Indlela Abathuthuzelwa Ngayo—Abantu Abagetyengelwa Izalamane Esikolweni
Iphepha elingaphambili lelinye lamaphephandaba aseJamani lalimnyama lonke. Kwakubhalwe ngoonobumba abakhulu igama nje elinye: “Kutheni?” Lo mbuzo wawusoloko ubuzwa emva kokuba ityendyana lomfana elineminyaka eli-17 ubudala liqhumise irhuluwa laza labulala abantu abali-15 eWinnenden emazantsi eJamani. Kulo lonke elo laseJamani iiflegi zathotywa, yaye ehlabathini lonke ezo ndaba zanwenwa okomlilo wedobo.
Idolophu yaseWinnenden iqhuba kakuhle kwezoqoqosho yaye ipholile, inemidiliya neminye imiyezo. Isikolo Samabanga aphakamileyo saseAlbertville sawuqalisa njengezinye iintsuku eziqhelekileyo umhla kaMatshi 11, 2009. Kwathi ke ngeye-9:30 kusasa waqhawuka ujingi abantwana bedlala!
Ityendyana lomfana lambonzeleka kwisikolo elalikade lifunda kuso liphethe umkhonw’ ekati wabazali balo. Ngexesha nje elingephi, ladubula abafundi abasithoba nootitshala abathathu laza langxwelerha nabanye abantu. Akuzange kube kudala bagaleleka abakwantsasana. Lo mbulali wabaleka waya kwisibhedlele sabantu abagula ngengqondo esikufutshane nesikolo. Apho wabulala enye indoda. Emva koko wakhomba enye indoda ngompu waza waqweqwedisa imoto yayo. Loo ndoda yakwazi ukuphoncuka emva kokuba behambe iikhilomitha ezingama-40. Wafika kwindawo ethengisa iimoto wabulala abanye abantu ababini waza wangxwelerha namapolisa amabini awayemsukela. Wathi esakuxinaniselwa ngamapolisa wazidubula entloko wazibulala.
Ngokutsho kwabo babemazi kakuhle, wayengumntwana nje oqhelekileyo owayefuna ukuthandwa ngabanye abantu. Konakala phi? Kusenokwenzeka ukuba wayexinezelekile, edlala ngemipu nemidlalo yekhompyutha enobundlobongela. Kodwa abanye bathi nolunye ulutsha luyazenza ezo zinto. Kuthekani ngabantu awabadubulayo? Ngaba wakhetha abantu abathile okanye wadubula nabani na awayedibana naye? Abantu babethetha izinto ezahlukeneyo ngesizathu sokudubula kwakhe amantombazana asibhozo nenkwenkwe enye kuphela. Akakho umntu owachaza isizathu esibambekayo.
Indlela Abasabela Ngayo Abantu
UHeike uthi: “Andizange ndikholelwe xa unyana wam wandifowunela endixelela ngeso sihelegu. Kodwa ndoyika xa ndeva iimoto zamapolisa nezezigulana ziphithizela.” Mhlawumbi ukufika kwamapolisa ngokukhawuleza kwamthintela ukuba angabulali abafundi abangakumbi. Emva kokuba abafundi bekhutshiwe kumagumbi okufundela, kwafika abezonyango, izazi ngengqondo nabefundisi beze kunceda abafundi.
Iintatheli zakhawuleza zagaleleka zize kuzivela ngokwazo kubafundi, nangona uninzi lwabo lwalusothukile. Omnye umfundi wathi kweso sikolo kwafika iimoto ezingama-28 zezikhululo zikamabonwakude ezingama-26. Amajelo eendaba ayesukuzana, nto leyo eyabangela ukuba kusasazwe iingxelo ezingaqinisekiswanga. Enye intatheli yafowunela intsapho yentombazana eyayibulewe ifuna iifoto zayo, ukanti ezinye zazihlawula abafundi ukuze zibafote. Ngenxa yeso siphithiphithi, ezinye iintatheli zazibonakala zingawazi umahluko phakathi kokufumana ezona ndaba zibangel’ umdla nokuba novelwano nentlonelo ngamaxhoba.
