IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w09 2/15 iphe. 29-32
  • Imingcwabo YamaKristu—Inesidima, Indilisekile Yaye Iyamkholisa UThixo

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Imingcwabo YamaKristu—Inesidima, Indilisekile Yaye Iyamkholisa UThixo
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2009
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • “Nento Engahlambulukanga Ningayichukumisi”
  • Kwenze Kucace Oko Ukukholelwayo
  • Yibhale Phantsi Indlela Ofuna Zenziwe Ngayo Izinto
  • Wugcine Undilisekile Umngcwabo
  • Ngaba Kufanele Kuchwayitwe?
  • Nceda Abanye Babone Umahluko
  • AmaNgqina KaYehova Awujonga Njani Umngcwabo?
    Imibuzo Abantu Abaqhele Ukuyibuza NgamaNgqina KaYehova
  • Imbono YamaKristu Ngamasiko Omngcwabo
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova
  • Ukunciphisa Uxanduva Oluziswa Kukufa
    Vukani!—1992
  • Ngaba Abantu Abafileyo Bafanele Bahlonelwe?
    Vukani!—1999
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2009
w09 2/15 iphe. 29-32

Imingcwabo YamaKristu—Inesidima, Indilisekile Yaye Iyamkholisa UThixo

KUTHE gubungu ilifu elimnyama. Abazili abanxibe ezimnyama, benza izijwili, bezibhuqabhuqa phantsi besentlungwini. Abanye badanisela umculo otsho ngamandla. Kodwa abanye bayatya baze babhiyoze behlek’ isiqhazolo sentsini esibonisa ukonwaba. Abambalwa bathe tywaa phantsi, banxile baludaka yiwayini nebhiya enikwa wonke umntu. Kuqhubeka ntoni apha? Kwamanye amazwe ehlabathi ezi zizinto ezenziwa emingcwabeni, apho kuhlanganisene khona amakhulukhulu abantu ukuza kuthi ndlela-ntle kulowo uswelekileyo.

Uninzi lwamaNgqina kaYehova luhlala kwiindawo ezinezalamane nabamelwane abaneenkolelo ezininzi naboyika abantu abafileyo. Izigidi ngezigidi zabantu zikholelwa ekubeni xa umntu esifa, uba sisinyanya esinokunceda okanye senzakalise abantu abasaphilayo. Le nkolelo ihlobene nentaphane yamasiko omngcwabo. Kambe ke, kuyinto eqhelekileyo ukuba buhlungu xa kuye kwasweleka umntu. UYesu nabafundi bakhe babekhe babesentlungwini ngenxa yokufelwa ngabantu ababathandayo. (Yoh. 11:33-35, 38; IZe. 8:2; 9:39) Sekunjalo, abazange nanini na babonise intlungu yabo ngeendlela ezibaxiweyo ezazixhaphakile ngelo xesha. (Luka 23:27, 28; 1 Tes. 4:13) Ngoba? Esinye isizathu kukuba babesazi ngoko kwenzekayo ekufeni.

IBhayibhile itsho ngokucacileyo ukuba: “Abaphilayo bayazi ukuba baya kufa; kodwa abafileyo, abazi nto konke konke . . . Uthando lwabo, intiyo yabo nekhwele labo sele latshabalala . . . Akukho msebenzi nakuyila nakwazi nakulumka eShiyol [ingcwaba eliqhelekileyo loluntu], kwindawo oya kuyo.” (INtshu. 9:5, 6, 10) Ezi ndinyana zeBhayibhile ziphefumlelweyo zichaza ngokucacileyo ukuba xa umntu esifa, akazi nto. Akanakucinga, akavakalelwa, akanakuthetha, yaye akukho nto anokuyiqonda. Ukuqonda le nyaniso yeBhayibhile kufanele kuyichaphazele njani indlela eqhutywa ngayo imingcwabo yamaKristu?

“Nento Engahlambulukanga Ningayichukumisi”

Kungakhathaliseki ukuba ngawaluphi na uhlanga okanye imvelaphi, amaNgqina kaYehova angqongqo ekuphepheni nawaphi na amasiko anxulumene nenkolelo yokuba abantu abafileyo bayabona yaye banokuphembelela abasaphilayo. Amasiko afana nemilindo, imibhiyozo yomngcwabo, ukukhumbula imihla abangcwatywa ngayo abathile, imicimbi yokutyhilwa kwamatye, amadini awenzelwa abafileyo, ukuzila, zonke ezo zinto azihlambulukanga yaye azimkholisi uThixo kuba zinxulumene nemfundiso engeyoyaZibhalo neyobudemon yokuba umphefumlo okanye umoya awufi. (Hez. 18:4) Ngenxa yokuba amaKristu okwenyaniso ‘engenakuba nenxaxheba “etafileni kaYehova” nasetafileni yeedemon,’ akabandakanyeki kula masiko. (1 Kor. 10:21) Athobela lo myalelo: “Nizahlule, . . . nento engahlambulukanga ningayichukumisi.” (2 Kor. 6:17) Noko ke, ukwenjenjalo akusoloko kulula.

