Imithandazo Yakho Ibonisa Ntoni Ngawe?
“Owu mphulaphuli wemithandazo, abantu bayo yonke inyama baya kuza kuwe.”—INDU. 65:2.
1, 2. Kutheni abakhonzi bakaYehova benokuthandaza kuye beqinisekile?
UYEHOVA usoloko eyiphulaphula imithandazo yabakhonzi bakhe abanyanisekileyo. Sinokuqiniseka ukuba uyasiva. Nokuba izigidi zamaNgqina kaYehova zinokuthandaza ngexesha elinye, uThixo uyiphulaphula yonke loo mithandazo.
2 Eqinisekile ukuba uThixo uyayiphulaphula imithandazo yakhe, umdumisi uDavide wathi: “Owu mphulaphuli wemithandazo, abantu bayo yonke inyama baya kuza kuwe.” (INdu. 65:2) Imithandazo kaDavide yaphendulwa kuba wayengumkhonzi onyanisekileyo kaYehova. Sifanele sizibuze: ‘Ngaba imithandazo yam ibonisa ukuba ndithembele ngoYehova nokuba eyona nto ndiyixhalabeleyo lunqulo olunyulu? Imithandazo yam ibonisa ntoni ngam?’
Zithobe Xa Uthandaza KuYehova
3, 4. (a) Sifanele sibe nesimo sengqondo esinjani xa sithandaza kuThixo? (b) Simele senze ntoni xa sikhathazwa ‘ziingcamango eziphazamisayo’ ngenxa yesono esinzulu esisenzileyo?
3 Ukuze imithandazo yethu iphendulwe, simele sizithobe xa sithandaza kuThixo. (INdu. 138:6) Sifanele sicele uYehova ukuba asigocagoce, njengoDavide owathi: “Ndigocagoce, Thixo, uze uyazi intliziyo yam. Ndihlolisise, uze uzazi iingcamango zam eziphazamisayo, ubone enoba kukho nayiphi na indlela yobubi kum, undikhokelele endleleni yexesha elingenammiselo.” (INdu. 139:23, 24) Masingathandazi nje kuphela, kodwa masivumele uThixo asigocagoce size samkele nesiluleko esikwiLizwi lakhe. UYehova unokusikhokela njengoko sihamba ‘kwindlela yexesha elingenammiselo,’ aze asincede sifumane ubomi obungunaphakade.
4 Kuthekani ukuba sikhathazwa ‘ziingcamango eziphazamisayo’ ngenxa yesono esinzulu esisenzileyo? (Funda iNdumiso 32:1-5.) Ukuzama ukuzicinezela izazela zethu kunokusithez’ amandla njengokuba nomthi usoma xa kutshisa kakhulu ehlotyeni. Emva kokuba uDavide onile, waphelelwa luvuyo yaye kusenokwenzeka ukuba wada wagula. Kodwa emva kokuvuma isono sakhe kuThixo, wakhululeka. Khawucinge nje indlela awavuya ngayo uDavide emva kokuba uYehova ‘exolele imvukelo yakhe.’ Xa umntu esivuma isono sakhe kuThixo unokukhululeka, yaye abadala abangamaKristu banokumnceda aphile ngokomoya.—IMize. 28:13; Yak. 5:13-16.
Khunga KuThixo Uze Umbulele
5. Kuthetha ukuthini ukukhunga kuYehova?
5 Ukuba kukho into esixhalabisayo, sifanele sisebenzise eli cebiso likaPawulos: “Musani ukuxhalela nantoni na, kodwa ezintweni zonke zaziseni izibongozo zenu kuThixo ngomthandazo nesikhungo nombulelo.” (Fil. 4:6) “Ukukhunga” kuthetha “ukwenza isicelo ngokuthobeka.” Xa sisengozini okanye sitshutshiswa, sifanele simbongoze uYehova ukuba asincede aze asikhokele.
6, 7. Kutheni sifanele siquke umbulelo xa sithandaza?
6 Noko ke, ukuba sithandaza xa kukho into esiyifunayo kuphela, loo nto ithetha ntoni ngathi? UPawulos wathi sifanele sazise uThixo izibongozo “nombulelo” wethu. Sifanele sibe nombulelo njengoDavide, owathi: “Bobakho, Yehova, ubukhulu namandla nobuhle nokubalasela nesidima; kuba yonk’ into esemazulwini nesemhlabeni yeyakho. Bobakho ubukumkani, Yehova, Wena uphakamileyo njengentloko yezinto zonke. . . . Thixo wethu, siyakubulela, silidumisa igama lakho elihle.”—1 Kron. 29:11-13.
