“Umoya Nomtshakazi Bathi: ‘Yiza!’”
“Umoya nomtshakazi bathi: ‘Yiza!’ . . . Lowo unxaniweyo makeze; lowo uthandayo makawathabathe amanzi obomi ngesisa.”—ISITYHI. 22:17.
1, 2. Ubaluleke kangakanani umsebenzi woBukumkani kuthi yaye ngoba?
UBALULEKE kangakanani umsebenzi woBukumkani kuthi? UYesu wabongoza abalandeli bakhe ukuba ‘baqhubeke befuna kuqala ubukumkani,’ waza wabaqinisekisa ukuba, ukuba benjenjalo, uThixo wayeya kubanika izinto eziyimfuneko kubo. (Mat. 6:25-33) Wafanisa uBukumkani bukaThixo neperile exabisekileyo, leyo umrhwebi ohambahambayo awathi akuyifumana, “wathengisa zonke izinto awayenazo waza wayithenga.” (Mat. 13:45, 46) Ngaba nathi asimele siwugqale njengobalulekileyo lo msebenzi wokushumayela ngoBukumkani nowokwenza abafundi?
2 Njengoko siye sabona kumanqaku amabini angaphambili, xa sithetha ngenkalipho size sisebenzise iLizwi likaThixo ngobuchule kubulungiseleli bethu, sibonisa ukuba sikhokelwa ngumoya kaThixo. Lo moya uyasinceda ukuze sibe nenxaxheba rhoqo kumsebenzi wokushumayela ngoBukumkani. Masibone indlela osinceda ngayo.
Sonke Siyamenywa!
3. Ngamanzi anjani la abantu abamenyelwa ukuba ‘baze’ kuwasela?
3 Umoya oyingcwele umema bonke abantu. (Funda iSityhilelo 22:17.) Bamenywa ukuba ‘baze’ kuthoba unxano ngamanzi akhethekileyo. La asingomanzi aqhelekileyo angumxube wehydrogen neoksijini. Nangona amanzi okoqobo ebalulekile kwimpilo yethu, uYesu wayethetha ngolunye uhlobo lwamanzi xa wathi kwibhinqa elingumSamariya equleni: “Nabani na osela kumanzi endiza kumpha wona akasayi kuze anxanwe konke konke, kodwa kuye amanzi endiya kumnika wona aya kuba ngumthombo wamanzi ampompozayo anika ubomi obungunaphakade.” (Yoh. 4:14) La manzi angaqhelekanga abantu abamenyelwa ukuba bawasele anika ubomi obungunaphakade.
4. Aqalisa nini ukufuneka la manzi obomi yaye amela ntoni?
4 Amanzi obomi aqalisa ukufuneka xa indoda yokuqala uAdam, nomfazi wayo uEva bengazange bathobele uMdali wabo, uYehova uThixo. (Gen. 2:16, 17; 3:1-6) Isibini sokuqala sagxothwa emyezweni wase-Eden “ukuze [uAdam] angoluli isandla sakhe aze athabathe nakwisiqhamo somthi wobomi, adle aze aphile ixesha elingenammiselo.” (Gen. 3:22) Njengokhokho woluntu, uAdam wadlulisela ukufa kubo bonke abantu. (Roma 5:12) Amanzi obomi amela onke amalungiselelo kaThixo okusindisa abantu abathobekileyo esonweni nasekufeni nokubanika ubomi obufezekileyo nobungenasiphelo kumhlaba oyiParadesi. Lidini lentlawulelo likaYesu Kristu elibangela ukuba sifumane la malungiselelo.—Mat. 20:28; Yoh. 3:16; 1 Yoh. 4:9, 10.
