IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w10 1/1 iphe. 19-21
  • Ngaba Abafi Banokubanceda Abaphilayo?

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Ngaba Abafi Banokubanceda Abaphilayo?
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2010
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • Ngaba Abafileyo Bayaphila Ndaweni Ithile?
  • Ngaba Umphefumlo Uyaqhubeka Uphila Emva Kokufa?
  • UKumkani Ucela Uncedo Kwabafileyo
  • Uncedo Lokwenene Lwabaphilayo Nabafileyo
  • Ukunxibelelana Nabafi
    Vukani!—2014
  • Ngaba Ngenene Bayathetha Nabafi?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1988
  • Ngaba Abafileyo Banokubanceda Abaphilayo?
    Vukani!—2012
  • Ngaba Ufanele Uboyike Abafileyo?
    Vukani!—2009
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2010
w10 1/1 iphe. 19-21

Ngaba Abafi Banokubanceda Abaphilayo?

UTAMBA, ityendyanalaseNtshona Afrika wayeza kubhala iimviwo zesikolo.a Unina wamxelela ukuba kwakufuneka acele kwabaphantsi ukuze aphumelele. Kwisixeko sasePelermo eSicily, abakhenkethi batyelela amangcwaba ekugcinwe kuwo amakhulukhulu emizimba yabafi eboniswa abantu. Abanye bakholelwa ukuba ezi zidumbu ziyabakhusela abantu abaphilayo. Nyaka ngamnye, abantu batyelela iLily Dale, idolophu ekwintshona yeNew York eMerika, edume ngokuba nabavumisi abaninzi. Abantu baya kuyo benethemba lokuba baza kunxibelelana nezalamane okanye abahlobo babo abafileyo ukuze babancede.

Inkolelo yokuba abafileyo banokubanceda abaphilayo igqibe umhlaba wonke. Ucinga ntoni wena? Kungenzeka ukuba nawe wakhuliswa ngayo okanye kukho izalamane zakho eziyikholelwayo. Kungokwemvelo ukukhumbula abantu esibathandayo abafileyo. Abavumisi basithembisa ukuba banokusinxibelelanisa nabo. Elinye ibhinqa elalicatshulwe kwiphephancwadi iTime lathi abantu abakwelemimoya “bahlala bekulungele ukusinceda xa sibacela.” Ngaba kunjalo ngokwenene? Ngaba abafileyo banokubanceda abaphilayo? Impendulo yeBhayibhile ingakushiya ubamb’ ongezantsi.

Ngaba Abafileyo Bayaphila Ndaweni Ithile?

IBhayibhile iyichaza ngendlela elula necacileyo imeko yabafi. Khawuve ukuba ithini iNtshumayeli 9:5: “Kuba abaphilayo bayazi ukuba baya kufa; kodwa abafileyo, abazi nto konke konke.” Ngaba abafileyo banazo iimvakalelo? Ivesi 6 iyaphendula: “Uthando lwabo, intiyo yabo nekhwele labo sele latshabalala, yaye abasenasabelo konke konke kuyo nantoni na eyenzekayo phantsi kwelanga.” Phawula kwakhona ukuba nevesi 10 yeso sahluko ithi “akukho msebenzi nakuyila nakwazi nakulumka eShiyol, kwindawo oya kuyo.” Igama lesiHebhere elithi “Shiyol” lithetha “ingcwaba eliqhelekileyo loluntu.” Okubangela umdla kukuba “uHadesi,” igama lesiGrike elithetha into efanayo, eZibhalweni lisetyenziswe ukuchaza indawo awayekuyo uYesu emva kokufa kwakhe.—IZenzo 2:31.

UYesu wanceda abantu abaninzi xa wayesaphila, kodwa ke wayesazi ukuba wayeza kufa. Ngaba wayelindele ukuba akwazi ukunceda abantu xa wayesengcwabeni? Akunjalo. Ukufa kwakhe wakufanisa nexesha lasebusuku apho wayengazukukwazi ukusebenza. (Yohane 9:4) UYesu wayesazi kakuhle ukuba xa abantu beyeka ukuphila ‘ababi namandla ekufeni.’—Isaya 26:14.

Kwakhona, uYesu wasebenzisa isifaniso ukuze acacise ingongoma efanayo ngokufa. Xa umhlobo wakhe uLazaro wafayo, uYesu wafanisa ukufa nokulala. (Yohane 11:11-13) Asilindelanga ukuba umntu oleleyo asincede, akunjalo? Umntu oleleyo akazi nto yaye akakwazi ukwenzela abanye abantu izinto.

Ngaba Umphefumlo Uyaqhubeka Uphila Emva Kokufa?

