Baxabise Abazalwana Noodadewenu Abazizithulu!
ABANTU bakaThixo namhlanje bayintsapho enkulu esusela kumadoda namabhinqa awayephila mandulo. Abanye babo nguSamuweli, uDavide, uSamson, uRahabhi, uMoses, uAbraham, uSara, uNowa noAbheli. Phakathi kwabakhonzi bakaYehova abanyanisekileyo kukho nabantu abaninzi abazizithulu. Ngokomzekelo, abantu ababini bokuqala ababa ngamaNgqina kaYehova eMongolia, sisibini esizizithulu. Ngenxa yokuthembeka kwabazalwana noodade baseRashiya abazizithulu, iNkundla YaseYurophu Elwela Amalungelo Abantu yaba ngakwicala lethu.
Kule mihla, ‘ikhoboka elithembekileyo neliyingqondi’ liye lalungiselela ukuba kubekho iimpapasho zentetho yezandla, kusekwe amabandla, kubekho iindibano ezincinane nezinkulu zentetho yezandla. (Mat. 24:45) Aba bazalwana baye bangenelwa kakhulu kula malungiselelo.a Kodwa ngaba wakha wayicinga into yokuba kwakunjani kubazalwana abazizithulu ukufunda ngoThixo oyinyaniso nokwenza inkqubela ngaphandle kwala malungiselelo? Ngaba wakha wacinga ngendlela onokubanceda ngayo abantu abazizithulu abakwindawo ohlala kuyo?
Ngaphambi Kokuba Kubekho Amalungiselelo Akhoyo Namhlanje
Kutheni ungabuzi abanye babazalwana abazizithulu abasele bekhulile ngendlela abalufumana ngayo ulwazi ngoThixo? Mhlawumbi baya kukuxelela indlela abavakalelwa ngayo xa bafumanisa ukuba uThixo unegama—nendlela loo nto eyabutshintsha ngayo ubomi babo baza baqhubeka bethembekile kangangeminyaka ngaphambi kokuba kubekho iividiyo okanye iiDVD zentetho yezandla ezilungiselelwe ukubanceda bafunde inyaniso yeZibhalo. Basenokuchaza indlela ekwakunzima ngayo xa kwakungekho ntlanganiso zamaKristu zentetho yezandla. Ngelo xesha, kwakuhlala umntu ecaleni kwabo aze ababhalele ephepheni oko kuthethwayo. Omnye umzalwana osisithulu wafunda inyaniso yeBhayibhile ngale ndlela kangangeminyaka esixhenxe kungekho mntu oguqulela kwintetho yezandla.
AmaNgqina azizithulu akhulileyo akhumbula indlela awayeshumayela ngayo kwintsimi yabantu “abevayo.” Ayephatha ikhadi elibhalwe intshumayelo elula, aze ngesinye isandla aphathe iMboniselo noVukani! Kwakunzima ukuqhuba isifundo seBhayibhile nomnye umntu osisithulu usebenzisa iimpapasho ezibhaliweyo eningaziqondi kakuhle ukuba zithetha ukuthini nobabini. Abavakalisi abazizithulu abakhulileyo bakhumbula indlela ababekhathazeka ngayo xa umntu abathetha naye engabeva kakuhle nto leyo yayibenza bangakwazi ukuqhubeka nesigidimi. Bayazi ukuba kunjani ukuba nothando olunzulu ngoYehova, ube ungakwazi ukulubonakalisa kakuhle olo thando. Yintoni eyayibangela loo nto? Kaloku, babengaqinisekanga ukuba into abayithethayo ichanile.
Ngaphandle nje kwale miqobo, abazalwana noodadewethu abazizithulu baye bakwazi ukugcina ingqibelelo yabo. (Yobhi 2:3) Baye balindela kuYehova ngolangazelelo. (INdu. 37:7) Ngoku ubasikelela ngendlela abangazange bayicinge.
Khawucinge ngeenzame ezenziwa ngomnye umzalwana osisithulu nonentsapho. Ngaphambi kokuba kubekho iividiyo zentetho yezandla, wayeqhuba isifundo sentsapho rhoqo. Unyana wakhe uthi: “Kwakunzima ukuba uTata aqhube isifundo kuba wayesebenzisa iimpapasho ezibhaliweyo. Wayengayiqondi kakuhle into ebhalwe apho. Nathi sasisenza kube nzima ngakumbi. Xa engazicacisi kakuhle izinto, sasimlungisa ngokukhawuleza. Nakuba kunjalo, wayesiqhuba rhoqo isifundo sentsapho. Wayevakalelwa kukuba ukufunda ngoYehova kwakubaluleke ngaphezu kokumana ephoxeka kuba engasazi kakuhle isiNgesi.”
URichard oneminyaka engaphezu kwama-70 osisithulu nongaboniyo uhlala eBrooklyn, eNew York, eUnited States. URichard akaphoswa ziintlanganiso zamaKristu. Xa esiya ezintlanganisweni, ukhwela uloliwe, aze abale izikhululo ukuze azi ukuba uza kwehla phi na. Ngobunye ubusika, kwawa ikhephu yaye ngaloo mini iintlanganiso zange zibekho. Bonke abavakalisi bebandla baxelelwa ukuba iintlanganiso azizukubakho, kodwa uRichard walityalwa. Abazalwana bakhumbula ukuba uRichard akaxelelwanga, baza bahamba baya kumkhangela bamfumana emi ngaphandle kwiHolo yoBukumkani elinde ngomonde ukuba kuvulwe. Xa bembuza ukuba kutheni ehamba kwikhephu elingako, waphendula wathi, “Ndiyamthanda uYehova.”