5. Sivela kubani isimemo ‘sokuthabatha amanzi obomi ngesisa’? Chaza.
5 Sivela kubani isimemo ‘sokuthabatha amanzi obomi ngesisa’? Xa onke amalungiselelo okufumana ubomi ngoYesu efunyanwa ngabantu ebudeni boLawulo LukaKristu Lweminyaka Eliwaka, la malungiselelo aya kufana ‘nomlambo wamanzi obomi, ongcwengeke njengekristale.’ Lo mlambo ubonwa “uqukuqela uphuma kwitrone kaThixo neyeMvana.” (ISityhi. 22:1) Ngoko ke, uYehova onguMniki-bomi unguMthombo wamanzi aphilisayo. (INdu. 36:9) Nguye obangela ukuba la manzi afumaneke ‘ngeMvana,’ enguYesu Kristu. (Yoh. 1:29) UYehova uza kusebenzisa lo mlambo wokomfuziselo ukuze alungise wonke umonakalo owabangelwa kukungathobeli kuka-Adam. Ngoko, isimemo esithi “yiza” sivela kuYehova uThixo.
6. Uqalisa nini “umlambo wamanzi obomi” ukuqukuqela?
6 Nangona “umlambo wamanzi obomi” uya kusebenza ngokuzeleyo ebudeni boLawulo LukaKristu Lweminyaka Eliwaka, uqalisa ukusebenza ‘ngemini yeNkosi,’ yona eyaqala xa kwakubekwa ‘iMvana’ kwitrone yasezulwini ngowe-1914. (ISityhi. 1:10) Ngenxa yoko, amanye amalungiselelo obomi aqalisa ukufumaneka emva koko. Elinye lawo liLizwi likaThixo iBhayibhile kuba isigidimi salo sichazwa ‘njengamanzi.’ (Efe. 5:26) Isimemo ‘sokuthabatha amanzi obomi ngesisa’ ngokuva nokwamkela iindaba ezilungileyo zoBukumkani siya kumntu wonke. Ngoobani abadlulisela esi simemo ngemini yeNkosi?
‘Umtshakazi’ Uthi, “Yiza!”
7. Ngoobani abokuqala ukudlulisela isimemo esithi “yiza” ‘ngemini yeNkosi’ yaye basidlulisela kubani?
7 Amalungu odidi lomtshakazi—amaKristu athanjiswe ngomoya—ngawokuqala ukudlulisela isimemo esithi “yiza.” Asidlulisela kubani? Udidi lomtshakazi alusibhekisi kulo isimemo esithi, “Yiza!” Amazwi alo abhekiswa kwabo banethemba lokuphila ubomi obungunaphakade emhlabeni emva ‘kwemfazwe yemini enkulu kaThixo uSomandla.’—Funda iSityhilelo 16:14, 16.
8. Yintoni ebonisa ukuba amaKristu athanjisiweyo ebedlulisela isimemo sikaYehova ukususela ngowe-1918?
8 Abalandeli bakaKristu abathanjisiweyo baqalisa ukudlulisela esi simemo ngowe-1918. Ngaloo nyaka, intetho yesidlangalala enomxholo othi “Izigidi Eziphilayo Ngoku Azisayi Kuze Zife” yathetha ngethemba lokuphila kumhlaba oyiparadesi emva kwemfazwe yeArmagedon eliya kufunyanwa ngabantu abaninzi. Kwintetho eyanikelwa kwindibano yaBafundi BeBhayibhile eCedar Point, eOhio, eUnited States, ngowe-1922 kwakhuthazwa abo babephulaphule ukuba ‘babhengeze uKumkani nobukumkani bakhe.’ Esi sibongozo sanceda intsalela yodidi lomtshakazi ukuba ifikelele abantu abangakumbi ngesi simemo. Ngowe-1929, iMboniselo kaMatshi 15, yayinenqaku elinomxholo othi “Isimemo Sobubele,” elalisekelwe kwiSityhilelo 22:17. Kweli nqaku kwathiwa: “Udidi lwentsalela ethembekileyo ludlulisela isimemo sobubele [soYena Uphakamileyo] esithi, ‘Yiza.’ Esi sigidimi sifanele sivakaliswe kwabo banqwenela ubulungisa nenyaniso. Simele sidluliselwe ngoku.” Nanamhlanje, udidi lomtshakazi luqhubeka lumema abantu.