Njengoko kuqhele ukwenzeka kwiimeko ezinje, abantu babhenela kunqulo ukuze lubathuthuzele nokuze bafumane iimpendulo. Ngosuku esenzeka ngalo eso sihelegu, kwaqhutywa inkonzo yeemvaba ngeemvaba. Abaninzi bayixabisa loo nkxaso. Kodwa abo babefuna ukuthuthuzelwa liLizwi likaThixo okanye befuna iimpendulo kwimibuzo entsonkothileyo badana. Enye intsapho yaya emngcwabeni wentombazana eyayifunda nonyana wayo. Umama wayo uthi: “UBhishophu washumayela ngezinto ezibuhlungu ezehlela uYobhi. Ndandilindele ukuba achaze ukuba sifunda ntoni okanye asithuthuzele—kodwa akazange asichazele izizathu zokubandezeleka okanye isiphelo sikaYobhi.”
Enye indoda yacatshukiswa ngumlembelele wentshumayelo eyenziwayo. Le ndoda yayikhe yafunda iBhayibhile namaNgqina kaYehova kwiminyaka engama-30 ngaphambili, yaza yayeka. Kodwa ke ngoku iye yaphinda yaqalisa ukuya ezintlanganisweni.
UValisa, intombazana eneminyaka eli-14 ubudala efunda iBhayibhile namaNgqina, wayekwiklasi esenzeka kufutshane nayo esi sihelegu. Wathi esakuva izithonga zompu, wathandaza kuYehova. Kamva xa wayebuzwa ukuba uziva njani, wathi ezi ziganeko ziqinisekisa oko akufunde eBhayibhileni ngale mihla yokugqibela. (2 Timoti 3:1-5) AmaNgqina kaYehova amabini ayexakekile ethuthuzela abamelwane bawo. Elinye ibhinqa elisele likhulile lathi kuwo “Abantu abaninzi bafanele benze lento niyenzayo.” Nangona kwakubuhlungu yaye kusothusa ukugetyengwa kwabantu, kwenza abanye baphulaphula ithemba nentuthuzelo evela kwiLizwi likaThixo.
Umvandedwa Owalandelayo
Nkqu nawona mazwi okuthuthuzela amyoli akanakukuphelisa ukothuka nentlungu yabantu abaye bachaphazeleka. Akukho mazwi anokuyicima intlungu yomzali owabhujelwa ngumntwana okanye ipolisa elabaleka lisiya kweso sikolo laza lafika umfazi walo ebulewe.
Abafundi abasindayo kunye neentsapho zabo, baba nomvandedwa. UVassilios wacela kwabanentsente esakuva izithonga zompu. Uthi: “Njengoko ndandiphuma ngefestile ndathandaza kuYehova. Ndandicinga ukuba ndiza kufa ibe ndandiqinisekile ukuba loo mthandazo wawungowokugqibela.” Kwiiveki ezalandelayo wayengakwazi kulala kwaye wayengafuni kuthetha. Wacatshukiswa kakhulu kukubona indlela amajelo endaba awayesenza imali ngayo ngeso siganeko nangendlela ababengenankathalo ngayo abo babefuna iinkcukacha ngaso. Ekuhambeni kwexesha wachacha.
UJonas wayekwiklasi enye noVassilios yaye wabona xa kwakubulawa abanye abafundi abahlanu. Wathi: “Emva koko, ndandingabi nangxaki xa kufuneka ndibalise ngento eyenzekayo, kwakuba ngathi ndibalisa imovie eyoyikekayo. Kodwa ngoku kunzima ukuyichaza indlela endivakalelwa ngayo yaye iyatshintshatshintsha. Maxa wambi ndiye ndingakufuni ukuthetha ngaso, kodwa ngamanye amaxesha ndithetha ndingayeki.” Ngamanye amaxesha uphupha kakubi aze angakwazi ukulala.
Emva kweentsuku ezithile, abafundi banikwa izinto zabo ababezishiye kwezo klasi. Izazi-ngengqondo zabalumkisa ngelithi ukubona ezo zinto kwakuza kubakhumbuza ngale ntlekele. Ekuqaleni, uJonas wayengafuni nokuyichukumisa oku ibhatyi yakhe, ubhaka nomnqwazi wakhe wesithuthuthu. Wayedla ngokoyika sihlandlo ngasinye ebona umntu ofana nalaa mfana okanye oxwaye ubhaka ofana nowakhe. Wayesothuka abande xa esiva isithonga sompu kumabonwakude. Izazi–ngengqondo zazama ukunceda amaxhoba ukuba asilibale eso siganeko.
