlanganiso zebandla? Zama ukubona ukuba ziziphi onokukwazi ukuzilungiselela uze wenjenjalo kangangoko unako. Ngokwenza uhlengahlengiso kusukelo lwethu, sinokuhlala sixakekile yaye sonwabile.
Ukuhlengahlengisa usukelo esizibekela lona kunokufuna sizimisele size senze umgudu. USerge noAgnès, isibini esitshatileyo saseFransi kwafuneka senze utshintsho olukhulu kwizinto esasiceba ukuzenza. Uthi: “Sathi sakufumanisa ukuba uAgnès ukhulelwe, aphela onke amaphupha esasinawo okuba ngabathunywa bevangeli.” Ekubeni ngoku sele eneentombi ezimbini eziqavileyo, uSerge usichazela indlela abazibekela ngayo usukelo olutsha benowakwakhe. Uthi: “Sathi sakungakwazi ukuya kukhonza kumazwe asemzini, sazixelela ukuba siza kuba ‘ngabathunywa bevangeli’ kweli lethu ilizwe. Saya kuhlanganisana neqela elithetha ulwimi lwasemzini.” Ngaba olo sukelo lutsha lwabanceda? USerge uthi: “Sinomsebenzi omkhulu kweli bandla.”
UOdile, udade ongumKristu waseFransi nokwiminyaka engama-70 ubudala ukhathazwa ngamadolo, yaye akakwazi kuma ixesha elide. Yayimkhathaza into yokuba impilo yakhe enkenenkene imthintela ekushumayeleni kwindlu ngendlu. Kodwa akazange ayekelele. Wazivumelanisa neemeko ngokushumayela ngefowuni. Uthi: “Oku kulula yaye kundonwabisa gqitha kunokuba ndandicinga!” Le ndlela yokushumayela yamenza wayithanda intsimi.
Ukuzibekela Usukelo Olusengqiqweni Kuza Neentsikelelo
Ukuzabalazela ukuba nembono elungeleleneyo ngoko sinokukwenza kunokusinceda siphephe ukuzikhathaza ngezinto ezininzi. Ngokulungelelana xa sizibekela usukelo, siye saneliseke ngoko sikuphumezayo nakuba sisikelwe umda. Ngenxa yoko siye sivuyiswe koko sikwenzileyo, kwanokuba kubonakala kukuncinane kangakanani na.—Gal. 6:4.
Njengoko sizabalazela ukuba nolungelelwano kwizinto esifuna ukuzenza, siya kuba nolwazelelelo ngakumbi kwamanye amaKristu. Xa siqonda ukuba nawo asikelwe umda, siya kuhlala sinombulelo ngezinto asenzela zona. Ngokubonisa uxabiso ngayo nayiphi na into esiyenzelwayo, sibangela ukuba kubekho intsebenziswano nemvisiswano phakathi kwethu. (1 Pet. 3:8) Khumbula ukuba, njengoBawo onothando, uYehova akaze asifune into esingenakukwazi ukuyenza. Nathi xa sisiba nolungelelwano size sizibekele usukelo esinokulufikelela, siya kwaneliswa zizinto esizenzela uThixo size sonwabe!
[Amagama acatshulweyo akwiphepha 29]
Ukuze sonwabe size saneliseke ngenkonzo esiyinikela kuThixo, kufuneka sibe nosukelo olusengqiqweni noluvisisana namandla neemeko zethu.
[Umfanekiso okwiphepha 30]
UNerlande uyakuvuyela ukwenza oko anokukwenza entsimini
[Umfanekiso okwiphepha 31]
Funda ‘ukuhlengahlengisa iiseyile’
[Inkcazelo]
© Wave Royalty Free/age fotostock
[Umfanekiso okwiphepha 32]
USerge noAgnès bancedwa gqitha kukuzibekela usukelo olutsha