IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w09 1/1 iphe. 14-17
  • Simele Siyibulele Imvula

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Simele Siyibulele Imvula
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2009
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • Oko Kuthethwa YiBhayibhile Ngemvula
  • Uhamba Njani Umjikelo Wamanzi?
  • Oku Kufanele Kukushukumisele Ekwenzeni Ntoni?
  • Kutheni Sifanele Siwalondoloze Amahlathi Ashinyeneyo?
    Vukani!—1990
  • Indalo Ithi, ‘Abanakuzithethelela’
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1993
  • Ubuhle Bendalo Buzukisa UYehova
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2005
  • Ithini IBhayibhile Ngengxaki Yamanzi Esemhlabeni Wonke?
    Imixholo Engakumbi
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2009
w09 1/1 iphe. 14-17

Simele Siyibulele Imvula

IMVULA! Yintoni esinokuyenza ngaphandle kwayo? Liyinyaniso elokuba izantyalantyala zemvula zinokubangela umonakalo. Kwakhona, abantu abahlala kwiindawo ezibandayo, ezihlala zimanzi basenokungayithandi imvula. (Ezra 10:9) Kodwa kuthekani ngezigidi zabantu ekufuneka zisoloko zinyamezele imozulu eshushu nenolophu? Xa ide yana imvula, ziziva zihlaziyekile.

Kwakunjalo kumazwe amaxesha okubhalwa kweBhayibhile, njengakumbindi weAsia Minor, apho umpostile uPawulos wayeshumayela khona. Ngoxa wayelapho, waxelela abantu baseLikawoniya oku: ‘UThixo akazange azishiye yena ngokwakhe ngaphandle kobungqina ngokuba wenza okulungileyo, eninika iimvula ezivela ezulwini namaxesha emveliso, ezizalisa iintliziyo zenu ngokutya nangokuchwayita.’ (IZenzo 14:17) Phawula ukuba uPawulos waqala wakhankanya imvula, kuba ayikho into enokukhula ngaphandle kwemvula yaye bekungayi kubakho “maxesha emveliso.”

IBhayibhile ithetha kakhulu ngemvula. Amagama esiHebhere nawesiGrike aguqulelwe ngokuthi imvula avela izihlandlo ezilikhulu eBhayibhileni. Ngaba ungathanda ukwazi okungakumbi ngesisipho sibalulekileyo? Kwangaxeshanye, ngaba ufuna ukomeleza ukholo onalo ekuchaneni kweBhayibhile kwezenzululwazi?

Oko Kuthethwa YiBhayibhile Ngemvula

UYesu Kristu watsalel’ ingqalelo kwinto ebalulekileyo ebangela ukuba kubekho imvula. Wathi: ‘UYihlo osemazulwini, wenza ilanga lakhe liphume kubantu abangendawo nabalungileyo nemvula eyinisa kubantu abangamalungisa nabangengomalungisa.’ (Mateyu 5:45) Ngaba uyaphawula ukuba uYesu uthetha ngelanga ngaphambi kokuba akhankanye imvula? Oku kufanelekile kuba ilanga alaneli nje ukukhulisa izityalo, kodwa libangela imvula. Ewe, nyaka ngamnye ubushushu belanga bubangela umlinganiselo wama-400 000 km3 wamanzi olwandle ajike abe yimvula. Ekubeni ilanga ladalwa nguYehova uThixo, ubizwa ngokuba ngulowo utsala amanzi abe yimvula.

IBhayibhile ichaza ukuna kwemvula ngale ndlela: “UThixo . . . uwatsala anyuke amathontsi amanzi; ahluzeka njengemvula ukwenzela inkungu yakhe, ukuze amafu athontsize, avuzela eluntwini kakhulu.” (Yobhi 36:26-28) Kumawaka eminyaka ukususela ekubhalweni kwala mazwi achanileyo ngokwenzululwazi, abantu baye bachitha ixesha elininzi bezama ukuqonda indlela eyenzeka ngayo imvula. Incwadi yowama-2003 ethi Water Science and Engineering, ithi: “Okwangoku, ayaziwa ncam indlela eyileka ngayo imvula.”