7 UYesu wabulela uThixo ngokutya nesonka newayini eyayisetyenziswa kwiSidlo SeNkosi Sangokuhlwa. (Mat. 15:36; Marko 14:22, 23) Ngaphezu kokubulela ukutya, sifanele ‘simbulele uYehova ngemisebenzi yakhe emangalisayo koonyana babantu,’ ‘ngenxa yezigwebo zakhe zobulungisa,’ nangesigidimi sakhe esifumaneka eBhayibhileni.—INdu. 107:15; 119:62, 105.
Thandazela Nabanye
8, 9. Kutheni sifanele sithandazele amanye amaKristu?
8 Ngokuqinisekileyo siyazithandazela, kodwa sifanele sithandazele nabanye—kwanamaKristu esingawaziyo. Nangona kusenokwenzeka ukuba umpostile uPawulos wayengawazi onke amaKristu aseKolose, wabhala wathi: “Sisoloko simbulela uThixo uYise weNkosi yethu uYesu Kristu xa sinithandazela, ekubeni sevayo ngokholo lwenu kuKristu Yesu nothando eninalo ngabo bonke abangcwele.” (Kol. 1:3, 4) UPawulos wathandazela namaKristu aseTesalonika. (2 Tes. 1:11, 12) Imithandazo enjalo ichaza lukhulu ngendlela esibajonga ngayo abazalwana noodadewethu.
9 Xa sithandazela amaKristu athanjisiweyo kwakunye namaqabane awo ‘ezinye izimvu,’ sibonisa inkxalabo esinayo ngentlangano kaThixo. (Yoh. 10:16) UPawulos wacela amanye amaKristu ukuba amthandazele ukuba ‘anikwe amandla okuthetha ukuze azise imfihlelo engcwele yeendaba ezilungileyo.’ (Efe. 6:17-20) Ngaba nathi siyawathandazela amanye amaKristu?
10. Kunokusinceda njani ukuthandazela abanye?
10 Isimo sengqondo sethu ngabanye sinokutshintsha xa sibathandazela. Xa sithandazela umntu othile esingamginyi ncam, isimo sethu sengqondo ngaloo mntu sinokutshintsha. (1 Yoh. 4:20, 21) Imithandazo elolo hlobo iyasakha yaye idala umanyano phakathi kwethu nabazalwana bethu. Ngaphezulu ibonisa ukuba sinothando olufana nolukaKristu. (Yoh. 13:34, 35) Olu phawu luyinxalenye yesiqhamo somoya kaThixo. Ngaba siyawuthandazela umoya oyingcwele, sicele uYehova ukuba asincede sibonakalise isiqhamo sawo esiluthando, uvuyo, uxolo, ukuzeka kade umsindo, ububele, ukulunga, ukholo, ubulali nokuzeyisa? (Luka 11:13; Gal. 5:22, 23) Ukuba kunjalo, indlela esithetha ngayo nesenza ngayo izinto iya kubonisa ukuba sihamba yaye siphila ngokuvumelana nomoya.—Funda eyabaseGalati 5:16, 25.
11. Kutheni sinokuthi kufanelekile ukucela abanye ukuba basithandazele?
11 Xa sifumanisa ukuba abantwana bethu bajamelene nengxaki yokukopa xa kubhalwa iimviwo esikolweni, sifanele sibathandazele size sisebenzise iZibhalo ukubanceda bahlale benyanisekile yaye bangenzi izinto eziphosakeleyo. UPawulos wathi kumaKristu aseKorinte: “Siyathandaza kuThixo ukuba ningenzi nto imbi.” (2 Kor. 13:7) Imithandazo enjalo iyamkholisa uYehova. (Funda iMizekeliso 15:8.) Nathi sinokucela abanye ukuba basithandazele, njengokuba nompostile uPawulos wenzayo. Wabhala wathi: “Qhubekani nisithandazela, kuba siyathemba ukuba sinesazela esinyanisekileyo, njengoko sinqwenela ukuziphatha ngokunyaniseka kwizinto zonke.”—Heb. 13:18.
