Sondela KuThixo
Umzalisekisi Wezithembiso
NGABA ukufumanisa kunzima ukubathemba abanye abantu? Okulusizi kukuba siphila kwihlabathi elinabantu abangathembekanga. Ukuba wakhe waphathwa kabuhlungu ngumntu owawumthemba—mhlawumbi ngenxa yobuxoki okanye izithembiso ezingazalisekiswanga—kusenokwenzeka ukuba loo nto yakwenza wayeka ukubathemba abantu. Noko ke, ukho umntu onokumthemba nongasayi kuze akuphoxe. IMizekeliso 3:5 ithi: “Kholosa ngoYehova ngayo yonke intliziyo yakho.” Kutheni simele simthembe nje uYehova? Ukuze siwuphendule loo mbuzo makhe sihlolisise amazwi kaYoshuwa—indoda eyakholosa ngokupheleleyo ngoYehova—njengoko ebhalwe kuYoshuwa 23:14.
Cinga ngemeko awayekuyo uYoshuwa xa wayethetha la mazwi. UYoshuwa owangena ezihlangwini zikaMoses njengenkokeli kaSirayeli, sele esondele kwiminyaka eli-110 ubudala. Ubomi bakhe bonke uye wazibona izinto uYehova azenzele uSirayeli ngamandla akhe, kuquka nokumweza ngokummangaliso kuLwandle Olubomvu kwiminyaka engama-60 eyadlulayo. Njengoko ecinga ngezinto azibonileyo ebomini bakhe, uYoshuwa ubiza ‘amadoda amakhulu, iintloko, abagwebi namagosa’ kaSirayeli. (Yoshuwa 23:2) Amazwi akhe awabonisi nje ubulumko bengwevu, kodwa aveza iingcamango zentliziyo enokholo.
UYoshuwa uthi: “Namhlanje ndihamba endleleni yomhlaba wonke.” Ibinzana elithi “endleleni yomhlaba wonke” sisaci esithetha ukufa. Ngamanye amazwi uYoshuwa uthi “sele ndiza kufa.” Ekubeni wayesazi ukuba uza kufa, ngokuqinisekileyo wachitha ixesha elininzi ecinga ngezinto ezazenzeke ebomini bakhe. Ngawaphi amazwi okugqibela aza kuwathetha kubantu anqula nabo?
Uhlabela mgama esithi: “Akusilelanga nalinye ilizwi kuwo onke amazwi alungileyo uYehova uThixo wenu awathethileyo kuni. Onke abe yinyaniso kuni. Akusilelanga nalinye ilizwi kuwo.” La ngamazwi endoda ekholose ngoThixo. Siyintoni isizathu? Xa ekhangela ngasemva kuzo zonke izinto azibonileyo, uYoshuwa uyaqonda ukuba uYehova usoloko ezizaliseka zonke izithembiso zakhe.a Iyacaca injongo yamazwi kaYoshuwa: Ufuna amaSirayeli abe nokholo lokuba zonke izithembiso zikaYehova ziza kuzaliseka.
Enye incwadi ehlalutya iBhayibhile ithi ngoYoshuwa 23:14: “Funda sonke isithembiso esiseBhayibhileni; uze ujonge imbali yehlabathi; ubuze sonke isidalwa esisemhlabeni, ubone ukuba sikhona na isithembiso angazange asizalisekise uThixo.” Ukuba besinokukwazi ukwenza uhlolisiso olunjalo besiya kufikelela kwisigqibo esifanayo nesikaYoshuwa—izithembiso zikaYehova azisileli.—1 Kumkani 8:56; Isaya 55:10, 11.
IBhayibhile inezithembiso zikaThixo eziye zazaliseka, kuquka nezinye ezizaliseka kumhla wethu. Ikwanezithembiso zikaYehova ezimangalisayo zexesha elizayo.b Kutheni ungakhe uzifundele ngokwakho loo mabali? Ukufunda iBhayibhile kunokukwenza uqiniseke ukuba ufanele umthembe umzalisekisi wezithembiso.
[Imibhalo esemazantsi]
a Nazi ezinye zezithembiso okanye iziqinisekiso awazibona zizaliseka uYoshuwa. UYehova wayeza kumnika umhlaba wakhe uSirayeli. (Thelekisa iGenesis 12:7 noYoshuwa 11:23.) UYehova wayeza kumkhulula uSirayeli eYiputa. (Thelekisa iEksodus 3:8 neEksodus 12:29-32.) UYehova wayeza kubaxhasa abantu bakhe.—Thelekisa iEksodus 16:4, 13-15 neDuteronomi 8:3, 4.
b Ukuze ufunde okungakumbi ngezithembiso zikaThixo zexesha elizayo funda isahluko 3, 7 nesesi-8 kwincwadi ethi Yintoni Ngokwenene Efundiswa YiBhayibhile? epapashwe ngamaNgqina kaYehova.