UJürgen uyise kaJonas usebenza kwikliniki ekwabulawa umsebenzi omnye kuyo. Uthi abazali abaninzi babezibuza ukuba babeza kuthini ukuba wayedubule bona. Ngokomzekelo, omnye umsebenzi welo ziko owalibonayo eli tyendyana lo mfana, waphazamiseka gqitha akucinga ukuba naye ngelalimdubulile, kangangokuba kwafuneka ancedwe ngoogqirha bengqondo.
Indlela Abancedwa Ngayo Abanye
Yintoni eye yanceda abanye bakwazi ukuhlangabezana nale nto ibuhlungu kangaka? UJürgen uthi: “Nangona kunzima maxa wambi, kumnandi ukuhlala nabanye abantu. Kuyanceda ukwazi ukuba kukho abantu abakukhathaleleyo, nokuba awuwedwa.”
UJonas uyayixabisa nendlela abaye bamthuthuzela ngayo abanye. Uthi: “Abaninzi bathumela amakhadi nemiyalezo. Abanye bacaphula iivesi zeBhayibhile, endiye ndizifunde. Ndiyayithanda loo nto.” Yintoni enye emncedayo? Uthi: “Xa ndisothuka ebusuku ndize ndingaphindi ndilale, ndiyathandaza. Maxa wambi ndiye ndiphulaphule umculo okanye amanqaku kaVukani! arekhodiweyo.”a Uhlabela mgama esithi iBhayibhile isixelela isizathu sokuba kwenzeke ezi zinto: Eli hlabathi lilawulwa nguSathana. Uyise uthi ukwazi ezo zinto kuya banceda.
Ukubandezeleka Kuza Kuphela Kungekudala
Kwiintsuku nje ezingephi kwabekwa amakhandlela, iintyatyambo neeleta kuloo ndawo yengozi. UKerstin waphawula ukuba kwezo leta kwakukho abantu abaninzi ababebuza isizathu sokuba uThixo ayivumele le nto. Yena namanye amaNgqina amabini babhala ileta baza bayibeka apho kuba babesithi yayimele iphendulwe loo mibuzo.
Njengoko kwakusenziwa inkonzo yokukhumbula abafi, isikhululo sikamabonwakude saveza ileta yakhe saza sacaphula isivakalisi sokuqala esithi: “Kutheni? Kule mihla yokugqibela, loo mbuzo ubusoloko ubuzwa, ngokukodwa othi: Ebephi uThixo? Kwakutheni ukuze ayivumele?” Okulusizi kukuba, baveza le nxalenye kuphela.
Kutheni kulusizi nje? Kuba le leta yahlabela mgama ichaza unobangela wako konke ukubandezeleka yaze yachaza ukuba uThixo “uza kuqinisekisa ukuba zonke izinto ezibuhlungu ezenziwe ngabantu ziya kulungiswa.” Ihlabela mgama isithi: “Kwincwadi yokugqibela yeBhayibhile, uThixo uthi uya kuzisula zonke iinyembezi emehlweni abo, kungabi sabakho kufa, kungabi sabakho kuzila nakukhala nantlungu kwakhona. Izinto zangaphambili zidlule.” UYehova uThixo uza kuvusa nabafi. Ngaphantsi koBukumkani bakhe ekusele kumbovu ukuba bufike, aziyi kuphinda zibekho iintlekele, ukugetyengwa kwabantu okanye ukubandezeleka. UThixo uthembisa esithi: “Khangela! Zonke izinto ndizenza ntsha.”—ISityhilelo 21:4, 5.
[Umbhalo osemazantsi]
a UVukani! ushicilelwa aze arekhodwe ngamaNgqina kaYehova.
[Umfanekiso okwiphepha 12]
UJonas wafumana ikhadi elalisithi “sicinga ngawe”
[Inkcazelo Ngomfanekiso okwiphepha 9]
Focus Agency/WPN
[Inkcazelo Ngomfanekiso okwiphepha 9]
© imagebroker/Alamy
[Inkcazelo Ngomfanekiso okwiphepha 10]
Foto: picture alliance
[Inkcazelo Ngomfanekiso okwiphepha 11]
Foto: picture alliance