EAfrika nakwezinye iindawo, ixhaphakile inkolelo yokuba, xa amasiko athile engenziwa, ziyaqumba izinyanya. Ukungalandelwa kwaloo masiko kugqalwa njengetyala elikhulu elinokuphumela ekuqalekisweni kwaloo ndawo okanye kukhokelele kwilishwa. Kuba bengabi nanxaxheba kumasiko emingcwabo angqubanayo nezibhalo, abantu bakaYehova abaninzi baye bagxekwa, bathukwa baza bagqalwa njengabafanelwe nguphum’ aphele kwiindawo abahlala kuzo nakwiintsapho zabo. Abanye baye batyholwa ngokungathandi bantu nangokungabahloneli abantu abafileyo. Maxa wambi, abantu abangakholwayo baye bayihlutha imingcwabo yamaKristu. Ngoko ke, sinokukuphepha njani ukungquzulana nabo bayimeleyo into yamasiko omngcwabo angamkholisiyo uThixo? Okona kubaluleke nangakumbi, sinokwenza ntoni ukuze sizahlule kumasiko nakwizinto ezingahlambulukanga ezinokonakalisa ulwalamano lwethu noYehova?

Kwenze Kucace Oko Ukukholelwayo

Kwezinye iindawo ehlabathini, kulisiko ukuba imilowo yekhaya nezalamane zibe nezwi kumalungiselelo omngcwabo. Ngoko ke, umKristu onyanisekileyo umele ayenze icace into yokuba umngcwabo uza kulungiselelwa uze uqhutywe ngamaNgqina kaYehova ngokuvisisana nemigaqo yeBhayibhile. (2 Kor. 6:14-16) Inkqubo yomngcwabo wamaKristu ayifanele iphazamisane nezazela zamanye amaKristu okanye ikhubekise abanye abakwaziyo esikukholelwayo nesikufundisayo ngokuphathelele abantu abafileyo.

Xa ummeli webandla lamaKristu ecelwa ukuba aqhube umngcwabo, abadala abamiselweyo banokunikela amacebiso aluncedo baze bachaze imbono yeZibhalo ngokuphathelele ukuqhutywa komngcwabo ukuze amalungiselelo onke ahambe ngokuvisisana noko kuthethwa yiBhayibhile. Ukuba abanye abantu abangengomaNgqina beza nezinye izinto ezingahlambulukanga, kubalulekile ukuba siqine size sikuchaze ngenkalipho ukuma kwethu njengamaKristu ngendlela enobubele nangembeko. (1 Pet. 3:15) Kodwa kuthekani ukuba kuthi sekunjalo izalamane ezingakholwayo zinyanzelise amasiko angahlambulukanga kulo mngcwabo? Ngoko intsapho ekholwayo inokugqiba kwelokuba irhoxe kuloo mngcwabo. (1 Kor. 10:20) Xa oko kusenzeka, kunokunikelwa intetho yomngcwabo elula kwiHolo yoBukumkani yasekuhlaleni okanye kwenye indawo efanelekileyo ukuze kunikelwe ‘intuthuzelo yeZibhalo’ kwabo bakhathazwe ngokwenene kukufelwa. (Roma 15:4) Nangona umzimba uya kube ungekho apho, kodwa elo iya kuba lilungiselelo elinesidima nelamkeleke ngokupheleleyo. (Dut. 34:5, 6, 8) Ukuvuyelelwa ngabangakholwayo kunokusenza sixinezeleke ngakumbi xa sifelwe, kodwa kuya kusithuthuzela ukwazi ukuba, xa sizimisele ukwenza okulungileyo uThixo uyakubona oko, yaye nguye onokusinika “amandla angaphaya koko kuqhelekileyo.”—2 Kor. 4:7.