Imithandazo Yethu Ibonisa Okungakumbi Ngathi
12. Ziziphi izinto eziyintloko esimele sizithandazele?
12 Ngaba imithandazo yethu ibonisa ukuba singamaNgqina kaYehova onwabileyo nakhutheleyo? Ngaba izikhungo zethu zibonisa ukuba eyona nto iphambili kuthi kukuthanda kukaThixo, ukushumayela isigidimi soBukumkani, ukuthethelelwa kolongamo lukaYehova nokungcwaliswa kwegama lakhe? Ezi zizinto eziyintloko esimele sizithandazele, njengokuba oku sikubona kumthandazo kaYesu ongumzekelo, oqalisa ngala mazwi: “Bawo wethu osemazulwini, malingcwaliswe igama lakho. Mabufike ubukumkani bakho. Makwenzeke ukuthanda kwakho nasemhlabeni, njengasezulwini.”—Mat. 6:9, 10.
13, 14. Imithandazo yethu ibonisa ntoni ngathi?
13 Imithandazo yethu kuThixo ibonisa iinjongo zethu, izinto esizithandayo nezinto esizinqwenelayo. UYehova uyazazi izinto esizicingayo. IMizekeliso 17:3 ithi: “Imbiza yokusulungekisa yeyesilivere neziko lelegolide, kodwa uYehova ungumgocagoci weentliziyo.” UThixo uyakwazi oko kusezintliziyweni zethu. (1 Sam. 16:7) Uyayazi indlela esivakalelwa ngayo ngeentlanganiso zethu, ngobulungiseleli nangabazalwana noodadewethu. UYehova uyayazi indlela esibajonga ngayo ‘abazalwana’ bakaKristu. (Mat. 25:40) Uyazi xa sithandaza ngokunyanisekileyo naxa sicengceleza nje. UYesu wathi: “Xa uthandaza, ungaphindaphindani nento enye, njengokuba besenza abantu beentlanga, kuba [ngempazamo] becinga ukuba baya kuviwa ngenxa yokusebenzisa kwabo amazwi amaninzi.”—Mat. 6:7.
14 Imithandazo yethu ikwabonisa nendlela esithembele ngayo kuThixo. UDavide wathi: “[Yehova] ungqineke uyindawo yokusabela kum, inqaba eyomeleleyo phambi kotshaba. Ndiya kuba lundwendwe ententeni yakho ukusa kumaxesha angenammiselo; ndiya kusabela kwindawo efihlakeleyo yamaphiko akho.” (INdu. 61:3, 4) Xa uThixo ‘etwabulula intente yakhe phezu kwethu’ siziva sinqabisekile. (ISityhi. 7:15) Kuthuthuzela ngokwenene ukuthandaza kuYehova xa ukholo lwethu luvavanywa, siqinisekile ukuba ‘usecaleni lethu’.—Funda iNdumiso 118:5-9.
15, 16. Umthandazo unokusinceda siqonde ntoni ngomnqweno esinawo wokufumana amalungelo enkonzo?
15 Ukuthandaza kwethu ngokunyanisekileyo kuYehova kunokusinceda siziqonde kakuhle iinjongo zethu. Ngokomzekelo, ngaba silangazelela ukuba ngabaveleli kuba ngokunyanisekileyo sinqwenela ukunceda abantu bakaThixo nokuhambisela phambili izilangazelelo zoBukumkani? Okanye ngaba sifuna nje ukuba “kwindawo yokuqala” okanye mhlawumbi sifuna ukuba “ziinkosi phezu” kwabanye? Abantu bakaYehova abamele benze ngaloo ndlela. (Funda eyesi-3 kaYohane 9, 10; noLuka 22:24-27.) Ukuba sineminqweno emibi, ukuthandaza ngokunyanisekileyo kuYehova uThixo kusinceda ukuba ingendeli.
16 Abafazi abangamaKristu banokunqwenela ukuba abayeni babo babe zizicaka zolungiselelo okanye mhlawumbi bade babe ngabaveleli okanye abadala. Aba dade basenokude basebenzele kuloo nto bayithandazela ngasese ngokumisela umzekelo omhle ngehambo yabo. Oku kubalulekile, kuba indlela eziphatha ngayo intsapho yomzalwana inegalelo kwindlela ajongwa ngayo ebandleni.
Ukuthandazela Abanye Esidlangalaleni
17. Kutheni kukuhle ukuba sibe sodwa xa sithandaza ngasese?
17 UYesu wayedla ngokusuka kwindawo enezihlwele aye kuthandaza kuYise ngasese. (Mat. 14:13; Luka 5:16; 6:12) Nathi kuyafuneka ukuba sibe sodwa xa sithandaza. Xa sithandaza kwindawo ethe cwaka sinokwenza izigqibo ezimkholisayo uYehova neziya kusinceda ngokomoya. Noko ke uYesu wayethandaza nasesidlangalaleni, ngoko kuya kuba kuhle ukuba sibone indlela efanelekileyo yokwenza oku.
