IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w10 2/15 iphe. 5-9
  • ‘Lithethe Ngenkalipho Ilizwi LikaThixo’

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • ‘Lithethe Ngenkalipho Ilizwi LikaThixo’
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2010
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • Kufuneka Sibe Nenkalipho
  • Indlela Yokufumana Inkalipho
  • Iingenelo Zokuba Nenkalipho
  • Vumela Umoya KaThixo Ukunike Inkalipho
  • Xelisa UYesu—Ushumayele Ngesibindi
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2009
  • Ngaba Ushumayela Ngenkalipho?
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2000
  • Qhubeka Uthetha Ilizwi LikaThixo Ngenkalipho
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2005
  • Mamela Iimpendulo Zale Mibuzo
    Ucwangciso LweNdibano Yesiphaluka Ka-2018-2019​—Kunye Nomveleli Wesiphaluka
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2010
w10 2/15 iphe. 5-9

‘Lithethe Ngenkalipho Ilizwi LikaThixo’

“Bazaliswa ngumoya oyingcwele kwaye babelithetha ngenkalipho ilizwi likaThixo.”—IZE. 4:31.

1, 2. Kutheni sifanele sizame ukuba nobuchule bokufundisa kubulungiseleli bethu?

KWIINTSUKU ezintathu ngaphambi kokufa kwakhe, uYesu wathi kubafundi bakhe: “Ezi ndaba zilungileyo zobukumkani ziya kushunyayelwa kuwo wonke umhlaba omiweyo kube bubungqina kuzo zonke iintlanga; kwandule ke kufike ukuphela.” Ngaphambi kokuba anyukele ezulwini, uYesu ovusiweyo wayalela abafundi bakhe ukuba ‘benze abafundi abantu beentlanga zonke, babafundise ukuba bazigcine zonke izinto abayalele zona.’ Wabathembisa ukuba uya kuba nabo “de kube sekuphelisweni kwenkqubo yezinto.”—Mat. 24:14; 26:1, 2; 28:19, 20.

2 NjengamaNgqina kaYehova sixakeke ngumsebenzi owaqala ukwenziwa ngenkulungwane yokuqala. Awukho omnye umsebenzi obaluleke ngaphezu kwalo msebenzi usindisa ubomi wokushumayela ngoBukumkani nowokwenza abafundi. Ngoko, kubalulekile ukuba sikhuthale kubulungiseleli bethu. Kweli nqaku, siza kubona indlela umoya oyingcwele osinceda ngayo ukuze sithethe ngenkalipho xa sikubulungiseleli. Amanqaku amabini alandelayo aza kusibonisa indlela umoya kaYehova onokusinceda ngayo sibe nobuchule bokufundisa size siqhubeke sishumayela.

Kufuneka Sibe Nenkalipho

3. Kutheni kufuneka sibe nenkalipho kumsebenzi wokushumayela ngoBukumkani?

3 Asinakulithelekisa nanto ilungelo esilinikwe nguThixo lokuvakalisa uBukumkani. Noko ke, kuba nzima ngamanye amaxesha. Nangona abanye abantu bezamkela iindaba ezilungileyo zoBukumkani bukaThixo, abanye bafana nabo babephila ngexesha likaNowa. UYesu wathi, “abazange banikele ngqalelo de wafika umkhukula waza wabatshayela bonke.” (Mat. 24:38, 39) Kukho nabo basigculelayo okanye abasichasayo. (2 Pet. 3:3) Sisenokuchaswa ngabo basemagunyeni, ngabo sifunda nesisebenza nabo nazizalamane zethu ezisondeleyo kuthi. Ngaphezu koko, nathi sinabo ubuthathaka, njengokuba neentloni nokoyika ukuphoxwa. Zininzi izinto ezinokwenza kube nzima ukuba ‘nenkululeko yokuthetha’ nokuthetha ilizwi likaThixo “ngenkalipho.” (Efe. 6:19, 20) Kufuneka sibe nenkalipho ukuze siqhubeke sithetha ngelizwi likaThixo. Yintoni enokusinceda sibe nolu phawu?

4. (a) Yintoni inkalipho? (b) Umpostile uPawulos womelezwa yintoni ukuze akwazi ukuthetha nabaseTesalonika?