Yibhale Phantsi Indlela Ofuna Zenziwe Ngayo Izinto

Xa umntu eye wayibhala phantsi indlela afuna zenziwe ngayo izinto emngcwabeni wakhe, kuba lula ukuqiqa namalungu entsapho angengomaNgqina, ekubeni edla ngokuwuhlonela umyolelo womfi. Kubalulekile ukubhalwa phantsi kweenkcukacha eziphathelele indlela omele uqhutywe ngayo umngcwabo, indawo ofanele uqhutyelwe kuyo, kwakunye nokuthi ngoobani abanelungelo lokwenza amalungiselelo awo nabaza kuwuqhuba. (Gen. 50:5) Uxwebhu olutyikitywe nguwe nangamangqina ludla ngokunceda. Abo baceba kusengaphambili nabenza izinto ngokuvisisana nobulumko obusekelwe kwimigaqo yeBhayibhile bayazi ukuba akuyomfuneko ukulinda de baluphale okanye babe yimilwelwe ngaphambi kokuba benze olu xwebhu.—IMize. 22:3; INtshu. 9:12.

Abanye baba madolw’ anzima ukuyibhala phantsi imiyalelo efana nale. Noko ke, ukwenjenjalo kububungqina bokuba ngumKristu oqolileyo ngokomoya nokuba uyabathanda abanye abantu. (Fil. 2:4) Kubhetele ukuyenza icace le miba ngokwakho kunokuyishiyela kumalungu entsapho axinezelekileyo anokunyanzelelwa ukuba avumele amasiko angahlambulukanga, angawakholelwayo nangawathandiyo.

Wugcine Undilisekile Umngcwabo

Kwiindawo ezininzi eAfrika, kukho inkolelo eyesameleyo yokuba umngcwabo ufanele ube mkhulu yaye uchukumise ukuze zingaqumbi izinyanya. Abanye basebenzisa umngcwabo njengethuba ‘lokuqhayisa’ ngewonga nezinto eziphathekayo abanazo. (1 Yoh. 2:16) Kuchithwa ixesha kwakunye nemali eninzi kusenziwa imigudu yokunika umfi into egqalwa njengomngcwabo “omhle.” Ukuze kuze abantu abaninzi kangangoko, kuxhonywa iibhodi ezinkulu ezinobuso bomfi kwiindawo ezahlukahlukeneyo, ngaloo ndlela kubhengezwa umngcwabo wakhe. Kwenziwa izikipa ezinobuso bomfi zize zinikwe abantu ukuze bazinxibe xa beze kukhuza. Kuthengwa iibhokisi ezimbejembeje nezixabiso likhulu ukuze kutsalw’ amehlo. Kwelinye ilizwe laseAfrika, abanye bade benze iibhokisi ezifana neemoto, iinqwelo-moya, izikhephe nezinye izinto ezenzelwe ukubonisa ubutyebi, uzuko nobutofotofo. Isidumbu sisenokukhutshwa ebhokisini size sibekwe kwibhedi ekhethekileyo nembejembeje. Ukuba libhinqa, lisenokunxityiswa ilokhwe emhlophe yomtshato lize lihonjiswe ngezacholo ezininzi namaso lize lifakwe izithambiso ebusweni. Ngaba ukuba nenxaxheba kwezo zinto kuya kubafanela ngokwenene abantu bakaThixo?

AmaKristu aqolileyo ayabuqonda ubulumko bokuphepha izinto ezibaxiweyo ezenziwa ngabantu abangayaziyo nabangayikhathalelanga imigaqo kaThixo. Sazi kakuhle ukuba amasiko nezenzo ezingandilisekanga nezichasene neZibhalo ‘aziphumi kuThixo, kodwa ziphuma kwihlabathi elidlulayo.’ (1 Yoh. 2:15-17) Sifanele silumke ukuze nathi singangenwa ngulo moya wokhuphiswano ungengowabuKristu, sizama ukogqitha abanye. (Gal. 5:26) Iziganeko zexesha elidluleyo zibonisile ukuba xa izithethe zasekuhlaleni zizaliswe kukoyika abantu abafileyo, imingcwabo idla ngokuba mikhulu kuze kube nzima ukuyibeka esweni yaye oko kunokwenza ukuba ingalawuleki. Ukunqula abafi kunokubaphembelela ngokulula abangakholwayo kuze kubakhokelele ekwenzeni la masiko angahlambulukanga. Kwimingcwabo enjalo, abantu banokwenza izijwili bekhala ngokungalawulekiyo, bawole isidumbu, bethetha naso ngokungathi sisaphila baze babeke imali nezinye izinto phezu komzimba lowo. Ukwenza ezo zinto kumngcwabo wamaKristu, bekuya kuzisa ugculelo kwigama likaYehova nakubantu bakhe.—1 Pet. 1:14-16.