“Lowo Uvayo Makathi: ‘Yiza!’”
9, 10. Abo beva isimemo baye bamenywa njani ukuba nabo bathi, “Yiza!”?
9 Kuthekani ngabo beva esi simemo sithi “yiza”? Nabo kufuneka bathi, “Yiza!” Ngokomzekelo, kwiphepha 232 leMboniselo ka-Agasti 1, 1932 kwathiwa: “Abathanjiswa mabakhuthaze bonke abathobekileyo ukuba bashumayele iindaba ezilungileyo zobukumkani. Akukho mfuneko yokuba bathanjiswe yiNkosi ukuze bavakalise isigidimi seNkosi. Amangqina kaYehova ayavuyiswa kukwazi ukuba anokudlulisela amanzi obomi kubantu abaya kusinda eArmagedon baze baphile ngonaphakade emhlabeni.”
10 Ibhekisela kwabo beva esi simemo nabafanele bathi, “Yiza!” iMboniselo ka-Agasti 15, 1934, iphepha 249, yathi: “Abo bodidi lukaYonadabhi bafanele bancedise abo bodidi lukaYehu, oko kukuthi abathanjiswa, ekuvakaliseni isigidimi sobukumkani nangona bengengomangqina kaYehova athanjisiweyo.” Ngowe-1935, “isihlwele esikhulu” ekuthethwa ngaso kwiSityhilelo 7:9-17 sachazwa ngokucacileyo. Oku kwabangela ukuba isimemo sikaThixo sidluliselwe ngenkuthalo engakumbi. Ukususela ngoko, isihlwele esikhulu sabanquli bokwenyaniso—ngoku esingaphezu kwezigidi ezisixhenxe—siye sasamkela esi simemo. Emva kokuba sisivile esi sigidimi, siye sazahlulela kuThixo sabhaptizwa emanzini saza sancedisa udidi lomtshakazi ekumemeni abanye ukuba ‘baze kusela amanzi obomi ngesisa.’
“Umoya” Uthi, “Yiza!”
11. Ngenkulungwane yokuqala yeXesha Eliqhelekileyo, umoya oyingcwele wawuwuxhasa njani umsebenzi wokushumayela?
11 Xa wayeshumayela kwindlu yesikhungu eNazarete, uYesu wavula umsongo womprofeti uIsaya waza wafunda: “Umoya kaYehova uphezu kwam, ngenxa yokuba undithambisele ukuvakalisa iindaba ezilungileyo kumahlwempu, undithumele ukushumayela inkululo kubathinjwa nokubuyiselwa kokubona kwiimfama, ukukhulula abo batyunyuziweyo, ukushumayela unyaka wolwamkelo kaYehova.” Emva koko uYesu wawabhekisela kuye la mazwi esithi: “Namhlanje esi sibhalo nisandul’ ukusiva sizalisekile.” (Luka 4:17-21) Ngaphambi kokuba anyukele ezulwini, uYesu wathi kubafundi bakhe: “Niya kwamkela amandla xa umoya oyingcwele ufika kuni, yaye niya kuba ngamangqina am . . . nakwezona nxalenye zikude zomhlaba.” (IZe. 1:8) Ngenkulungwane yokuqala, umsebenzi wokushumayela wawuxhaswa ngumoya oyingcwele.