Into eziyaziyo izazinzulu kukuba amachaphaza emvula ayilwa ngamasuntswana omphunga angabonakaliyo athi akufika emafini enze amachaphaza amancinane. La machaphaza kufuneka akhule kakhulu ade enze imvula. Le yinkqubo entsonkothileyo enokuthabatha iiyure ezininzi. Incwadi yenzululwazi ethi Hydrology in Practice ithi: “Zininzi iimbono ezichaza indlela eyileka ngayo imvula, yaye uphando olwenziwayo ngezi mbono luyaqhubeka luthimba ingqalelo yabaphandi.”

UMdali wendlela eyenzeka ngayo imvula wabuza umkhonzi wakhe uYobhi le mibuzo eyamenza waziva ethobekile: “Ngaba imvula inaye na uyise, okanye ngubani na owazala amathontsi ombethe? Ngubani owafaka ubulumko kwiingcamba zamafu? . . . Ngubani onokuwabala kanye kanye amafu ngobulumko, okanye iingqayi zamanzi amazulu—ngubani na onokuzithulula?” (Yobhi 38:28, 36, 37) Nangona sele kudlule iminyaka engama-3 500, izazinzulu azikazifumani iimpendulo zale mibuzo.

Uhamba Njani Umjikelo Wamanzi?

Kumakhulu eminyaka emva kokuba kubhalwe incwadi kaYobhi, iintanda-bulumko zamaGrike zazifundisa ukuba amanzi emilambo awaveli emvuleni kodwa imithombo yamanzi ibangelwa ngamanzi olwandle ahamba ngaphantsi komhlaba aze aphumele ezintabeni. Le yindlela omnye umhlalutyi weBhayibhile awacacisa ngayo amazwi aphefumlelweyo kaSolomon: “Yonke imisinga yasebusika iya elwandle, ukanti ulwandle aluzali. Kwindawo eya kuyo imisinga yasebusika, ibuyela kwakuyo.” (INtshumayeli 1:7) Ngaba uSolomon wayethetha ukuba amanzi olwandle atsalelwa ezintabeni ukuze kuyileke imilambo? Ukuze sikwazi ukuphendula lo mbuzo, makhe sive ukuba athini amanye amadoda akwaSirayeli.

Ingekapheli iminyaka elikhulu emva kokuba uSolomon ethethe la mazwi, umprofeti kaThixo uEliya wabonisa ukuba wayeyazi ukuba imele ivele kweliphi icala imvula. Ngexesha lakhe kwakukho imbalela eyathabatha iminyaka emithathu. (Yakobi 5:17) UYehova uThixo wabangela ukuba abantu bakhe behlelwe yile ntlekele kuba bamgatya baza bakhonza uBhahali, uthixo wemvula wamaKanan. Kodwa uEliya wawanceda amaSirayeli aguquka, ngenxa yoko wakwazi ukuthandazela imvula. Ngoxa wayethandaza, wacela umlindi wakhe ukuba ‘akhangele kwicala elingaselwandle.’ Wathi akuxelelwa ukuba “kukho ilifu elincinane elinjengentende yomntu linyuka liphuma elwandle,” waqonda ukuba umthandazo wakhe uphenduliwe. Ngoko nangoko, “amazulu aba mnyama ngamafu nomoya kwaza kwana izantyalantyala zemvula.” (1 Kumkani 18:43-45) Ngaloo ndlela uEliya wabonisa ukuba wayewazi umjikelo wamanzi. Wayesazi ukuba izulu laliza kuhloma phezu kolwandle, uze umoya uwadudulele ngasempuma loo mafu uwasa kwiLizwe Lesithembiso. Nanamhla oku, imvula isana ngale ndlela.

