Uyintoni Umoya Oyingcwele?
UYESU wakha wababuza lo mbuzo abafundi bakhe: “Nguwuphi na ubawo phakathi kwenu oya kuthi, ukuba unyana wakhe ucela intlanzi, asuke amnike inyoka esikhundleni sentlanzi? Okanye athi ukuba ucela iqanda, asuke amnike unomadudwane?” (Luka 11:11, 12) Abantwana baseGalili babekuthanda ukutya amaqanda nentlanzi yaye babekwazi kakuhle ukutya ababekufuna.
UYesu wathi sifanele siqhubeke siwucela umoya oyingcwele ngendlela umntwana olambileyo akucela ngayo ukutya. (Luka 11:9, 13) Ukwazi ukuba uyintoni umoya oyingcwele kuya kusinceda siqonde indima oyidlalayo kubomi bethu. Ngoko ke, makhe siqale sive ukuba iBhayibhile isifundisa ntoni ngomoya oyingcwele.
“Amandla Oyena Uphakamileyo”
IZibhalo zibonisa ngokucacileyo ukuba umoya oyingcwele ngamandla asetyenziswa nguThixo ukuze afeze ukuthanda kwakhe. Xa ingelosi uGabriyeli yayixelela uMariya ukuba wayeza kuzala unyana nakuba wayengazani nandoda yathi kuye: “Umoya oyingcwele uya kukufikela, namandla Oyena Uphakamileyo aya kukusibekela. Ngenxa yeso sizathu kwanoko kuzalwayo kuya kubizwa ngokuba kungcwele, uNyana kaThixo.” (Luka 1:35) Ngokwamazwi kaGabriyeli, umoya oyingcwele unento yokwenza “namandla Oyena Uphakamileyo.”
Zikho nezinye iivesi zeBhayibhile ezithetha ngento efanayo. Umprofeti uMika wathi: “Mna ndizele ngamandla, ngomoya kaYehova.” (Mika 3:8) UYesu wathi kubafundi bakhe: “Niya kwamkela amandla xa umoya oyingcwele ufika kuni.” (IZenzo 1:8) Naye umpostile uPawulos wathetha “ngamandla omoya oyingcwele.”—Roma 15:13, 19.
Ezi ndinyana zisifikisa kwesiphi isigqibo? Kukho ukuhlobana okuthile phakathi komoya oyingcwele namandla kaThixo. Umoya oyingcwele yindlela uYehova asebenzisa ngayo amandla akhe. Ngamafutshane umoya oyingcwele ungamandla kaThixo asebenzayo. Lo moya unamandla angathethekiyo. Asinakuze siwaqonde ngokupheleleyo amandla awawasebenzisayo uThixo xa wayedala. UYehova wathuma umprofeti uIsaya ukuba athi: “Phakamiselani amehlo enu phezulu nize nibone. Ngubani na odale ezi zinto? NguLowo uzisa umkhosi wazo kanye ngokwenani, uzibiza nangegama xa zizonke. Ngenxa yamandla amakhulu, kanjalo womelele ngamandla, akukho nanye esalayo.”—Isaya 40:26.
IBhayibhile ibonisa ukuba ummandla wendalo nalo lonke ulungelelwano olukuwo lukho ngenxa “yamandla amakhulu,” kaThixo uSomandla. Kucacile ukuba amandla asebenzayo kaThixo akanakulinganiswa nanto yaye nathi sixhomekeke kuwo ukuze siphile.—Funda ibhokisi ekweli nqaku ethi: “Ukusebenza Komoya Oyingcwele.”
UYehova usenokusebenzisa umoya oyingcwele ngomlinganiselo omkhulu, kanye njengokuba wenzayo xa wayedala. Kwakhona unokuwusebenzisa ukuze ancede abantu bakhe. IBhayibhile izaliswe yimizekelo yabakhonzi bakaThixo abaye bomelezwa ngala mandla akhe asebenzayo.