4 Igama lesiGrike eliguqulelwe ngokuthi ‘inkalipho’ lithetha “ukuthetha phandle, ukungafihli nto.” Eli gama lidlulisela ingcamango yokuba “nesibindi, ukuzithemba, . . . ukungoyiki.” Ukuthetha ngenkalipho akubhekiseli ekuthetheni nje ungacinganga okanye ukuba krwada. (Kol. 4:6) Nangona sinenkalipho, sifuna ukuba noxolo nabantu bonke. (Roma 12:18) Ngaphezu koko, xa sishumayela iindaba ezilungileyo zoBukumkani bukaThixo, sifuna ukuba nenkalipho size kwangaxeshanye sibe nobuchule bokuthetha ukuze singabakhubekisi abanye. Eneneni, simele sihlakulele nezinye iimpawu ukuze sibe nenkalipho. Le nkalipho asizalwa nayo. Emva kokuba umpostile uPawulos namaqabane akhe ‘bephethwe ngokusa eFilipi,’ yintoni ‘eyabomelezayo’ ukuze bakwazi ukuthetha nabaseTesalonika? Umpostile uPawulos wathi bomelezwa ‘nguThixo.’ (Funda eyoku-1 kwabaseTesalonika 2:2.) UYehova uThixo unokusinika inkalipho ukuze nathi singoyiki.

5. UYehova wamomeleza njani uPetros, uYohane nabanye abafundi?

5 Xa babetyityinjiselwa umnwe ‘ngabalawuli babantu namadoda amakhulu nababhali,’ umpostile uPetros noYohane bathi: “Enoba kububulungisa kusini na emehlweni kaThixo ukuphulaphula nina kunoThixo, zigwebeleni ngokwenu. Kodwa thina, asinakuyeka ukuthetha ngezinto esizibonileyo nesizivileyo.” Kunokuba bathandazele ukuba uThixo aphelise intshutshiso, babongoza bathi: “Yehova, khawunikele ingqalelo kwizisongelo zabo, uze uwanike amakhoboka akho ukuba ahlale elithetha ilizwi lakho ngenkalipho yonke.” (IZe. 4:5, 19, 20, 29) Wasiphendula njani uYehova isicelo sabo? (Funda iZenzo 4:31.) UYehova wabomeleza ngomoya wakhe. Umoya kaThixo unokusinceda nathi. Ngoko ke, sinokuwufumana njani umoya kaThixo ukuze usikhokele kubulungiseleli bethu?

Indlela Yokufumana Inkalipho

6, 7. Yintoni enokusinceda sifumane umoya oyingcwele kaThixo? Zekelisa.

6 Eyona nto enokusinceda sifumane umoya oyingcwele kaThixo kukuwucela. UYesu wathi kwabo babemphulaphule: “Ukuba ke ngoko nina, ningendawo nje, niyakwazi ukunika abantwana benu izipho ezilungileyo, wobeka phi na ke yena uYihlo osezulwini ukubanika umoya oyingcwele abo bamcelayo!” (Luka 11:13) Enyanisweni sifanele siqhubeke sithandazela umoya oyingcwele. Ukuba kunzima ngathi ukwenza ezinye iinkalo zobulungiseleli, njengokunikela ubungqina esitratweni, ukushumayela ngokungacwangciswanga okanye ukusebenza kwintsimi enamashishini, sinokuthandaza kuYehova sicele ukuba asincede ngomoya wakhe ukuze sibe nenkalipho.—1 Tes. 5:17.