12. Yiyiphi indima ephunyezwa ngumoya oyingcwele kaThixo ekudluliseleni isimemo ebantwini namhlanje?
12 Yiyiphi indima ephunyezwa ngumoya oyingcwele kaThixo ekudluliseleni isimemo ebantwini namhlanje? NguYehova uMthombo womoya oyingcwele. Usebenzisa lo moya ukuze udidi lomtshakazi luqonde iLizwi lakhe, iBhayibhile. Umoya unceda olu didi ukuba ludlulisele isimemo luze lucacise inyaniso yeZibhalo kwabo banethemba lokuphila ngonaphakade kumhlaba oyiParadesi. Kuthekani ngabo basamkelayo isimemo, babe ngabafundi bakaYesu Kristu baze basidlulisele kwabanye? Nabo baxhaswa ngumoya. Ekubeni bebhaptizwe ‘egameni lomoya oyingcwele,’ benza ngokuvisisana nolwalathiso lomoya oyingcwele yaye bathembele kuwo. (Mat. 28:19) Cinga nangesigidimi esivakaliswa ngabathanjiswa nesihlwele esikhulu. Sivela eBhayibhileni—incwadi eyabhalwa ngabantu abaphefumlelwe ngumoya kaThixo. Ngoko esi simemo sidluliselwa ngomoya oyingcwele. Eneneni, lo moya uyasalathisa. Ngoko, sifanele sibe nenxhaxheba engakanani kulo msebenzi wokumema abantu?
“Bathi: ‘Yiza!’”
13. Athetha ukuthini amazwi athi ‘umoya nomtshakazi baqhubeka besithi: “Yiza!”’?
13 “Umoya nomtshakazi” abatsho kube kanye ukuthi, “Yiza!” Isichazi solwimi lwantlandlolo esisetyenziswe apha sibonisa ukuba le nto yenziwa ngokuqhubekayo. Ngenxa yeso sizathu iNguqulelo Yehlabathi Elitsha ithi: ‘Umoya nomtshakazi baqhubeka besithi: “Yiza!”’ Oku kubonisa ukuba esi simemo sikaThixo sidluliselwa rhoqo. Kuthekani ngabo basivayo nabasamkelayo? Nabo bathi, “Yiza!” Isihlwele esikhulu sabanquli bokwenyaniso sichazwa ‘njengesinikela inkonzo engcwele imini nobusuku etempileni kaYehova.’ (ISityhi. 7:9, 15) Kuthetha ukuthini ukunikela ‘inkonzo imini nobusuku’? (Funda uLuka 2:36, 37; iZenzo 20:31; eyesi-2 kwabaseTesalonika 3:8.) Umzekelo womprofetikazi owalupheleyo uAna nokampostile uPawulos ubonisa ukuba ‘inkonzo yemini nobusuku’ ithetha ukuzibhokoxa ngokuthe rhoqo kubulungiseleli.
14, 15. UDaniyeli wakubonisa njani ukubaluleka kokukhonza rhoqo?
14 Umprofeti uDaniyeli naye wabonisa ukubaluleka kokunqula ngokuthe rhoqo. (Funda uDaniyeli 6:4-10, 16.) Akazange atshintshe indlela anqula ngayo—ukuthandaza kuThixo “izihlandlo ezithathu ngemini, . . . njengoko wayeqhele ukwenjenjalo”—nangenyanga enye, nangona oku kwakuza kubangela ukuba aphoswe kumhadi weengonyama. Abantu ababekho ngelo xesha babona indlela ekubaluleke ngayo ukunqula uYehova rhoqo!—Mat. 5:16.
15 Emva kokuba uDaniyeli echithe ubusuku emhadini weengonyama, ukumkani waya kuye waza wathi: “Owu Daniyeli, mkhonzi woThixo ophilayo, ube nako na uThixo wakho omkhonza rhoqo ukukuhlangula ezingonyameni?” Ngoko nangoko uDaniyeli wathi kukumkani: “Phila ngonaphakade kumkani. UThixo wam uthumele ingelosi yakhe, yayivala imilomo yeengonyama, azandenzakalisa, njengoko ndifumaniseke ndimsulwa phambi kwakhe; naphambi kwakho, kumkani, andonanga.” UYehova wamsikelela uDaniyeli ngenxa ‘yokumkhonza kwakhe rhoqo.’—Dan. 6:19-22.