Yintoni Onokuyenza?
Ngaba bakho abantu abazizithulu kwindawo ohlala kuyo? Ngaba unokufunda intetho yezandla ukuze ukwazi ukuthetha nabo? Abantu abazizithulu ngokuqhelekileyo banobubele yaye baba nomonde xa befundisa abanye intetho yezandla. Usenokudibana nomntu osisithulu naphi na okanye entsimini. Yintoni onokuyenza? Zama ukuthetha naye. Yalatha, ubhale phantsi, uzobe, umbonise imifanekiso okanye uzenze zonke ezo zinto. Enoba loo mntu ubonakala ngathi akanamdla, xelela iNgqina elisisithulu okanye elikwaziyo ukuthetha ngezandla ukuba udibene nomntu osisithulu. Isigidimi sinokuba nomtsalane ngakumbi xa loo mntu kuthethwa naye ngentetho yezandla.
Mhlawumbi ufunda intetho yezandla yaye ukwibandla ekusetyenziswa le ntetho kulo. Unokuphucula njani kwindlela oyisebenzisa ngayo intetho yezandla? Nangona kusenokubakho abavakalisi abakwaziyo ukuthetha ebandleni okulo, kutheni ningasebenzisi intetho yezandla xa nincokola? Oku kuya kukunceda ukuba usebenzise intetho yezandla okanye imifanekiso kwanaxa ucinga. Maxa wambi, kusenokuba lula ukusuka nje uthethe. Noko ke, xa ufunda naluphi na ulwimi, umele uzingise.
Xa uzibhokoxa ekusebenziseni intetho yezandla ubonisa ukuba uyabathanda yaye uyabahlonela abazalwana noodade abazizithulu. Cinga nje indlela abakhathazeka ngayo abantu abazizithulu mihla le kuba bengayiva into ethethwayo emsebenzini nasesikolweni. Omnye umzalwana osisithulu wathi: “Ndisoloko ndingqongwe ngabantu abakwaziyo ukuthetha. Ndiye ndizive ndililolo ndize ndikhathazeke, maxa wambi ndide ndibe nomsindo. Andikwazi nokuyichaza indlela endivakalelwa ngayo.” Abazalwana noodadewethu abazizithulu bafanele bahlaziyeke baze bakhuthazeke xa besezintlanganisweni.—Yoh. 13:34, 35.
Abanye abantu esingamele sibalibale ngabo bakumaqela amancinane entetho yezandla nabo bakumabandla anabantu abakwaziyo ukuthetha. Bayatolikelwa. Ukuze akuqonde ngokupheleleyo oko kuthethwayo, amalungu ebandla azizithulu ahlala ngaphambili kwiHolo yoBukumkani. Oku kuwanceda ukuba akwazi ukubona umguquleli nesithethi ngexesha elinye. Abavakalisi abakula mabandla bakuqhela ngokukhawuleza oku yaye abaphazamiseki. Kwenziwa ngale ndlela nakwiindibano ezincinane nezinkulu. Simele sibancome abazalwana noodade abasebenza nzima nabaguqulela kanye ngendlela umntu osisithulu ebeya kuthetha ngayo.
Mhlawumbi ukwibandla elinyamekela iqela lentetho yezandla okanye elinabantu abazizithulu ekufuneka batolikelwe ezintlanganisweni. Yintoni onokuyenza ukuze ubonise umdla kwaba bazalwana bazizithulu? Bamemele ekhayeni lakho. Ukuba kunokwenzeka, zama ukufunda intetho yezandla. Ukungakwazi kwakho ukuthetha intetho yezandla makungabi ngumqobo. Uya kuyifumana indlela yokunxibelelana nabo yaye niya kuba nethuba elimnandi ongasokuze ulilibale. (1 Yoh. 4:8) Ininzi into esinokuyifunda kumaNgqina azizithulu. Angamancoko, akrelekrele yaye asoloko onwabile. Omnye umzalwana onabazali abazizithulu, uthi: “Ndakhula ndihlala nabantu abazizithulu, ndinombulelo ongazenzisiyo ngendlela abandikhulisa ngayo. Sinokufunda lukhulu kubazalwana noodadewethu abazizithulu.”
UYehova uyabathanda abakhonzi bakhe abathembekileyo, kuquka abo bazizithulu. Ukholo lwabo nokunyamezela kwabo kunegalelo kulwando lwentlangano kaYehova. Ngoko ke masibaxabise abazalwana noodadewethu abazizithulu!
[Umbhalo osemazantsi]
a Funda inqaku elithi “UYehova Uye Wakhanyisa Ubuso Bakhe Phezu Kwabo,” kwiMboniselo ka-Agasti 15, 2009.
[Umfanekiso okwiphepha 31]
Isigidimi soBukumkani sibangela umdla ngakumbi kumntu osisithulu xa kuthethwa naye ngentetho yezandla
[Imifanekiso ekwiphepha 32]
Abazalwana noodadewethu abazizithulu bafanele bahlaziyeke baze bakhuthazeke xa besezintlanganisweni