7 Yiloo nto eyenziwa lelinye ibhinqa elingumKristu elibizwa ngokuba nguRosa.a Ngenye imini utitshalakazi osebenza noRosa wayefunda ingxelo evela kwesinye isikolo ethetha ngokuphathwa kakubi kwabantwana. Le nto yamphatha kakubi lo titshalakazi, kangangokuba wavakala esithi: “Bangenwe yintoni kanti abantu balo mhlaba?” URosa waqonda ukuba akanakuliyeka elo thuba. Wenza ntoni ukuze abe nesibindi sokushumayela? URosa uthi, “Ndathandaza kuYehova ndamcela ukuba andincede ngomoya wakhe.” Wanikela ubungqina waza wenza amalungiselelo okuphinda ancokole naye. Cinga nangoMilane oyintombazana eneminyaka emihlanu ubudala, ohlala kwisiXeko saseNew York. UMilane uthi: “Ngaphambi kokuba ndiye esikolweni, mna noMama sithandaza kuYehova.” Bathandazela ntoni? Bathandazela ukuba uMilane abe nesibindi sokuthetha ngoThixo. Unina uthi, “Oku kuye kwamnceda uMilane ukuba akwazi ukuchaza isizathu sokuba engayibhiyozeli imihla yokuzalwa neeholide.” Ngoko le mizekelo iyabonisa ukuba umthandazo unokusinceda ukuze sikwazi ukubonakalisa inkalipho.

8. Yintoni esinokuyifunda kumprofeti uYeremiya ngendlela yokufumana inkalipho?

8 Kwakhona cinga ngento eyanceda umprofeti uYeremiya ukuba abe nenkalipho. Xa wanyulwa nguYehova ukuba abe ngumprofeti weentlanga, waphendula wathi: “Yabona, okunene andikwazi kuthetha, kuba ndiyinkwenkwe nje.” (Yer. 1:4-6) Noko ke ekuhambeni kwexesha, uYeremiya washumayela ngenkuthalo nenkalipho kangangokuba abaninzi babemgqala njengomvakalisi wentlekele. (Yer. 38:4) Wavakalisa imigwebo kaYehova ngenkalipho iminyaka engaphezu kwengama-65. Wayesaziwa kwaSirayeli ngokushumayela ngokungoyiki nangenkalipho kangangokuba emva kweminyaka emalunga nama-600 xa uYesu wayethetha ngenkalipho, abanye babecinga ukuba uYeremiya uvukile. (Mat. 16:13, 14) Yintoni eyanceda umprofeti uYeremiya owayethandabuza yaye eneentloni? Uthi: ‘Entliziyweni yam, ilizwi likaThixo laba ngathi ngumlilo ovuthayo ovalelwe emathanjeni am; ndaza ndadinwa kukuzibamba.’ (Yer. 20:9) Ilizwi likaYehova lamnika amandla uYeremiya ukuba akwazi ukuthetha.

9. Kutheni sinokuthi ilizwi likaThixo linokusinceda njengoko lanceda uYeremiya?

9 Kwileta yakhe eya kumaHebhere, umpostile uPawulos wabhala wathi: “Ilizwi likaThixo liphilile, linamandla yaye libukhali ngaphezu kwalo naliphi na ikrele elintlangothi-mbini, lihlaba lide lahlule umphefumlo nomoya, kwanamalungu nomongo wawo, yaye liyakwazi ukuphicotha iingcamango notyekelo lwentliziyo.” (Heb. 4:12) Isigidimi okanye ilizwi likaThixo linokusinceda nathi njengokuba lanceda uYeremiya. Khumbula ukuba nangona kwasetyenziswa abantu ukubhala iBhayibhile, abazange babhale iimbono zabo kuba yayiphefumlelwe nguThixo. Kweyesi-2 kaPetros 1:21, sifunda oku: “Isiprofeto asizange nangaliphi na ixesha siziswe ngokuthanda komntu, kodwa abantu bathetha ngokuphuma kuThixo njengoko babeqhutywa ngumoya oyingcwele.” Xa sizinika ixesha lokwenza ufundisiso lweBhayibhile, iingqondo zethu zizaliswa sisigidimi esiphefumlelwe ngumoya oyingcwele. (Funda eyoku-1 kwabaseKorinte 2:10.) Asinakukwazi ukusigcina ngaphakathi eso sigidimi kuba siya kuba “ngathi ngumlilo ovuthayo.”

10, 11. (a) Sifanele sifundisise njani ukuze sikwazi ukuthetha ngenkalipho? (b) Chaza into oceba ukuyenza ukuze uphucule indlela ofundisisa ngayo.

