Incwadi Yokunceda Ulutsha Lukhumbule UMdali Walo
KWIMINYAKA engama-3 000 eyadlulayo, uSolomon owayesisilumko wabhala la mazwi: “Uze umkhumbule ke uMdali wakho ngemihla yobutsha bakho.” (INtshu. 12:1, IBhayibhile yesiXhosa) Ulutsha olungamaKristu lunenye incwadi enokulunceda. Incwadi ethi Imibuzo Yabantu Abaselula—Iimpendulo Eziluncedo, Umqulu 2, yakhululwa kwiiNdibano ZeSithili zamaNgqina kaYehova ‘Zokukhokelwa Ngumoya KaThixo’ ezaqalisa ngoMeyi 2008 ukusa kuJanuwari 2009.
Kwiqweqwe elingaphakathi kukho ileta ebhalelwe ulutsha, evela kwiQumrhu Elilawulayo. Inenxalenye ethi: “Sithandazela ukuba inkcazelo ekule ncwadi ikuncede ukwazi ukumelana nengcinezelo nezilingo ulutsha lwanamhlanje olujamelene nazo, uze wenze izigqibo ezivisisana nokuthanda kukaThixo.”
Abazali bafuna ukukhulisela abantwana babo “kwingqeqesho nasekweyiselweni kwengqondo kuYehova.” (Efe. 6:4) Kodwa xa lufikisa, ulutsha oluninzi luyadideka luze lufune uncedo. Ukuba ungumzali womntwana ofikisayo, unokumnceda njani umntwana wakho ukuba angenelwe kule ncwadi? Nanga amanye amacebiso.
▪ Zifumanele eyakho incwadi uze uyifunde. Oko akuthethi ukuba ufanele uyifunde nje. Zama nokuphawula indlela ebhalwe ngayo. Kunokuba ixelele ulutsha okulungileyo nokubi, le ncwadi iqeqesha ‘amandla alo okuqonda.’ (Heb. 5:14) Ilucebisa nangendlela yokumela okulungileyo. Ngokomzekelo, kwiSahluko 15 esithi (“Ndinokuyixhathisa Njani Ingcinezelo Yoontanga?”) ulutsha luxelelwa ngendlela yokucacisa izizathu zokuba lungavumi ukwenza ezinye izinto. Ilunika amacebiso asekelwe eBhayibhileni neendlela zokuphendula ezinokulunceda lukwazi “ukuphendula bonke ngabanye.”—Kol. 4:6.
▪ Phendula imibuzo efuna izimvo zomfundi. Nangona le mibuzo ilungiselelwe abantu abaselula, kutheni ungabhali iimpendulo zeminye yale mibuzo kweyakho incwadi?a Ngokomzekelo, xa ufunda imibuzo emibini ekwiphepha 16 ethetha ngokuthandana zama ukucinga ngendlela owawuvakalelwa ngayo xa wawuselula. Mhlawumbi unokubhala iimpendulo owawunokuzibhala xa wawuselula. Emva koko zibuze: ‘Itshintshe kangakanani imbono yam ngalo mba? Lungakanani ulwazi endiye ndalufumana yaye ndinokuludlulisela njani kumntwana wam?’
▪ Musa ukuzifunda izinto ezibhalwe ngumntwana wakho. Imibuzo ekule ncwadi yenzelwe ukuba abantwana bakho bakwazi ukukhupha imbilini yabo. Injongo yakho kukwazi oko kusentliziyweni yomntwana kungekhona oko kusencwadini yakhe. Kwiphepha 3 kwicandelo elithi “Bazali Ncedani Niphawule,” le ncwadi ithi: “Ukuze abantwana bakho babhale ngokukhululekileyo kule ncwadi, musa ukuyifunda. Mhlawumbi baya kukuchazela kamva ngezinto abazibhalileyo.”
Iluncedo Xa Kuqhutywa Isifundo SeBhayibhile Sentsapho
Incwadi ethi Abantu Abaselula Bayabuza Umqulu 2, inokusetyenziswa kuNqulo Lwentsapho. Ekubeni le ncwadi ingenayo imibuzo esemva kwesiqendu ngasinye, unokuyisebenzisa njani? Kutheni ungafuni indlela onokuyisebenzisa ngayo nenokulungela abantwana bakho?
Ngokomzekelo, ezinye iintsapho zinokuqhelisela xa zifunda umxholo othi “Ukuxhobela Ingcinezelo Yoontanga” okwiphepha 132 nele-133. Umbuzo wokuqala unokunceda unyana okanye intombi yakho iqonde eyona ngxaki inokuba lucelomngeni kuyo. Umbuzo wesibini ubonisa iindawo anokuvavanywa kuzo. Emva kokuba kuchazwe imiphumo yokunikezela neyokuxhathisa ingcinezelo yoontanga, umntwana wakho ucelwa ukuba acebe indlela aza kuphendula ngayo. Mncede unyana wakho okanye intombi yakho ikwazi ukuphendula ngendlela eya kubonisa ukuba iqinisekile ngento ethetha ngayo.—INdu. 119:46.
Iluncedo Kunxibelelwano
Incwadi ethi Abantu Abaselula Bayabuza, Umqulu 2, ikhuthaza ulutsha ukuba lunxibelelane nabazali balo. Ngokomzekelo, ibhokisi ethi “Ndinokuqala Ngaphi Xa Ndithetha Notata Okanye Umama Ngesini?” (iphepha 63-64) nethi “Thetha Nabazali Bakho!” (iphepha 189) inamacebiso anokulunceda luthethe ngokukhululekileyo nabazali balo ngayo nantoni na. Enye intwazana eneminyaka eli-13 ubudala yathi, “Le ncwadi iye yandenza ndakwazi ukuthetha ngokukhululekileyo nabazali bam ngezinto ezindikhathazayo—kwanezinto endizenzileyo.”