18. Yintoni abamele bayikhumbule abazalwana xa bethandaza ebandleni?
18 Kwiintlanganiso, amadoda anyanisekileyo athandazela ibandla esidlangalaleni. (1 Tim. 2:8) Ekupheleni komthandazo, amanye amaKristu afanele akwazi ukuthi “amen,” okuthetha ukuthi “makube njalo.” Kodwa ukuze akwazi ukwenjenjalo, afanele avumelane naloo mthandazo. Kumthandazo kaYesu ongumzekelo akukho nto yothusayo okanye ethethwe ngendlela ekhubekisayo. (Luka 11:2-4) Ngaphezu koko, akazange achaze zonke iingxaki zomntu ngamnye owayelapho. Iingxaki zobuqu sinokuzikhankanya kwimithandazo yangasese kungekhona esidlangalaleni. Xa simela abanye ngomthandazo simele sikuphephe ukukhankanya imicimbi eyimfihlo.
19. Sifanele siziphathe njani xa kuthandazwa ebandleni?
19 Xa kuthandazwa esidlangalaleni simele sizibonakalise ukuba ‘siyamoyika uThixo.’ (1 Pet. 2:17) Ezinye izinto ekungaphosakalanga ukuzenza xa sikwenye indawo zisenokungafaneleki xa sikwiintlanganiso zamaKristu. (INtshu. 3:1) Ngokomzekelo, masithi mntu uthile ufuna kubanjwane ngumntu wonke xa kuthandazwa. Oku kusenokubakhubekisa okanye kubaphazamise abanye, kuquka abo batyeleleyo. Abantu ababini abatshatileyo basenokubambana ngezandla ngendlela engatsali mehlo, kodwa ukuba bayagonana xa kuthandazwa esidlangalaleni, basenokubakhubekisa abanye. Basenokucinga ukuba aba bantu balibele kukuthandana endaweni yokubonisa intlonelo kuYehova. Ngoko ‘zonke izinto masizenzele uzuko lukaThixo’ kuba simhlonela, size siphephe ukwenza izinto ezinokuphazamisa, zothuse okanye zikhubekise abanye.—1 Kor. 10:31, 32; 2 Kor. 6:3.
Ziziphi Izinto Esinokuzithandazela?
20. Unokuyicacisa njani eyabaseRoma 8:26, 27?
20 Ngamany’ amaxesha sisenokungayazi into emasiyithandazele. UPawulos wathi: ‘Ingxaki esifanele siyithandazele njengoko kuyimfuneko asiyazi, kodwa umoya oyingcwele ngokwawo uyasibongozela ngokugcuma okungathethekiyo. Ukanti yena uThixo ophengulula iintliziyo uyakwazi oko kuthethwa ngumoya.’ (Roma 8:26, 27) UYehova walungiselela ukuba kubhalwe imithandazo emininzi eZibhalweni. Uyasiva xa sisenza izicelo ezikule mithandazo aze asiphe ezo zinto sizicelayo. UThixo uyasazi yaye uyayazi nentsingiselo yezinto awaphefumlela ngomoya wakhe ukuba zithethwe ngababhali beBhayibhile. UYehova uyaziphendula izikhungo zethu xa umoya ‘usibongozela’ okanye usicelela. Kodwa njengoko siqhelana ngakumbi neLizwi likaThixo, kusenokuba lula ukuthandaza.
21. Yintoni esiza kufunda ngayo kwinqaku elilandelayo?
21 Njengoko siye safunda, imithandazo yethu ithetha lukhulu ngathi. Ngokomzekelo inokubonisa indlela esisondele ngayo kuYehova nendlela esilazi ngayo iLizwi lakhe. (Yak. 4:8) Kwinqaku elilandelayo siza kufunda ngemithandazo ebhalwe eBhayibhileni. Ukuhlolisisa loo mithandazo iseZibhalweni kuya kusinceda njani xa sithandaza kuThixo?
Ubuya Kuphendula Uthini?
• Simele sibe nesimo sengqondo esinjani xa sithandaza kuYehova?
• Kutheni simele sithandazele amanye amaKristu?
• Imithandazo yethu inokubonisa ntoni ngathi neenjongo zethu?
• Simele siziphathe njani xa kuthandazwa ebandleni?
[Umfanekiso okwiphepha 4]
Ngaba umdumisa rhoqo uYehova uze uthandaze kuye?
[Umfanekiso okwiphepha 6]
Indlela esiziphatha ngayo xa kuthandazwa esidlangalaleni ifanele ibonise ukuba siyamhlonela uYehova