10 Ukuze ufundisiso lweBhayibhile lusincede, sifanele siqinisekise ukuba isigidimi seBhayibhile sifikelela iintliziyo zethu. Ngokomzekelo, umprofeti uHezekile waxelelwa embonweni ukuba atye umsongo wencwadi enesigidimi esinamandla awayefanele asidlulisele ebantwini abangoontamo-lukhuni. Kwafuneka ukuba uHezekile asazi kakuhle eso sigidimi. Loo nto yayiza kubangela ukuba ukudlulisela esi sigidimi kube mnandi—kube njengokudla ubusi.—Funda uHezekile 2:8–3:4, 7-9.

11 Imeko yethu iyafana nekaHezekile. Namhlanje, abantu abaninzi abafuni ukusiphulaphula isigidimi seBhayibhile. Ukuze siqhubeke sithetha ngelizwi likaThixo, kubalulekile ukuba sifundisise iZibhalo ngendlela eya kusenza singenelwe kuzo yaye sikukholelwe oko zikutshoyo. Simele sifunde rhoqo, singafundi ngamaxesha athile. Sifanele sibe nomnqweno ofana nokamdumisi owathi: “Amazwi omlomo wam nokucamngca kwentliziyo yam makukukholise, Yehova Liwa lam noMkhululi wam.” (INdu. 19:14) Kubaluleke ngokwenene ukuba sizinike ithuba lokucamngca ngezinto esizifundayo ukuze inyaniso yeBhayibhile yendele ezintliziyweni zethu! Ngokuqinisekileyo, sifanele sizame ukuphucula indlela esifundisisa ngayo.b

12. Kutheni sinokuthi iintlanganiso zamaKristu ziyasinceda sikhokelwe ngumoya oyingcwele?

12 Umoya oyingcwele kaYehova unokusinceda naxa ‘sinyamekelana, sivuselelana eluthandweni nasemisebenzini emihle, singakutyesheli ukuhlanganisana kwethu ndawonye.’ (Heb. 10:24, 25) Ukubakho rhoqo kwiintlanganiso zamaKristu, nokuphulaphula ngenyameko size sikusebenzise oko sikufundileyo ebomini bethu, kuya kubonisa ukuba sikhokelwa ngumoya. Eneneni, ngaba ukhokelo lomoya kaYehova asilufumani ebandleni?—Funda iSityhilelo 3:6.

Iingenelo Zokuba Nenkalipho

13. Yintoni esinokuyifunda kumsebenzi wokushumayela owenziwa ngamaKristu enkulungwane yokuqala?

13 Umoya oyingcwele ngawona mandla makhulu kwindalo iphela yaye unokusinceda senze ukuthanda kukaYehova. AmaKristu enkulungwane yokuqala ancedwa nguwo ukuze enze umsebenzi omkhulu wokushumayela. Ashumayela iindaba ezilungileyo “kwindalo yonke ephantsi kwezulu.” (Kol. 1:23) Ekubeni abaninzi kuwo “babengabantu abangenamfundo nabaqhelekileyo,” kucacile ukuba babeqhutywa ngamandla amakhulu.—IZe. 4:13.

14. Yintoni enokusinceda ‘sivuthe emoyeni’?

14 Xa siphila ngokuvisisana nolwalathiso lomoya oyingcwele siya kukwazi ukushumayela ngenkalipho. Ukuthandazela lo moya, ukufundisisa, ukucamngca ngoko sikufundayo nokuya rhoqo kwiintlanganiso zamaKristu kunokusinceda ‘sivuthe emoyeni.’ (Roma 12:11) Xa ithetha ‘ngomYuda othile ogama linguApolo, owayeyinzalelwane yaseAleksandriya, indoda eliciko, eyafika e-Efese,’ iBhayibhile ithi: “Njengoko wayevutha ngumoya, wayehamba ethetha kwaye efundisa ngokuchanileyo izinto ezingoYesu.” (IZe. 18:24, 25) Xa ‘sivutha emoyeni,’ sinokuba nenkalipho engakumbi xa sishumayela kwindlu ngendlu naxa sishumayela ngokungacwangciswanga.—Roma 12:11.