Le ncwadi inceda nangezinye iindlela. Ekupheleni kwesahluko ngasinye kukho ibhokisi ethi “Ucinga Ntoni?” Asiyobhokisi yempinda nje kuphela kodwa inokuba luncedo kwingxubusho yentsapho. Kukho nebhokisi engasekupheleni kwesahluko ngasinye ethi “Oko Ndiceba Ukukwenza!” Ulutsha lunokubhala indlela olunokukusebenzisa ngayo oko lukufunde kweso sahluko. Kule bhokisi ethi “Oko Ndiceba Ukukwenza!” kukho umgca othi: “Oko ndifuna ukukubuza abazali bam ngalo mba . . . ” Oku kunokunceda abantu abaselula bacele uncedo kubazali babo.
Fikelela Intliziyo!
Xa ungumzali ufuna ukufikelela intliziyo yomntwana wakho. Incwadi ethi Abantu Abaselula Bayabuza, Umqulu 2, inokukunceda ukuba ukwazi ukwenza oko. Cinga ngomnye utata oye wancedwa yile ncwadi ukuze afikelele intliziyo yentombi yakhe.
“Kukho iindawo mna noRebekah esithanda ukuya kuzo sihamba ngeenyawo, sikhwele iibhayisikile okanye imoto. Xa silapho uyakwazi ukuthetha ngokukhululekileyo.
“Siqale safunda ileta evela kwiQumrhu Elilawulayo nomxholo othi ‘Bazali Ncedani Niphawule.’ Ndifuna intombi yam yazi ukuba inokubhala nantoni na encwadini yayo ikhululeke njengoko kucetyisiwe kwiphepha 3. Andiyifundi into eyibhalileyo.
“Ndiyamyeka uRebekah akhethe isahluko afuna siqale ngaso. Esinye sezahluko aye wakhetha ukuqala ngazo sithi, ‘Ngaba Ndifanele Ndiyidlale Imidlalo Ye-elektroniki?’ Bendingenakuyicinga into yokuba uya kukhetha eso sahluko! Noko ke, unesizathu sokusikhetha. Abahlobo bakhe abaninzi badlala umdlalo omanyumnyezi. Bendingazi ukuba lo mdlalo unogonyamelo nezithuko! Ezi zinto ziye zavela xa sixubusha ibhokisi ethi “Oko Ndiceba Ukukwenza!” ekwiphepha 251. Le bhokisi iye yanceda uRebekah ukuba azilungiselele indlela aza kuphendula ngayo xa abahlobo bakhe befuna adlale lo mdlalo.
“Okwangoku uRebekah usandixelela izinto azibhale encwadini yakhe. Xa sifunda siba ngathi siyancokola. Siyatshintshisana ngokufunda yaye ufuna sithethe ngayo yonke into, kuquka imifanekiso neebhokisi. Ndiye ndifumane ithuba lokumxelela ukuba kwakunjani ngokuya ndandisakhula, naye andixelele oko kwenzekayo namhlanje. Undixelela yonk’ into!”
Ukuba ungumzali, umele ukuba wavuya xa kwakhululwa le ncwadi. Ngoku lixesha lokuba uyisebenzise. IQumrhu Elilawulayo linethemba lokuba incwadi ethi Imibuzo Yabantu Abaselula—Iimpendulo Eziluncedo, Umqulu 2, iya kuyinceda intsapho yakho. Sinethemba lokuba le ncwadi iza kuninceda nonke—ingakumbi ulutsha lwethu oluthandekayo—ukuba ‘niqhubeke nihamba ngokomoya.’—Gal. 5:16.
[Umbhalo osemazantsi]
a Eminye yemibuzo ekule ncwadi inokuba luncedo kubo bonke abantu. Ngokomzekelo, ibhokisi ethi “Wulawule Umsindo” (ekwiphepha 221) inokukunceda nawe kanye njengokuba inokunceda unyana okanye intombi yakho. Kuyafana nangomxholo othi “Ukuxhobela Ingcinezelo Yoontanga” (kwiphepha 132-133), “Uqingqo-mali Lwam Lwenyanga” (kwiphepha 163), nothi “Usukelo Lwam” (kwiphepha 314).
[Ibhokisi ekwiphepha 30]
Oko Kuthethwa Lolunye Ulutsha
“Le ncwadi ifuna uhlale phantsi uphathe ipensile uze ucingisise xa uyifunda. Kuba kukho indawo onokubhala uluvo lwakho kuyo, uyakwazi ukubhala ngokukhululekileyo ukuze ucingisise ngamacebiso anokukunceda uphumelele ebomini.”—uNicola.
“Abantu abaninzi bandibuza ngokuthandana, kwanabantu abangenazinjongo zimbi. Icandelo lokuqala lale ncwadi liye landenza ndaqonda ukuba nokuba abantu bathini, andikakulungeli ukuthandana.”—uKatrina.
“Ibhokisi ethi ‘Ngaba Ucinga Ngokubhaptizwa?’ iye yandinceda ukuba ndingaluthabathi lula ubhaptizo. Iye yandinceda ukuba ndihlole indlela endifundisisa ngayo nendithandaza ngayo.”—uAshley.
“Nangona abazali bam abangamaKristu baqala ukundifundisa ndisemncinane, le ncwadi iye yandinceda ukuba ndicingisise ngezinto endizenzayo ebomini bam. Iye yandinceda nokuba ndikhululeke xa ndithetha nabazali bam.”—uZamira.
[Umfanekiso okwiphepha 31]
Bazali yifundeni le ncwadi niyazi
[Umfanekiso okwiphepha 32]
Zama ukufikelela intliziyo yomntwana wakho