16. Umzekelo kaDaniyeli ufanele usenze sizibuze yiphi imibuzo ngokuphathelele inxaxheba esinayo kubulungiseleli?
16 UDaniyeli wayexolele ukufa kunokuba angamnquli rhoqo uYehova. Kuthekani ngathi? Zintoni esilungele ukuzincama ukuze sivakalise iindaba ezilungileyo zoBukumkani bukaThixo rhoqo? Akufanele kudlule nyanga singakhange sithethe nabanye ngoYehova! Ukuba kunokwenzeka, sifanele sizame ukushumayela veki nganye. Kwanokuba ngenxa yeengxaki zempilo sishumayela nje imizuzu eli-15 ngenyanga, sifanele siyifake ingxelo yaloo msebenzi. Ngoba? Ngenxa yokuba sifuna ukuncedisa umoya nomtshakazi, sithi, “Yiza!” Sifuna ukwenza konke esinako ukuze sivakalise uBukumkani rhoqo.
17. Ngawaphi amathuba okudlulisela isimemo sikaYehova esifanele siwasebenzise?
17 Sifanele sidlulisele isimemo sikaYehova nanini na kuvela ithuba, kungekhona nje kuphela ngexesha elimisiweyo lokuya entsimini. Kulilungelo ukumema abantu abanxaniweyo ukuba ‘baze kuthabatha amanzi obomi ngesisa’ nanini na, njengaxa siye kuthenga ezivenkileni, xa sithabatha uhambo, xa sikwiholide, emsebenzini okanye xa sisiya esikolweni! Nokuba abasemagunyeni banokuwuvala umsebenzi wokushumayela, siyaqhubeka sishumayela ngokufihlakeleyo—mhlawumbi sitshintshatshintshe ixesha esishumayela ngalo kwindlu ngendlu okanye sichithe ixesha elingakumbi ekunikeleni ubungqina obungacwangciswanga.
Qhubeka Usithi, “Yiza!”
18, 19. Ubonisa njani ukuba uyalixabisa ilungelo lokuba ngumsebénzi olidlelane likaThixo?
18 Sele kudlule iminyaka engaphezu kwama-90 umoya nomtshakazi besithi, “Yiza!” kubo bonke abanxanelwe amanzi obomi. Ngaba sele usivile esi simemo sabo sivuyisayo? Ukuba sele usivile, ukhuthazwa ukuba usidlulisele kwabanye.
19 Asazi ukuba esi simemo sikaYehova sothando siya kudluliselwa ebantwini de kube nini kodwa xa thina sisamkela size sithi, “Yiza!” siba ngabasebenzi abangamadlelane kaThixo. (1 Kor. 3:6, 9) Lilungelo ngokwenene elo! Masibonise ukuba siyalixabisa elo lungelo, ‘sisoloko sinikela kuThixo umbingelelo wendumiso’ ngokushumayela rhoqo. (Heb. 13:15) Sonke thina sinethemba lokuphila emhlabeni masincedise udidi lomtshakazi siqhubeke sisithi, “Yiza!” Ngamana abantu abaninzi bangeza ‘kuthabatha amanzi obomi ngesisa’!
Ufunde Ntoni?
• Ngoobani abafumana isimemo esithi “yiza”?
• Kutheni sinokuthi isimemo esithi “yiza” sivela kuYehova?
• Yiyiphi indima ephunyezwa ngumoya oyingcwele ekudluliseni isimemo esithi “yiza”?
• Kutheni sifanele sizame ukuya rhoqo entsimini?
[Isicangca/Imifanekiso ekwiphepha 16]
(Ukuba ufuna inkcazelo ehlahlelwe kakuhle, yiya kwimpapasho)
Qhubeka Usithi, “Yiza!”
1914
Abavakalisi abangama-5 100
1918
Abantu abaninzi baza kuphila emhlabeni oyiParadesi
1922
“Mbhengezeni, mbhengezeni, mbhengezeni uKumkani nobukumkani bakhe”
1929
Intsalela ethembekileyo ithi, “Yiza!”
1932
Isimemo esithi “Yiza!” sivulekele nabo bangengobathanjiswa
1934
Udidi lukaYonadabhi lukhuthazwa ukuba lushumayele
1935
Ukuvela ‘kwesihlwele esikhulu’
2009
Abavakalisi abazizi-7 313 173