Abanye abantu bafundiswe ukuba umphefumlo yinto ethile eqhubeka iphila emva kokuba umntu efile. Kodwa iBhayibhile ifundisa into eyahlukileyo. Incwadi yokuqala yeBhayibhile iGenesis, isichazela ngomphefumlo. IGenesis 2:7 ithi umntu wokuqala “waba ngumphefumlo ophilayo” ekudalweni kwakhe. Umntu ngokwakhe ungumphefumlo; nezilwanyana ziyimiphefumlo. (Genesis 1:20-25) Kuyacaca ke ngoko ukuba xa umntu okanye isilwanyana sisifa, umphefumlo uyafa. IBhayibhile iyayingqina le nto.—Hezekile 18:4.

Kodwa ke abanye abantu basenokubuza ukuba, ‘Kuthekani ngamabali abantu abathetha nabantu abafileyo baze beve amazwi abo okanye bade bababone nokubabona?’ Amabali anjalo axhaphakile kumazwe amaninzi. Enza izalamane nezihlobo ezifelweyo zibe nethemba, zize ngenxa yoko ziye kubavumisi abathi bayakwazi ukunxibelelana nabafi.

Ngaba loo mabali ayinyaniso? Ukuba ayiyo, ngaba akaziphikisi izinto ezifundiswa yiBhayibhile ezichazwe ngasentla? UYesu Kristu wathi iLizwi likaThixo liyinyaniso. (Yohane 17:17) Inyaniso ayiziphikisi. Phofu iBhayibhile iyasixelela ukuba sifanele siyijonge njani imfundiso ethi abafi banokubanceda abaphilayo. Isibalisela ngomntu owazama ukucela uncedo kubafi. Ukulifunda ngokucokisekileyo elo bali kuveza eyona nyaniso.

UKumkani Ucela Uncedo Kwabafileyo

Kwakusedabini kumantla akwaSirayeli. UKumkani uSawule nomkhosi wakhe babejongene nomkhosi wamaFilisti owoyikekayo. ‘Intliziyo kaSawule yangcangcazela kakhulu’ esakubona inkampu yamaFilisti. Ngelo xesha uSawule wayesele elulahlile unqulo lokwenyaniso. Ngenxa yoko, uYehova wayengasayiphenduli imithandazo yakhe. USawule wayeza kulufumana phi uncedo? Umprofeti kaThixo uSamuweli wayesele efile.—1 Samuweli 28:3, 5, 6.

USawule waya kuvumisa kwenye inkosikazi yase-Endore. Wayicela ukuba ‘imnyusele uSamuweli’ aphume kwabafileyo. Le nkosikazi yamvezela umbono kaSamuweli. Lo “Samuweli” waxelela uSawule ukuba amaFilisti ayeza kumoyisa nokuthi yena noonyana bakhe babeza kufa kwelo dabi. (1 Samuweli 28:7-19) Ngaba nyhani lowo yayinguSamuweli ovuke kwabafileyo?

Khawuyicingisise le nto. IBhayibhile ithi xa umntu esifa ‘ubuyela emhlabeni wakhe’ yaye “ziyatshabalala iingcamango zakhe.” (INdumiso 146:4) USawule noSamuweli babesazi ukuba uThixo wayengafuni ukuba abantu baye emagqirheni okanye baye kubuzisa kwabaneshologu. Kaloku, ngaphambili uSawule wayetshotshe phambili xa kwakugxothwa abaneshologu kwaSirayeli.—Levitikus 19:31.

Khawuyiqiqe kanje le nto. Ukuba uSamuweli wayephila kwelemimoya, ngaba wayeza kwaphula umthetho kaThixo aze asebenzisane nomntu oneshologu ukuze adibane noSawule? UYehova wayengafuni ukuthetha noSawule. Ngaba igqirha lalinokunyanzela uThixo uSomandla ukuba athethe noSawule esebenzisa uSamuweli owayefile? Unotshe! Kuyacaca ukuba lo “Samuweli” wayengenguye umprofeti kaThixo. Yayiyidemon eyayizenza uSamuweli ofileyo.

Iidemon ziingelosi ezavukela uThixo kwasekuqaleni. (Genesis 6:1-4; Yude 6) Iidemon ziyabafunda abantu abaphilayo; ziyayazi indlela umntu ngamnye athetha ngayo, inkangeleko yakhe kunye nendlela azenza ngayo izinto. Zifuna ukufundisa abantu ukuba iBhayibhile ithetha ubuxoki. Siyaqondakala ke ngoko isizathu sokuba iBhayibhile isilumkise nxamnye nokunxibelelana noomoya abanjalo. (Duteronomi 18:10-12) Aba moya bakhohlakeleyo basasebenza nanamhlanje.

