3 Funda Inyaniso NgoYesu
“Kuba uThixo walithanda kakhulu ihlabathi kangangokuba wanikela ngoNyana wakhe okuphela kwamzeleyo, ukuze wonk’ ubani obonisa ukholo kuye angatshabalali kodwa abe nobomi obungunaphakade.”—Yohane 3:16.
YINTONI INGXAKI? Abanye bafuna ukholelwe ukuba akukho mntu unguYesu owakha waphila apha emhlabeni. Abanye bona bayavuma ukuba wakhe waphila kodwa ke bathi wayengumntu nje ofana nabanye abantu ibe kudala wafa.
UNGAYOYISA NJANI LE NGXAKI? Xelisa umfundi uNathaniyeli.a Umhlobo wakhe uFilipu wamxelela ukuba wayemfumene uMesiya—“uYesu, unyana kaYosefu, waseNazarete.” Noko ke, uNathaniyeli akazange asuke amkholelwe uFilipu. Kunoko wathi kuye: “Kunganako ukuphuma nantoni na elungileyo eNazarete?” Nangona wayethandabuza wasamkela isimemo sikaFilipu sokuya ‘kuzibonela.’ (Yohane 1:43-51) Nawe uya kungenelwa ukuba uyazihlolela ubungqina obuphathelele uYesu. Yintoni onokuyenza?
Phanda ubungqina bembali obubonisa ukuba uYesu wayekhe waphila. UJosephus noTacitus babengababhali-mbali ababini abahlonelwayo benkulungwane yokuqala yaye babengengomaKristu. Bathi uYesu Kristu wayekhe waphila. Xa echaza indlela uMlawuli waseRoma, uNero, awawabeka ngayo ityala amaKristu ngokuqhambuka komlilo eRoma ngowama-64 C.E., uTacitus uthi: “UNero watyhola iqela elalibizwa ngokuba ngamaKristu elalithiyiwe ngamaRoma ngenxa yendlela elaliphila ngayo waza walithuthumbisa. UChristus [Kristu], elisuka kuye eli gama, wohlwaywa ngokuqatha ebudeni bolawulo lukaTibheriyo ngesigwebo esawiswa lelinye lamabamba ethu, uPontiyo Pilato.”
Ngokuphathelele oko ababhali-mbali namaKristu enkulungwane yokuqala bakuthethayo ngoYesu, uHlelo lowama-2002 lwe-Encyclopædia Britannica luthi: “Ezi ngxelo zivela kubantu abahlukahlukeneyo zibubungqina bokuba kumaxesha amandulo kwaneentshaba zobuKristu azizange zibuthandabuze ubukho bukaYesu nto leyo abantu abaye bayiphikisa okokuqala yaye bekwenza oko ngezizathu ezingavakaliyo ekupheleni kwenkulungwane ye-18, ebudeni beye-19, nasekuqaleni kweyama-20.” Ngowama-2002, inqaku elalibhalwe ngumhleli weThe Wall Street Journal lathi: “Inkoliso yabaphengululi, ngaphandle nje kwembinana engakholelwayo kubukho bukaThixo, iyavuma ukuba uYesu waseNazarethe wayekhe waphila apha emhlabeni.”
Hlola ubungqina obubonisa ukuba uYesu wavuswa. Ukubanjwa kukaYesu, abahlobo bakhe babaleka bemshiya yedwa, yaye umhlobo wakhe uPetros wakhanyela ukuba wayemazi kuba esoyika. (Mateyu 26:55, 56, 69-75) Emva kokuba ebanjiwe uYesu, abalandeli bakhe bachithachitheka. (Mateyu 26:31) Kodwa kungekudala emva koko abafundi bakhe baphinda baqalisa ukwenza umsebenzi awayebathume wona. UPetros noYohane bathetha ngenkalipho namadoda awayebulele uYesu. Abafundi bakaYesu bakhuthazeka kakhulu kangangokuba iimfundiso zakhe bazisasaza kubo bonke uBukhosi baseRoma, bekhetha ukufa kunokuba balalanise kwizinto ababezikholelwa.
Yintoni eyabangela ukuba isimo sabo sengqondo sitshintshe ngolo hlobo? UmPostile uPawulos uthi uYesu wavuswa ekufeni waza “wabonakala kuKefas [Petros], nakwabalishumi elinesibini.” UPawulos waleka umsundulo athi: “Emva koko wabonakala kubazalwana abangaphezu kwamakhulu amahlanu ngexesha elinye.” Uninzi lwabantu ababembonile uYesu ovusiweyo babesaphila xa uPawulos wayebhala loo mazwi. (1 Korinte 15:3-7) Abaphikisi babenokubuthandabuza lula ubungqina bomntu omnye. (Luka 24:1-11) Kodwa ke ubungqina babantu abangaphezu kwamakhulu amahlanu babuseyisela ukuba uYesu wayevuswe ngokwenene ekufeni.
UYINTONI UMVUZO WOKUTHEMBA IBHAYIBHILE? Abantu abanokholo kuYesu nabamthobelayo banokuxolelwa izono zabo baze babe nezazela ezicocekileyo. (Marko 2:5-12; 1 Timoti 1:19; 1 Petros 3:16-22) Ukuba bayafa, uYesu uthembisa ukuba uya kubavusa “ngomhla wokugqibela.”—Yohane 6:40.
Ukuze ufumane inkcazelo engakumbi, funda isahluko 4, esithi “Ngubani uYesu Kristu?,” nese 5, esithi “Intlawulelo—Esona Sipho Sikhulu SikaThixo,” kwincwadi ethi Yintoni Ngokwenene Efundiswa YiBhayibhile?b
[Imibhalo esemazantsi]
a Kuyabonakala ukuba ababhali bevangeli uMateyu, uMarko, noLuka babiza uNathaniyeli ngegama elinguBhartolomeyu.
b Epapashwe ngamaNgqina kaYehova.
[Umfanekiso okwiphepha 7]
NjengoNathaniyeli, buphande ubungqina obungoYesu