IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w09 7/1 iphe. 13-14
  • Ngaba Bade Bawufumana Umkhombe KaNowa?

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Ngaba Bade Bawufumana Umkhombe KaNowa?
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2009
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • Ngaba Sifanele Sibe Nokholo?
  • UMkhukula Ongenakulibaleka
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1992
  • Abantu Abayi-8 Basindela Kumhlaba Omtsha
    Indifundisa Ntoni IBhayibhile?
  • Umkhombe KaNowa
    Indifundisa Ntoni IBhayibhile?
  • UNowa Wakha Umkhombe
    Incwadi Yam Yamabali EBhayibhile
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2009
w09 7/1 iphe. 13-14

Ngaba Bade Bawufumana Umkhombe KaNowa?

UKUKHANGELWA komkhombe kaNowa kusoloko kusematheni abantu. Siyaqondakala isizathu sokuba abantu babe nomdla ongaka kuwo. Kaloku ukufunyanwa kwalo bhaza bhaza womkhombe owasindisa ubomi bukaNowa nentsapho yakhe kuNogumbe owaqala ngowama-2370 ukuya kowama-2369, ngaphambi kweXesha Eliqhelekileyo, bekuya kuba yenye yezona zinto zibalulekileyo zakha zafunyanwa ngabembi bezinto zakudala. Kodwa uMkhombe kaNowa awukafumaneki nangona kukudala abantu bewukhangela. Phezu kwazo nje izinto ezininzi ezithethwa ngawo, yintoni kanye kanye esiyaziyo ngalo mkhombe?

IBhayibhile ithi umkhombe kaNowa “wema kwiintaba zeArarati.” (Genesis 8:4) Ummandla weArarati uquka incopho edumileyo ekuthiwa yiNtaba yeArarati esempuma yeTurkey, kufutshane nomda weArmenia neIran.

Amaphulo okukhangela umkhombe kaNowa aye abangela ukuba abantu bathethe izinto ezininzi kodwa akukho nto inesihlahla nebambekayo. Iifoto eziye zathathwa ngeenqwelo moya, iziqobo zemithi eziqatywe itela neengxelo zabantu abathi bawubonile umkhombe zenze abantu bafuna ubungqina obungakumbi. Noko ke, bekusoloko kunzima ukukhangela lo mkhombe. Enye indawo ekucingelwa ukuba ukuyo ikwiiNtaba zeArarati ezimitha ezingama-4 600 ukuphakama. Ukongezelela koko, abantu abawukhangelayo abasoloko bevunyelwa ukuba baye kwezo ntaba ngenxa yemeko yezopolitiko engazinzanga.

Nakuba kunjalo, abantu abaninzi abawukhangelayo basafuna kuqhutyekwe. Bakholelwa imiqobo yawo isekho kwiiNtaba zeArarati kodwa zogqunywe likhephu nomkhenkce obakho kwezo ntaba ixesha elininzi enyakeni. Banethemba lokuba lo mkhombe unokubonwa okanye ufumaneke kuphela xa ihlobo lifudumele.

Amathemba anjalo aye akhuthazwa nazezinye iingxelo. UJosephus, umbhali-mbali ongumYuda wenkulungwane yokuqala yeXesha Eliqhelekileyo, ubhekisela kubabhali-mbali bangaphambili ababesithi umkhombe wawubonakala kwiintaba zeArarati. Kwakude kuthiwe abantu babekrempula iziqobo zawo eziqatywe ngetela ukuze zibe zizikhumbuzo zokuba bawubona. UJosephus uthi amanye aloo madoda yayinguBerossus, owayengumbhali-mbali waseBhabhiloni ngenkulungwane yesithathu ngaphambi kweXesha Eliqhelekileyo.

Enye yezona ngxelo bezibangel’ umdla kule nkulungwane idluleyo yekaGeorge Hagopian waseArmenia. Uthi watyelela lo mkhombe xa wayeyinkwenkwe ehamba nomalume wakhe ngasekuqaleni kweminyaka ye-1900 waze wakhwela phezu kwawo. UHagopian wabhubha ngowe-1972, kodwa izinto awazithethayo zisabangel’ umdla kubantu abaninzi.

Ngaba Sifanele Sibe Nokholo?

Ngaba ngokwenene sifanele sikholelwe ukuba bawufumene okanye baza kude bawufumane lo mkhombe? Mhlawumbi, kodwa ke kuyathandabuzeka ukuba uya kuze ufumaneke. Enye into ekufuneka siyikhumbule kukuba iBhayibhile ayiyichazi eyona ndawo owahlala kuyo umkhombe kaNowa njengoko amanzi ayewutha. Isuka nje ithi wahlala “kwiintaba zeArarati.”