Ngokuqinisekileyo ukuyazi kakuhle imeko yabafileyo kufanele kusenze sibe nenkalipho yokuqhuba imingcwabo yethu ngaphandle kokulandela iindlela zehlabathi. (Efe. 4:17-19) Nangona uYesu wayengoyena mntu ubalaseleyo nobalulekileyo kwabakha baphila, wangcwatywa ngendlela ebonisa ubulumko nendilisekileyo. (Yoh. 19:40-42) Kwabo ‘banengqondo kaKristu,’ akulohlazo ukungcwatywa ngolo hlobo. (1 Kor. 2:16) Ngokuqinisekileyo, ukugcina imingcwabo yamaKristu ingenabugocigoci yaye indilisekile kuyeyona ndlela yokuphepha izinto ezingahlambulukanga ngokwembono yeZibhalo neyokulondoloza imo ezolileyo, enesidima, efanelekileyo nelungileyo kwabo bathanda uThixo.

Ngaba Kufanele Kuchwayitwe?

Kusenokuba kulisiko ngezalamane, abamelwane nabanye ukuthi emva komngcwabo beze ngobuninzi ukuza kwenza itheko baze bangqungqele umculo ongxolayo. Kule mibhiyozo isemva komngcwabo kudla ngokunxilwa baze abantu baziphathe kakubi. Abanye abantu baye baqiqe ngelithi la matheko ayazicima iintsizi zomngcwabo. Abanye bavakalelwa kukuba oku kulelinye lamasiko asekuhlaleni. Noko ke, abaninzi bacinga ukuba eli theko libalulekile kuba lilisiko lokuzukisa abafileyo nelokukhulula umphefumlo walowo uswelekileyo ukuba uye kuhlangana nezinyanya zakowabo.

AmaKristu okwenyaniso ayabuqonda ubulumko besi sibongozo seZibhalo: “Kulunge ngakumbi ukukhathazeka kunokuhleka, kuba ngokusangana kobuso intliziyo ilunga ngakumbi.” (INtshu. 7:3) Ngaphezu koko, ayazazi iingenelo zokucingisisa nzulu ngobufutshane bobomi nethemba lovuko. Eneneni, kwabo banolwalamano olomeleleyo noYehova, “umhla wokufa ulunge ngaphezu komhla wokuzalwa.” (INtshu. 7:1) Ngenxa yoko, ukwazi ukuba amatheko asemva komngcwabo anxulunyaniswa neenkolelo zobudemon nokuziphatha okubi kwenza kungafaneleki ngakumbi ngamaKristu okwenyaniso ukwenza okanye ukuya kwimibhiyozo enjalo. Ukuba yinxalenye yamatheko anjalo bekuya kubonisa ukungamhloneli uThixo nezazela zabanye abanquli bakaYehova.

Nceda Abanye Babone Umahluko

Sinombulelo ongazenzisiyo ngokukhululeka ekungcangcazelisweni kukoyika abantu abafileyo njengabo basebumnyameni bokomoya! (Yoh. 8:32) “Njengabantwana bokukhanya,” siba buhlungu ngendlela ebonisa ukuba sisekukhanyeni kokomoya, ngendlela endilisekileyo, ebonisa intlonelo neqhutywa kukuthembela ngokuqinileyo kuvuko. (Efe. 5:8; Yoh. 5:28, 29) Eli themba liya kusinceda singabi buhlungu ngeendlela ezibaxiweyo, ndlela ezo ezixhaphake kubantu ‘abangenathemba.’ (1 Tes. 4:13) Kuya kusenza sibe nenkalipho yokulumela ngokuqinileyo unqulo olunyulu, singanikezeli ekoyikeni abantu.—1 Pet. 3:13, 14.

Ukubambelela ngokuthembeka kule migaqo yeZibhalo kuya kunika abantu ithuba ‘lokubona umahluko phakathi kwabo bakhonza uThixo nabo bangamkhonziyo.’ (Mal. 3:18) Ngenye imini, ukufa kuya kuphela. (ISityhi. 21:4) Njengoko silindele eso sithembiso sizukileyo, ngamana uYehova angasifumana singenabala, singenasiphako, yaye sahluke ngokupheleleyo kweli hlabathi lingendawo nakwizinto elizenzayo ezingazukisi Thixo.—2 Pet. 3:14.

[Umfanekiso okwiphepha 30]

Kububulumko ukuyibhala phantsi indlela esifuna zenzeke ngayo izinto emingcwabeni yethu

[Umfanekiso okwiphepha 31]

Imingcwabo yamaKristu ifanele indiliseke ize ibe nesidima

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share