Malunga neminyaka elikhulu emva kokuthandazela kukaEliya imvula, umlimi othobekileyo, uAmos, wachaza elinye isolotya elibalulekileyo ngomjikelo wamanzi. UThixo wasebenzisa uAmos ukuba aprofete nxamnye namaSirayeli awayecinezela amahlwempu yaye enqula oothixo bobuxoki. Ukuze uThixo angawatshabalalisi, uAmos wawabongoza ukuba ‘afune uYehova, ukuze aqhubeke ephila.’ Emva koko wathi nguYehova kuphela ofanele anqulwe kuba nguMdali, “Lowo ubiza amanzi olwandle, ukuze awathululele phezu komhlaba.” (Amosi 5:6, 8) Kamva uAmos waphinda wathetha ngalo mmangaliso womjikelo wamanzi. (Amosi 9:6) Ngaloo ndlela uAmos wabonisa ukuba imvula ivela elwandle.

Ngowe-1687 uEdmond Halley weza nobungqina benzululwazi obuxhasa esi sibakala. Sekunjalo, kwadlula ixesha elide ngaphambi kokuba abanye babamkele ubungqina bakhe. IEncyclopædia Britannica Online ithi: “Ingcamango yokuba kukho umjikelo wamanzi eMhlabeni, apho amanzi olwandle atsalelwa encotsheni yeentaba, yabakho de kwasekuqaleni kwenkulungwane ye-18.” Namhlanje, indlela ohamba ngayo umjikelo wamanzi yaziwa nanguthathatha. Le Encyclopædia ithi: “Amanzi olwandle aba ngumphunga, aze ehle eze eMhlabeni sele eyimvula ezalisa imilambo, aze aphinde abuyele elwandle.” Ngoko licacile elokuba amazwi kaSolomon aphathelele umjikelo wamanzi, achazwe kwiNtshumayeli 1:7, abhekisela kwindlela eyileka ngayo imvula emafini.

Oku Kufanele Kukushukumisele Ekwenzeni Ntoni?

Isibakala sokuba ababhali beBhayibhile abahlukeneyo bakwazi ukuchaza umjikelo wamanzi ngendlela echanileyo, singqina ukuba iBhayibhile yaphefumlelwa nguMdali woluntu, uYehova uThixo. (2 Timoti 3:16) Liyinyaniso elokuba, abantu baye bawonakalisa umhlaba, yaye loo nto ibangele ukuba kubekho iimpuphuma nembalela kwezinye iindawo ngenxa yemozulu engalungelelananga. Kodwa uMdali womjikelo wamanzi, uYehova uThixo, wathembisa kwakudala ukuba ekugqibeleni uya ‘konakalisa abo bawonakalisayo umhlaba.’—ISityhilelo 11:18.

Okwangoku, unokubonisa njani ukuba uyasixabisa esi sipho sikaThixo siyimvula? Unokufunda iLizwi lakhe eliyiBhayibhile uze ukusebenzise ebomini bakho oko ukufundayo. Ngoko uya kuba nethemba lokusindela kwilizwe elitsha likaThixo, apho uya kuzinandipha khona zonke izipho zikaThixo ngonaphakade. “Sonke isipho esilungileyo naso sonke isipho esigqibeleleyo” sivela kuYehova uThixo onguMthombo wemvula.—Yakobi 1:17.

[Umzobo/Umfanekiso okwiphepha 16, 17]

(Ukuba ufuna inkcazelo ehlahlelwe kakuhle, yiya kwimpapasho)

UKUJIKA KOMPHUNGA UBE NGAMANZI

UKUTSHINTSHA KOMPHUNGA UBE NGAMANZI

AMANZI AKHUTSHWA ZIZITYALO UMPHUNGA

AMANZI AQUKUQELA KWIMISINGA

AMANZI

[Imifanekiso ekwiphepha 16]

Ngoxa uEliya wayethandaza, umlindi wakhe ‘wayekhangele kwicala elingaselwandle’

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share