“Umoya KaYehova Uphezu Kwam”
Ubulungiseleli bukaYesu busibonisa indlela umoya oyingcwele kaThixo onokubenza babe namandla ngayo abakhonzi bakhe. UYesu wathi kubantu baseNazarete: “Umoya kaYehova uphezu kwam.” (Luka 4:18) Yintoni awayenzayo uYesu xa ‘wayenamandla omoya’? (Luka 4:14) Waphilisa zonke iintlobo zezigulo, wazolisa uqhwithela elwandle, wondla amawaka abantu ngezonka neentlanzi nje ezimbalwa, wada wavusa nabafileyo. Umpostile uPetros wathi uYesu ‘wayeyindoda ekwaboniswa ngayo esidlangalaleni nguThixo ngemisebenzi yamandla nemihlola nemiqondiso uThixo awayenzayo ngayo.’—IZenzo 2:22.
Namhlanje umoya oyingcwele awenzi abantu benze imimangaliso enjalo. Kodwa ke, unokusenzela izinto ezinkulu. UYehova ubanika ngesisa abanquli bakhe umoya oyingcwele kanye njengokuba uYesu wabaqinisekisa abafundi bakhe. (Luka 11:13) Ngenxa yoko umpostile uPawulos wathi: “Ezintweni zonke ndinamandla ngenxa yalowo undomelezayo.” (Filipi 4:13) Ngaba nawe umoya oyingcwele unokukunceda ngaloo ndlela? Inqaku elilandelayo liza kuwuphendula lo mbuzo.
[Ibhokisi/Umfanekiso okwiphepha 5]
Isizathu Sokuba Umoya Oyingcwele Ungengomntu
IBhayibhile ifanisa umoya oyingcwele namanzi. Xa wayethembisa abantu bakhe ngeentsikelelo uThixo wathi: “Kuba ndiya kugalela amanzi konxaniweyo, nemisinga ethontsizayo kwindawo eyomileyo. Ndiya kuthulula umoya wam embewini yakho, nentsikelelo yam kwinzala yakho.”—Isaya 44:3.
Xa uThixo egalela umoya wakhe kubakhonzi bakhe ‘bazaliswa ngumoya oyingcwele.’ UYesu, uYohane umBhaptizi, uPetros, uPawulos, uBharnabhas nabafundi ababehlanganisene ngePentekoste yowama-33 C.E. bonke kuthiwa bazaliswa ngumoya oyingcwele.—Luka 1:15; 4:1; IZenzo 4:8; 9:17; 11:22, 24; 13:9.
Khawuzibuze lo mbuzo: Ngaba umntu ‘unokugalelwa’ kubantu abahlukahlukeneyo? Ungatsho na ukuba umntu omnye ‘uzalise’ iqela labantu? Loo nto ayinangqiqo. IBhayibhile iyathetha ngabantu abazaliswe bubulumko, ukuqonda okanye lulwazi oluchanileyo kodwa ayizange ikhe ithi umntu uzaliswe ngomnye umntu.—Eksodus 28:3; 1 Kumkani 7:14; Luka 2:40; Kolose 1:9.
Igama lesiGrike eliguqulelwe ngokuthi “umoya” ngupneuʹma yaye linengcamango yamandla angabonakaliyo. IExpository Dictionary of New Testament Words kaVine, ithi upneuʹma “ngokuyintloko uthetha umoya ovuthuzayo . . . nomphefumlo; ngokukodwa xa ingumoya ongabonakaliyo, nonamandla njengomoya ovuthuzayo.”
Kucace mhlophe ke ngoko ukuba umoya oyingcwele awungomntu.a
[Umbhalo osemazantsi]
a Ukuze ufumane inkcazelo engakumbi funda umxholo othi, “Inyaniso Ngoyise, Unyana Nomoya Oyingcwele,” kwiphepha lama-201-204 kwincwadi ethi Yintoni Ngokwenene Efundiswa YiBhayibhile? epapashwe ngamaNgqina kaYehova.
[Inkcazelo]
Photodisc/SuperStock