IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w08 11/1 iphe. 3
  • Inkolelo Egqugqisileyo

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Inkolelo Egqugqisileyo
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2008
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • Oko Kufundiswa Ngabefundisi
  • Kutheni Ibalulekile Nje Into Oyikholelwayo?
  • Kwenzeke Ntoni Kwisihogo Somlilo?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2002
  • Ngubani Oya Esihogweni?
    Imibuzo YeBhayibhile Iyaphendulwa
  • Yintoni Isihogo? Ngaba Yindawo Yokuthuthunjiswa Ngonaphakade?
    Imibuzo YeBhayibhile Iyaphendulwa
  • Isihogo Somlilo—Ngaba Siyavutha Okanye Siyacima?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1993
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2008
w08 11/1 iphe. 3

Inkolelo Egqugqisileyo

“Ndandiphupha ndisitsha esihogweni kwidike lomlilo ndize ndothuke ndikhala. Emva koko ndandiye ndenze konke okusemandleni ukuze ndingoni.”—UArline

UYAKHOLELWA na ukuba isihogo yindawo yokuthuthumbisa aboni? Abantu abaninzi bayakukholelwa oko. Ngokomzekelo, ngonyaka wama-2005 umphengululi weYunivesithi yaseSt. Andrews eScotland wafumanisa ukuba isithathu sabefundisi baseScotland sikholelwa ukuba abantu abahlukaniswe noThixo baza “kudandatheka ngonaphakade esihogweni.” Kanti isihlanu sikholelwa ukuba abantu abasesihogweni bathuthunjiswa ngokoqobo.

Kumazwe amaninzi abantu basakholelwa kwisihogo. Ngokomzekelo, eUnited States, kuhlolisiso lukaGallup olwenziwa ngowama-2007 kwafunyaniswa ukuba ama-70 ekhulwini abo babenenxaxheba bayakholelwa kwisihogo. Kwanakumazwe anabantu abangaluthandiyo unqulo, basakholelwa kwimfundiso yesihogo. Kolunye uhlolisiso lukaGalllup lowama-2004, kwafunyaniswa ukuba eKhanada bangama-42 ekhulwini abantu abasakholelwayo kwisihogo. EBritani, abangama-32 ekhulwini babeqinisekile ukuba isihogo sikhona.

Oko Kufundiswa Ngabefundisi

Abefundisi abaninzi abasafundisi ukuba isihogo yindawo yokoqobo ekuthuthunjiswa kuyo abantu. Kunoko, baxhasa inkcazelo efana naleyo ikwiCatechism of the Catholic Church eyapapashwa ngowe-1994. Le mbekiselo ithi, “Esona sohlwayo sesihogo kukwahlukaniswa noThixo ngonaphakade.”

Nakuba kunjalo, abantu basakholelwa ukuba isihogo yindawo ekuthuthunjiswa kuyo abantu ngokwasengqondweni nangokoqobo. Abo bayifundisayo le mfundiso bathi iseBhayibhileni. Umongameli weSouthern Baptist Theological Seminary, uAlbert Mohler, uthi: “Le yimfundiso yeZibhalo.”

Kutheni Ibalulekile Nje Into Oyikholelwayo?

Ukuba isihogo yindawo yentuthumbo, ngokuqinisekileyo umele usoyike. Ukuba le mfundiso ayichananga, iinkokeli zonqulo eziyifundisayo zibangela ukuba abo bakholelwa kuyo badideke baze badandatheke ngokungeyomfuneko. Kwakhona ziyamtshabhisa uThixo.

Lithini lona iLizwi likaThixo iBhayibhile? Amanqaku amathathu alandelayo aza kuphendula le mibuzo mithathu esebenzisa inguqulelo yeBhayibhile yamaKatolika neyamaProtestanti: (1) Kwenzeka ntoni emntwini akufa? (2) UYesu wafundisa ntoni ngesihogo? (3) Kunokukuchaphazela njani ukufunda inyaniso ngesihogo?

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share