Imibuzo Yabafundi
Ngaba UThixo Uyasohlwaya Ngezinto Ezibuhlungu Ezenzeka Kuthi?
Ngaba wakha wacinga ukuba nguThixo ofuna uve ubuhlungu emva kokuba uye wehlelwa yinto embi? Ukugula ngesiquphe, ukwenzakala ngenxa yengozi okanye ukufa kwelungu lentsapho obekungalindelekanga kunokusenza sicinge ukuba uThixo uyasohlwaya ngenxa yento ethile.
Kunokuba uvakalelwe ngaloo ndlela kufanele kukuthuthuzele ukwazi ukuba uThixo ufuna abantu bonwabe yaye kungabikho nto ibenzakalisayo. Le nto siyibona ekudaleni kukaThixo abantu bokuqala awababeka “emyezweni wase-Eden,” owawuyiparadesi apho ubomi babungenakuba nazingxaki.—Genesis 2:15.
Okulusizi kukuba eso sibini sokuqala sakhetha ukumvukela ngabom uThixo saza saphulukana nelo kamva liqaqambileyo. Imvukelo yaso yaphumela kwintlekele kuso nakubo bonke abantwana baso, kuquka nathi. Ngoba? Le meko inokufaniswa nento eyenzekayo xa intloko ntsapho ingayihlawuli indlu yayo—yonke intsapho iyakhutshwa kuloo ndlu ize ihlupheke. Kuyafana nangabantu, bonke baye bahlupheka ngenxa yemvukelo yesibini sokuqala. (Roma 5:12) Kwiminyaka emininzi emva kwaloo mvukelo, uYobhi indoda elilungisa wadanduluka wathi ukuba inkxwaleko yakhe ‘yayinokubekwa esikalini,’ yayinokuba “nzima ngakumbi kunentlabathi yolwandle.”—Yobhi 6:2, 3.
Enye into esifak’ ezingxakini kukungakwazi ukusoloko siyibona kwangaphambili into enokubangela iingxaki. Ngokomzekelo, masithi umakhi wakha izindlu azithengisayo kwindawo ekuthanda ukutsha kuyo. Ufike ke wena uthenge enye yezi zindlu, ube ungazi ukuba kuthanda ukutsha kule ndawo. Ngaba loo nto ayizi kukuchanaba engozini wena nentsapho yakho? Ukuba bekunokwehla ingozi ngaba kufanele kuthiwe loo ngozi sisohlwayo esivela kuThixo? IBhayibhile ithi: “Nabani na ongenamava ukholwa ngamazwi onke, kodwa onobuqili uyawaqwalasela amanyathelo akhe.”—IMizekeliso 14:15.
Nakuba kunjalo, kuyathuthuzela ukwazi ukuba nangona sonke sisenokwehlelwa ziintlekele, uThixo unenjongo yokukhulula abantu kuzo. Xa lifika elo xesha, awusoze uphinde wehlelwe, ubone okanye uve kwaukuva kuthethwa ngeentlekele. Lonke usizi, intlungu, ukufa nokuzila kuya kube ‘kudlulile.’ (ISityhilelo 21:4) Siyathuthuzela nesithembiso sokuba abantu abasayi kuze baphinde bakhe izindlu baze batyale iziqhamo zize zitshatyalaliswe ziimfazwe neentlekele. Kunoko baya “kuwusebenzisa ngokupheleleyo” umsebenzi wezandla zabo.—Isaya 65:21-25.
Yintoni onokuyenza okwangoku ngoxa ulindele ukuba uThixo aziphelise zonke iintlekele? Okokuqala, nokukokona kubalulekileyo, iBhayibhile ithi: “Kholosa ngoYehova ngayo yonke intliziyo yakho, ungayami ngokwakho ukuqonda.” (IMizekeliso 3:5) Cela yena ukuba akukhokele aze akuthuthuzele. Busebenzise ubulumko bukaThixo obuseBhayibhileni. Buya kukunceda wenze izigqibo zobulumko buze bukukhusele kwiintlekele onokukwazi ukuziphepha.—IMizekeliso 22:3.