Bekuya kulindeleka ke ngoko ukuba abantu abawukhangelayo bacingele ukuba unokufumaneka kweyona ndawo iphakamileyo kuloo mmandla. Kodwa ke iZibhalo azitsho ukuba uThixo walungiselela ukuba lo mkhombe uhlale phezu kwencopho yeeNtaba zeArarati edume ngokubanda namhlanje nemalunga neekhilomitha ezintlanu ngaphezu komphakamo wolwandle.a Khumbula ukuba uNowa nentsapho yakhe bahlala emkhombeni iinyanga eziliqela emva kokuba uye wema. (Genesis 8:4, 5) Kwakhona akubonakali ngathi xa babephuma emkhombeni, bona nezilwanyana ezininzi kwakuza kufuneka behle entabeni oku kwabantu abathanda ukuhamba ezintabeni. Mhlawumbi ngelo xesha kwakulula ukuya kwindawo owema kuyo umkhombe kunokuba kucingwa namhlanje, kodwa ke uphakame ngokwaneleyo ukuze uvisisane nenkcazelo ekwiGenesis 8:4, 5. Yaye kungakhathaliseki ukuba umkhombe wahlala ndawoni kulo mmandla weArarati, ngaba ngewawungazange utshabalele kwiinkulungwane ezadlulayo ngenxa yokubola okanye ukutyhuthulwa ngabantu?

Ukongezelela koko, kukho izinto ezithandabuzekayo kwizinto ezithethwa ngabantu ngokubaluleka kweli phulo kunqulo. Umququzeleli welinye iphulo wathi ukufumaneka komkhombe “kuya komeleza ukholo lwezigidi zabantu . . . yaye abantu abaninzi baya kuba ngamakholwa.” Kwinkomfa yeendaba yowama-2004, wathi ukufumaneka komkhombe kuya kuba “sesona siganeko sibalulekileyo ukususela ekuvusweni kukaKristu.” Kamva iphulo lakhe larhoxiswa.

Ngaba ngokwenene ukufumaneka komkhombe kaNowa kuya komeleza ukholo okanye kwenze abantu abangakumbi babe ngamakholwa? IBhayibhile ibonisa ukuba ukholo lokwenene aluxhomekekanga kwizinto esinokuzibona okanye esinokuzibamba. (2 Korinte 5:7) Abanye abantu bathandabuza gqitha kangangokuba bade bathi bubungqina obubonakalayo kuphela obunokubenza bazikholelwe iingxelo ezithile eziseBhayibhileni. Kodwa ke inyaniso kukuba, abukho ubungqina obunokubenza babenokholo abantu abanjalo. UYesu ngenkqu wathi abanye abantu abanakuze bazikholelwe iinyaniso ezifundiswa yiBhayibhile—nokuba bangade babone kuvuswa umntu ofileyo!—Luka 16:31.

Kwelinye icala ukholo lokwenene alumfamekanga kodwa lusekelwe kubungqina obunesihlahla. (Hebhere 11:1) Ngaba bukho ubungqina obubambekayo obunganceda abantu abanengqiqo namhlanje bayikholelwe ingxelo yoMkhukula eseBhayibhileni? Ewe bukho. UYesu walikhupha latsola elokuba: ‘UNowa wangena emkhumbini, wafika umkhukula.’ (Luka 17:26, 27) Obu bobona bungqina bunokuthenjwa. Ngoba kutheni?

UYesu wayephila ezulwini ngaphambi kokuba eze emhlabeni. (Yohane 8:58) Wayebukele xa kwakusakhiwa umkhombe; wambona noNogumbe. Bubuphi ke ngoko ubungqina obubonakala buvakala kuwe? Ngaba ayibubo obomntu owayibonayo isenzeka yonke lento nowahlala ethembekile waza wazingqina enguNyana kaThixo? Okanye ngaba sifanele sikholelwe kubungqina babantu abachola iziqobo zemithi yakudala phezu kwentaba enomkhenkce? Kukho ubungqina obuninzi obubonisa ukuba wawukho ngokwenene umkhombe kaNowa.

[Umbhalo osemazantsi]

a INtaba ebizwa ngokuba yiArarati namhlanje inentaba mlilo nangona ingazange igqabhuke ukususela ngowe-1840. Imalunga neemitha ezili-5 165 ukuphakama yaye isoloko igqunywe likhepu unyaka wonke.

[Amagama acatshulweyo akwiphepha 13]

Ngaba bukhona ubungqina obubambekayo obuqinisekisa ingxelo yeBhayibhile ngoMkhukula?

[Amagama acatshulweyo akwiphepha 14]

UYesu walikhupha latsola elokuba: ‘UNowa wangena emkhombeni, wafika umkhukula’

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share