Ngoku siyasibona isizathu sokuba abanye basibalisele “ngokuva” okanye “ukubona” kwabo abantu babo abafileyo. Nangona loo mibono isenokubonakala iluncedo maxa wambi, imimoya engendawo ifuna ukukhohlisa abantu.b (Efese 6:12) Kwakhona khumbula ukuba: UYehova nguThixo oluthando osikhathaleleyo. Ukuba abantu abafileyo bebephila kwenye indawo yaye bekwazi ukunceda abahlobo neentsapho zabo, ngaba uMdali onothando ebenokusalela ukuba siqhagamshelane nabo aze athi “iyacekiseka” loo nto? Siqinisekile ukuba ebengenakuyenza loo nto! (1 Petros 5:7) Ngaba ukho umntu ofanelekileyo wokusinceda?

Uncedo Lokwenene Lwabaphilayo Nabafileyo

Izinto ezithethwe ngasentla ziyasinceda sibone ukuba abafileyo abanawo amandla okunceda abaphilayo. Ngaphezu koko, ukucela uncedo kwabafileyo akulolize nje kuphela; kuyingozi kuba kwaphula umthetho kaThixo yaye kunokusenza silawulwe ziidemon.

IBhayibhile isalathisa kowona Mthombo woncedo—uMdali wethu, uYehova. Unokusihlangula nkqu nasekufeni. (INdumiso 33:19, 20) Namhlanje ukulungele ukusinceda. Usinika ithemba lokwenene ngokungafaniyo namathemba obuxoki avela emagqirheni.

UTamba ekuthethwe ngaye ekuqaleni wazibonela ngokwakhe umahluko phakathi kwamathemba obuxoki avela emagqirheni kunye nenyaniso esiyifundiswa nguYehova. Igqirha lamxelela ukuba wayeza kuzitshona iimviwo zakhe ukuba wayengazixheleli izinyanya. UTamba wayeqalise ukufunda iBhayibhile namaNgqina kaYehova. Wayefunde ngeyona meko bakuyo abafileyo nangemvelaphi yoomoya abazenza ngathi bangabantu abafileyo. Nangona unina wayemmele ngasemva ukuba aye egqirheni, uTamba wala esithi kuye “Ukuba nditshonile ndiza kuzimisela kunyaka ozayo.”

Waba yintoni umphumo? Waphuma phambili kwiimviwo. Umama wakhe wamangaliswa kakhulu, wayeka ukukholelwa emagqirheni yaye akazange aphinde athethe ngokwenza imibingelelo enjalo kwakhona. UTamba wafunda ukuba uYehova akafuni “kucelwe kubantu abafileyo ngenxa yabantu abaphilayo.” (Isaya 8:19) Ukufunda iBhayibhile kwenza uTamba waqiniseka ukuba, uya kuphumelela ukuba uziyolisa ngomthetho kaThixo.—INdumiso 1:1-3.

Kodwa ke kuthekani ngabafileyo bethu esibathandayo? Ngaba akukho themba ngabo? Ngaphezu kokunceda thina baphilayo, uYehova uthembisa nangokunceda abalele emangcwabeni. Emva kokuchaza indlela abangenamandla ngayo abafileyo, umprofeti uIsaya uthi kwisahluko 26 ivesi 19: “Abafileyo bakho baya kuphila. . . Vukani nize nimemelele ngovuyo, nina bahlala eluthulini!” Esi siprofeto sithi “abo bangenamandla ekufeni” baya kuphila kwakhona.

Khawufan’ ucinge nje! Inyambalala yabantu abasemangcwabeni iza kubuyela ebomini kwakhona! IBhayibhile ide ithi uYehova ‘uya kulangazelela’ ukuvusa abafileyo. (Yobhi 14:14, 15) Ngaba yintsomi leyo? UYesu Kristu wayeqinisekile ngeli themba kangangokuba wathi abafileyo sele bephila kakade emehlweni kaYehova.—Luka 20:37, 38.

Ngaba uyafuna ukuba neli themba?c Qhubeka ufunda ulwazi oluchanileyo oluseBhayibhileni. Njengoko ufunda, uya kuqiniseka nangakumbi ukuba uYehova unako ukunceda abaphilayo nabafileyo, nokuba izithembiso zakhe ‘zithembekile yaye ziyinyaniso.’—ISityhilelo 21:4, 5.

[Imibhalo esemazantsi]

a Amagama atshintshiwe.

b Ukuze ufumane ulwazi olungakumbi ngalo mbandela, funda incwadana ethi Imimoya Yabafileyo—Ngaba Inokukunceda Okanye Inokukwenzakalisa? Ngaba Ikho Ngokwenene? epapashwe namaNgqina kaYehova.

c Ukuze ufumane ulwazi olungakumbi ngesithembiso seBhayibhile sovuko, funda isahluko 7 sencwadi ethi Yintoni Ngokwenene Efundiswa YiBhayibhile? epapashwe ngamaNgqina kaYehova.

[Amagama acatshulweyo akwiphepha 19]

Kungokwemvelo ukukhumbula abantu esibathandayo abafileyo

[Umfanekiso okwiphepha 20]

Ngaba umprofeti uSamuweli wabuya kwabafileyo ukuze athethe noKumkani uSawule?

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share