15. Kusinceda njani ukuthetha ngenkalipho engakumbi?

15 Kuyasinceda ukuba nenkalipho engakumbi xa sishumayela. Siba nesimo sengqondo esilungeleleneyo kuba siyiqonda ngakumbi indlela obaluleke ngayo lo msebenzi. Siba nenzondelelo engakumbi ngenxa yolonwabo esilufumanayo xa sifundisa kakuhle entsimini. Siwenza ngehlombe umsebenzi wokushumayela kuba siyayiqonda indlela ongxamiseke ngayo.

16. Sifanele senze ntoni ukuba asisenawo umdla ngentsimi?

16 Kuthekani ukuba asisenawo umdla ngentsimi? Kufanelekile ukuba sizihlole ngokunyanisekileyo. UPawulos wabhala wathi: “Hlalani nizivavanya enoba niselukholweni kusini na, hlalani nizicikida oko nikuko nina ngokwenu.” (2 Kor. 13:5) Zibuze: ‘Ngaba ndisavutha emoyeni? Ngaba ndiyathandaza kuYehova ndicele umoya wakhe? Ngaba imithandazo yam ibonisa ukuba ndithembele kuye ukuze ndikwazi ukwenza ukuthanda kwakhe? Ngaba ndisebenzisa amazwi abonisa ukuba ndiyabuxabisa ubulungiseleli esiphathiswe bona? Ngaba ndikukhuthalele ukufunda? Lingakanani ixesha endilichithayo ndicamngca ngezinto endizifundayo nendizivayo? Ndinenxaxheba kangakanani kwiintlanganiso zebandla?’ Ukucinga ngale mibuzo kunokusinceda sibone apho sinokuphucula khona.

Vumela Umoya KaThixo Ukunike Inkalipho

17, 18. (a) Umsebenzi wokushumayela wenziwa ngomlinganiselo ongakanani namhlanje? (b) Sinokuba nayo njani ‘eyona nkululeko yokuthetha enkulu’ xa sivakalisa iindaba ezilungileyo zoBukumkani bukaThixo?

17 UYesu ovusiweyo wathi kubafundi bakhe: “Niya kwamkela amandla xa umoya oyingcwele ufika kuni, yaye niya kuba ngamangqina am eYerusalem nakulo lonke elakwaYuda naseSamariya kude kuse nakwezona nxalenye zikude zomhlaba.” (IZe. 1:8) Lo msebenzi owaqala ngelo xesha, wenziwa ngokomlinganiselo omkhulu namhlanje. Amangqina kaYehova amalunga nezigidi ezisixhenxe avakalisa isigidimi soBukumkani kumazwe angaphezu kwama-230, echitha iiyure ezimalunga neebhiliyoni ezisisi-1,5 ngonyaka entsimini. Kuvuyisa ngokwenene ukuba nesabelo kulo msebenzi ungasayi kuze wenziwe kwakhona!

18 Njengakwinkulungwane yokuqala, lo msebenzi wokushumayela owenziwa ehlabathini lonke walathiswa ngumoya kaThixo. Ukuba silandela ulwalathiso lomoya, siya kuba ‘neyona nkululeko yokuthetha inkulu.’ (IZe. 28:31) Ngoko ke, masalathiswe ngumoya njengoko sivakalisa iindaba ezilungileyo zoBukumkani bukaThixo!

[Imibhalo esemazantsi]

a Kusetyenziswe amanye amagama.

b Ukuze ungenelwe xa ufundisisa iBhayibhile naxa usenza ufundisiso lobuqu, funda incwadi ethi Zuza Kwimfundo YeSikolo Sobulungiseleli Sobuthixo, isahluko esinomxholo othi, “Zibhokoxe Ekufundeni” nothi “Ufundisiso Lunomvuzo,” iphepha 21-32.

Ufunde Ntoni?

• Kutheni simele sibe nenkalipho xa sithetha ngelizwi likaThixo?

• Yintoni eyanceda abafundi benkulungwane yokuqala ukuba bathethe ngenkalipho?

• Sinokuyifumana njani inkalipho?

• Ziziphi iingenelo esinokuzifumana xa sinenkalipho?

[Umfanekiso okwiphepha 7]

Abazali banokubanceda njani abantwana babo babe nenkalipho?

[Imifanekiso ekwiphepha 8]

Umthandazo omfutshane unokukunceda ube nenkalipho entsimini

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share