Sondela KuThixo
Ngaba Ikho Into “Enokusahlula Eluthandweni LukaThixo?”
NGUBANI kuthi ongakufuniyo ukuthandwa? Eneneni siyachulumanca xa siziva sithandwa yintsapho nangabahlobo. Okulusizi kukuba ulwalamano lwabantu lunokuqhekeka kwaye aluqinisekanga. Izalamane zinokusenza buhlungu okanye zisilahle kwesinomhlwa. Sekunjalo, kukho mntu uthile uthando lwakhe lungatshitshiyo. Uthando uYehova uThixo analo ngabakhonzi bakhe luchazwa kakuhle kumaRoma 8:38, 39.
Umpostile uPawulos uthi: “Ndeyisekile.” Weyiseke entweni? Ukuba akukho nto ‘enokusahlula eluthandweni lukaThixo.’ UPawulos wayengathetheli yena kuphela kodwa “kwanathi” abo banqula uThixo ngokuthembeka. Egxininisa oku uPawulos uchaza izinto eziliqela ezingenakuthintela uthando lukaYehova kubakhonzi bakhe abazinikeleyo.
“Nakufa nabomi.” Uthando lukaYehova ngabantu bakhe alupheli xa besifa. Ubungqina bothando lwakhe, uThixo ubagcina abanjalo kwinkumbulo yakhe, kwaye uya kubabuyisela ebomini kwihlabathi elinobulungisa elizayo. (Yohane 5:28, 29; ISityhilelo 21:3, 4) Okwangoku, uthando lukaThixo ngabanquli bakhe abathembekileyo luhleli luhleli kungakhathaliseki enoba ubomi kule nkqubo yezinto bunokuba njani na.
“Nazingelosi narhulumente.” Abantu baphenjelelwa ngabasemagunyeni kodwa akunjalo ngoYehova. Imimoya enamandla njengengelosi eyaba nguSathana ayinakuze imyekise uThixo ukuthanda abakhonzi bakhe. (ISityhilelo 12:10) Kwanoorhulumente abachase amaKristu okwenyaniso abanakuyitshintsha indlela uYehova abajonga ngayo abakhonzi bakhe.—1 Korinte 4:13.
“Nazinto zilapha ngoku nazinto zizayo.” Uthando lukaThixo alutshitshi ngokuhamba kwexesha. Ayikho into ngoku okanye kwixesha elizayo eya kuphelisa uthando lukaThixo ngabakhonzi bakhe.
“Namandla.” UPawulos ebebhekisela kwimikhosi yasezulwini nasemhlabeni—‘iingelosi’ kunye ‘noorhulumente’—kodwa ngokuba ukhankanya ‘amandla.’ Igama lesiGrike elisetyenzisiweyo lineentsingiselo ezahlukahlukeneyo. Enoba le inkcazelo ithini ngeli gama, inye into esiqiniseke ngayo: Akukho mandla emazulwini okanye emhlabeni anokuthintela uthando lukaYehova ngabantu bakhe.
“Nakuphakama nabunzulu.” UYehova uyabathanda abantu bakhe kungakhathaliseki iimeko ezinzima nezilula abazifumanisa bekuzo.
“Naso nasiphi na esinye isidalwa.” Ngawo onke la mazwi awaqukileyo, uPawulos uthi akukho nto iyakwahlukanisa abakhonzi abathembekileyo eluthandweni lukaYehova.
Ngokwahlukileyo kuthando lwabantu oluguquguqukayo okanye luphele, uthando lukaThixo kwabo bakhangele kuye benokholo alunakutshintshwa; luya kuhlala lukho ngonaphakade. Ukwazi oku kusenza sisondele kuYehova kwaye senze konke okusemandleni ethu ukungqina uthando lwethu ngaye.